Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
NGOXA ihlabathi lithwaxwa ziintlekele, abantu bakaThixo banandipha indyebo yokomoya engapheliyo. (Mal. 3:12, 18) Le nkqubela isikhumbuza isithembiso esenziwa nguYesu kubafundi bakhe ngaphambi kokuba anyukele ezulwini esithi: “Khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”—Mat. 28:20.
Umsebenzi owenziwe kunyaka odluleyo ungqina isithembiso sikaYesu esithuthuzelayo njengesiyinyaniso. Okokuqala, makhe siqwalasele nje intabalala yesidlo sokomoya esananditshwa ngabakhonzi bakaYehova kwiiNdibano Zesithili “Zokuhamba NoThixo.”
Iindibano Zesithili “Zokuhamba NoThixo”
Umprofeti uMika wachaza umahluko phakathi kwamalungisa nabangemalungisa xa waprofeta wathi: “Zonke izizwana ziya kuhamba ngasinye egameni lothixo waso; kodwa thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.” (Mika 4:5) Ngokutsho kwesithethi kwintetho engumxholo, loo mazwi ashwankathela isimo sengqondo samadoda athembekileyo amandulo, anjengoEnoki noNowa, awahamba noThixo ngamaxesha anzima gqitha. (Gen. 5:22-24; 6:9, 22) Sinelungelo elingathethekiyo lokuhamba emanyathelweni awo!
Ngaba le ndibano yesithili iye yomeleza ukuzimisela kwakho ukuqhubeka “uhamba egameni likaYehova”? Kutheni ungakhe uhlole amanqaku owabhalileyo? Ukwenjenjalo kuya kukukhumbuza kuze kukuncede ufumane iingenelo ezingapheliyo.
Uncwadi Olukhululwe Endibanweni
Ngaba intsimi yebandla lakho ineelwimi ezahlukahlukeneyo? Kusenokwenzeka ukuba sele ukhe wayisebenzisa incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Zabantu Bazo Zonke Iintlanga. Njengoko iziindidi ezintathu, enye inamaphepha angama-32, angama-64, nangama-96, le ncwadana yenzelwe ukuzalisekisa iintswelo zelizwe ngalinye. Ngoko qiniseka ukuba unaso esi sixhobo sihle nesifanelekileyo kwibhegi yakho yokushumayela. Yaye xa udibana nomntu othetha ulwimi ongalwaziyo, nceda ulandele amanyathelo amathathu achazwe kwiphepha 2 lale ncwadana. Inokunceda abantu abaninzi!
Ngokuvisisana nomxholo wonyaka wama-2004—“Hlalani nilindile . . . Hlalani nilungile”—isithethi sokugqibela sosuku lwesibini lwendibano sakhulula incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile! (Mat. 24:42, 44) Ngamana le mpapasho inganceda abaninzi babone ukungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo baze bacingisise nzulu ngekamva nangeziganeko ezimangalisayo eziza kwenzeka. Yaye ngokutsho kwesithethi, ngamana ingasinceda sonke ukuba sihlangabezane neengxaki namaxhala amaninzi obomi nokugcina ulungelelwano xa sijamelene nezilingo.
Isikolo Sabaveleli Abahambahambayo
Kwiminyaka emithandathu edluleyo, bangaphezu kwama-600 abaveleli besiphaluka nabesithili abavela eKhanada naseUnited States, kuquka iAlaska neHawaii, abaye banandipha iiklasi ezili-13 zeSikolo Sabaveleli Abahambahambayo ebesiqhutyelwa kwiZiko Lemfundo LeWatchtower ePatterson, eNew York, eUnited States. Ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2004, esi sikolo siye saqhutywa nakwezinye iindawo ezininzi, kumasebe angama-87. Kwezingama-23 zezi klasi, bekukho abafundi abavela kumazwe angaphandle. Ngokomzekelo, iJamani iye yamema abazalwana baseOstriya, kwaSirayeli, eMacedonia, eSwitzerland, naseTurkey. IPortugal ibinabafundi baseLuxembourg nakwezinye iziqithi eziliqela njengeAzores, iCape Verde, iMadeira, neSão Tomé kwakunye nePríncipe. IKenya iye yamema abaveleli abahambahambayo base-Ethiopia, eRwanda, eTanzania, eUganda, nakwamanye amazwe aseAfrika.
Izifundo zesi sikolo zichaphazela inkalo nganye yomsebenzi womveleli wesiphaluka nowesithili. Eyona njongo kukunceda aba bazalwana basebenza nzima ukuba baziphumeze kakuhle iimbopheleleko ezininzi abanazo, kuquka ukufundisa emabandleni nakwiindibano nasekukhokeleni kumsebenzi wokuhambisa ivangeli. (2 Tim. 2:2; 4:5; 1 Pet. 5:2, 3) Kanti esi sikolo siyabakhuthaza ukuba bazondle ngokomoya baze basebenzise izibhalo ngokuqonda xa benceda abanye.
Ekubeni uninzi lwezi klasi luqhutyelwa kwiiofisi zamasebe, abaveleli abahambahambayo nabafazi babo bangcamla ubomi baseBheteli. Enye iklasi yabhala yenjenje: “Siye sangenelwa ngokomoya kucwangciso lwaseBheteli. Siyinandiphe kunene ingxubusho yakusasa, equka ukufundwa kweBhayibhile neNcwadi Yonyaka. Nakuba besisiba nomsebenzi esiwenza emva kokuphuma kweklasi, besisiya nakwiSifundo seMboniselo sentsapho yaseBheteli ngokuhlwa ngoMvulo yaye singenelwe gqitha kukunxulumana nabazalwana.”
Kwiyure yokuqala emva kwesidlo sasemini, abanye abazalwana basebenza ngokutshintshana kwiSebe Lenkonzo. Apho bafunda indlela yokunxibelelana kakuhle neofisi yesebe, indlela yokulusebenzisa kakuhle ulwalathiso abalufumanayo nendlela yokubhala ingxelo echanileyo nevakalayo.
Rhoqo ngooLwezihlanu abafundi baphulaphula intetho kunye nabafazi babo. Le ntetho iquka ukhuthazo lokomoya olulungiselelwe aba dade bathembekileyo ubukhulu becala. Ngokomzekelo, bakhunjuzwa ukuba baqhubeke bengumzekelo omhle wokuzithoba njengabafazi, yaye bayafundiswa ukuba enye indlela yokuxhasa abayeni babo kukusebenza nabanye oodade emabandleni. Omnye umveleli ohambahambayo uye wafanisa ezi ntetho “nezimuncumuncu zokomoya.”
Kodwa esi sikolo sigxininisa kakhulu ekusetyenzisweni kweBhayibhile—ingakumbi iNew World Translation of the Holy Scriptures—With References. Omnye umfundi waseJamani wathi: “Ndizimisele ukuyisebenzisa le ‘Reference Bible’ xa ndisenza ufundisiso lobuqu nakwiintlanganiso zebandla. Ngoku ndiyiqonda ngakumbi indlela exabiseke ngayo.” Omnye umveleli ohambahambayo oligqala eBritani wathi imeko yakhe yokomoya nobuchule bakhe bokufundisa buphuculwa kukufunda kwakhe iLizwi likaThixo. Wabhala wathi: “Ndafunda ukuba ngoxa imizekelo ecingisiswe kakuhle iluncedo xa unikela intetho, ukufunda nokucacisa izibhalo kubaluleke ngakumbi.”
Abafundi abaninzi babhala bevakalisa uxabiso abanalo ngesi sikolo. Omnye umzalwana waseUnited States wathi: “Sinombulelo ongazenzisiyo kuYehova nentlangano yakhe ngokusikhuthaza nokusixhobisela izabelo zethu. Ngamana singasebenza ngokuqhubekayo, sinoxabiso olungazenzisiyo ngeendlela zikaYehova, yaye sinothando olunzulu ngezimvu zakhe ezixabisekileyo.” Omnye umfundi waseFransi wabhala wathi: “Esi sikolo sindincede ndayibona ngakumbi imfuneko yokubaphatha ngothando abazalwana noodadewethu nokwenza unako nako wokubagcina bonwabile enkonzweni kaYehova.” Eshwankathela indlela abaninzi abavakalelwa ngayo, omnye umveleli ohambahambayo wasePortugal wathi: “Esi sisikolo besingawona mava amangalisayo omsebenzi wam wobuthixo.”
Amanye amagqabaza avela kumhlohli. Wathi: “Lilungelo nembopheleleko enkulu, ukufundisa amadoda aza kunikela ulwalathiso oluza kuchaphazela ubomi bamawakawaka abazalwana noodadewethu. Siyathemba ukuba ngokusikelelwa nguYehova, esi sikolo siya kuba neengenelo ezingapheliyo.”—Yak. 3:1.
Ngasekupheleni konyaka wenkonzo wama-2004, abaveleli abahambahambayo abangaphezu kwe-1 700 bebesele beyile esikolweni, esiqhutywe ngeelwimi ezili-14. Esi sikolo siza kuqhubeka ngonyaka wenkonzo wama-2005 kumasebe amakhulu.
Izinto Ezenzeke Kwezomthetho
NgoMeyi 19, 2004, iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu eStrasbourg, eFransi, yapapasha isigqibo sayo kwityala elibandakanya abakwaLotter nxamnye neBulgaria. Xa babengabavangeli basemazweni bamaNgqina kaYehova, abakwaLotter bafaka isimangalo ngenxa yokuba urhulumente wazama ukubagxotha eBulgaria ngenxa yonqulo lwabo. Amagunya aseBulgaria avuma ukuhlawula nawuphi na umonakalo kubamangali nokuhlehlisa isigqibo sokohlutha amalungelo okuba ngabemi. Kwakhona amagunya avuma ukupapasha ukuma okungokwasemthethweni kwamaNgqina kaYehova eBulgaria, apho abhaliswa ngokusemthethweni njengonqulo ngowe-1998.
INkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yamthethelela uSéraphine Palau-Martínez ngoDisemba 16, 2003. Ngevoti yabantu aba-6 nxamnye nomntu omnye, le nkundla yalikhupha latsola elokuba iFransi iye yaphazamisana namalungelo kaDade Palau-Martínez ngokuphathelele intsapho yakhe. Wafaka isimangalo kwiNkundla Yamalungelo Abantu EYurophu xa wathathelwa abantwana bakhe ababini ngenxa yokuba inkundla yezibheno yaseFransi yagqiba kwelokuba kuya kuba kuhle “ukuba aba [bantwana] basindiswe kwimithetho ekhohlakeleyo nengenanceba ebekelwa abantwana . . . bamaNgqina kaYehova.” Xa yayisenza isigqibo sayo, iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yathi, inkundla yezibheno ikhuphe isigqibo ingakhange iqwalasele eyona ndlela baphila ngayo aba bantwana nokona kubalungeleyo yaye isigqibo sayo sibonisa ukuba iyazicalucalula iinkonzo.
Emva kweminyaka enyamezele ukuhlaselwa ngamahlokondiba, nto leyo eyayiphehlwa ngamarhamente ecawa akhohlakeleyo, amanye kuwo aye abanjwa, amaNgqina kaYehova kwilizwe laseGeorgia aya kwiNdibano Yesithili “Yokuhamba NoThixo” ngaphandle kokuphazanyiswa. Eyona nto yavuyisa abazalwana kukukhululwa kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiGeorgia. Kanti, ngoNovemba 28, 2003, iSebe Lezobulungisa eGeorgia labhalisa isebe lasekuhlaleni leWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania. Ngenxa yoko, nangona iNkundla Ephakamileyo yaseGeorgia iye yazama ngowe-1998 ukuwuphelisa umbutho owawusetyenziswa ngamaNgqina kaYehova, ngoku kukho omnye osemthethweni, nto leyo ebavuyisa kakhulu abazalwana.
Noko ke, eGeorgia kukho amatyala amaninzi ekusafuneka achotshelwe yiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu. Kodwa kuyavuyisa ukubona ukuba imeko yabazalwana bethu iyaphucula kwelo.
Ukususela ngowe-1990, iye yawa phantsi imigudu yabazalwana bethu eJamani yokubhalisa umbutho wethu wonqulo phantsi komthetho olawula eminye imibutho kawonke wonke. Xa iNkundla Yolawulo Yelizwe yafuna okungakumbi “kukaKesare” kumaNgqina kaYehova kunokuba kunjalo ngomthetho, iNkundla Yelizwe Yomgaqo-siseko yasikhaba eso sigqibo njengesingahambisaniyo nomgaqo-siseko yaza yasibuyisela ukuba sikhe siye kuvavanywa. (Marko 12:17) NgoMatshi 25, 2004, inkundla yokuqala yaphinda yasihlola eso sigqibo. Le nkundla yacela inkcazelo ephathelele ukuma kwethu kumba wegazi, ukukhuliswa kwabantwana, ukususa kubudlelane nokungathabathi cala kwimibandela ethile. Ijaji eyongameleyo yathi urhulumente umele abe nobungqina obubambekayo—iinkcukacha namaxwebhu angokwasemthethweni—kungekhona izicatshulwa ezithandabuzekayo ezivela kwi-Internet neeleta ezivela ebantwini abafuna nje ukuziphindezelela.
Kuluhlu lweenkonzo ezikwifomu yokubhalisa amajoni emkhosini eGrisi kukho “neChiliast okanye iJehovist.” Igqala la mabinzana njengathobayo, iofisi yesebe yaseGrisi yakhalaza kwiSebe Lezokhuseleko. NgoMatshi 24, 2004, labhalela amaNgqina kaYehova, lichaza ukuba belingazimiselanga kungcolisa igama lawo yaye eli sebe “sele liwathabathile amanyathelo okulungisa eli gama libhalwe ngendlela engachananga.” Ifomu esele ilungisiwe ifundeka ngolu hlobo “AmaNgqina KaYehova AngamaKristu.”
IPeru ibiwamkele ngokusemthethweni amaNgqina kaYehova njengonqulo kangangeminyaka eliqela. Noko ke, ngoNovemba 1997 iSebe lezeMfundo laqalisa ukukhaba izicelo zethu zokungarhafiswa ngoncwadi lwethu nokufuna iimali ezinkulu ngaphambi kokudluliswa kolu ncwadi emideni. Eli tyala ladlulela enkundleni. NgoDisemba 11, 2003, ijaji yawathethelela amaNgqina kaYehova. Yavakalisa ukuba eli sebe “alinazigqibo kwaye liyazibaxa izinto.” Yathi amagunya alo “anocalucalulo yaye ayithandeki indlela yawo yokwenza izinto.” Zakhawuleza zaconjululwa iingxaki eziphathelele ukuthunyelwa koncwadi.
IPuerto Rico, ezilawulayo nerhweba neUnited States inemithetho evumela ukuba iindawo ezihlala abantu zibiyelwe, zize zibe noonogada. Le mida iyawuphazamisa umsebenzi wethu wokushumayela. Amapolisa ade abakhupha abavakalisi kweminye yale mimandla. Iye yasilela imigudu yokucombulula lo mba ngaphandle kwenkundla. Kuye kwafakwa isimangalo kwiNkundla kaRhulumente Yenqila yasePuerto Rico kucelwa ukuba lo mthetho ujongwe njengonxamnye nomgaqo-siseko yaye uphazamisana nelungelo lokunqula ngokukhululekileyo nenkululeko yokuthetha. Esi sigqibo senkundla sisaxhonyiwe.
Ngo-Oktobha 28, 2003, iNkundla Yezibheno yaseBucharest yakhupha iSigqibo 1756, esinyanzela urhulumente waseRomania ukuba aquke amaNgqina kaYehova kuluhlu lweecawa ezifanele zenzelwe umnyinyiva kwirhafu. NgoFebruwari 6, 2004, uXwebhu lwaseMthethweni No. 112 lwapapasha uluhlu “lweecawa ezisemthethweni eRomania.” Ayelapho namaNgqina kaYehova.
NgoMatshi 21, 2004, iNkundla yeNqila yaseSeoul kwiRiphabliki yaseKorea yahlamba abazalwana abathathu kwizityholo zolwaphulo-mthetho ezinxulumene nokwala kwabo ukuya emkhosini ngenxa yezizathu zonqulo. Iyaqala ukwenzeka kwelo lizwe into yokuba ukwala ngenxa yesazela kugqalwe njengelungelo. Sithethanje amakhulukhulu abazalwana bethu eKorea avalelwe ngenxa “yolwaphulo-mthetho” ‘lokukhanda amakrele abo abe ngamakhuba.’ (Isa. 2:4) Okulusizi kukuba, inkundla ephakamileyo nenkundla yomgaqo-siseko zala ukusebenzisa isiqinisekiso esikumgaqo-siseko waseKorea okhusela inkululeko yonqulo yabazalwana bethu. Kodwa ke, indlu yowiso-mthetho yaseKorea isandul’ ukuwis’ umthetho wokuba bonke abemi abasexabisweni lokuya emkhosini basebenze ekuhlaleni.—IMiz. 21:1.
Isigqibo seNkundla Ephakamileyo yaseUnited States kumbandela obandakanya iWatchtower . . . neVillage of Stratton siyaqhubeka siwakhusela amaNgqina kaYehova njengoko eshumayela kwindlu ngendlu. Ngokomzekelo, kwenye indawo yaseNew York, eUnited States, amapolisa aqhubeka nokufuna amaphepha-mvume kumaNgqina ngaphambi kokuba ashumayele ebantwini. Kodwa ke, intloko yamapolisa yabhala yathi emva kokuba ichazelwe ngale meko nesigqibo senkundla: “Andiphoxile la mapolisa ngale nto yaye ndiwucelel’ uxolo nawuphi na umonakalo eye yawenza.”
Abemi baseIllinois baxelela isebe lalapho lamapolisa ukuba lichazele onke amapolisa namanye amagosa ukuba ngenxa yesigqibo seNkundla Ephakamileyo yaseUnited States, “akuyomfuneko ukuba amaNgqina kaYehova abe namaphepha-mvume ngaphambi kokuba ashumayele kwindlu ngendlu.” Le miyalelo yahlabela mgama yenjenje: “Akuyomfuneko ukuba asazise xa eshumayela.”
Ngo-Oktobha 8, 2003, iNkundla Ephakamileyo yaseIowa yathethelela uLester Campbell kumbandela ophathelele ukwala kwakhe utofelo-gazi. UMzalwan’ uCampbell wafaka isimangalo ukuze afumane imbuyekezo ngenxa yokutofelwa kwaigazi lakhe emva kokutyandwa nangona wayetyikitye ikhadi elalela oko waphinda wakutsho nangomlomo. Inkundla yamatyala yema ngakwicala likagqirha nesibhedlele. Kanti yona iNkundla Ephakamileyo yaseIowa, yasikhaba eso sigqibo, ngelithi uLester Campbell ebengafuni ngcali ukuze azi ukuba ukutofelwa igazi ngaphandle kwemvume yakhe akukho mthethweni. Kanti yatsho nokuba angayifumana imbuyekezo.
Ukuvalwa Komsebenzi EMoscow Nemiphumo Yako
INkundla Yoomasipala Benqila EGolovinsky eRashiya yakhupha isigqibo ngoMatshi 26, 2004, sokuvala wonke umsebenzi wamaNgqina kaYehova eMoscow nokuvala umbutho wawo osemthethweni. Abhena kwesi sigqibo. NgoJuni 16, 2004, iNkundla yesiXeko saseMoscow yasixhasa isigqibo senkundla engaphantsi yaye oku kuvalwa kwamkeleka ngokusemthethweni. Abazalwana baye bafaka isibheno kwiNkundla Yamalungelo Abantu yaye anethemba lokuba ityala lawo liza kukhawuleza lichotshelwe ngenxa yeengxaki ezininzi ezibangelwa koku kuvalw’ umlomo.
Kodwa ke, oku kuvalwa komsebenzi akubatyhafisanga abazalwana. Eneneni, ukhuthaze abaninzi ukuba benze okungakumbi kwinkonzo kaYehova. Inzondelelo yabo isikhumbuza amazwi kampostile uPawulos xa wayelibanjwa eRoma. Wabhala wathi: “Izinto ezandihlelayo ziye zaphumela ekuhanjiselweni phambili kweendaba ezilungileyo.”—Fil. 1:12.
Ngokomzekelo, ngoMatshi 2004 kwabakho incopho entsha yabavakalisi abali-136 034 nezifundo zeBhayibhile ezili-136 903. Bekuqala kwiminyaka esixhenxe ukuba inani lezifundo libe ngaphezu kwenani labavakalisi! Yaye ukususela ngoMatshi ukuya kutsho ngoJuni, isebe lafumana izicelo ezingaphezu kwe-1 000 zenkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi, yaye ngoAprili kwabakho incopho entsha yoovulindlela abathe ngxi abali-15 489. Isebe linikela le ngxelo: “Ngokufanayo isigqibo esaphuma ngoJuni 16 someleza abazalwana bethu ukuba benze umsebenzi ongakumbi.” Kanti sashukumisa abanye—kuquka abayeni abangakholwayo—ukuba baqalise ukuya kwiintlanganiso zamaKristu.
Omnye umfundi waseyunivesithi ovela eUnited States wayeseRashiya xa kwaphuma eso sigqibo ngoJuni. Isebe libhala lenjenje: “Waya eBheteli ngokukhethekileyo, esecaleni eSt. Petersburg, ukuze aye kuva kakuhle ngale nto. Wachukumiseka gqitha kukucoceka kwezo zakhiwo nayindlela awamkelwa ngayo.” Emangaliswe sisizathu sokuba abantu bafune ukuval’ umlomo amaNgqina kaYehova, wacela iimpapasho neevidiyo aza kubuyela nazo eKhalifoniya ukuze aye kubonisa oonjingalwazi ababemfundisa kwicandelo lezifundo zonqulo.
Iindibano Zesithili Ziqhubeka Ngaphandle Kweziphazamiso EMoscow
Ukususela ngoJuni 11-13, kanye ngaphambi kokuba inkundla yezibheno ikhuphe isigqibo nxamnye nathi, kuye kwaqhutywa iiNdibano zeSithili ezimbini “Zokuhamba NoThixo” eMoscow, enye kuzo iyeyeNtetho Yezandla yaseRashiya. Ekuqaleni ezi ndibano zaziza kuqhutywa emva kokuchotshelwa kweli tyala, kodwa saphumelela isicelo seKomiti Yesebe sokuba libuyiswe umva eli tyala. Abazalwana bathi ezi ndibano zaqhubeka ngaphandle kweziphazamiso kanti namagunya eso sixeko aba nentsebenziswano. Enyanisweni, amapolisa awayeza kusebenza kumasango elo bala lemidlalo axelelwa oku ngabaphathi bawo: “Xa ningenisa abantu kwibala lemidlalo, ningatshayi ningathuki.”
Kuloliwe ohamba ngaphantsi komhlaba eMoscow, enye indoda yatyhola iqela elincinane loodade isithi limbele imali. Yathi maliye naye emapoliseni. Apho ayizange yanele nje ukutyhola aba dade kodwa yatyhola onke “amalungu elo hlelo” ngokuxaba endleleni yabantu ukuze abakhuthuze. Amapolisa abuza aba dade, “Ningoobani?”
Besalatha kwiibheji zabo, baphendula, “SingamaNgqina kaYehova yaye siya kwindibano yethu yesithili.”
Libhekisa kule ndoda, elinye ipolisa lathi: “AmaNgqina kaYehova akebi. Cela uxolo kuwo, uwathukile.” Eli polisa lathi kwaba dade, “Khawulezani niye endibanweni.” Kule ndoda lathi: “Wena sala. Siseza kukhe sincokole.”
Bebonke ababekho kwindibano eyaqhutyelwa kwibala lemidlalo babengama-21 291, kwabhaptizwa abangama-497. Kwindibano yesithili yentetho yezandla eyaqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani, ababekho bafikelela kuma-929 yaye kwabhaptizwa abali-19!
Ukuhlangabezana Neemvavanyo EHaiti
Ebudeni bowama-2004 ilizwe elisesiqithini laseHaiti liye lathwaxwa zizidubedube zezobupolitika, ugonyamelo, ukungabikho kwezinto eziyimfuneko nokunyuka kwamaxabiso. Ukongezelela kwezi ntlungu, ngoMeyi izikhukula eziyingozi ziye zabulala abantu abangaphezu kwe-1 500 zaza zashiya amawakawaka engenamakhaya. Akuzange kufe Ngqina, kodwa amaninzi aphulukana nezinto zawo, kuquka amakhaya awo.
Kodwa, abazalwana bomelezwa kukubona uncedo nolwalathiso lukaYehova nenkxalabo enothando yeQumrhu Elilawulayo nabazalwana abasehlabathini lonke. Olo thando lwabonakala xa amaxhoba entlekele aphiwa izinto eziphathekayo. Kanti abazalwana basekuhlaleni bancedisa ngokutya nezinye izinto.
Isebe laseHaiti liye laqhubeka libeke indlebe ukuze linikele ulwalathiso emabandleni. Ngokomzekelo, njengoko ugonyamelo beluthabatha unyawo kwikomkhulu lasePort-au-Prince, iKomiti Yesebe yacebisa abadala ukuba baziqhube ngosuku olungaphambili iintlanganiso ezazimele ziqhutywe ngeCawa, ngoFebruwari 29. Elo cebiso langqineka ilelobulumko, kuba ngaloo Cawa, umongameli osenkathazweni waseHaiti wabhaca. Ingxelo yeendaba yathi: “Kwakukhal’ imipu kusisiphithiphithi nje kwikomkhulu lalapho.” Iofisi yesebe ibhala yenjenje: “Kwakungekho mntu waziyo ukuba kuza kuba nje. Kwakungekho mntu wayenokuya kwiintlanganiso ngaloo Cawa. Siyambulela uYehova ngokukhuseleka kwabazalwana bethu.”
Ebudeni beso siphitha-nyongo, amapolisa kunye nomkhosi wabavukeli nabaphangi bavala indlela yaye urhulumente wayalela ukuba kungabonwa mntu endleleni ubusuku bonke. Kodwa kwanangaphambi kokuba kubekho loo miqathango, amabandla ayesele enze uhlengahlengiso kumaxesha eentlanganiso ukuze wonke umntu afike ekhaya ekhuselekile lingekatshoni ilanga. Kumabandla amaninzi landa inani labo baya kwiintlanganiso!
Kanti abazalwana bazixakekisa entsimini, nto leyo eyachukumisa abamelwane. Abanye bathi: “Kuyahlaziya ukunibona nishumayela, maNgqina.” Kambe ke, abavakalisi babelumke gqitha yaye babechazelana ngeendawo ezikhuselekileyo abanokushumayela kuzo.
Ukwaziwa NjengamaKristu—Kuyasikhusela
Isebe laseHaiti libhala lenjenje: “Ukwaziwa kakuhle ngabamelwane nokungathabathi cala kwezobupolitika kwabasindisa abazalwana bethu abaninzi ekubethweni nasekuphangweni.” Ngokomzekelo, amaqela amathathu ezaphuli-mthetho awayevale indlela amisa isibini esitshatileyo esingabavangeli basemazweni. Esi sibini senza izinto ezimbini: Sachaza ukuba singamaNgqina kaYehova saza sathandaza—ngaphakathi nangokuvakalayo. Kuwo onke la maqela mathathu ayevale indlela, kwakubakho umntu osimelayo, esithi amaNgqina kaYehova angabantu abalungileyo abangazingeniyo ezobupolitika. Esi sibini saya kufika ekhaya sikhuselekile.
Amaqela axhobileyo amisa namalungu entsapho yaseBheteli. Kanye njengaba bavangeli basemazweni, aba bazalwana bazichaza ukuba bangamaNgqina baza bathandaza yaye oko kwabasindisa. Ngesinye isihlandlo, umphangi wathi: “Hambani ngoxolo, nisithandazele!” Elinye ilungu laseBheteli lamiswa ngamapolisa, awafuna ukukhangela izixhobo emotweni yalo. Lo mzalwana wathi: “Ekuphela kwezixhobo endinazo yiBhayibhile neMboniselo noVukani!” Lancuma eli polisa laza lathi makahambe. Emva koko, babesele beyibona kude imoto yakhe baze bathi makadlule ngaphandle kokumbuza.
Isebe linikela ingxelo yokuba kwiinyanga ezalandelayo, izinto zaba bhetele noko. Kodwa iingxaki zaqhubeka zikho yaye akuzange kuthi ncam. Kodwa abazalwana baqhubeka belumkile.
Isebe Lokushicilela LaseUnited States Liyaphuculwa
Phantsi kolwalathiso lweQumrhu Elilawulayo, kwaqaliswa ukulungelelaniswa komsebenzi wokushicilela ngowama-2002 kwimimandla emihlanu—eAfrika, eAsia, eYurophu, kuMntla Merika, nakuMzantsi Merika. Eli lungiselelo liye labangela ukuba zisetyenziswe ngokupheleleyo izakhiwo zamasebe, kuquka ezo ziseUnited States, nezingasenamsebenzi umninzi kangako.
Wonke umsebenzi wokushicilela, owokudibanisa uncwadi nokuluthumela eUnited States wenziwa eWallkill, eNew York, ebudeni bowe-2004. Lo mba wathiwa thaca kwisigqeba sooceba bedolophu ngoAgasti 6, 2002. Washukuxwa lo mba ngoSeptemba 3, ekwathi emva koko kwakhutshwa imvume. Kwintlanganiso yonyaka yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania ngo-Oktobha 5, 2002, kwenziwa isaziso sokuba iQumrhu Elilawulayo liye lakhupha imvume yokwenziwa komsebenzi eWallkill. Kwathengwa oomatshini ababini abatsha bokushicilela bohlobo lweMAN Roland Lithoman, yaye isakhiwo esongezelelekileyo ababeza kubekwa kuso sasimele sibe sele sigqityiwe ngoFebruwari 2004.
Kwakunokwenzeka njani ukuba umsebenzi omkhulu ngolo hlobo wenziwe ngeenyanga ezili-14? Abazalwana bathembela ngoYehova ukuba alathise izinto aze ashukumise abathile ukuba bazinikele ngokuvumayo. Le ntembelo yaba nemiphumo emihle. Kwaqaliswa ukusebenza esizeni ngoFebruwari 2003, yaye ngoSeptemba sasisele sandisiwe isakhiwo sokushicilela. Owokuqala koomatshini abathathu bokushicilela abakhoyo waqhaqhwa waza wasiwa kwisakhiwo esitsha ngoDisemba. Oomatshini ababini abatsha bafika ngoAprili nangoMeyi 2004 baza baqalisa ukusebenza ngoJuni nangoJulayi. Bobahlanu aba matshini baqalisa ukusebenza ngokupheleleyo ngoSeptemba.
Ngaphambili isebe lokudibanisa iincwadi lalisebenzisa imigangatho eli-11 kwizakhiwo ezithathu zeAdams Street eBrooklyn. Ngoku lonke isebe lokudibanisa uncwadi likumgangatho omnye eWallkill yaye longe ummandla ongama-58 ekhulwini. NgoJulayi 2004 kwaqaliswa ukwenziwa koncwadi olunoqweqwe oluthambileyo. Ngasekupheleni kwaloo nyanga, kwaqala ukwenziwa kweencwadi zokuqala ezinoqweqwe olulukhuni kumatshini omtsha wokudibanisa iincwadi ongaphezu kweemitha ezingama-400 nonamacandelo angama-33 adityaniswe ngamabhanti angama-70. Amacandelo eencwadi agqibela ukubanjwa ngezandla xa efakwa. Njengoko udibanisa iincwadi ezili-120 ngomzuzu, umatshini owenza iincwadi ezinoqweqwe olulukhuni ufuna abantu abangama-25 kuphela—kuphunguke ama-66 ekhulwini abasebenzi. Ukudityaniswa kweencwadi kuye kwaqaliswa ngokupheleleyo ngo-Oktobha 2004.
NgoNovemba 2004, iSebe elitsha Lokuthumela laseWallkill beligcina izicelo zoncwadi ngenkqubo entsha yekhompyutha eyonga isithuba esingama-45 ekhulwini kuneyangaphambili eBrooklyn. Iikhompyutha zibala umthamo weodolo zize zikhethe ibhokisi efanelekileyo. Ibhanti eliziimitha ezingama-800, lithumela iodolo nganye kwindawo apho iibhokisi zilungiselelwa ukuthunyelwa. Ziye zibekwe kwindawo apho kuba lula ngamabandla asekuhlaleni ukuza kuzithatha.
Sibabulela ngokusuka emazantsi eentliziyo abazalwana noodade abaninzi abaye bancedisa kulo msebenzi. Phakathi kwabo kukho amatsha-ntliziyo aseBheteli nawexeshana, amaqela abazalwana asebenza phantsi kolwalathiso lweeKomiti Zokwakha Zenqila zamazwe amahlanu, nabazalwana abathe ngesisa banikela ngezinto zokwakha ezivela kumashishini abo. Kanti, sibulela ‘abaphi abachwayitileyo’ abaninzi abaye baxhasa ngezimali.—2 Kor. 9:7, 11.
Utshintsho EBrooklyn
Ukufudukela eWallkill kwesebe lokushicilela, elokudityaniswa koncwadi nokuluthumela kuye kwabangela utshintsho kwiBheteli yaseBrooklyn. Kwenzeka imbali echukumisayo ngoAprili 29, 2004. Ngobo busuku, kwathi kuluvuyo neenyembezi, uMax Larson, ongumveleli wokushicilela ngaphezu kweminyaka engama-60, wavala isakhiwo sokushicilela eBrooklyn, emva kweminyaka engama-84 yokushicilela apho. Isebe lokudibanisa iincwadi lavalwa kwiiveki ezimbalwa kamva.
Liqonda ukuba ngenxa yolu tshintsho akusafuneki ndawo inkulu eBrooklyn, ngoJuni 2003, iQumrhu Elilawulayo lachaza ukuba sisenokuthengiswa isakhiwo esise-360 Furman Street. Eso sivumelwano saqosheliswa ngoLwesihlanu, ngoJuni 18, 2004. Isebe lokuhlamba iimpahla, iiofisi neendawo zokusebenzela ebezikweso sakhiwo sizizikwemitha ezingama-93 000 ziye zatshintshelwa kwindawo ese-117 Adams Street.
Ukongezelela, ngoku isakhiwo esise-107 Columbia Heights siyalungiswa. Kucetywa ukuba indawo yokuhlala igqitywe ngasekupheleni kowama-2005, kanti uwonke loo msebenzi ungagqitywa ngoSeptemba 2006. Xa sele sigqityiwe, eso sakhiwo siya kuhlala amalungu entsapho yaseBheteli angaphezu kwama-300 yaye sinevenkile, iHolo yoBukumkani, ithala leencwadi, igunjana elisekungeneni, iiofisi, indawo yokuhlamba impahla esetyenziswa ngamalungu alapho, nesitiya.
Ukulungela Ulwando Olusehlabathini
IBrazil, iBritani, iJapan, iMexico, noMzantsi Afrika nazo ziye zafumana oomatshini bokushicilela abatsha bohlobo lweMAN Roland Lithoman. Lisebe laseBritani elaqala lafakela umatshini omtsha, owafika ngoJulayi 2003 laza laqalisa ukuwusebenzisa ngo-Oktobha. Ushicilela amaphephancwadi angama-750 000 ngemini—azizigidi ezi-1,5 xa kusetyenzwa imini nobusuku—malunga nomlinganiselo ophindwe kathathu kunowomatshini wangaphambili.
Kanti lo matshini mtsha unokushicilela amacandelo eBhayibhile nawezinye iimpapasho. Ngokomzekelo, isebe laseMzantsi Afrika sele lishicilele amacandelo eNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngesiSuthu, esilulwimi lwaseMzantsi Afrika. Isebe laseJapan linikela ingxelo yokuba ngaphambili belithabatha imini yonke ukusuka ekuveliseni iincwadi ezincinane litshintshela kwezinkulu. Ngoku kuthabatha iyure nje enye. Yaye njengoko belithabatha iintsuku ezilishumi ngaphambili ukuvelisa amaphecana asisigidi, ngoku lithabatha iiyure nje ezintlanu. Kwiinyanga nje ezintathu ukho, umatshini wokushicilela waseJapan uvelise amaphecana ali-12 lezigidi; amaphephancwadi ali-12 lezigidi neencwadana ezinemifanekiso; iincwadi ezingama-240 000; neeBhayibhile ezingama-48 000.
Abanye oomatshini abatsha, bayancwela, babale, bapakishe, baphawule baze basongele uncwadi. Iipleyiti zokushicilela zenziwa kakuhle ngobuchule bokukhuphela inkcazelo ekwikhompyutha kwipleyiti. Kule nkqubo ayisekho imfuneko yefilimu. Isebe laseBritani linikela ingxelo yokuba olu tshintsho aluphuculanga umgangatho wemveliso kuphela kodwa luye lwaphungula inani labasebenzi.
Ukuya Kuqeqeshwa EJamani
Amaqela avela kumasebe amathandathu aya kwinkampani yakwaMAN Roland eJamani ukuya kuqeqeshelwa lo matshini wokushicilela. Njengoko beqhele ukuqeqesha abashicileli abangengomaNgqina, abahlohli balapho babelindele ukuba abazalwana baza kuyekelela umxakatho ngandlel’ ithile. Ngoko aba bahlohli, bachukunyiswa kukuzimisela kwabazalwana. Enyanisweni, la maNgqina acela ukuqala ekuseni de kube sebusuku ukuze angenelwe kolu qeqesho.
Ulwimi lwaba lucelomngeni kwabanye ababeqeqeshwa ngenxa yokuba kwakufundiswa ngesiNgesi neencwadi zibhalwe ngolo lwimi. Kusengaphambili, iqela laseJapan lazimisela ukuphucula ekuthetheni isiNgesi ngaphambi kokuya eJamani. Abanye bada baya okwexeshana kumabandla antetho isisiNgesi.
Abasebenzi BaseBheteli Banikela Ubungqina Obuhle
Kamva ukufika kwaba matshini kula masebe, oononjineli bakwaMAN babadibanisa bencediswa ngabasebenzi baseBheteli. Kuwo omathandathu la masebe, imeko yaseBheteli enobuhlobo yaba negalelo elihle kubasebenzi abangengomaNgqina. Enye indoda eyayincedisa ekufakeni umatshini eLondon yathi: “Phezolo ukufika kwam ekhaya, ndibone ummelwane wam esesitiyeni sakhe. Bendingamginyi ncam, kodwa phezolo ndincokole naye kangangemizuzu engama-20 ndaza ndafumanisa ukuba yindoda enobuhlobo ngokwenene.” Kanti eli gcisa longezelela ngelithi umfazi walo uphawule ukutshintsha kwesimo sengqondo salo. Wathi: “Unobuhlobo noncumo yaye uyabulisa nasebantwini.”
Lona laphendula ngelithi: “Kaloku ndisebenze namaNgqina kangangeeveki ezintandathu. Yaye sele iziiveki ezimbini ngoku ndingasathuki. Phofu ndizimisele ukuba ndingaze ndiphinde ndithuke kwakhona.”
Ukugqitywa kokudityaniswa komatshini kwisebe laseLondon, umphathi wakwaMAN watsalela umnxeba esebeni ukuze abulele abazalwana ngokunyamekela kwabo abasebenzi bakhe. Wathi kwenziwe umsebenzi osemagqabini.
Amanye amasebe alungiselela isidlo kwindawo enomatshini, sisenzelwa abo baye banenxaxheba ekufakeni umatshini omtsha. Ukubakho kweeweyitala ezinxibe kakuhle kwakungaqhelekanga kwabaninzi, ingakumbi kwabo bangengomaNgqina. Elinye igcisa laseJapan alizange lisibone isakhiwo sokushicilela esicocekileyo nesilungelelene njengeso sikwisebe lalapho. Lathi: “Ayikho indawo ebhetele yokusebenza ehlabathini njengale.” Kanti layixabisa gqitha into yokuthembeka kwabazalwana. Ayikho enye indawo ehlabathini elalinokushiya kuyo izixhobo zalo lithembile ukuba azisayi kubiwa. Lafuna ukwazi okungakumbi ngamaNgqina kaYehova, laza lamkela iimpapasho eziliqela, lakhenketha nalapho esebeni.
Abazalwana baseMexico bawamemela eSikhumbuzweni amagcisa akwaMAN. Amane kuwo avuma. Kodwa ke, ayengenazo iimpahla ezifanelekileyo. Ngenxa yokuba la madoda ayefuna ukuthenga iisuti, omnye umsebenzi waseBheteli wawasa ezivenkileni. Abazalwana bawanika iiBhayibhile la madoda yaye ebudeni bentetho yeSikhumbuzo bawabonisa izibhalo. Emva kwale ntlanganiso, la magcisa afota yaye ngendlela awayencume ngayo abaninzi kwelo bandla babecinga ukuba asebenza kwiBheteli yaseJamani.
Kuwo onke amasebe, kuye kwanikelwa ubungqina obuhle kwiikontraka neevenkile zasekuhlaleni. Omnye umnini-kontraka waseUnited States wabhala wathi: “Indichukumisa gqitha indlela echubeke ngayo intlangano yenu ingakumbi abantu bayo. Andiqondi ukuba ndakha ndakunandipha ngolu hlobo ukwakha ngaphezu kokuba kuye kwanjalo xa bendisakhela nina. Intlangano yenu indikrobisa kuhlobo lwabantu abaza kuphila kwikamva. Ukuba ukuzimisela nenyameko bezinokufakwa ebhotileni zithengiswe, ngokuqinisekileyo iqela lenu beliya kuba nemveliso wonke umntu ebeya kufuna ukuyithenga.”
Enye indoda ebifakela imibhobho yomatshini wokushicilela eMexico yamangaliswa yindlela ekuzole ngayo kwelo sebe. Yabuza imibuzo emininzi, yaye ngoku yona nentsapho yayo bafundisisa iBhayibhile yaye benza inkqubela entle. Umphathi wekontraka yalapho wenza isicelo esingaqhelekanga. Wathi: “Ngokuqhelekileyo abantu badla ngokusinika izipho zokubulela umsebenzi wethu. Bekunganjani ke ukuba niphe ngamnye kuthi iBhayibhile? Ngokusuka kwinto endiyibone apha ndicinga ukuba ulwazi lweBhayibhile luxabiseke gqitha kunemali.”
Ukunikezelwa Kwesebe LaseIndiya
Isebe laseIndiya libhala lenjenje: “Lwada lwasa olungaliyo ngoDisemba 7, 2003. Olo yayilusuku lokunikezelwa kwesebe lethu elisandul’ ukwakhiwa eBangalore, ekumazantsi ombindi weIndiya.”
Njengoko sakhiwe kumhlaba oziihektare ezili-17, esi sakhiwo sizizikwemitha ezingama-30 000 sifana nelokishana. Eli lisebe lokuqala elikhulu ehlabathini ukwakhiwa yikontraka eqeshiweyo, yaye linendawo yokucoca amanzi okusela, indawo yokucoca amanzi asele esetyenzisiwe nomatshini walo wokuvelisa umbane. Esi sakhiwo sineeofisi ezili-122, kuquka ezingama-80 zabaguquleli, iHolo yoBukumkani entle nesakhiwo esikhulu sokushicilela. Isakhiwo sokuhlala sinamagumbi amahle, indawo yokuhlamba impahla, igumbi lokutyela nekhitshi elisemgangathweni. Wonke lo msebenzi, nowenziwe ngezinto zelo lizwe, wagqitywa kwisithuba seminyaka emibini.
Umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani waqala ngowe-1905 eIndiya. Ngoku kuguqulelwa kuze kushicilelwe iilwimi ezingama-26 zaseIndiya. Ebudeni bonikezelo, abavangeli basemazweni abakhonze eIndiya kangangamashumi eminyaka baye babalisa amava akhuthazayo, yaye uStephen Lett weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho yonikezelo. Phakathi kwabangama-2 933 ababekho kwakukho iindwendwe ezili-150 ezivela kumazwe asemzini angama-25.
Ukunikezelwa Kwesebe LakwiiPhilippines
“Nathi sifuna umsebenzi wethu ube mhle njengowaseWatch Tower!” Batsho njalo abanye abakhi abangengomaNgqina baseManila bakubona izakhiwo ezihle kwisebe lakwiiPhilippines. Kangangokuba xa abakamabonwakude ababesenza inkqubo ngemithetho yokwakha batyelela unonjineli wesixeko salapho, wathi kubo: “Ukuba nifuna ukubona indawo eyilandela ngokucokisekileyo imithetho yokwakha, yiyani eWatch Tower.”
Abazalwana bakhe indawo yokuhlala enemigangatho elishumi nezinye izakhiwo baza balungisa indawo yokuhlala ekhoyo neyayakhiwe ngowe-1991. Kutheni kuye kwafuneka kwandiswe nje? Ukususela ngowe-1991 ukuza kuthi ga ngowama-2003, inani labavakalisi liye landa ngabangama-34 000, nto leyo eye yaphumela kwincopho entsha yabavakalisi boBukumkani abangaphezu kwe-144 000!
Eli sebe lanikezelwa ngoNovemba 1, 2003. Ababekho ngaloo ntsasa yangoMgqibelo izole nasebukhweni bezinja, yintsapho yaseBheteli, ababesakuba ngabavangeli basemazweni nezinye iindwendwe ezivela phesheya kolwandle kumazwe ali-13, nabazalwana noodade abangaphezu kwama-2 000 bakwiiPhilippines, nto leyo eyenza isimbuku sabangama-2 540. UStephen Lett waxubusha umxholo othi “Ukuxabisa Izindlu ZikaYehova Zonqulo, Ezamandulo Nezakutshanje.” Ngemini elandelayo, isihlwele soovulindlela balapho kwakunye nabadala nabafazi babo, abafikelela kuma-8 151, banandipha ucwangciso olukhethekileyo kwiHolo Yendibano yaseMetro Manila.
Ehlabathini lonke, isimbuku sabalungiseleli abangama-20 092 basebenza kwiiofisi zamasebe. Bonke bangamalungu Elungiselelo Lehlabathi Lonke Labakhonzi Abakhethekileyo Bexesha Elizeleyo BamaNgqina KaYehova.
[Ibhokisi ekwiphepha 21, 22]
Waqweqwediswa Ilanga Lihlab’ Umhlaba
Emin’ emaqanda ngoLwesihlanu, ngoMatshi 19, 2004, uCarl, iNgqina elinama-20 eminyaka lalizihambela kwisitrato esixakekileyo ePétionville, eHaiti. Ngequbuliso, amadoda axhobileyo nanxibe iimpahla ezimnyama amkhwelisa ngenkani evenini, amgquma ubuso aza emka ngaloo moto ikwisantya esiphezulu. UCarl uthi:
Ukuhla kwethu kuloo veni, ndasiwa kwigumbi elalinamanye amaxhoba, kubonakala ukuba aba ngabafundi baseyunivesithi ababetyholwa ngokuba nenxaxheba kuqhankqalazo lwezobupolitika. Benomsindo, abo babesibambile badubula uthotho lwezithonga zompu baza babulala omnye wababebanjiwe. Ndayiva intloko yakhe ezinyaweni zam. Bandula ke bandincina bekwandisongela. Benomsindo bandibetha baza bandiphosa phezu kwale ndoda ifileyo.
Inkokeli yabo yandinyanzela ngelithi: “Phendula umbuzo wethu!”
“Kodwa akhonto ndiyaziyo ngezobupolitika,” ndaphendula ngelitshoyo.
“Ndiza kubulala ufe fii ngoku!” yakhwaza isitsho.
Ndenza esi sicelo: “Ngaphambi kokuba undibulale “khawundivumele ndithandaze kuThixo wam, uYehova, ancede abazali bam nabantwana basekhaya, ekubeni bengasayi kuphinde bandibone.”
“Khawulezisa! Ndingxamile,” yaqupha ngelitshoyo.
Ngoxa ndithandaza ngokuvakalayo, le ndoda yaphuma kwelo gumbi. Ukubuya kwayo, ndazixelela ukuba, ‘Kuphelile ke, Carl. Zilungiselele ukufa.’ Kodwa kwenzeka isimanga.
Le ndoda yabuza: “UnguCarl Bani-bani?”
“Kunjalo,” ndaphendula ngelitshoyo, ndimangaliswa kukuba isazi igama lam.
Yaqhubeka indixelela ukuba ndikhe ndayikhwelisa emotweni yam izihlandlo eziliqela, iyandazi yaye ayisayi kundenza nto. Kuyabonakala ukuba, yandikhumbula ngenxa yezinto endazithetha emthandazweni, nangona ndandigqunywe ubuso. Yaphuma phandle kwakhona yaza yathetha namahlakani ayo. Ekugqibeleni, ndathathwa ndaya kufakwa evenini, ndaza ekugqibeleni ndaya kulahlwa ecaleni kwendlela. La yayingamava awoyikisayo nawomeleza ukholo lwam kuYehova nasemthandazweni.
[Isicangca/Umfanekiso okwiphepha 12, 13]
EZINYE IZIGANEKO EZENZEKE EBUDENI BONYAKA WENKONZO WAMA-2004
NgoSeptemba 1, 2003
NgoSeptemba: Ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2004, kuqhutywe iSikolo Sabaveleli Abahambahambayo kumasebe angama-88.
Ngo-Oktobha: Isebe laseBritani liqalise ukushicilela ngomatshini wokushicilela oyiMAN Roland Lithoman.
Ngo-Oktobha 28: INkundla yaseRomania iye yaquka amaNgqina kaYehova kuluhlu lwerhafu njengonqulo olwamkelekileyo.
NgoNovemba 1: Kunikezelwe isebe lakwiiPhilippines.
NgoNovemba 28: ISebe Lezobulungisa eGeorgia libhalise iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova.
NgoDisemba 7: Kunikezelwe isebe laseIndiya.
NgoJanuwari 1, 2004
NgoMatshi 26: Inkundla yaseGolovinsky ikhuphe umyalelo wokuvalwa umlomo kwamaNgqina kaYehova eMoscow. Aye afaka isibheno.
NgoAprili: IRashiya ifikelele incopho yoovulindlela abathe ngxi abali-15 489.
NgoAprili 29: Emva kweminyaka engama-84 yokushicilela ngokuqhubekayo, indawo yokushicilela yaseBrooklyn iye yavalwa. Ngoku sele kushicilelwa eWallkill.
NgoMeyi 1, 2004
NgoMeyi: Phezu kwezidubedube zezobupolitika, iHaiti iye yathwaxwa zizikhukula ezitshabalalisayo. Akukhange kufe bazalwana.
NgoJuni 16: INkundla yesiXeko saseMoscow isemi kwisigqibo eyasenza ngoMatshi 26. Ukuvalwa umlomo nokuvalwa komsebenzi kuye kwaqalisa. Kuye kwabhenelwa kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu.
NgoAgasti 31, 2004
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Kukhululwa “INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike” ngesiGeorgia
[Imifanekiso ekwiphepha 27]
Abazalwana basebenza komnye woomatshini bokushicilela ababini abatsha bohlobo lweMAN eWallkill, eNew York, eUnited States
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Isebe elisandul’ ukunikezelwa eBangalore, eIndiya
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Isebe elandisiweyo kwiiPhilippines