Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
KWIMINYAKA yakutshanje, iintlekele zemvelo ziye zagqugqisa yaye ziye zakho nakunyaka wenkonzo wama-2005 kumazwe amaninzi. Kakade ke, nabazalwana bethu bayachaphazeleka zezo ntlekele. Kodwa njengoko siza kubona, uthando lobuKristu lubonakala kakuhle ngamaxesha embandezelo, lwenza abazalwana bamanyane yaye lutsalela abantliziyo zinyanisekileyo enyanisweni.—Mal. 3:18; Yoh. 13:35.
Ukwanda kweentlekele zemvelo kuye kwabangela ukuba abantu abaninzi bacinge nzulu ngekamva nangeyona nto ibalulekileyo ebomini. Ngoko ke, siye sanelungelo elikhethekileyo lokunceda abanye baqonde intsingiselo yamaxesha esiphila kuwo ngephulo elikhethekileyo lokusasaza incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile! Kumazwe amaninzi, eli phulo laqalisa ngo-Oktobha 18, 2004 yaye kwabakho imiphumo emihle.
Iphulo Lokuhambisa Incwadana Ethi Hlalani Nilindile!
EArgentina: “Xa kunokuhla intlekele, ngubani onokusinda—ngaba ngumntu ongendawo, umntu olungileyo okanye ngumntu oye wathobela isilumkiso?” Omnye udade wayesebenzisa loo ntshayelelo xa ehambisa incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile! kwintsimi yabantu abangenamdla.
Omnye umzalwana ogama linguJuan wahambisa le ncwadana komnye umfana oneminyaka eli-16 ubudala yaye wayifunda waza ngomdla waxelela uyise oko akufundileyo. Enomdla wokwazi okungakumbi, uyise wayifunda waza wafunda zonke izibhalo ezicatshulweyo. Wachukumiseka kakhulu kangangokuba le ncwadana wayifunda nentsapho yakhe. Ekubuyeni kwakhe, uJuan wacela ukuqhubela le ndoda isifundo seBhayibhile ngesisa. Le ndoda yaphendula yathi: “Nantso kanye into esifaneleyo—isifundo seBhayibhile sentsapho.” Ngokwenene esi sifundo saqaliswa.
EFransi: Ibhinqa eliselula elalikhe laqhutyelwa isifundo ngaphambili eligama linguAlicia lanikwa incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile! nguJocelyne. Eli bhinqa layamkela ngovuyo le ncwadana laza lavuma ukuyifunda noJocelyne. UAlicia wagqiba ekubeni afunde neBhayibhile rhoqo. UJocelyne uthi: “Kwiiveki nje ezimbini emva koko uAlicia wathi xa efunda iingxelo zeBhayibhile ezithetha ngobomi bukaYesu akakwazi kuzibamba iinyembezi.”
UAlicia waxelela umfana awayehlalisana naye ukuba ufuna batshate ngokusemthethweni ukuze akholise uThixo yaye ufuna ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Lo mfana wathi, “Kulungile. Andifuni ukukuthintela ekwenzeni oko kufunwa nguThixo.” UAlicia sele evela nakwindibano yesiphaluka.
EMadagascar: UNana libhinqa elinabantwana ababini. Ngoxa wayekwishumi elivisayo, wayesiya kwiintlanganiso zamaKristu nabazali bakhe kodwa wayeka ukuya kwiintlanganiso xa abazali bakhe bayekayo ukukhonza uYehova. Ebudeni bephulo elikhethekileyo, uNana wanikwa le ncwadana inemifanekiso ngomnye udade ongumvangeli wasemazweni waza wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ngoku uyaya kuzo zonke iintlanganiso neentwazana zakhe ezimbini yaye usebenzela ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Ngaphezu koko, nabazali bakhe bavuma ukuqhutyelwa isifundo ngale ncwadana. UJosia ongumntwakaboNana oneminyaka eli-14 ubudala, uqhubela omnye umhlobo wakhe isifundo, yaye ngoku nalo mhlobo wakhe uya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu.
ENigeria: Omnye umzalwana onguvulindlela uthi: “Ukufa kukaMama ngexesha lephulo kwandivulela ithuba lokunikela ubungqina kwidolophana endihlala kuyo. Ngaphambi komngcwabo, izalamane zazikhala zizibhuqa phantsi. ‘Yintoni ebangela nenze le nto?’ ndabuza. ‘Sibuhlungu sonke ngokufelwa nguMama kodwa ulele ekufeni. Uza kuvuka ngomhla wovuko.’ Nangona nam ndandilila ndatyhila incwadana ethi Hlalani Nilindile! kwiphepha 8 ndaza ndachaza umfanekiso obonisa ngovuko. Emva koko ndahambisa iincwadana ezili-195 kuquka imibhalo engama-45 yencwadana ethi Hlalani Nilindile!. Ngemini yomngcwabo, mna kunye nabanye abazalwana sahambisa imibhalo eli-100 yeMboniselo kaMeyi 1, 2005, enomxholo othi ‘Ngaba Abafileyo Baya Kuphinda Baphile?’”
ERashiya: UIrina, onguvulindlela okhethekileyo eZelenogradsk, uthi: “Mna nomnye udade sahambisa incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile! kwelinye ibhinqa eligama linguAlla yaye lasingenisa endlwini yalo. Ubomi buka-Alla babungasenayo injongo kuba wayebona ukuba lukhuni kweentliziyo zabantu. Senza amalungiselelo okubuyela. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, mna kunye nalaa dade ndandisebenza naye sakhwazwa lelinye ibhinqa. Kwathi kanti nguAlla. Wabulela ngencwadana esasimnike yona, wayikhupha ebhegini yakhe waza wasibonisa iingongoma aziphawulileyo kuyo. Ngoku uqhutyelwa isifundo ngencwadana ethi Okufunwa NguThixo.”
Komnye ummandla waseRashiya, uVera kunye nomyeni wakhe uVitaliy, bema kwivenkilana engasendleleni apho uLyuda, owayeqhelene noVera, wayesebenza khona. ULyuda wayebonise ukungabi namdla wokuxubusha ngeBhayibhile namaNgqina ngoko uVera wayemathidala ukumnika incwadana. Kodwa ngenxa yokukhuthazwa nguVitaliy wamnika yaye wothuka xa eyithabatha le ncwadana. Kwiintsuku ezimbini kamva uLyuda wamtsalela umnxeba. Wathi: “Xa ininzi kangaka into endiyifunde kwincwadana nje enye, ndinokungenelwa kangakanani xa ndinokuqhutyelwa isifundo seBhayibhile rhoqo!” Nangona wayechaswa zizalamane zakhe, ngoko nangoko uLyuda waqalisa ukufundisisa nokuya kwiintlanganiso. Unyana wakhe nentombi yakhe nabo bayafundelwa. UVera uthi: “Kubangel’ umdla ukuba kwiminyaka embalwa edluleyo uLyuda wayenikwe incwadi ethi Ulwazi kodwa akazange abonakalise mdla. Noko ke, incwadana ethi Hlalani Nilindile! imenze wanomdla.”
EVenezuela: Inkosikazi yomveleli wesiphaluka yaxubusha nenye indoda, inkosikazi yayo nabantwana babo abane imi emnyango. Lo dade wababonisa umfanekiso weParadesi okwiphepha le-16 nele-17 lencwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile!, waza wabonisa ukubaluleka kokuba le ntsapho yonke ifunde ngoThixo. Emva koko, wabamema bobathandathu ukuba baye kwiintlanganiso ezaziza kuqhutywa ngoLwesine ngokuhlwa waza wenza amalungiselelo okudibana nabo kwisikhululo sebhasi esikufuphi. Lo dade kunye nomyeni wakhe baya kwisikhululo sebhasi ngexesha ababelimisile kodwa akuzange kufike mntu. Kwathi kanti le ntsapho ihambe ngebhasi efike kuqala yaye yayisele ikwiHolo yoBukumkani! Ngoku amalungu amahlanu ale ntsapho aqhutyelwa isifundo seBhayibhile rhoqo yaye ayaya kwiintlanganiso nangona ehamba umgama omde ngebhasi yaye ehlawula imali eninzi.
Omnye udade onguvulindlela waya kwenye indlu wankqonkqoza wancama. Xa ebuya kamva wadibana nendoda esele ikhulile iphuma emnyango. Yamchazela ukuba ayiva kakuhle ngeendlebe ngoko idla ngokungabeva abantu xa benkqonkqoza okanye ngenxa yokuhamba kancinane ifika emnyango sele emkile loo mntu ubenkqonkqoza. Lo dade wayinika incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile! waza wayimemela kwiintlanganiso zebandla.
Xa kuqhutywa iintlanganiso, lo dade wabalisa la mava engaboni ukuba le ndoda ikho kwiintlanganiso! Ngoku iqhutyelwa isifundo seBhayibhile rhoqo ngomnye umzalwana, iyaya kuzo zonke iintlanganiso yaye sele ivakalise umnqweno wokushumayela iindaba ezilungileyo. Xa yayibuzwa ngesizathu sokuya kwayo kwiintlanganiso ngesihlandlo sokuqala, yaphakamisa incwadana yayo ethi Hlalani Nilindile! yaza yathi, “Ndaziswa yile ncwadana!”
Inguqulelo YeBhayibhile
Ukususela ekupheleni kweminyaka yee-1800, intlangano kaYehova yayithenga iiBhayibhile ezininzi zize zinikwe abantu abanomdla, maxa wambi ngentlawulo engaphantsi kwaleyo bezithengwe ngayo. Ukususela ngowe-1926, abazalwana baqalisa ukushicilela nokudibanisa iiBhayibhile kwiofisi yabo yokushicilela, kuquka iThe Emphatic Diaglott, iKing James neAmerican Standard. Emva koko, ngowe1961, kwakhutshwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epheleleyo ngesiNgesi.
Kuthekani ngezinye iilwimi? Ekuqaleni kwenkulungwane yama-20, iiofisi zamasebe zaqalisa ukuthenga iiBhayibhile kwiindawo ezahlukahlukeneyo ezishicilela iiBhayibhile yaye zazisasazwa ngemali elingana naleyo bezithengwe ngayo. Ezinye zezi Bhayibhile zaziguqulelwe ngabaguquleli abanyanisekileyo ababefaka negama likaThixo, uYehova. Noko ke, ekuhambeni kwexesha abaguquleli abaninzi balikhupha igama likaThixo. Abanye bade bagabadela ngokufaka igama lesithixo sasekuhlaleni endaweni yegama likaThixo! Ngokomzekelo, iBhayibhile yesiChichewa ebizwa ngokuba yiBuku Loyera, esetyenziswa eMalawi, eMozambiki naseZambia, iguqulela iTetragrammaton ngokuthi “Chauta,” igama lesithixo salapho elithetha “Incutshe Yomtoli.”
Zininzi izinto ezitenxileyo eziye zafakwa kwezinye iinguqulelo. Ngokomzekelo, enye inguqulelo yaseAfrika xa ithetha ngoLuka ithi ligqwirha. IBhayibhile yesiTuvalu igabadela nangakumbi xa iguqulela uYude 23, ithi: “Bonakalisani uthando olunzulu ngamafanasini; kodwa nilumke ningachatshazelwa zizenzo zawo zobufanasini.” Ukanti, umbhalo wamandulo awuthethi kwanto ngamafanasini!
Ngaphambili, imibutho yeBhayibhile yayiyiyo ephambili ekushicileleni nasekusasazeni iiBhayibhile. Noko ke, mvanje eminye imibutho yeBhayibhile iye yanika iicawa zeNgqobhoko ilungelo elisemthethweni lokushicilela nokusasaza iiBhayibhile. Kwamanye amazwe iicawa azaneli nje ukuthengisa iiBhayibhile ngamaxabiso aphezulu kodwa aziwavumeli amaNgqina kaYehova ukuba athenge iiBhayibhile kuzo. Ngokomzekelo, eKyrgyzstan, icawa yamaProtestanti inelungelo elisemthethweni lokushicilela inguqulelo yakutshanje yeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiKirghiz. Xa abazalwana beyokuthenga iBhayibhile, badla ngokubuzwa, “Ngaba ungomnye wamaNgqina kaYehova?” okanye “Ngaba uyalazi igama likaThixo?” Xa bephendula ngokuthi ewe, abavunyelwa ukuyithenga.
Ngenxa yoku, iQumrhu Elilawulayo liye layalela ukuba kunikelwe ingqalelo ekhethekileyo ekuguqulelweni kweBhayibhile. Sithetha nje, INguqulelo Yehlabathi Elitsha epheleleyo ifumaneka ngeelwimi ezingama-35 yaye INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, ifumaneka ngeelwimi ezingama-20. Ngoku, kumaqela angama-33 aguqulela iBhayibhile ehlabathini lonke, ali-19 aguqulela iZibhalo zesiHebhere, ali-11 aguqulela iZibhalo ZamaKristu zesiGrike yaye ama-3 enza iBhayibhile Eneembekiselo. Ngokuqhelekileyo, iba ngabantu abathathu ukusa kwabathandathu abaguqulela iBhayibhile. Abanye baye bagqiba ukuguqulela IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike kwisithuba esingaphantsi kweminyaka emibini ngenxa yoncedo lwenkqubo yekhompyutha ephuculiweyo elungiselelwe abaguquleli.
Bavakalelwa njani abazalwana xa befumana INguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwabo? Abaninzi bavakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo omnye uvulindlela waseAlbania. Wathi: “Ndalila. Andizange ndikhe ndivakalelwe ngale ndlela xa ndifunda iLizwi likaThixo ngaphambili. Ndifuna ukuhlafunisisa ndinyana nganye!”
Imibandela Yasemthethweni
EArmenia: Emva kokufaka izicelo ezili-15, amaNgqina kaYehova abhaliswa ngokusemthethweni ngo-Oktobha 8, 2004. Sekunjalo, abazalwana abaselula basabanjwa kuba bengavumi ukungenela inkonzo yasemkhosini. (Isa. 2:4) Sinethemba lokuba ukubhaliswa kwabazalwana bethu ngokusemthethweni kuya kubenza bafumane inkululeko yonqulo, bakwazi ukufumana uncwadi oluvela kwamanye amazwe baze bakwazi nokuqhuba iindibano. Eneneni, ngoJuni 2005, abazalwana baseArmenia bafumana uncwadi lokuqala oluvela kwamanye amazwe olwathunyelwa ngokusemthethweni.
EOstriya: Kangangeminyaka engaphezu kwama-30, amaNgqina kaYehova ebezabalazela ukugqalwa njengeqela lonqulo olusemthethweni. Kuthunyelwe izicelo ezihlanu eziphathelele le ngxaki kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. NgoFebruwari 1, 2005, iNkundla yagqiba kwelokuba iqwalasele amatyala amabini aphathelele abazalwana abangazange bavunyelwe ukungabandakanywa kwinkonzo yomkhosi ngenxa yokuba amaNgqina kaYehova akagqalwa njengonqulo olusemthethweni. NgoJulayi 5, iNkundla yavuma ukusiqwalasela esi sicelo nangona ingazange ichaze ukuba iza kufikelela kwesiphi isigqibo.
E-Eritrea: NgoJanuwari 24, 2004, abasemagunyeni babamba abantu abangama-38, amadoda, amabhinqa nabantwana abangamalungu eBandla laseSaba, eAsmara. Iminyaka yabo yayisusela kwiminyaka emi-6 ukusa kwengama-94. Abanye babengabhaptizwanga. Emva kokuba phantsi kweliso lamapolisa iintsuku ezintathu, abona bancinane bakhululwa. Abangama-28 abaseleyo basiwa kwenye intolongo engaphandle kwaseAsmara yaye babevalelwe kwimigqomo eyenziwe ngecangci yokuthumela izinto eyayitshisa emini ize ibande ebusuku. NgoSeptemba 2, 2004—emva kweenyanga ezisixhenxe—kwakhululwa abazalwana ababini ababengabona badala kwelo qela, omnye wayeneminyaka engama-94 ubudala omnye enengama-87. Emva koko nabanye bakhululwa. Noko ke, aba-6 basavalelwe kuquka abanye abazalwana abali-16, aba-3 kubo baneminyaka eli-11 besentolongweni. Ncedani nikhumbule ukubakhankanya aba bazalwana bathandekayo kwimithandazo yenu.—IZe. 12:5.
EFransi: Njengoko ingxelo yeNcwadi Yonyaka yowama-2001 ibonisa, abasemagunyeni baye basebenzisa umthetho omtsha werhafu kwiminikelo yabazalwana bethu, kuquka ukuhlawulwa kweerhafu ezingazange zihlawulwe kwiminyaka emine edluleyo (1993-96)—bahlawuliswa ama-60 ekhulwini, kuquka imali yesohlwayo! Abazalwana babhena kodwa isibheno sabo asizange samkelwe kuzo zonke iinkundla zesibheno. Ngoko ngoFebruwari 25, 2005 bafaka isicelo kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, besenza isicelo ngokusekelwe kubungqina obucacileyo bokucalucalulwa ngokonqulo.
EGeorgia: Intshutshiso ekrakra ebigquba apho idambile. Ngoku siyakwazi ukuthumela uncwadi kwelo yaye iintlanganiso zamaKristu aziphazanyiswa. Kodwa, amatyala amaninzi okuxhatshazwa akakachotshelwa ezinkundleni. Kusekho izicelo ezine ezafakwa ngabazalwana, bemangalela iGeorgia kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. La matyala aphathelele ukutshutshiswa kwabazalwana bethu ngenkohlakalo, ukuvalwa kwemibutho yethu esemthethweni nokungafumani ncedo kwiinkundla zomthetho. NgoJulayi 6, 2004, iNkundla yavuma ukuchophela ityala leBandla lamaNgqina kaYehova laseGldani nxamnye neGeorgia.
EJamani: Emva kokudityaniswa kweli lizwe, abazalwana bafuna isiqinisekiso sokuba Umbutho Wonqulo WamaNgqina KaYehova ngumbutho osemthethweni. Ngoko kwaqalisa usukuzwano olwathabatha iminyaka eli-12. Ngowama-2000, INkundla Yomgaqo-siseko KaRhulumente yafikelela kwisigqibo esivuyisayo sokuba uRhulumente akanakunyanzela amaNgqina kaYehova ukuba anyaniseke kuye kwimibandela engavumelaniyo nesazela sawo sobuKristu. Emva koko izinto zalunga. NgoMatshi 24, 2005, INkundla Ephakamileyo Yolawulo YaseBerlin yayalela uRhulumente waseBerlin ukuba anike amaNgqina kaYehova ilungelo lokuba nombutho osemthethweni. URhulumente uzama ukubhena nxamnye nesi sigqibo.
ERashiya: Njengoko ingxelo yeNcwadi Yonyaka yowama-2005 ibonisa, ngoMatshi 26, 2004, INkundla Yoomasipala Benqila EGolovinsk yenza isigqibo sokuvala wonke umsebenzi wethu eMoscow. Ukususela ngoko, kuye kwanzima ukuqesha iindawo zokuqhubela iintlanganiso zebandla neendibano. Noko ke, abazalwana banaso isakhiwo esinye esineeHolo ZoBukumkani ezintlanu, ezisetyenziswa ngamabandla angama-44 namaqela ama-2. Amabandla aseMoscow ali-17 ahlanganisana ngaphandle kwesixeko ngaphandle kokuchitha imali eninzi, ngoxa amanye angama-31 eqhuba ezinye zeentlanganiso zawo ngokwamaqela amancinane kwimizi ethile. Maxa wambi amapolisa ayafika aze kugqogqa kodwa akukabikho mntu ubanjiweyo. Kwenziwe isibheno ngokuphathelele isigqibo esiye senziwa ngoMatshi 26.
NgoSeptemba 9, 2004, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yaphulaphula ityala likaKuznetsov naBanye nxamnye neRussian Federation. Ngo-Oktobha 4, iNkundla yavumelana ngamxhelo-mnye ukuba eli tyala lichotshelwe. Liphathelele igosa likarhulumente elayalela ipolisa ukuba liye kuchitha intlanganiso yebandla labantu abasebenzisa intetho yezandla eChelyabinsk ngoAprili 2000. Kuye kwakho amagingxigingxi amaninzi ebudeni bokuthethwa kweli tyala. Sisalinde isigqibo.
ETurkmenistan: Abazalwana abathathu—uMansur Masharipov, uAtamurat Suvkhanov noVepa Tuvakov—bagwetywa iinyanga ezili-18 entolongweni ngenxa yokungavumi ukungenela inkonzo yasemkhosini. Owesine—uBegench Shakhmuradov—wagwetywa unyaka. NgoFebruwari 16, 2005, iofisi yezomthetho yamaNgqina kaYehova yabhalela umzi wozakuzo waseTurkmenistan oseWashington, D.C., icela ukuba aba bazalwana bane bakhululwe ngaphandle kwemiqathango. NgoAprili 16, bakhululwa bonke ngokomyalelo kamongameli waseTurkmenistan. Ebudeni bonyaka, amapolisa aye abamba abazalwana noodade abaninzi aza abancina ezama ukubanyanzela ukuba balahle ukholo lwabo kodwa atsho phantsi.
Unyaka Weentlekele Zemvelo
Ngowama-2004, amanye amazwe aye athwaxwa kanobom ziintlekele zemvelo. Ezi ntlekele ziye zabachaphazela njani abazalwana bethu?
ECarriacou, eGrenada nasePetite Martinique: NgoSeptemba 7, 2004, iNkanyamba uIvan yatshayela ezi ziqithi yaza yonakalisa imizi engama-90 ekhulwini. Okothusayo kukuba, abaphangi babangela umonakalo olingana nalowo wawenziwe yinkanyamba! Abazalwana baphulukana nezinto zabo ezininzi kule ntlekele yaye ezimbini kwiiHolo zoBukumkani ezintandathu zaseGrenada zonakala kanobom. Akukho bazalwana benzakala kakhulu.
Ngaphambi koko, iofisi yesebe laseBarbados, enyamekela ezi ziqithi, yayalela amabandla ukuba kwiNtlanganiso Yenkonzo kuxutyushwe ngendlela yokuxhobela inkanyamba nakuba loo mmandla wawugqibele ngowe-1955 ukuthwaxwa yinkanyamba. Omnye udade waseGrenada wabuza: “Kutheni sifanele sichithe ixesha sithetha ngenkanyamba ekubeni zininzi kangaka izinto ezibalulekileyo ezinokuxutyushwa?” Alithandabuzeki elokuba, emva kwenkanyamba uIvan, lo dade wenza isigqibo sokuba akasayi kuze aphinde aluthandabuze ulwalathiso lwentlangano! Ngokukhawuleza iofisi yesebe yaseka iikomiti zezibonelelo, olunye uncedo lwavela kwisebe laseGuyana nelaseTrinidad. Abazalwana abangamakhulu abavela kwiCaribbean naseUnited States bancedisa ekulungiseni izakhiwo.
EJamaica nakwiziqithi zeCayman: INkanyamba uIvan ayizange ibenzakalise abazalwana kodwa abaninzi baphulukana nezinto zabo eziphathekayo. Yathi yakutyhila imozulu, abadala bamabandla ali-199 akwezi ziqithi baqhagamshelana nabavakalisi. Ababukeli bathi: “Niyanyamekelana ngokwenene.”
EHaiti: Phakathi kuSeptemba, iNkanyamba uJeanne yantlitha kanobom ummandla ongasentla waseHaiti yaye oko kwaphumela ekubeni kubekho izikhukula ezagubungela idolophu eselunxwemeni yaseGonaïves neminye imimandla ekufuphi nayo. Nakwabo babebalekele kumaphahla ezindlu, amanzi ayefika emadolweni! Omnye umzalwana uthi: “Ubusuku bonke sasisiva ukuwa kwezindlu nezikhalo zabantu.” Ezo zikhukula zasuba ubomi babantu abangama-2 900 kuquka udade oneminyaka engama-83 ubudala.
Omnye umzalwana uthi, “Ndinombulelo kuYehova kuba mna nentsapho yam sabaleka sashiya yonke into yaye sasinda.” Kwiintsuku ezimbalwa emva koko, amaNgqina avela kwiidolophu ezikufuphi azisa ukutya namanzi okusela yaye iofisi yesebe yathumela ilori eyayizele ntli zizibonelelo. Ngaphandle komsebenzi wokucoca esasiwenza, ekupheleni kweveki sasisiya kwiintlanganiso zamaKristu nakumsebenzi wokushumayela. Omnye udade uthi: “Amatsha-ntliziyo angama-40 achitha iintsuku ezine elungisa umzi wam. Akugqiba ukuwulungisa awupeyinta! Konke oku kwazichukumisa izalamane zam ezingengomaNgqina. Esinye siye saqhutyelwa isifundo ukususela ngoko.”
EUnited States: NgoAgasti nangoSeptemba 2004, elaseFlorida, lantlithwa kanobom ziinkanyamba ezine: uCharley, uFrances, uIvan noJeanne.a Konakala imizi yabazalwana engaphezu kwama-4 300 neeHolo ZoBukumkani ezilishumi. Emva kwesi siganeko, usihlalo weFlorida’s Emergency Operations Committee (iEOC), wahlola ukuze aqiniseke ukuba izibonelelo ezikhutshwe yiEOC zisetyenziswe kakuhle. Wathi alikho elinye iqela elilungelelene njengamaNgqina kaYehova. Waxelela ikomiti enikela uncedo ukuba iwanike nantoni na ayifunayo.
Elinye ibandla belisebenzisa isakhiwo ebelihlawula ii-R340 sihlandlo ngasinye lisisebenzisa. Kodwa naso esi sakhiwo santlithwa yinkanyamba yokuqala. Kwaqeshwa abantu ukuba baze kusilungisa kodwa abazange bawugqibe umsebenzi. Abazalwana bacela ukugqibezela lo msebenzi kubanini besi sakhiwo yaye bawugqiba ngokukhawuleza. Ngenxa yoko, abanini-sakhiwo abazange babahlawulise abazalwana kangangeenyanga ezintathu.
EJapan: Ingxelo yeendaba ithi: “Inani lezaqhwithi eziye zantlitha elaseJapan liye lantinga kakhulu [ngowama-2004] ukudlula naliphi na elinye ixesha kususela oko kwaqaliswa ukugcina ingxelo kwelo ngowe-1551.” ENiigata naseFukui, imozulu embi ngoJulayi yonakalisa imizi engaphezu kwama-34 000 kuquka ezinye izakhiwo, iHolo yoBukumkani nemizi yabazalwana engama-60. Kwagaleleka amaNgqina angamakhulu avela kumabandla akufuphi eze kunceda. Kwisithuba seeveki nje ezimbini, iHolo yoBukumkani yayisele igqityiwe ukulungiswa.
Abazalwana bancedisa nasekulungiseni imizi yabantu abangengomaNgqina abahlala kufuphi neholo bafaka nezibulala-zintsholongwane. Enye indoda eyayifudula isichasa isigidimi soBukumkani yavakalisa umbulelo intywizisa. Urhulumente wathumela neleta yombulelo kwikomiti yoncedo, ivakalisa uxabiso ngemigudu eyenziwe ngabazalwana.
Xa elaseJapan lantlithwa zizaqhwithi ezibini ngoSeptemba nango-Oktobha, omnye udade nomnye umzalwana babulawa zizikhukula nakukudilika kweengqumba zomhlaba yaye zabangela ubunzima nakwamanye amaNgqina ali-100. Kwabakho izantyalantyala nakwiSixeko saseToyooka eHyogo. Nakuba indawo ahlala kuyo yayizele ngamanzi, umveleli wesiphaluka wancedisa ekulungiseleleni izibonelelo.
Emva kokuba amanzi anodaka ewuthile kwisakhiwo esasihlala omnye udade onguvulindlela, abavakalisi balapho baqalisa umsebenzi wokucoca. Umnini-sakhiwo, ongeloNgqina, wachukumiseka gqitha. Lo dade wathi: “Ndidla ngokuva ngezibonelelo ezilungiselelwa yintlangano kaYehova kodwa ngoku nam ndiye ndaxhamla kuzo. Ndinoxabiso olungazenzisiyo ngoThixo wethu, uYehova nangentlangano yakhe.”
Nango-Oktobha, inyikima enkulu yahlasela ummandla ongasentla waseJapan, kwafa abantu abangama-40 yaye abangaphezu kwe-100 000 kwanyanzeleka ukuba baphume kumakhaya abo. Akukho bazalwana benzakalayo okanye bafayo nangona iintsapho ezingaphezu kwama-200 zachaphazeleka, konakala neHolo YoBukumkani. Umhlaba waqalisa ukushukuma xa abazalwana beso siphaluka babehlanganisene besenza amalungiselelo endibano yesiphaluka. Benza ntoni? Phantsi kolwalathiso lweofisi yesebe neKomiti Yokwakha Yenqila, ngoko nangoko baqalisa ukulungiselela izibonelelo. Omnye umdala uthi: “Sakhunjuzwa ukuba simele sibe nembono yokomoya ngokuphathelele ezi ziganeko.” Indibano yesiphaluka yaqhutywa yaye nabo babekwimimandla ethwaxwe yinyikima baya.
Omnye udade onomyeni ongeloNgqina ondlu yakhe yayonakele uthi: “Inyikima yashukumisa intliziyo yomyeni wam.” Emva kokubona uthando olwabonakaliswa ngamaKristu xa kwakusasazwa izibonelelo, umyeni walo dade waya kwiintlanganiso zebandla okokuqala ngqa ebomini bakhe. Uthi: “Ndiyayithemba ngokupheleleyo intlangano yenu. Ayisayi kuze isiphoxe.”
KwiiPhilippines: Xa izaqhwithi zatshayela iQuezon neAurora ngasekupheleni kowama-2004, kwafa enye intsapho engamaNgqina kuquka abantwana abane xa ikhaya layo lakhukuliswa ngamanzi nodaka. UFelimon Maristela ongumveleli wesiphaluka wayeseQuezon ngexesha lezo zantyalantyala. Uthi: “IHolo YoBukumkani yagutyungelwa ngamanzi ngemizuzwana nje yaye inqwelo-mafutha yam yakhukuliseka. Mna nenkosikazi yam kunye nabanye abazalwana ababini sahlala phezu kophahla lweholo ubusuku bonke yaye amanzi ayesima kungqameko lophahla. Ngentsimbi yesi-3:00 emva kwemini ndehla. Amanzi ayesima esifubeni.”
Nakuba wayezibeka engozini, uMzalwan’ uMaristela waya kukhangela abavakalisi efuna ukubona ukuba basaphila na. EDingalan, eAurora, omnye umzalwana waphulukana nethuba lokubalekiswa ngehelikopta kuba efuna ukusala ukuze ancede abazalwana noodadewabo abangamaKristu.
Eyona Tsunami Yabulala Abantu Abaninzi
NgoDisemba 26, 2004, inyikima enomkhamo osisi-9.0 kunxweme olungakwintshona yeSumatra, eIndonesia, yaba ngunozala weyona tsunami yabulala abantu abaninzi kwimbali yoluntu. Ngokutsho kolunye uhlolisiso, abantu abafa nabalahleka ngexesha laloo tsunami bangaphezu kwama-280 000! KwanaseSomalia, eAfrika, kunxweme olungakwintshona, kwafa abantu abamalunga nama-290.
EIndonesia: Nangona kwafa abantu abaninzi kweli lizwe, akukho bazalwana okanye bantu banomdla bafayo. Ngenxa yeziganeko zogonyamelo zangaphambili, amaNgqina amaninzi asaba kummandla waseAceh—eyona ndawo yantlithwa kanobom yitsunami—abalekela emaphandleni. Nesiqithi saseNias sathwaxwa kanobom kodwa abazalwana bakwazi ukusaba.
EIndiya: Akukho bazalwana bafayo nangona abaninzi baphulukana nemizi yabo kunye nenye impahla. Kwisixeko sasePondicherry, uLakshmi wayekwinkonzo yasentsimini ukuva kwakhe ngetsunami. Waya kwindlu yodaka yakowabo esemaphandleni ekumgama weekhilomitha ezintathu waza wafika yonakele. Abazalwana bamncedisa ukuyicoca nokuyilungisa.
EMadras, uNaveen oneminyaka eli-13 ubudala wayedlala iqakamba waza wabona amaza amakhulu. Waxelela unina nodadewabo baza basaba bonke. Sekunjalo, babegxampuza kwizikhukula zamanzi azele impahla yendlu nezidumbu.
ULini oneminyaka esixhenxe ubudala wayekunye noyise-mncinci nonyana kayise-mncinci kulwandle olukufuphi naseKanniyākumāri xa wakhukuliswa ngamaza aya kumlahla emhlabeni waya kubambeka kuthango lwamaplanga. Amanzi ayemana esiza kuntlaleka kuye. Uyise-mncinci nonyana wakhe basinda kodwa uyise-mncinci walahlekelwa ziiglasi zakhe zamehlo ngoko wayengaboni kakuhle. Sekunjalo, waqhubeka ekhangela uLini. Kungekudala, weva uLini ethandaza kuYehova ngaphaya kwezantyalantyala zamanzi yaye wakwazi ukumhlangula. Ngoku uLini uxelela wonk’ umntu ukuba uYehova wawuva umthandazo wakhe.
Isiqithi saseAndaman nesaseNicobar: UMary kunye nonyana wakhe oneminyaka esibhozo ubudala, uAlwyn, babetyelele izalamane zabo xa indlu ababekuyo yantlithwa yinyikima. Babalekela phandle bonke. UMary wabona iliza elikhulu lisiza ngaselunxwemeni. Ngoko nangoko kwathi gqi ibhasi. Yena nonyana wakhe bangena kuloo bhasi. Noko ke, abanye babalekela emakhaya ngenjongo yokuthatha izinto zabo ezimbalwa yaye bakhukuliswa ngamanzi. Emva kwethutyana ibhasi ihamba, wonke umntu osebhasini weva enye inyikima. Baphuma ebhasini babalekela kwenye induli apho kwakukho abantu abamalunga nama-500. Babukela amanzi ekhukulisa loo bhasi yaye amanzi anyuka aya kufikelela kwisiqingatha semitha kuloo ndawo babemi kuyo.
Emva kokuba amanzi ewuthile, uMary wathi tsi ekhaya. Wafumana iBhayibhile yakhe nencwadana ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla yaye zamnceda kakhulu kwiintsuku ezilandelayo. Kwafika iindaba zokuba kukho iinqanawa eziza kuza kulanda abantu kweso siqithi yaye abantu abangamakhulu babalekela elunxwemeni baya kulindela iinqanawa. Suku ngalunye, uMary nonyana wakhe babelinda kangangeeyure kumanzi ema esinqeni ekwakudada izidumbu kuwo. Kwiintsuku ezintandathu emva kwetsunami, sada safika isikhephe baza bakhwela kuso. Kuba abaninzi babembek’ ityala uThixo ngale ntlekele, uMary wakwazi ukunikela ubungqina. Ngoku, inkosikazi yomntakwabo iqhutyelwa isifundo seBhayibhile yaye iyaya kuzo zonke iintlanganiso zamaKristu.
UPrasanthi kunye nonyana wakhe oneminyaka emihlanu ubudala, uJehoash, babeye eHut Bay beye kutyelela uyise osele ekhulile, uMzalwan’ uPrasad Rao. Ngoxa belapho, beva ukunyikima komhlaba, babona namaza baza babalekela kwinduli ephakamileyo. Amanzi enyuka kangangeemitha ezintlanu aza agubungela umzi kaPrasad. Iibhedi zakhe, ifriji, umabonwakude nesitokhwe sebandla sencwadi ethi uMntu Obalaseleyo, zonke zemka namanzi. Kamva, abo basindayo bazifumanela ezinye zezi ncwadi baza baqalisa ukuzifunda. Kangangeentsuku ezintlanu, uPrasad, uPrasanthi, noJehoash babesitya umbeko yaye kwindawo ababekuyo kwakuzele iingcongconi neempukane. Ekufikeni kwezikhephe, uPrasanthi noJehoash nabanye abantu abaninzi bahamba kuloo manzi ayefikelela esifubeni baya kukhwela izikhephe zabahlanguli nangona kwakukho iingwenya ezazidada apho kufuphi! UPrasanthi wayeneenyanga ezintandathu ekhulelwe. Uyise walandela kamva.
Zonke izindlu ezazikwiSiqithi saseTeressa zakhukuliswa. Abazalwana noodade balapho abali-13 bahlala iintsuku ezintandathu ematyholweni, besifa yindlala belunywa nazizinambuzane ngaphambi kokuba babalekiselwe kwiSiqithi saseCamorta. Bafumana indawo yokufihla intloko kwaMark Paul, umzalwana ohlala kwindawo ephakamileyo omzi wakhe usetyenziswa njengeHolo yoBukumkani. Ngemini yetsunami, kunokuba kubekho abantu abali-10 okanye abali-12 kwiintlanganiso zebandla, kweza abangama-300! Ukususela ngoko, abafundi beBhayibhile abali-18 beza rhoqo kwiintlanganiso, emva kokubona abantu bakaYehova benyamekelana ngothando.
ESri Lanka: Mkhulu kakhulu ummandla wonxweme lwesi siqithi owantlithwa ngamaza. Itsunami yaqalisa kusasa ngeCawa ngoxa inkoliso yabazalwana yayikwiintlanganiso zebandla kummandla ongenangozi. Ali-10 amabandla awachaphazelekayo yaye omnye udade wafa xa indlu yakhe yakhukuliselwa elwandle. Abazalwana babuhlungu gqitha kukushiywa ngulo dade. Kwafa nabanye abantu abaliqela ababenomdla nezalamane zabazalwana abaninzi. Omnye umdala wafelwa ngamalungu entsapho angama-27! Sekunjalo, “nakuba abazalwana beye batyhubela kule ntlekele abakhange ‘baphazamiseke’ ngokomoya,” itsho njalo ingxelo evela kwiofisi yesebe.
IBheteli yayizele ntli zizibonelelo yaye uninzi lwamalungu entsapho yaseBheteli lwaluxakeke ngumsebenzi wokunceda amaxhoba. Abazalwana basekuhlaleni abanezithuthi babethutha ukutya bekusa kwimimandla entlithwe yitsunami. Kwisithuba seentsuku ezine, kwakusele kuqhagamshelwene nabo bonke abazalwana baza banikwa ukutya nempahla. Xa bebuzwa ukuba yintoni enye abayifunayo, baphendula bathi: “ZiiBhayibhile neencwadi! Ezethu zimke namanzi.” Ngoko nangoko bazinikwa ezo zinto babezifuna.
UGerrad Cooke ongumveleli wesiphaluka wayeseColombo ngelo xesha. Wahamba iiyure ezisixhenxe kwindlela edla ngokuba yingozi xa sele kumnyama ngenxa yeendlovu. Ekufikeni kwakhe ngeye-10:30 ngokuhlwa, yena kunye nomnye umzalwana—ondlu yakhe yayizaliswe ngamanzi—batyelela iintsapho, bezinika izibonelelo yaye basebenza de kwasa.
EThailand: Akukho bazalwana benzakalayo okanye bafayo yaye akukho mntu waphulukana nezinto zakhe. Noko ke, abantu abavela kwamanye amazwe ababetyelele apho balahleka yaye kucingwa ukuba bafa. Phakathi kwabo kukho umzalwana waseFinland, isibini saseSweden, umzalwana waseOstriya nomyeni ongakholwayo womnye udade. Izibini ezibini zaseSweden zazisebenza neqela lasekuhlaleni kwinkonzo yasentsimini kummandla okude nonxweme. Xa zibuyela kwihotele ezazihlala kuyo zafika kuzizidumbu nje, yonk’ into iyingqushu.
NgoMvulo kusasa emva kwenyikima, umveleli owongamelayo weBandla lasePhuket wafumana umnxeba ovela kwiofisi yesebe laseThailand exelelwa ukuba udade waseFinland, ogama linguKristina, ukwisibhedlele umntu ahamba imizuzu engama-90 xa esiya kuso. Ngoko nangoko, yena kunye nomnye umzalwana baya esibhedlele. Lo mveleli wongamelayo uthi: “Andizange ndiyibone intlungu enje ngaphambili—abantu abalahlekelwe ngamaqabane abo, abazali abalahlekelwe ngabantwana nabantwana abalahlekelwe ngabazali. Abanye babekhala becela uncedo; bambi bendwanyile nje. Into eyayilapho yayibuhlungu kakhulu kangangokuba sasimana siphuma siye kuthandaza ukuze somelele.”
Abazalwana bamfumana uKristina xa kanye abezonyango belungiselela ukutyanda umlenze wakhe owawaphukile. Wayelahlekelwe ngawo onke amaxwebhu akhe asemthethweni. Emva kotyando, abazalwana ababini bahlala naye bethandaza kunye naye de kwasezinzulwini zobusuku. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, wakhwela inqwelo-moya waphindela eFinland. Nakuba wayekwezo nkxwaleko, “uKristina wayekhaliphile yaye omelele,” batsho njalo abazalwana. Okubuhlungu kukuba, umyeni wakhe wafa kwitsunami.
Ukunikezelwa Kwezakhiwo Zamasebe
EAngola, ngoJanuwari 8, 2005: Olu yaba lusuku olukhethekileyo ngokuphathelele umsebenzi wokushumayela eAngola, ilizwe ebelisoloko libandakanyeke kwiimfazwe zamakhaya kangangeminyaka engama-40. UStephen Lett waba nelungelo elikhethekileyo lokunikela intetho yokunikezelwa kwesakhiwo sesebe eAngola yaye lilungu lokuqala leQumrhu Elilawulayo ukutyelela kwelo. Iindwendwe ezaziphulaphule loo ntetho zazimalunga nama-730 zivela kumazwe ali-11. Yintoni ebangela ukuba kufuneke isakhiwo esitsha sesebe? Ngowe-1975, eli sebe lafikelela incopho yabavakalisi abangama-3 055. Ekupheleni kowe-2004, elo nani laphindaphindeka kali-18, laya kutsho ngaphaya kwama-54 000!
EBulgaria, ngo-Oktobha 9, 2004: Kwisithuba esingaphezu kweminyaka emithathu, amatshantliziyo ali-150 avela kumazwe ngamazwe nabazalwana basekuhlaleni abamalunga nama-300 bancedisa kwisakhiwo esitsha sesebe laseSofia. UGerrit Lösch olilungu leQumrhu Elilawulayo wanikela intetho yonikezelo kubaphulaphuli abangama-364 abavela kumazwe angama-24.
E-Ethiopia, ngoNovemba 20, 2004: Ekuqaleni kowama-2004, amalungu angama-60 entsapho yaseBheteli ayehlala kwiindawo ezahlukahlukeneyo ezingaphezu kwesithoba—nto leyo yayingekho mnandi! IBheteli entle yalapho imi kwithambeka elingakwimpuma yesixeko, iAddis Ababa yaye umhlaba emi kuwo uziimitha ezingama-2 400 ukuphakama. Ebusuku, ekuphela kwengxolo oyivayo kukugigitheka kweengcuka. UGerrit Lösch wanikela intetho kubaphulaphuli abangama-2 230, kuquka iindwendwe ezingama-200 ezivela kumazwe angaphandle angama-29. Kwadliwan’ iindlebe nabathile kuquka abantu ababebanjwa bade batshutshiswe ngenxa yokholo lwabo. Intombi yomnye umzalwana owabulawayo, yathi, “Xa uTata evuswa uya kuvuya kukwazi ukuba ndalandela umzekelo wakhe wokuhlonela uThixo ndaza ndakhonza eBheteli.”
EGhana, ngoMatshi 5, 2005: UMalcolm J. Vigo wesebe laseNigeria wanikela intetho yonikezelo kubaphulaphuli abangama-3 243. Esi sakhiwo sitsha siquka izakhiwo ezithathu zokuhlala, iiofisi ezingama-50, isakhiwo semaintenance, iHolo yoBukumkani, igumbi lokutyela, ikhitshi, negumbi lokuhlamb’ impahla.
EGuam, ngoJuni 25, 2005: Yayisisihlandlo sesithathu sonikezelo ukususela ngowe-1980, xa iGuam yayinebandla elinye kuphela. Ngoku alishumi amabandla kweli. Ngaphandle kokulungiswa kweendawo ezithile kwisakhiwo, umsebenzi osandul’ ukwenziwa uquka ukwakhiwa kweHolo yoBukumkani entsha enesakhiwo sokuhlala esinemigangatho emibini. Amatshantliziyo ali-100 ayevela eOstreliya naseUnited States yaye azihlawulela iindleko zohambo. Akuva ngale nto umhloli wezakhiwo wasekuhlaleni, wabona nomgangatho womsebenzi, “wanikina intloko engakholelwa,” itsho njalo ingxelo evela kwiofisi yesebe. ULorence Shepp wesebe lasePeru wanikela intetho yonikezelo.
EMauritius, ngoNovemba 6, 2004: UGerrit Lösch waba nelungelo lokunikela intetho xa kwakunikezelwa iinxalenye ezandisiweyo zesakhiwo sesebe. Ezi nxalenye zandisiweyo ziquka iiofisi ezili-12 ezintsha zeSebe Lokuguqulela nesakhiwo esitsha sesebe lemaintenance. Iindwendwe ezazize kuphulaphula zazivela eMadagascar, eMayotte, eMzantsi Afrika, eRéunion, eSeychelles naseYurophu.
ENicaragua, ngoDisemba 4, 2004: Amatshantliziyo angaphezu kwama-330 avela kumazwe ngamazwe kuquka abazalwana basekuhlaleni abangamakhulu bakha iiofisi ezintsha nezakhiwo zokuhlala zesebe neHolo yeNdibano evulekileyo ecaleni, enokuhlala abantu abangama-2 400. USamuel Herd olilungu leQumrhu Elilawulayo wanikela intetho yonikezelo. Phakathi kweendwendwe ezazilapho kwakukho nabavangeli basemazweni ababekhe bakhonza eNicaragua. Cinga nje indlela abavuya ngayo xa bebona abanye babantu ababebaqhubela izifundo zeBhayibhile kuquka abantwana babo bantu kanti kwezinye iimeko, nabazukulwana!
EPanama, ngoMatshi 19, 2005: USamuel Herd wanikela intetho kubantu abangama-2 967, abaninzi kubo baneminyaka engaphezu kwama-20 bekhonza uYehova. Xa kwakuqaliswa umsebenzi, abazalwana baqesha icrane nomntu oza kuyiqhuba ukuba asuse iitrailer ekwakugcinwa kuzo izinto zokusebenza. Akufika esizeni lo mntu, wala ukuwenza lo msebenzi ngelithi eso siza asilungiswanga kakuhle. Abazalwana bazama ukuqiqa naye kodwa batsho phantsi. Ngaphambi kokuba ahambe wabuza, “Kakade, ningena kuyiphi icawa?”
“SingamaNgqina kaYehova,” baphendula ngelitshoyo abazalwana.
Wathi cwaka okomzuzwana emva koko wathi, “Kulungile, ndiza kuwenza lo msebenzi.” Yintoni eyabangela ukuba ajike ngokukhawuleza kangaka? Oodade ababini babeqhubela abantwana bakhe isifundo seBhayibhile yaye wayenombulelo ngomsebenzi owenziwa ngaba dade.
ESlovakia, ngoAprili 16, 2005: UTheodore Jaracz olilungu leQumrhu Elilawulayo wanikela intetho yonikezelo kwiindwendwe ezingama-448 ezivela kumazwe angama-21. Ngosuku olulandelayo kwabakho intlanganiso ekhethekileyo kwibala lezemidlalo yaye iindwendwe ezininzi zafika ngebhasi. Omnye umqhubi wathi, “Ningabantu abanobubele nabonwabileyo yaye ndibuliswa ngumntu wonke! Ndiyasazi isizathu soko. Kungenxa yonqulo lwenu. Ndidla ngokuhambisa abantwana besikolo nootitshala. Abantwana kufuneka ndibabulise ngokwam; ootitshala ke bona—abazikhathazi nokuzikhathaza ngokubulisa!”
EWallkill, eNew York, eUnited States, ngoMeyi 16, 2005: Ebudeni bentetho yonikezelo, uJohn Barr olilungu leQumrhu Elilawulayo wathi: “Xa sisonke sinikezela esi sakhiwo sihle sitsha secandelo lokushicilela kuquka izakhiwo zokuhlala zecandelo A, C, noD kokuphela koThixo oyinyaniso, uYehova.” Umsebenzi wokwakha waqalisa xa kwakusakhiwa icandelo lokushicilela ngoMeyi 1, 2003, yaye emva kweenyanga ezingaphezu kwesibhozo kamva, kwafakwa umatshini wokuqala wokushicilela, kwicandelo lokushicilela.
IiKomiti Zokwakha Zenqila zaseUnited States, ngokukhethekileyo ezo zivela kumazwe akufuphi zathumela abasebenzi abanamava. Omnye umsebenzi wawusenziwa ziikontraka zangaphandle. Omnye wabaqeshi wathi, “Andinakukwazi ukuhlawula abasebenzi bam ukuba basebenze njengani. Nisebenza ngenzondelelo.” Omnye umphathi wathi, “Ndifunde lukhulu ngokuphathelele umsebenzi wam kwezi nyanga zimbalwa ndilapha eWatchtower ngaphezu koko ndakufundayo esikolweni kwiminyaka emihlanu!” Ummeli wenkampani eyenza iconveyor system wathi: “Siyaqala ukufaka iconveyor system ngokukhawuleza kangaka, sincedwe nini madoda. Wonk’ umntu olapha wonwabile kangangokuba nam ndiziva ndonwabile! Kumnandi apha.”
Kwiminyaka embalwa ngaphambilana, isebe laseUnited States lalinoomatshini beweb-offset abali-15—abali-11 babeseBrooklyn aba-4 beseWallkill. Kodwa ngoku ngenxa yokuhambela phambili kwezobugcisa nokudluliselwa komsebenzi wokushicilela kwamanye amasebe, bahlanu kuphela oomatshini abakhoyo. Icandelo elitsha lokushicilela linayo nendawo yokufunxa imvuthuluka yamaphepha aphuma koomatshini bokushicilela. Loo maphepha aphinde athengiswe kwinkampani yangaphandle yaye isebe likwazi ukonga malunga nee-R1,3 zezigidi ngonyaka!
EZambia, ngoDisemba 25, 2004: Kubantu abamalunga nama-700 ababekho xa kwakunikezelwa izakhiwo ezandisiweyo, abangama-374 baneminyaka engaphezu kwama-40 bekhonza uYehova! Ebudeni bentetho yakhe, uStephen Lett wathi kwabo babenesabelo ekwenzeni lo msebenzi, ngokufanayo nabakhonzi athetha ngabo uYesu komnye wemizekeliso yakhe, sifanele sithi kuni ‘Nenze kakuhle!’—Mat. 25:23.
Abazalwana banikela ubungqina obuhle ngexesha babesakha. Omnye wabasebenzi bekontraka wathi, “Nihlala eparadesi.”
“Utsho iparadesi yokoqobo okanye yokomoya?” wabuza ngelitshoyo omnye umzalwana.
“Zombini!” waphendula ngelitshoyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Iinkcukacha ngokuphathelele iNkanyamba uKatrina ziza kuchazwa kwixa elizayo.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 29]
Iindibano ‘Zokuthobela UThixo’
IiNdibano ZeSithili ‘Zokuthobela UThixo’ zabalaselisa ukuba ngabantu ‘abamaziyo uThixo nabathobela iindaba ezilungileyo’ kuphela abaya kusinda ngemini kaYehova yempindezelo. (2 Tes. 1:6-9) Ngenxa yoko, sifuna ukwenza konke okusemandleni ethu ukuze sincede abo bangamaziyo uThixo nabangamthandiyo ngenxa yendlela elibandezeleke ngayo ihlabathi. Sinamalungiselelo amatsha okusinceda ekwenzeni oku, njengephecana elithi Konke Ukubandezeleka Sele Kuza Kuphela! nencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Alithandabuzeki elokuba eli phecana litsha liza kunceda amaxhoba amaninzi emfazwe, obuhlwempu, eentlekele, okungabikho kokusesikweni nokugula aqonde ukuba ezi zinto azibangelwa nguThixo. Nale ncwadi intsha iya kubangel’ umdla kwabo banxanelwe inyaniso yokomoya. Ibhalwe ngendlela ecacileyo nelula, yaye iingongoma eziziintloko zicaciswe kakuhle, ngemifanekiso nangendlela ezibhalwe ngayo. Funda imibandela eli-14 ekwisihlomelo sale ncwadi ngaphambi kokuba uye kuqhuba isifundo ngayo.
[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
EZINYE ZEZIGANEKO EZENZEKE KUNYAKA WENKONZO WAMA-2005
NgoSeptemba 1, 2004
Ngo-Oktobha 8: AmaNgqina kaYehova abhaliswa ngokusemthethweni eArmenia.
Ngo-Oktobha 9: Kunikezelwa isebe laseBulgaria.
Ngo-Oktobha 18: Kuqaliswa iphulo lokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile!
NgoNovemba 6: Kunikezelwa isebe laseMauritius.
NgoNovemba 20: Kunikezelwa isebe lase-Ethiopia.
NgoDisemba 4: Kunikezelwa isebe laseNicaragua.
NgoDisemba 25: Kunikezelwa isebe laseZambia.
NgoDisemba 26: Inyikima enomkhamo osisi-9.0 eyenzeka kufuphi naseSumatra, eIndonesia yaba ngunozala weyona tsunami yabulala abantu abaninzi kwimbali yoluntu.
NgoJanuwari 1, 2005
NgoJanuwari 8: Kunikezelwa isebe laseAngola.
NgoMatshi 5: Kunikezelwa isebe laseGhana.
NgoMatshi 19: Kunikezelwa isebe lasePanama.
NgoMatshi 24: INkundla Ephakamileyo yaseBerlin yamisela amaNgqina kaYehova eBerlin njengombutho osemthethweni.
NgoAprili 16: Kunikezelwa isebe laseSlovakia.
NgoMeyi 1, 2005
NgoMeyi 16: Kunikezelwa isakhiwo sokushicilela kunye nezakhiwo zokuhlala eWallkill, eNew York.
NgoJuni 25: Kunikezelwa isebe laseGuam.
NgoAgasti 31, 2005
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Bacoca iHolo yoBukumkani eyonakaliswe zizikhukhula eNiigata Prefecture, eJapan
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Kudluliselwa izibonelelo eSri Lanka