Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
IINGXELO ezivela ehlabathini ziyasiqinisekisa ukuba amaNgqina kaYehova ebemaxhaphetshu eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ‘kuwo wonke umhlaba omiweyo ukuze kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.’ (Mat. 24:14) Ngenxa yokunyamezela kwawo, ukumanyana kwawo nomsebenzi wothando awenza ngokungazingci, ‘ilizwi likaYehova liye lavakala yaye kuyo yonke indawo ukholo lwawo kuThixo luye lwasasazeka ngokubanzi.’—1 Tes. 1:8.
UNQULO LWENTSAPHO OLWAKHAYO NOLUMNANDI
NgoJanuwari 1, 2009, amaNgqina kaYehova aye enza utshintsho olukhulu kucwangciso lweentlanganiso zawo zeveki. ISifundo Sencwadi Sebandla siye satshintshwa sabizwa ngokuba siSifundo SeBhayibhile Sebandla kwaza kwacwangciswa ukuba siqhutywe neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo neNtlanganiso Yenkonzo. Wonke umntu uye wakhuthazwa ukuba asebenzise ingokuhlwa ebikade isetyenziselwa iSifundo SeBhayibhile Sebandla kuNqulo Lwentsapho.
Baye bathini abakhonzi bakaYehova ngolu tshintsho luqhutywa luthando? Indlela abavakalelwa ngayo abantu abaninzi ibonakala kumazwi enye intloko-ntsapho eyabhala yathi: “Sithi maz’ enethole. Aphel’ emlonyeni kum nenkosikazi yam xa kufuneka sichaze indlela esincede ngayo ingokuhlwa yoNqulo Lwentsapho. Ibangele ukuba ithi kratya indlela esimthanda ngayo uYehova ibe kwangaxeshanye, iye yasimanyanisa ngakumbi njengesibini esitshatileyo. Eli lilungiselelo elimangalisa ngendlela engathethekiyo nelobulumko loBawo wethu osezulwini!”
Yintoni eyenziwa zezinye iintsapho ukuze zilisebenzise kakuhle eli xesha? Omnye umama wabhala wathi: “Ngezinye iingokuhlwa sixubusha sonke iphepha 31 likaVukani! kanti ngezinye sibukela enye yeevidiyo zentlangano. Akupheleli nje ekuthini abantwana bazenzele uphando kodwa bayakuthanda ukufunda yaye libavuyisa gqitha ixesha loNqulo Lwentsapho. Babelwa ukuphanda ngomntu othile ekuthethwa ngaye eBhayibhileni baze banikele intetho ngenyanga elandelayo. Nathi senza loo nto nomyeni wam. Intetho yokuqala yonyana wethu oneminyaka elishumi ubudala eyayithetha ngoNowa yayisemagqabini! Wada wasichazela nendlela esinokuyisebenzisa ngayo le nkcazelo namhlanje. Emva koko wasibonisa nomkhombe kaNowa awenze ngokwakhe. Kwiveki elandelayo, intombi yethu yayiza kusichazela ngohambo lobuvangeli lukampostile uPawulos. Yathi yakugqiba, saqhwaba sonke waza emva koko wasihlab’ imibuzo kwinxalenye awayinika umxholo othi Ngaba Usakhumbula? Yayichukumisa gqitha!” Le ntsapho ithi ilungiselelo loNqulo Lwentsapho yintsikelelo yokwenene evela kuYehova. Lo mama uthi: “Bekunzima gqitha kum nomyeni wam kulo nyaka, ibe eli lungiselelo beliyeyona nto iyimfuneko ukuze siqhubeke.”
Omnye udade wabhala wathi: “Ndilibulela gqitha eli lungiselelo lindivuseleleyo ngokomoya! Bathi abantwana bethu bakukhula baza baya kuzihlalela, mna nomyeni wam sayeka ukuba nesifundo sentsapho rhoqo. Ngoku siphinde sanaso. Ubukhulu becala, esi sifundo sithatha iiyure ezimbini yaye eli xesha likhawuleza liphele!”
Njengoko imbandezelo enkulu isondela ngakumbi, ngamana ixesha olibekele uNqulo Lwentsapho lingakunceda umbe nzulu kwiLizwi likaThixo lize likomeleze ngokomoya ukuze uchase uMtyholi. Lisebenzise kakuhle eli xesha lixabisekileyo ukuze ‘usondele kuThixo, naye asondele kuwe.’—Yak. 4:7, 8.
UKWENZA OKUNGAKUMBI UKUZE UQALISE IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE
Ukususela ngoJanuwari 2009, kwacelwa amabandla ukuba abekele bucala uMgqibelo okanye iCawa ibenye ngenyanga ukuze aqalise izifundo zeBhayibhile. Waba yintoni umphumo? Abavakalisi abaninzi baye bamangaliswa baza bavuya gqitha—bamangaliswa kukuba kuye kwalula ukuqalisa isifundo seBhayibhile kunokuba bebecinga yaye baye bavuyiswa kukuba baye baqalisa ezi zifundo nabantu abahlukahlukeneyo kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Abaveleli abahambahambayo bathi amabandla alithanda gqitha eli lungiselelo litsha, yaye imiphumo efunyenwe ngethuba nje elingephi iyancumisa. Ngokomzekelo, kwiinyanga nje ezintlanu liqalile, kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezitsha ezingaphezu kwama-8 000 eItali.
Abavakalisi abangazange baqhube zifundo sele bebuyela baze baqalise ukuqhuba izifundo. UCarolina, wasePeru wathi: “Ngaphambi kokuqalisa kweli lungiselelo, andizange ndiqhube sifundo seBhayibhile kodwa eli cebiso lokuba sibekele bucala usuku lube lunye ngenyanga ekwenzeni oku kundenze ndabona ukuba ndimele ndenze umgudu wokuqalisa isifundo seBhayibhile. Ndikwazile ukubonisa abaninimzi ukuba isifundo seBhayibhile silula yaye asityi xesha. Ndimbulela gqitha uYehova, kuba ndithe ndakuwasebenzisa la macebiso siwanikiweyo, ndaphumelela yaye ngoku ndiqhuba izifundo zeBhayibhile ezibini.”
USatya, udade onguvulindlela waseBritani, wayesoyika ukuqalisa isifundo seBhayibhile kutyelelo lokuqala. Kodwa ngosuku olubekelwe bucala ukuqalisa izifundo zeBhayibhile, wazimisela ukuba akasayi kugoduka engakhange azame ukuqalisa isifundo. Wavuya gqitha xa elinye ibhinqa lasamkela ngokukhawuleza isifundo. Kwaba lula gqitha kunento awayeyilindele uSatya!
ULuca, umzalwana oselula wasePalermo, eSicily wayedla ngokushiya amaphephancwadi kumhlolokazi owayesoyika ukungenisa abantu endlwini yakhe. Ngenye imvakwemini ngoMgqibelo, ngosuku lokuqalisa izifundo zeBhayibhile, uLuca waya kulo mhlolokazi eyivulile incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile waza wamfundela isicatshulwa kule ncwadi. Eli bhinqa layithanda le ncwadi laza lancokola noLuca kangangethuba elithile. Walixelela ukuba le ncwadi inokuyiphendula imibuzo elinayo—kwanalowo wokuba liya kuze limbone kusini umyeni walo. ULuca walityhilela kwiphepha 72, apho kuchazwa abantu abaza kuvuswa. Eli bhinqa lachukunyiswa leli themba liseBhayibhileni laza lasamkela isifundo seBhayibhile. Ngoku lifundelwa rhoqo ekhayeni lalo, yaye lingenisa amaNgqina emzini walo ngaphandle koloyiko.
Umveleli wesiphaluka wasePeru wanikela le ngxelo: “Zisuka nje, eli lungiselelo liye lanceda amabandla amaninzi ukuba aqhube izifundo zeBhayibhile eziliqela. Elinye ibandla laseChiclayo lafaka ingxelo yezifundo zeBhayibhile ezitsha ezingama-25, kanti eChepén, kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezitsha ezingama-24.”
Nabavakalisi abasebatsha baye baphumelela ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile. UGiovanna oneminyaka eli-11 ubudala waseSão Paulo, eBrazil ubalisa athi: “Ngeny’ imvakwemini ngoMgqibelo ndandishumayela kwindlu ngendlu nomama, ndiqalisa izifundo kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Kumzi wokuqala, ndabuza umninimzi, usomashishini odumileyo, enoba uyakholelwa kusini na ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo. Wathi uyakholelwa. Emva koko ndambonisa eyesi-2 kuTimoti 3:16. Wathi imchukumisa gqitha into yokubona intwazana engaka imxelele iindaba ezimnandi ngolu hlobo, ibe wathatha incwadi.
“Ndathi xa ndibuyela kulo somashishini, ndahamba notatomkhulu kuba babesazana. Lo mninimzi wathi masingene yaye ndacela ukuba akhethe umbandela awuthanda kakhulu kwiziqulatho zencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Wakhetha isahluko 11, esinomxholo othi, ‘Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?’ Emva kokufunda iziqendu ezibini zokuqala, yena nenkosikazi yakhe babuza imibuzo emininzi. Kwabavuyisa gqitha ukufumana zonke iimpendulo eBhayibhileni, yaye bavuma ukuba siqalise isifundo esithe rhoqo. Ndavuya gqitha emva kokuqalisa isifundo seBhayibhile kumzi wokuqala esankqonkqoza kuwo!”
Kambe ke, asinguye wonke umntu oza kwamkela isifundo seBhayibhile ibe asizizo zonke izifundo zeBhayibhile eziya kuqala zize ziqhubeke. Kodwa njengabasebenzi abangamadlelane kaThixo, siza kuqhubeka siqalisa izifundo zeBhayibhile kubantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka, sisazi ukuba nguYehova otsalela abantu abanjengezimvu kwintlangano yakhe ngaphambi kokutshatyalaliswa kwenkqubo kaSathana.—Yoh. 6:44; 1 Kor. 3:9.
EZOBUGCISA ZISINCEDA ‘SIKHAWULEZISE’
Abakhonzi bakaYehova bavuyiswa kukuzaliseka kwesi siprofeto: “Omncinane uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako.” (Isa. 60:22) Asinakuyiphikisa into yokuba uYehova uqhubeka esebenzisa ezobugcisa ukukhawulezisa ukuhambela phambili ngokomoya kweli xesha livuyisayo. Ngoko iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kubekho inkqubo yekhompyutha enokusetyenziswa ngawo onke amasebe akhoyo ehlabathini.
Iqela elenza le nkqubo, ebelikade likwisebe laseMzantsi Afrika, lifudukele kwiKomkhulu eliseBrooklyn, eNew York apho liza kuqhubeka liyiphucula. Kukho amasebe amalunga nama-20 axhasa nanceda amanye amasebe ukuba akwazi ukuyisebenzisa le nkqubo yekhompyutha.
Inceda entwenini le nkqubo? Ngenxa yokuba onke amasebe esebenzisa le nkqubo, ayakwazi ukwabelana ngenkcazelo. Ngokomzekelo onke amasebe ashicilelayo ayazazi iincwadi ezisesitokhweni kwamanye amasebe. Ukuba elinye lineencwadi ezithile ezininzi, amanye ayakwazi ukuzicela ukuze aphephe ukushicilela iincwadi ezintsha. Le nkqubo ikwazi nokuqikelela iincwadi eziza kufuneka kwixesha elizayo kwakunye nezo ziodwe emabandleni ize inciphise ukufumba koncwadi kuwo onke amasebe.
Kanti le nkqubo inceda abasebenzi baseBheteli bakwazi ukukhupha iioda zoncwadi namaphephancwadi, bakwazi ukuqulunqa ingxelo yonyaka yenkonzo yasentsimini, ukwenza amalungiselelo eendibano ezinkulu nezincinane baze bakhuphe izabelo zabaveleli abahambahambayo noovulindlela abakhethekileyo. Ikwanceda ekuthengeni, ekugcineni iingxelo zemali nokugcina isitokhwe, nto leyo enciphise iindleko zokusebenzisa iinkqubo zekhompyutha ezithengwayo.
UKUKHANYA KOKOMOYA KWI-INTERNET
Kanye njengokuba ukukhanya kungena nakwiindawo ezimnyama nabantu bakaThixo ‘bakhanyisa’ emhlabeni wonke. (Mat. 5:16) Eyona nto isinceda sikhanyise nakwezona ndawo zikude yiWeb site yethu esemthethweni ethi www.watchtower.org. Le Web site inamanqaku akumaphephancwadi, amaphecana neencwadana ezinemifanekiso ngeelwimi ezingama-383 kwakunye neNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epheleleyo ngeelwimi ezili-11. Kule site, kukho amanqaku angaphezu kwama-700 xa ewonke. Iphepha elisekuqaleni elihlaziywa veki nganye lidla ngokuba namanqaku amatsha axubusha imiba ethandwayo. Kuncede ngantoni ukuba noncwadi oluprinteka ngeelwimi ezininzi kangaka nolufumaneka lula kwi-Internet?
UPat ohlala eFlorida eUnited States uphawule ukuba kulula gqitha ukufumana uncwadi ngeelwimi zasemzini kule Web site. Ubhala athi: “Emva kokuba sigqibe iphulo lokuhambisa iphecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Eyona Nyaniso? Ndaqalisa ukuprinta eli phecana ngeelwimi zabo balamkela ngesiNgesi kodwa bekwathetha nezinye iilwimi.” Yaphumela entwenini loo nto?
UPat waprintela ibhinqa elinemarike encinane iphecana lolwimi lwaseThailand. Eli bhinqa lavuya gqitha lingayikholelwa into yokuba uPat angakhawuleza alufumane uncwadi lolwimi lwaseThailand. Eli bhinqa kunye nabathengi ababekule marike bafuna igama leWeb site yethu ukuze bazikhangelele kuyo. Elinye lala mabhinqa lacela uPat ukuba aye kulibona emzini walo ukuze baqhubeke nencoko yabo. NjengoPat, abantu abaninzi bancedwa kukuprinta amaphepha ambalwa eelwimi ezahlukahlukeneyo kule Web site ukuze bawanike abantu abanomdla bezinye iintlanga.
Kulo nyaka uphelileyo, bangaphezu kwezigidi ezingama-24 kuwo onke amazwekazi abantu abaye bayivula le Web site. Ukususela kunyaka wama-2007 inani labantu abayivulayo liye landa ngama-33 ekhulwini. Abantu abasehlabathini lonke, kuquka abo bakwiziqithi ezikude baye bacela ukutyelelwa okanye ukuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile emakhayeni abo. Inani lezicelo ezifakwe ngekhompyutha ngowama-2007 liye landa ngama-55 ekhulwini. Ngokwenene, ukukhanya kokomoya kuye kwafikelela nakwezona ndawo zikude emhlabeni, nto leyo edumisa ize izukise uBawo osezulwini.—Mat. 5:16.
Ukongezelela kwiWeb site yethu ethi www.watchtower.org kuye kwenziwa enye ethi www.pr2711.com ukuze abantu bakwazi ukufumana iimpapasho ezisekhompyutheni. Inceda entwenini le Web site?
Baninzi abantu abavakalelwa njengoTrisha waseMissouri, eUnited States. Wathi: “Luba ngathi alusafiki usuku lwangoLwesine.” Yintoni ebangela loo nto? Kaloku ngooLwezine ukhuphela iiMboniselo nooVukani! abarekhodiweyo abakwisite ethi www.pr2711.com. UTrisha ngomnye wamawakawaka abazalwana noodadewethu abasehlabathini abayivula rhoqo le Web site ityebileyo ngokomoya. Bakhuphela amaphephancwadi, iBhayibhile, imidlalo, iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso namaphecana eelwimi ezingama-27. Ziyafumaneka neevidiyo zeNtetho Yezandla yaseMerika ngeenkqubo zokudlala iividiyo ezimbini ezaziwayo.
Ngoobani abasebenzisa le Web site ukuze bakhuphele iimpapasho zethu? Ngabazalwana noodadewethu bokomoya kwakunye nabanye abantu abakumazwe angaphezu kwama-200 kuquka nabo bakwizixeko apho umsebenzi wethu uvalwe khona. Kukho abantu abayivula rhoqo le site abakwiindawo ezifana nePapua New Guinea, iSt. Helena, neAntarctica. Zibanceda njani abazalwana noodadewethu ezi zinto zirekhodiweyo? Ngokomzekelo, eFrench Polynesia ukuthunyelwa koncwadi kudla ngokulibaziseka, nto leyo eyenza ukuba amaphephancwadi ethu afike emva kwexesha. Ekubeni nabavakalisi abahlala kwiziqithi ezikude benayo i-Internet bayakwazi ukuphulaphula amaphephancwadi amatsha kanye ngosuku afakwa ngalo kule site.
UDeborah waseIllinois, eUnited States othwaxwa yimpilo akasakwazi ukuya rhoqo ezintlanganisweni, nto leyo eyenza kube nzima kuye ukuzikhumbula izinto azifundileyo. Ngoku uyakwazi ukukhuphela nokuphulaphula iimpapasho yaye uthi: “Noko ndiyakwazi ukukhumbula izinto endizivileyo ibe kulula ukuncokola ngazo.”
Isibini esitshatileyo esihlala kwidolophana eseTexas, eUnited States siyakwazi ukuqhuba isifundo nomfundi weBhayibhile ovela eSiberia yaye bayakuvuyela ukumkhuphelela amaphephancwadi arekhodiweyo esiRashiya. Umzalwana waseKhalifoniya, eUnited States othanda ukubaleka ekuseni ufaka iintambo ezindlebeni njengoko ephulaphule ukufundwa kwamaphephancwadi ethu.
Veki nganye esinye isibini esitshatileyo esihlala kwidolophana ekumntla New Zealand sikhuphela amanqaku arekhodiweyo ukuze silungiselele iintlanganiso—inqaku elifundwayo leMboniselo, izahluko zencwadi ethi, “Zigcineni Kuthando LukaThixo” nethi Funda Kumfundisi Omkhulu kunye nofundo lweBhayibhile lweveki. Bawaphulaphula iveki yonke la manqaku. Indoda ithi, “Sifumanise ukuba ngoku sithanda ukuthetha ngezinto zokomoya kuneengxaki zasemsebenzini.” Iintsapho ezininzi ehlabathini lonke zenza ngendlela efanayo.
Veki nganye, kukhutshelwa izahluko zofundo lweBhayibhile kangangamawakawaka ezihlandlo—ingakumbi ngooLwezibini. Amanqaku afundwayo eMboniselo akhutshelwa kakhulu ingakumbi ngeMigqibelo nangeeCawa. Ukongezelela, abadala bamabandla banokuprinta iifomu zentlangano nolwandlalo lweentetho kule site. Lilonke, eli lungiselelo longa ixesha, imali nabasebenzi.
‘KUYA KUPHUMELA EKUNIKELWENI KOBUNGQINA’
Nangona amaNgqina kaYehova ezama ukuphila “ubomi bokuzola noboxolo ngozinikelo lobuthixo,” akothuki xa etshutshiswa. (1 Tim. 2:1, 2) UYesu Kristu walumkisa abafundi bakhe ukuba baya kuba zizisulu zokuthiywa, xa wathi: “Abantu baya kunibeka izandla baze banitshutshise, beninikela kwizindlu zesikhungu nasezintolongweni, nirholelwa phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.” Kodwa ke, uYesu wathi isikhuni siya kubuya nomkhwezeli kwabo batshutshisi baziintshaba zonqulo olunyulu. Waprofeta wathi: “Kuya kuphumela ekunikeleni kwenu ubungqina.”—Luka 21:12, 13, 17.
Ngokuvisisana nesi siprofeto sikaYesu, amaNgqina kaYehova aye ajamelana nokuphathwa ngokungekho sikweni kwiindawo ezahlukahlukeneyo. Ukuphumelela kwawo ezinkundleni kuwancede afumana inkululeko esemthethweni, kuquka ilungelo lawo lokushumayela kwindlu ngendlu nokuhlanganisana ukuze anqule ngokukhululekileyo. Nangona lusekho ucelomngeni, siye saphumelela ngokusemthethweni kulo nyaka, nto leyo eye yangqina ukuba umsebenzi wethu ngowonqulo.
EOstriya emva kwemigudu yeminyaka engama-30 yabazalwana bethu, ngoMeyi 2009, iSebe lezeMfundo Ubugcisa Nenkcubeko eOstriya lanika amaNgqina kaYehova elona wonga liphezulu njengeqela lonqulo. Ngoku amaNgqina liqela lonqulo le-14 eOstriya ukufumana eli wonga. Emva kwezi ndaba zimnandi iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yathi ngoJulayi 2008 yagqiba ngezinto ezintathu ezanceda abazalwana bethu baseOstriya, ezibonisa ukuba ayinakuphikiswa mntu into yokuba amaNgqina kaYehova aliqela lonqulo.
EMzantsi Afrika Ngowama-2005 kwafakwa isimangalo nxamnye neSebe Lezemisebenzi kwiNkundla Yezemisebenzi YoMzantsi Afrika ngabameli beWatch Tower Bible and Tract Society of South Africa namalungu Elungiselelo Lehlabathi Lonke Labakhonzi Abakwinkonzo Ekhethekileyo Yexesha Elizeleyo YamaNgqina kaYehova akhonza kwiBheteli yaseMzantsi Afrika. Esi simangalo sasisithi abasebenzi baseBheteli abamele bagqalwe njengabaqeshwa abaphantsi komthetho olawula abasebenzi baseMzantsi Afrika. NgoMatshi 2009, iNkundla Yezemisebenzi yakhupha isigqibo esiqinisekisa le nkalo nesichaza ukuba umsebenzi owenziwa eBheteli ngowonqulo.
EUganda Ngowama-2007 iGunya Elijongene neRhafu eUganda [iUganda Revenue Authority (URA)] lathi amalungu Elungiselelo Lehlabathi Lonke Labakhonzi Abakwinkonzo Ekhethekileyo Yexesha Elizeleyo YamaNgqina kaYehova abasebenza kwiBheteli yaseUganda bangabaqeshwa ngokutsho koMthetho Werhafu waseUganda. Abameli beInternational Bible Students Association (IBSA) bafaka isibheno kwiNkundla Ephakamileyo yaseUganda eKampala nxamnye neURA. NgoJuni 2009, iNkundla Ephakamileyo yakhupha isigqibo esayivuyisayo i-IBSA, esibonisa ukuba abasebenzi baseBheteli eUganda abangobaqeshwa. Inkundla yaphawula ukuba abasebenzi baseBheteli “bafumana inkxaso elinganayo enoba benza wuphi umsebenzi.” Le nkundla yafikelela kwisigqibo sokuba abasebenzi baseBheteli bangamalungu elungiselelo lonqulo afumana ukutya, ikhusi nemali elingene ukunyamekela iimfuno zawo ngoxa esenza umsebenzi wonqulo wokunceda abantu eUganda.
IArmenia Amagunya ayaqhubeka ebamba aze avalele abazalwana bethu abakubudala bokuya emkhosini ngenxa yokwala kwabo okusekelwe kwisazela ukuya emkhosini. NgoAgasti 2009, kwakuvalelwe abazalwana abangama-74. Ekubeni zonke iinkundla zalapho zakhupha isigwebo nxamnye naba bazalwana, kwafakwa izimangalo ezine ezahlukeneyo kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu ngelokufuna isiqabu. Kanti urhulumente walapho uyaqhubeka nokubiza inkuntyula yerhafu kuncwadi lonqulo olufunyanwa ngabazalwana bethu kwamanye amazwe. Enoba oku kubizwa kwenkuntyula yemali ngokungekho sikweni kuyaphela okanye akunjalo, siqinisekile ukuba abazalwana bethu baya kuqhubeka besondliwa ngokomoya.—Isa. 65:13.
EAzerbaijan Abazalwana bethu bajamelene nokuphelelwa yinkululeko yabo yonqulo ngokuthe ngcembe. Kuya kusiba nzima ukuba bafumane uncwadi yaye akulula ukuba bahlanganisane ukuze banqule. Nangona bekhuselwe ngumthetho eBaku, elikomkhulu, ukungabhaliswa kwezinye izixeko kuye kwakhokelela ekubeni amapolisa asoloko engena ngokungekho mthethweni kwimizi yabo xa behlanganisene baze emva koko bavalelwe kangangeeyure ezininzi kwizikhululo zamapolisa. Le nto yenzeka nakuba umthetho walapho ungafuni ukuba abanquli babhalise ukuze bahlanganisane emakhayeni abantu. NgoAprili 9, 2009 abazalwana bethu babhalisa kurhulumente waseAzerbaijan. Sinethemba lokuba oku kubhalisa kuya kuphelisa iingxaki ezifunyanwa ngabazalwana bethu.
E-Egypt Kwisithuba seminyaka emithathu, abazalwana baseEgypt nabaseBelgium, eItali naseUnited States baye bahlanganisana namagunya ase-Egypt ukuze bafumane imvume esemthethweni yokwenza umsebenzi wethu. Oko kuphumele ekubeni, amagunya anike abazalwana bethu base-Egypt imvume yokuhlanganisana eluxolweni kumakhaya abo bengamaqela angama-30. Sekunjalo, amanye amalungu karhulumente asaqhubeka ebaphatha kakubi abazalwana bethu. Amagunya Okhuseleko lweLizwe asoloko ebabek’ esweni abazalwana bethu yaye maxa wambi ayabancina aze asongele amalungu ebandla. Ukongezelela, ekuthetheni ngokuthe ngqo namagunya, abazalwana bethu benza imigudu yokufumana igunya elisemthethweni ezinkundleni.
E-Eritrea Engawakhathalele ngokupheleleyo amalungelo abantu asisiseko, amagunya abamba amalungu angama-23 ebandla elinye abanjwa ngoJuni 28, 2009, phakathi kwawo kukho oodade abasele bekhulile nabantwana abathathu abasusela kwiminyaka emibini ukuya kwemine ubudala. Nangona bakhululwayo aba dade bakhulileyo, abantwana bona basesentolongweni kunye noonina; ooyise bona babanjwa kudala. Loo nto ithetha ukuba, zonke iintsapho zisentolongweni. Oku kubangela ukuba abazalwana noodadewethu abasentolongweni babengama-64, ibe baquka abazalwana abathathu abebesentolongweni ukususela ngowe-1994 ngenxa yokungathabathi cala kwezomkhosi yaye abaxelelwa ngemithetho ekutyholwa ukuba bayaphule.
EIndiya Kule minyaka imbalwa idluleyo, amaNgqina kaYehova aye azizisulu zokuhlaselwa ngamahlokondiba xa eshumayela esidlangalaleni. Kanti aye anyamezela ukuthukwa nokubethwa, asongelwa ngokuvalelwa ezintolongweni aza atshiselwa uncwadi lwawo. Amaxesha amaninzi bathi emva kokuba bebethiwe, abazalwana bethu babanjwe bavalelwe ezintolongweni baze batshutshiswe njengezaphuli-mthetho. Amahlokondiba anomsindo aphembelela amagunya alapho ukuba aphathe kakubi abazalwana bethu ngokuxoka ngabo esithi baphula imithetho yasekuhlaleni.
Ngokomzekelo ngoDisemba 2008, amaNgqina kaYehova amathathu (umama, intombi yakhe, nomzukulwana wakhe oneminyaka elishumi ubudala) eKundapura, eKarnataka, abuyela kwelinye ibhinqa elalinomdla wokufunda iBhayibhile kwiLali yaseKoni. Kamva, amadoda amahlanu okanye amathandathu awabamba ngenkani la maNgqina mathathu awasa kwisikhululo samapolisa salapho. Kwathi wayi wayi ihlokondiba, ibe amapolisa atyhola aba dade ngokungena kulo lali ngokungekho mthethweni, bekhuthaza ukwahlukana phakathi kwabahlali yaye benyelisa olunye unqulo. Ekugqibeleni akhululwa agoduka la maNgqina. Abazalwana noodadewethu abakule meko bayancedwa ngokusemthethweni.
EMoldova Abazalwana bethu baseTransnistria engummandla waseMoldova, ongagqalwa ngokusemthethweni lihlabathi, basaqhubeka benenzondelelo ngomsebenzi woBukumkani nangona sele benethuba elimalunga neminyaka eli-12 besesichengeni sokuvalwa umlomo okanye bapheliswe. Nakuba bebenocelomngeni olungaka, uYehova uye wabasikelela aba bazalwana yaye baye baphumelela ngomlinganiselo othile ekukhuseleni umsebenzi woBukumkani ezinkundleni. Nantsi imizekelo emithathu: Umfundisi weCawa yamaOthodoki owathuka waza wahlasela oodadewethu ababini ngoxa babeshumayela kwilali yaseOrdăşei, wabekwa ityala waza wadliwa, inkundla yesixeko yaseTiraspol yakhupha isigwebo esivuyisayo kwimigudu yabazalwana yokubhalisa apho, yaye kwakhutshwa isigwebo nxamnye neRîbniţa City Tax Inspectorate ngenxa yokutsala irhafu ngokungekho mthethweni ekutyeni okwakulungiselelwe amatsha-ntliziyo awayencedisa ekwakheni iHolo yoBukumkani.
EKazakhstan IOfisi Yomtshutshisi Woluntu kwiRiphabliki yaseKazakhstan yaphehla uqhankqalazo olwakhokelela kwisigwebo esavuyisa abazalwana bethu. Ngaphambilana, inkundla yaseKyzylorda, eyaseShymkent neyaseSaryagash zagunyazisa ukuba umsebenzi wethu wonqulo uvalwe kangangeenyanga ezintandathu. Noko ke, ngenxa yezigunyaziso ezakhutshwa ngoNovemba 2008, saphinda safumana inkululeko yethu yonqulo kuMmandla waseKyzylorda, eShymkent nakuwo wonke ummandla osemazantsi eKazakhstan. Ngaphezu koko, ngoDisemba 2008, emva kweminyaka esixhenxe engawavumeli, urhulumente wasekuhlaleni, inkundla yesixeko saseAtyraū, yathi amaNgqina kaYehova anelungelo lokubhalisa ngokusemthethweni kweso sixeko.
ERashiya Kulo nyaka wenkonzo udluleyo, iZiko lethu Lolawulo liye laphandwa ngokuphindaphindiweyo ngumtshutshisi nangamanye amagunya kaRhulumente ngenjongo ecacileyo yokuvala ngokungekho mthethweni umsebenzi wethu wonqulo. Abazalwana noodadewethu bayakhathazwa baze baphandwe ngaphandle kwesizathu. Kwesinye isiganeko, omnye udade owayekhulelwe waphunyelwa sisisu emva kokuba amapolisa engene ngokungekho mthethweni kwintlanganiso yonqulo. Omnye umfana oneminyaka eli-15 ubudala owayekuloo ntlanganiso, wabanjwa ngokungekho mthethweni. Amagunya ezotshutshiso asebenzisa uMthetho Welizwe Onxamnye Nenzondelelo Yempambano njengesizathu sokuvala amabandla ethu aliqela nokusasazwa koncwadi lwethu. Ezi zityholo zingenasihlahla zokuba sinenzondelelo yempambano ziye zakhokelela ekubeni sivalelwe inkululeko yethu yonqulo ngurhulumente, kuquka ukubanjwa ngaphandle kwesizathu, ukugxothwa nokungavunyelwa kwamagqwetha amaNgqina kaYehova awayencedisa ekulweni ezi zityholo zobuxoki ukuba angene. Omnye waba bazalwana wavalelwa esiseleni eMoscow kangangeeyure ezingama-23.
Amagunya eNkonzo Yelizwe Yezokhuselo aye aphazamisa izivumelwano zokuqeshwa kweendawo zokuqhuba iintlanganiso neendibano, nto leyo ebangele ukuba ezo zivumelwano zicinywe. Kanti abasemagunyeni baye baphazamisa ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezintsha. Ukungaphathwa kakuhle kwamaNgqina kuquka ukungcungcuthekiswa ngoxa egcinwe ngamapolisa nokuthi ngobuqhetseba atyatyekwe izityholo zolwaphulo-mthetho.
KuMzantsi Korea NgoJuni 16, 2008, urhulumente wakuMzantsi Korea warhoxa kwisaziso awasenzayo ngoMeyi 7, 2008, sokuvumela abo bangavunyelwayo zizazela zabo ukuya emkhosini ukuba benze enye inkonzo yoluntu. Wathi, “le nto yokuba abantu bangayi emkhosini kuba besalelwa zizazela iye yafuna ukuphandwa nzulu kwaza kwaqulunqwa into ekuza kuvunyelwana kuyo ngabona bantu baninzi.” Nanamhl’ oku, iPalamente yaseKorea ayikabeki mthetho uyalela ukuba kwenziwe enye inkonzo endaweni yomkhosi. Abazalwana balindele izigqibo ezivela kwiKomiti Yamalungelo Abantu YeZizwe Ezimanyeneyo, eye yakhupha isigqibo esivuyisayo kwizicelo ezibini. NgoJanuwari 2009, iKomishoni eyasekwa nguMongameli eyayiphanda ngokufa kwamajoni yafumanisa ukuba ngurhulumente waseKorea owabulala ngokungenalusini amaNgqina kaYehova amahlanu awathunyelwa inkani emkhosini ukususela ngeminyaka yee-1970 ukuza kuthi ga phakathi kwiminyaka yee-1980. Le yingxelo yokuqala ukuvuma ukuba uRhulumente unetyala lokufa kwabantu ngokungenalusini emkhosini.
ETajikistan IReligious Association of Jehovah’s Witnesses ivalwe umlomo ngowama-2007 yaye eJamani uncwadi lwethu lwahluthwa ngamagosa ahlola izinto ezingena elizweni. Kwafakwa isibheno kwinkundla yomkhosi, yaye ngoSeptemba 2008, sakhatywa. Kwaphinda kwafakwa esinye isibheno kwiMilitary Collegium of the Supreme Court, eyathi nayo yasikhaba eso sibheno. Ezi zigwebo zithetha ukuba ukuvalwa nokuhluthwa koncwadi kusemthethweni. Kwenziwa imigudu yokunceda abazalwana bethu.
ETurkey Abazalwana balapho bajamelene nocelomngeni ngokuphathelele inkonzo yasemkhosini. Omnye umzalwana ebevalelwe entolongweni kangangeminyaka emibini ngenxa yokungakuvumi oku. Abazalwana abaninzi abakubudala bokuya emkhosini bayaqhubeka besongelwa ngokuphelelwa ngumsebenzi, ukudliwa imali nokuvalelwa entolongweni. NgoMatshi 2009, abazalwana bachazelwa ukuba iKomiti Yamalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo sele iqalile ukuphanda izikhalazo ezibini ezafakwa ngabameli bamaNgqina.
Ukongezelela, ngoMeyi 2009, iNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu yagqiba kwelokuba idibanise izikhalazo ezithathu ezazingekachotshelwa ukuze iqalise ukuphanda enoba amalungelo abazalwana bethu abathandathu akakhange aphazanyiswe kusini na—abane kwaba bazalwana babesele besentolongweni. Abakhonzi bakaYehova bawubulela gqitha umdla oboniswe ngala maqela omthetho yaye banethemba lokuba sikho noko isiqabu esizayo.
EUzbekistan Imeko yezomthetho yabakhonzi bakaYehova iya isiba mandundu, kuba abazalwana bethu apho baya besiba zizisulu zentshutshiso ephehlwa nguRhulumente. Omnye ubawo otshatileyo onoonyana ababini wakhululwa entolongweni ngoMeyi 14, 2009, esakuba egqibe isigwebo seminyaka emibini ngenxa yokufundisa abantu ngonqulo. Ngosuku olulandelayo, wathunyelwa eTajikistan, lizwe elo angummi walo. Abanye abazalwana abathathu baseseluvalelweni ngenxa yokuqulunqa “umsebenzi wonqulo ongekho mthethweni.” Amagqwetha aba bazalwana bathathu alungiselela ukuphinda abhene kwiNkundla Ephakamileyo yaseUzbekistan. Abazalwana balapho nabanye abavela kwamanye amazwe baye baba neentlanganiso eziliqela neKomiti YeLizwe yaseUzbekistan Yemiba Yonqulo nabameli bayo ngeenzame zokusombulula le miba.
INKUNDLA YASEYUROPHU YAMALUNGELO ABANTU
AmaNgqina kaYehova aseArmenia, eAzerbaijan, eCyprus, eFransi, eGeorgia, eOstriya, eRashiya, eSerbia, naseTurkey anezicelo ezingama-22 ezingekachotshelwa kwiNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu eStrasbourg, eFransi. Ezi zicelo zityhila ukungahlonelwa kwamalungelo abantu afanele afunyanwe ngabo bonke abemi abaphantsi kweEuropean Convention on Human Rights. Ezisithoba kwezi zicelo ziquka ilungelo lokungavumi ukuya emkhosini, ezisixhenxe ziphathelele ukutshutshiswa nokucalulwa ngenxa yonqulo lwawo, ezine zibandakanya ukucinywa okanye ukuvalwa kwenkampani esemthethweni esetyenziswa ngamaNgqina kaYehova ukuze alungelelanise umsebenzi, yaye ezibini zikhalazela ukuphazamisana kukarhulumente nelungelo lokuhlanganisana eluxolweni ukuze anqule.
NgoJuni 17, 2008, iECHR yazisabela izicelo ezafakwa yiAssociation Les Témoins de Jéhovah (iATJ) nxamnye norhulumente waseFransi. Esi sicelo sithetha ngerhafu eyatsalwa ngenxa yekhethe kuyo yonke iminikelo yonqulo efunyenwe yiATJ ukususela ngowe-1993 ukuya kutsho ngowe-1996. INkundla yaphakamisa eminye imibuzo ngokuba akunakwenzeka kusini na ukuba kwaphulwe iGatya 9 loMthetho WaseYurophu ophathelele inkululeko yonqulo. AmaNgqina kaYehova aseFransi nakwamanye amazwe kwiBhunga laseYurophu sele elindele ukubona enoba iNkundla iza kuzamkela kusini na iziphumo zezi zicelo.
Ngoxa uSathana ezama ukuphazamisa unqulo lwenyaniso ‘ngokuyila inkathazo ngommiselo,’ abakhonzi bakaYehova baqhubeka ‘beqinile elukholweni, besazi ukuba behlelwa kwaziimbandezelo ezifanayo nabazalwana babo bonke ehlabathini.’ Ngamana bonke abanquli bokwenyaniso bangaqhubeka beqinile nxamnye noSathana baze baphose lonke ixhala labo kuThixo onabo bonke ububele obungasifanelanga, besazi ukuba ubakhathalele yaye uya kubomeleza.—INdu. 94:20; 1 Pet. 5:7-11.
‘UKUFANELEKELA UKUFUNDISA ABANYE’
Ukususela kwasekusekweni kwebandla lamaKristu, bekuqeqeshwa abantu. Umpostile uPawulos wathi kuTimoti: ‘ezi zinto zidlulisele kubantu abathembekileyo, abakufanelekeleyo ukufundisa abanye.’ (2 Tim. 2:2) Nakula maxesha, intlangano kaYehova inocwangciso lokuqeqesha abantu. Ngokomzekelo, ukususela ngowama-2008, abadala abangama-6 528 abakwintsimi engaphantsi kwesebe laseUnited States—kuquka iAlaska, iBermuda, neSiqithi saseTurkey kwakunye nezaseCaicos—baye baya kwiZikolo Zabadala Bamabandla ezingama-70 kwiZiko Lemfundo LeWatchtower ePatterson, eNew York.
Esi sikolo seveki nesinenkcazelo sigubungela iinkalo ezahlukahlukeneyo zobomi babadala, sibanceda ukuba bakhokele kumsebenzi wokushumayela baze babe ngamachule okufundisa emabandleni. (2 Tim. 4:5; 1 Pet. 5:2, 3) Kanti esi sikolo sibakhuthaza ukuba baqhubeke besondla bona neentsapho zabo ngokomoya, size sibaqeqeshele ukuba ‘baliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ (2 Tim. 2:15) Nanga amanye amazwi ombulelo avela kubadala abebeye kwesi sikolo.
“Ukuthobeka kwabazalwana abebesifundisa kusibonise indlela esimele sibaphathe ngayo abazalwana abasebandleni. Andazi nokuba mandiqale ngaphi ukubulela iQumrhu Elilawulayo. Le mfundo ibililungelo elingathethekiyo endakha ndalifumana kuyo yonke le minyaka ndisenyanisweni.”
“UThixo wethu uYehova uyayazi into esiyifunayo nexesha amakasinike ngalo. Ndihlaziyekile elukholweni yaye ndiziva ndomelele ngokomoya. La mava aye andinceda ndakuqonda kakuhle oko uYehova akwenzileyo ngenxalenye ebonakalayo yentlangano yakhe nokubona indlela abanyamekela ngayo bonke abantu bakhe.”
“Besichukumisa gqitha esi sikolo. Njengoko bendifunda kwesi sikolo, bendiya ndibona ukuba andazi nto. Ndiye ndafunda ukuluxabisa ngakumbi ufundisiso lobuqu nesizathu sokuba ndimele ndisebenzise yonke into endiyifundileyo.”
“Le mfundo iye yandinceda ndakwazi ukunyamekela intsapho yam nebandla ndinengqondo kaKristu. (1 Kor. 2:16) Iye yandinceda ndabona uhlobo lomntu endinguye.”
“Le veki yokufundiswa ngabantu bakaYehova iyodlula lee imfundo yaseyunivesithi.”
“Besihlaziya ngokwenene esi sikolo! Siye sandomeleza ukuba ndiqhubeke ndimkhonza uYehova, ndizincame ndize ndibahlaziye abazalwana noodadewethu. (Isa. 32:2) Ndibamba ngazibini, Yehova!”
“Esi sikolo sisibonise uthando lukaYehova. Besifana notyelelo lokwaluswa nguye.”
“Ndiyambulela uYehova ngeli lungelo lokufunda indlela yokuphumeza isabelo sam ngendlela ezukisa nedumisa yena.”
Ngexesha elifanelekileyo iQumrhu Elilawulayo liza kwazisa amalungiselelo awenziweyo okuba abadala abakwezinye iindawo bafumane le mfundo ifike ngexesha elifanelekileyo.
UKUNIKEZELWA KWESEBE KUBANGELA UVUYO
NgoJanuwari 24, 2009, uSamuel Herd weQumrhu Elilawulayo ebesisithethi esityeleleyo xa bekunikezelwa isebe elitsha laseTanzania, eMpuma Afrika. Kwiminyaka engama-25 eyadlulayo, eli sebe laqala linesakhiwo esinamagumbi amathathu sezitena zomlotha esasibizwa ngawo onke amaNgqina aseTanzania ngokuba yiHouse Number 46, Magomeni Quarters. Uninzi lweendwendwe ezinemincili ezingama-779 ezivela kumazwe angama-22 zazizibambe ngeenkophe iinyembezi njengoko zazibalisa ngenkqubela eyenziwe emsebenzini ukususela oko wavulwayo umsebenzi ngowe-1987. Elinye igqala lathi: “NguYehova kuphela onokwenza loo nto kweli lizwe.” Ngoku kukho inkqubela kumsebenzi wokushumayela, yaye abavakalisi abangaphezu kwe-14 000 banemincili, babulela uYehova yaye baculela igama lakhe.—INdu. 92:1, 4.
NgoMgqibelo, Meyi 2, 2009 abazalwana noodade abamalunga nama-600 abavela kumazwe angama-31 bebekho kwintetho eyayinikelwa nguTheodore Jaracz weQumrhu Elilawulayo kwisebe laseNetherlands. Kongezelelwa indawo yokuhlala kwisakhiwo esasakhiwe ngowe-1983, yaye iindawo ezazisetyenziselwa ukushicilela amaphephancwadi zatshintshwa zaba ziiofisi nendawo yokurekhoda iRegional Audio Video Center (iRAVC). IRAVC inceda ekuveliseni iiCD neeDVD ngeelwimi ezingama-24 yaye uninzi lwazo luthethwa eYurophu. Ukongezelela, iRAVC ixhasa ukuveliswa kweevidiyo ngeentetho zezandla ezahlukahlukeneyo ezingama-20. Lo msebenzi uquka ukulawula imveliso yeeCD eYurophu, eAfrika naseOceania neeDVD ehlabathini lonke. Isebe laseNetherlands likwathenga lize lithumele izinto ezifunwa ngamanye amasebe asehlabathini yaye izakhiwo ezihlaziyiweyo ziwufanele lo msebenzi.
“ZIGCINENI KUTHANDO LUKATHIXO”
Eneneni sinezizathu ezininzi zokuvuya. Sisikeleleke ngokwenene kuba siphila kula maxesha abangela imincili! Ngokwenene, njengoko kwaprofetwayo, ‘imihla yokugqibela ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Tim. 3:1) Kodwa njengoko intlangulo sele isondele kangaka, kubalulekile ukuba ngamnye wethu azimisele ukuthobela esi sibongozo sikaYude singxamisekileyo: “Nina, zintanda, ngokuzakha kolwenu ukholo olulolona lungcwele, nokuthandaza ninomoya oyingcwele, zigcineni kuthando lukaThixo, ngoxa nilindele inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu nikhangele kubomi obungunaphakade.”—Yude 20, 21.
[Igrafu ekwiphepha 13]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ABANTU ABAYIVULA MIHLA LE isite ethi www.watchtower.org
70,000
50,000
30,000
10,000
1999 2001 2003 2005 2007 2009
[Imaphu ekwiphepha 21]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Iindawo Ebezisandul’ Ukuthabatha Amanyathelo Omthetho
AUSTRIA
RUSSIA
MOLDOVA
ARMENIA
TURKEY
AZERBAIJAN
EGYPT
ERITREA
UGANDA
SOUTH AFRICA
KAZAKHSTAN
UZBEKISTAN
TAJIKISTAN
INDIA
SOUTH KOREA
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Nabavakalisi abaselula bayakuthanda ukuqalisa izifundo zeBhayibhile
[Imifanekiso ekwiphepha 27]
ISikolo Sabadala Bamabandla sibanceda ukuba bawenze kakuhle umsebenzi wabo wobuthixo
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
UMzalwan’ uJaracz unikezela isebe laseNetherlands
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
UMzalwan’ uHerd unikezela isebe laseTanzania