Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
IZIGANEKO zonyaka odluleyo zibubungqina obubhekele phaya bokuba singene zwabha ‘kwimihla yokugqibela,’ echazwa liLizwi likaThixo ngokuba ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Tim. 3:1) Noko ke, njengokuba le mihla iya isiba mandundu, kubonakala nakuthathatha ukuba uYehova uyabasikelela abakhonzi bakhe emhlabeni wonke. Enoba amaNgqina kaYehova ajamelene neentlekele zemvelo, ulwaphulo-mthetho nobundlobongela, ukugula, ukuxinezeleka, ukwaluphala, inkcaso okanye intiyo, ngoncedo lwamandla kaYehova ayaqhubeka ‘elubaleka ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwawo.’—Heb. 12:1.
“ISIPHELO SONQULO LOBUXOKI SISEMNYANGO!”
Ngo-Oktobha nangoNovemba 2006, amaNgqina kaYehova mbombo zone zomhlaba aye enza okuthe chatha kumsebenzi wawo wokushumayela ngokusasaza iKingdom News No. 37 enomxholo othi “Isiphelo Sonqulo Lobuxoki Sisemnyango!” Yaba njani intsabelo kwesi sigidimi sihlab’ umxhelo?
Enye indoda yaseSweden eyayikruqukile luhanahaniso lonqulo lobuxoki yathi: “Litsho kanye emxholweni!” Njengale ndoda abantu abaninzi baye baqalisa izifundo zeBhayibhile ngenxa yokusasazwa kweKingdom News.
ENepal
UDil, ohlala eKathmandu wanika enye indoda ehamba icawa iKingdom News neyayishiywe ngumfazi wayo iinyanga ezimbini ngenxa yengxaki yayo yokunxila. UDil, nomyeni wakhe uBuddha, babuyela ukuze baxubushe leKingdom News, le ndoda yathi yayingayithandi indlela ababeziphethe ngayo abanye abantu abahamba icawa yaye oko kwakuthethwa ngamaNgqina kaYehova kwakwahlukile kwizinto ezithethwa ecaweni. Lo mzalwana wafundela le ndoda incwadi yeSityhilelo 18:2-4 waza wabethelela ukubaluleka kokuphuma ‘kwiBhabhiloni Enkulu.’ Kutyelelo lwesithathu baqalisa isifundo kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 13. Kutyelelo lwesihlanu, uDil nomyeni wakhe badibana nomfazi wale ndoda sele ebuyele emzini wakhe. Wayesazi ngamaNgqina yaye esithanda isigidimi sethu. Kutyelelo lwesixhenxe, bobabini, indoda nomfazi baqhutyelwa isifundo kwincwadana enemifanekiso. Lo mfazi wathi “Umyeni wam akasabuphathi utywala ngoku.”
EBrazil
Umqhubi weteksi esisithuthuthu wanikela ubungqina obungakumbi ngeKingdom News ngokulinamathisela ngasemva kwibhatyi awayeyinxiba iintsuku eziliqela. Ngaloo ndlela abantu abakhwele kwiteksi yakhe babelibona.
Abanye oodade ababini baseBrazil bothuka baphants’ ukufa bakubona umbhalo othi komnye umzi: “Ungangena ukuba uyathanda, kodwa ungacingi ukuba uza kuphuma apha usaphila.” Besoyika, babuza abanye abazalwana ukuba bathini. Aba bazalwana bagqiba kwelokuba kuye bona. Emva kokuthandazela ulwalathiso lukaYehova, aba bazalwana baqhwab’ izandla bechaza ukuba sele befikile. Umninimzi, olipolisa ngokuthobeka wayamkela iKingdom News. Wachaza ukuba wayelungisa indlu yakhe yaye enezinto ezininzi zokwakha ezazilapho kwakhe. Ngoko ke, wabeka lo mbhalo ukuze agxothe amatutu. Xa abavakalisi babuyela kuye wasamkela isifundo seBhayibhile.
EMongolia
UTsetsegmaa wazama izihlandlo eziliqela ukushumayela kudadewabo omdala. Nakuba udadewabo wayekhe aye kwiintlanganiso izihlandlo ezimbalwa waya nakwiSikhumbuzo iminyaka emibini ilandelelana, wayengenamdla kangako yaye engafuni ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Xa wabona iKingdom News No. 37 endlwini kaTsetsegmaa waba nomdla. Emva koko baxubusha iiyure ezimbini yaye uTsetsegmaa wayiphendula imibuzo yakhe emininzi awayenayo ngeBhayibhile. Engakukholelwa oko wayekuvile udadewabo waba nomdla wokwazi okungakumbi yaye ngoku uqhutyelwa isifundo seBhayibhile.
EGeorgia
AmaNgqina anika iKingdom News elinye ibhinqa elabuza enoba liphecana lonqulo kusini na. La maNgqina avuma laza eli bhinqa lalithabatha eli phecana lisithi liza kulifunda. Xa amaNgqina abuyelayo, eli bhinqa labuza enoba liye lakhohliswa na yiCawa yobuOthodoki. Lalikhathazwa yimeko yehlabathi nokonakala kwendlela oluziphethe ngayo ulutsha. Lathi aliboni ngasonye nabantwana balo. AmaNgqina alibonisa eyesi-2 kuTimoti 3:1-5, eli bhinqa lamkela incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Njengokuba lalisithi ndlela-ntle kula maNgqina lathi: “Ndiqinisekile ngoku ukuba unqulo lwenu lolokwenyaniso. Ndimele ndiyincome indlela ulutsha lwenu olunxiba ngayo nendlela oluziphethe kakuhle ngayo.” Sithetha nje eli bhinqa liyakuthanda ukufunda amaphephancwadi ethu.
EBangladesh
URichel oneminyaka eli-19 ubudala uye wasasaza iphecana elithi Kingdom News No. 37 kwintsimi engazange isetyenzwe. Nakuba le ntsimi ikude nendawo ahlala kuyo, uRichel wavakalelwa kukuba umele aye kuba yayiliphulo elikhethekileyo. Kwindlu yesibini wadibana namantombazana amabini azibiza ngokuba ngamaKristu nawayesandul’ ukuswelekelwa nguyise kwiinyanga nje ezimbini ngaphambi koko. Ambuza lo mbuzo: “Kutheni uThixo evumele oko kwenzeke kuthi?” URichel wawaphendula ngeBhayibhile yaye la mantombazana ayamkela iKingdom News, esithi, “Uthunywe nguThixo ukuba uze kwikhaya lethu.” Eyibona indlela ayilambela ngayo inyaniso uRichel wacela ukuwaqhubela isifundo seBhayibhile yaye la mantombazana asamkela ngoko nangoko. Bazizifundo eziqhuba kakuhle yaye banemibuzo emininzi. URichel kufuneka aphande kakhulu, kodwa uyakunandipha ukufundisa abo balambele inyaniso.
EArmenia
UEliza onguvulindlela othe ngxi, ngenye imini wafowunelwa nguLilit isifundo sakhe sangaphambili. ULilit wathi, “Kuza kufuneka uyeke yonk’ into obuza kuyenza ngomso uze apha kwam siqalise isifundo sethu kwakhona.” Waba yintoni umphumo? Xa uLilit wayeqalisa ukufunda namaNgqina umnyeni wakhe wathi: “Kuza kufuneka ukhethe phakathi kwam noYehova.” Wayeka ke naye ukufunda. Ngoku kusemva kweminyaka emibini, yaye ufumene iKingdom News No. 37 xa ebesolula imilenze nabantwana bakhe epakini. Oku kwaphinda kwavuselela umdla wakhe yaye ngenkalipho wathi kumyeni wakhe, “Kusenokwenzeka ukuba ukuphila iminyaka engama-50 ungabikwa hlaba uze ufe emva koko kwanele kuwe, kodwa mna ndifuna okungapha koko.” Wachazela umyeni wakhe ukuba isifundo seBhayibhile siza kulungisa amakhwiniba kubuntu bakhe, nomyeni wayeka ukumchasa. Ngoku unandipha isifundo seBhayibhile yaye umyeni wakhe ubek’ iliso ebantwaneni ngoxa yena efunda.
ECambodia
Ebudeni beli phulo likhethekileyo umvangeli wasemazweni uHugues wancokola nendoda eliSilamsi. Xa yafunda iKingdom News, le ndoda yavuma ukuba unqulo alumele lube nenxaxheba kwiimfazwe. Nayo phofu yayiphoxwe lunqulo lwayo, ikwathi luye lwazenzela igama elibi ngenxa yokwenza izinto ezingatshongokhona. UHugues wayifunda iNdumiso 46:9 eyibonisa ukuba uThixo uthembisa ihlabathi elingenazimfazwe. Kwiveki eyalandelayo uHugues wayibonisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Le ndoda ngoku iyayithanda iBhayibhile yaye iqhutyelwa isifundo seBhayibhile rhoqo.
ERashiya
Omnye umfundisi wobuOthodoki uthe kwabanye oodade akugqiba ukwamkela iKingdom News “Ndiyazi ukuba nina nilunqulo lokwenyaniso yaye uThixo wenu uYehova uza kutshabalalisa lonke unqulo lobuxoki ashiye olwenu.” Wachazela aba dade ngemfundiso yamNgqina yokuphila ezulwini nokuphila kwiparadesi esemhlabeni. Aba dade babuza ukuba uhleleleni kunqulo aziyo ukuba luza kutshatyalaliswa. Le ndedeba yathi: “Kaloku sisonka sam esi. Ndinamagumbi amathathu aqeshwayo neemoto ezine. Andinakukwazi ukuzishiya ezo zinto.”
IPHULO ELIKHETHEKILEYO LOKUSASAZA IZIMEMO ZESIKHUMBUZO
NgoMvulo, ka-Aprili 2, 2007, amaNgqina kaYehova aye avakalisa ububele obungasifanelanga bukaThixo nothando lwakhe ngokukhumbula iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Ukulungiselela esi siganeko sibalulekileyo kuye kwasasazwa izimemo ezikhethekileyo ehlabathini lonke ukususela ngoMatshi 17 ukusa kuAprili 2. Abafundi abaninzi beBhayibhile nabantwana baye basebenzisa eli thuba ukwenza okungakumbi kubulungiseleli ngokuba ngabavakalisi beendaba ezilungileyo.
EUnited States
Kangangeeyure ezimbini ngobusuku besikhumbuzo, umzalwana owayesebenzi kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York, ebephendula ifowuni emva kwenye zivela kubantu abafuna ukwazi ukuba bangaya kwesiphi na iSikhumbuzo. Uninzi lwezo fowuni lwaluphendula isimemo sokuya eSikhumbuzweni. Elinye ibhinqa lathi: “Ndisandul’ ukungena yaye ndifumene esi simemo senu ngesi siganeko sale ngokuhlwa yanamhlanje. Ndiyafuna ukuya kodwa andiqinisekanga ngexesha.”
UJacquelin oneminyaka eli-16 ubudala wanika utitshala wakhe isimemo seSikhumbuzo waza wamxelela ukubaluleka kwesi siganeko. Wamangaliswa kukubona utitshala wakhe ezile. Olo cwangciso lwaqhutyelwa kwiHolo YeNdibano YamaNgqina KaYehova, yaye uJacquelin wakhenkethisa utitshala wakhe kwezo zakhiwo. Wamangaliswa lo titshala kukubona indlela eyayicoceke neyayilungelelene ngayo yaye ngokukhethekileyo yammangalisa into yokuba ezo zakhiwo zazakhiwe ngamatsha-ntliziyo. Emva kokuba echaze indlela akunandiphe ngayo ukuphulaphula intetho, lo titshala wabuza, “Ndingasifumana njani esa sifundo seBhayibhile besichazwe sisithethi?” UJacquelin waphendula ngovuyo, “Nam ndingayenza loo nto!” UJacquelin uqhuba isifundo notitshala wakhe rhoqo ngeMivulo xa kuphuma isikolo.
EMzantsi Afrika
Ibandla elinabavakalisi abalithoba lamangaliswa kukuba liye lafumana isimemo esinye seSikhumbuzo kunezingama-500 elaliziode esebeni. Lafumanisa ukuba iposi ayikhange yazi ukuba ibhokisi ithunyelwe bani na ngenxa yokuba iphetshana ekubhalwa kuyo idilesi lalisukile. Iposi yavula le bhokisi izama ukhangela ukuba umntu wayo akanakufumaneka kusini na. Xa babona ezo zimemo baqonda ukuba kufuneka zinikwe wonk’ umntu, ngoko ke abasebenzi baseposini bafaka izimemo kuzo zonke iibhokisi zeposi, ngaloo ndlela besasaza ezo zimemo zonke ngokwabo. Abazalwana bakwazi oku xa bafumana isimemo esinye kungekhona isixa abasidolileyo kwibhokisi yabo yeposi. Lavuyiswa ngokwenene eli bandla ukuba nabantu abangama-42 ababeze esikhumbuzweni, uninzi lwabo beze nezimemo zabo abazifumene kwiibhokisi zeposi!
EItali
UPatrizia wanika uGabriella isifundo sakhe seBhayibhile isimemo seSikhumbuzo waza wamchazela ukubaluleka kweso siganeko. Unyaka kaGabriella oneminyaka emihlanu, uMattia, wayephulaphule njengokuba kuthethwa waza naye wacela isimemo esicelela utitshalakazi wakhe. Kusuku olwalandelayo, uMattia wanika utitshalakazi wakhe eso simemo emcacisela ukubaluleka kwesi siganeko nokuba ukhangele phambili ekumboneni kuso. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, kwintlanganiso yootitshala nabazali, utitshalakazi kaMattia wachazela uGabriella ukuba uchukunyiswe lukholo lonyana wakhe yaye ugqibe kwelokuba uza kubakho kwiSikhumbuzo. Wahamba noGabriella noMattia ukuya eSikhumbuzweni. Utitshalakazi wayephulaphule ngenyameko kuloo ntetho yaye wamangaliswa yindlela abantwana ababezole ngayo. Emva koko wathi uyasiqonda isizathu sokuba uMattia athi eso yayisisiganeko esibalulekileyo. Ukususela ngoko, uMattia unike utitshalakazi wakhe incwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile ukuba ayinike unyana wakhe, uGabriella noPatrizia baye balungiselela ukuba batyelele lo titshalakazi.
EMexico
Omnye umdala washumayela kumfundisi waseRhabe waza wammemela eSikhumbuzweni. Lo mfundisi wasamkela eso simemo waza wacela nezinye izimemo ukuze anike amarhamente akhe. Abazalwana bavuyiswa kukubona lo mfundisi namarhamente angama-40 ecawa yakhe beze nezimemo zabo. Lo mfundisi uthi baninzi abafuna ukuza kodwa bacinge ukuba xa bengenazo izimemo abasayi kuvunyelwa ukuba bangene. Abavakalisi abali-11 kweli bandla bachulumanca bakubona abali-191 beze eSikhumbuzweni!
EOstreliya
Omnye umfana ofunda iBhayibhile namaNgqina uxelele abantu kwindawo yokwenza umthambo ngezinto azifunda eBhayibhileni. Omnye waba libhinqa elamkela isimemo sokuya eSikhumbuzweni. Liselula, eli bhinqa lakha leva kuculwa kwiHolo YoBukumkani yaye lacela kubazali balo ukuba linokuya na kuyo, kodwa abazali bazalel’ endle besithi lingakhe lilinge lizidibanise namaNgqina kaYehova. Lalidla ngokuya ezintlanganweni kodwa lalahlekana nawo emva kokuba intsapho yakowalo ifudukele kwenye indawo. ESikhumbuzweni ladibana nodade owayeza kulifundela. Laya kwiintlanganiso zebandla yaye nomyeni walo unomdla. Umfana osebenza kwindawo yokwenza umthambo ngoku sele engumvakalisi ongabhaptizwanga yaye wenza amalungiselelo okubhaptizwa.
EKazakhstan
Elinye ibhinqa lathi ngenxa yokuba linabantwana abancinane kakhulu alinakukwazi ukuya eSikhumbuzweni. Kodwa ke, intwazana yeli bhinqa eneminyaka emihlanu ubudala yazinxibisa ngokwayo yaza yaziyela yodwa kwiHolo yoBukumkani. Xa eli bhinqa lafumanisa ukuba umntwana walo ulahlekile lakhawuleza labuzisa ngaye. Lalicinga ukuba le ntwazana kusenokwenzeka ukuba iye eSikhumbuzweni yaye layifumana eHolweni YoBukumkani. Xa nalo eli bhinqa laliseHolweni nomntwana walo elapho lagqiba kwelokuba lisele lihlala lize liphulaphule isithethi.
UKUMISELWA NGOKUSEMTHETHWENI KWEENDABA EZILUNGILEYO
EFransi
Ukususela ngowe-1996 abasemagunyeni eFransi baye bagqiba kwelokuba isebe limele lihlawule irhafu kumxhesho onikwa amalungu entsapho yaseBheteli eLouviers. Noko ke, ngoMatshi 28, 2007, iNkundla Yolawulo YaseParis iye yawisa isigwebo sokuba intsapho yaseBheteli ayimele ihlawuliswe irhafu ekubeni ingahlawulwa umvuzo. Le nkundla ithe “ulwalamano lwamaNgqina kaYehova namalungu asisigxina eBheteli yaseLouviers luyinxalenye yonqulo lwawo.” Esi sigqibo sibonisa nakuthathatha ukuba intsapho yaseBheteli yeyonqulo yaye oko kuye kwaboniswa nasisigqibo esiye sawiswa yinkundla yaseBrazil.
Kwelinye ityala, isixeko saseLyon siye sawalela amaNgqina kaYehova ukuba asebenzise iHolo ukuze aqhube iSikhumbuzo. Noko ke, ngoMatshi 15, 2007, ijaji iye yayalela ukuba eso sixeko siqeshise ngaloo holo kumaNgqina kaYehova. Isixeko siye sabhenela kwiBhunga Lelizwe, kodwa nalo liye lalala ngengub’ enye nenkundla, yaye yongezelele ngokuthi isenzo seso sixeko “sibonisa ukwaphula umthetho wokuhlanganisana ngokukhululekileyo yaye sibalulekile kuba lilungelo elisisiseko senkululeko.” IBhunga Lelizwe liye layalela ukuba eso sixeko sihlawule zonke iindleko zombutho wasekuhlaleni wamaNgqina kaYehova.
Nakuba eso sigqibo sawathethelela amaNgqina kaYehova eLyon, asachaswa, ngamajelo eendaba nangamagosa karhulumente. Ngokomzekelo, kudliwano-ndlebe ngowama-2005, owayesakuba ngummeli weNdlu Yowiso-mthetho eFransi watyhola amaNgqina kaYehova ngokuba “ngumbutho ofihlakeleyo.” AmaNgqina kaYehova awusa lo mba eNkundleni yesiBheno yaseRouen, yaye isigqibo senkundla saba ngakumaNgqina kaYehova, inkundla yongezelela ngelithi abamangalelwa “baye bawatyabeka ngezityholo ezibubuvuvu yaye batsibe ilitye likaPhungela.” Nanamhlanje urhulumente wamaFrentshi akakayeki ukutyhola uMbutho WamaNgqina KaYehova ngokunyenyiselwa irhafu ngokungekho mthethweni. Lo mba usashukuxwa yiNkundla YamaLungelo Abantu YaseYurophu ibe abazalwana banentembelo yokuba uYehova uza kubaxhasa.
EUzbekistan
Zingaphezu kwewaka iingxelo zeziganeko zokuvalelwa, ukugwetywa nokuhlaselwa kwabazalwana noodade wethu. Uninzi lwezi ziganeko zenzeke ebudeni beSikhumbuzo sowama-2005 nesowama-2006. Kuluvuyo ukwazisa ukuba ebudeni bowama-2007 akukhange kubekho zingxaki mayela neSikhumbuzo. Noko ke, loo mnyinyiva ube ngowexeshana. Emva koko, umzalwana nodade baye babanjwa betyholwa ngesenzo solwaphulo-mthetho sokufundisa ngonqulo. Lo mzalwana utshatile, unabantwana ababini yaye uye wagwetywa iminyaka emibini waze wavalelwa ngoko nangoko. Udadewethu uye wagwetywa iminyaka emibini yokusebenza nzima yaye oko kuquka ukuhluthwa kwama-20 ekhulwini kumvuzo wakhe ngurhulumente ukongeza kwisigwebo sakhe.
EGeorgia
NgoMeyi 3, 2007 iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu ikhuphe isigwebo nxamnye norhulumente waseGeorgia ngazwinye ngokungabi nankululeko yonqulo kwamaNgqina kaYehova yaza yayalela ukuba amaxhoba abuyekezwe ngenxa yokuphathwa kakubi. Ukususela ngo-Oktobha 1999 ukusa kuNovemba 2002, kuye kwahlaselwa amaNgqina kaYehova izihlandlo ezili-138. Kwezinye izihlandlo ebekho amapolisa kodwa awazange awakhusele amaxhoba. Inkundla ifumanise ukuba ngokusilela ukukhusela abazalwana bethu kubantu abanenzondelelo yempambano ngonqulo, urhulumente omdala waseGeorgia akanyhashanga nje kuphela imbopheleleko abenayo kwiNgqungquthela YamaLungelo Abantu BaseYurophu kodwa kuye kwasingelwa phantsi inkululeko yabazalwana bethu yokunqula. Oku kwenze izinto zacaca gca ukuba inkululeko yonqulo asingomdlalo nje wabantwana yaye amaNgqina kaYehova amele akhuselwe naxa sele echaswa ngabantu abaninzi.
E-Eritrea
Sele kuyiminyaka emihlanu ngoku urhulumente eye waval’ imilomo imibutho yonqulo engekho ngaphantsi kweenkonzo ezine ezigushwe ngurhulumente, amaNgqina kaYehova azizisulu zenkcaso. Naxa ehlanganisene kumakhaya abantu, abazalwana bethu bayabanjwa, bangcungcuthekiswe yaye banyanzelwa ukuba bashiye ukholo lwabo. Ukususela ngoAprili 2007, bekukho amaNgqina kaYehova angama-24 aye avalelwa ngenxa yokuya kwiintlanganiso zebandla, ukushumayela, okanye ngenxa yokungazibandakanyi nomkhosi. AmaNgqina amathathu angaphezu kweminyaka engama-60, alishumi avalelwe kwiimeko ezimaxongo yaye amathathu ebevalelwe ukususela ngowe-1994. Nakuba amatile tile ethu okunceda aba bazalwana eye awa phantsi, sinethemba lokuba kungekudala kuza kubakho umnyinyiva yaye sithembele kuYehova ukuba uza kubahlangula abakhonzi bakhe “kwingcinezelo nakugonyamelo.”—INdumiso 72:14.
EAndorra
Ukususela ngowe-1973 besifuna ukubhaliswa ngokusemthethweni kweli lizwe, ekugqibeleni abazalwana bethu babhaliswa ngoDisemba 14, 2006. Kukho abavakalisi boBukumkani abangaphezu kwe-150 eAndorra.
EKorea
Sele kuyiminyaka engaphezu kwengama-50 ngoku abazalwana baseSouth Korea bevalelwa entolongweni ngenxa yokwala ukuba nenxhaxheba kwinkonzo yasemkhosini. Abahlanu kubo baye bamnabel’ uqaqa. Emva kokubuya nemband’ esikhova kuncedo lwezomthetho eSouth Korea, umzalwana uYoon noChoi baye babhena kwizigwebo zabo kwiKomiti Yamalungelo Oluntu YeZizwe Ezimanyeneyo. NgoNovemba 3, 2006 le komiti iye yagqiba kwelokuba iSouth Korea ibekek’ ityala lokunyhasha amalungelo aba bazalwana yaza yayalela ukuba babuyekezwe. Le komiti ilebele ngokubongoza elaseSouth Korea ukuba lenze konke okusemandleni alo ukuqinisekisa ukuba akakho umntu oya kunyanzelwa ukuba akhethe phakathi kokophula imigaqo yakhe nasekunyamezeleni ukuthothoza entolongweni. Ngokuqhelekileyo ngabazalwana bangama-70 abathunyelwa ezintolongweni nyanga nganye.
Kwixa elidluleyo, abazalwana abaninzi bebexolele ukuhambisana nesigwebo senkundla kulo mba sokuvalelwa unyaka onesiqingatha entolongweni ngenxa yesigqibo sabo. Noko ke, kutshanje abazalwana abaninzi abasebatsha baye babhena kwezo zigqibo yaye kusekho amakhulu ezibheno ezijingayo. Urhulumente waseKorea uye walungiselela ukuba kwenziwe omnye umsebenzi wasekuhlaleni ngaphantsi kweliso elibukhali. Noko ke, sisalindile ukubona enoba oko kuya kwenzeka ngokwenene nokuba loo misebenzi iza kuziphatha njani na izazela zabo bafanele bayenze.
EArgentina
NgoJulayi 2007 umphathiswa wezobulungisa namalungelo abantu uye watyikitya isindululo esithi uDaniel Victor Guagliardo , wabanjwa ngokungekho sikweni ngenxa yokwala ukubhalisela umkhosi ekhokelwa sisazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile. Eso sigqibo sinokuba yingenelo kwabanye abaye babanjwa ngokungekho sikweni ngenxa yokungavunyelwa zizazela zabo ukubhalisela umkhosi.
EArmenia
Abazalwana abali-19 bajamelene nezityholo zokwaphul’ umthetho ngenxa yokungafuni ukwenza umsebenzi onento yokwenza nomkhosi nobusenokubeka esichengeni ukwahluka kwabo njengamaKristu. Noko ke, ngoSeptemba 2006 ileta evela kwiofisi yomtshutshisi jikelele iye yazisa aba bazalwana ukuba izityholo abatyatyekwa zona ziye zarhoxiswa. Noko ke, urhulumente kusafuneka amisele omnye umsebenzi onokwenziwa ngamaKristu endaweni yokungenelela umkhosi. Nakuba kunjalo, phakathi kowama-2007, bekusavalelwe abazalwana abaselula abangama-71 entolongweni abanye sele bethothoza iminyaka emithathu.
UVahan Bayatyan ngomnye wamaNgqina aselula abavalelwe entolongweni eArmenia. Emva kokuvalelwa unyaka onesiqingatha, umtshutshisi wacela kwinkundla ukuba isigwebo senziwe qatha elilisela ngelithi ukwala kukamzalwana uBayatyan “bubuvuvu yaye kuyingozi.” Sandiswa ngaloo ndlela ke isigwebo somzalwana wethu kwinkundla yesibheno, sisandiswa ngonyaka yaye eso sigqibo samkelwa yinkundla ephakamileyo. Umzalwana uBayatyan uye wafaka isicelo kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu. Le nkundla ithe eso sicelo siyavakala yaye ngaloo ndlela ikulungele ukusihlab’ amahlongwane. Sinethemba lokuba ukuphumelela kwesi sicelo kunokuba luncedo kumzalwana uBayatyan nabanye abazalwana bajamelene nale nyewe.
EAzerbaijan
Nakuba amaNgqina kaYehova ebhaliswe ngokusemthethweni eAzerbaijan, abazalwana bethu basajamelene nemiqobo emininzi. Ngokomzekelo, ngoDisemba 24 2006, abazalwana, oodade nabantu abanomdla abangaphezu kwama-200 babehlanganisene eBaku beqhuba ingxubusho yeBhayibhile bengaphazamisani namntu, kuthe kusenjalo kwambonzeleka amapolisa exhobe afohlela, iintatheli zikamabonwakude namagosa karhulumente ukuze agxobhe loo ntlanganiso. Loo mapolisa, engenaso nesigunyaziso sokugqogqa, aye ophula umnyango wendawo eqeshiweyo aze avalela wonk’ umntu owayelapho. Ababini kubo baye babethwa. Amapolisa aye athimba uncwadi oluninzi lweBhayibhile, ibhokisi yomnikelo neemali ebilapho, amaxwebhu asemthethweni neekhompyutha ezazisetyenziselwa ukuguqulela iBhayibhile noncwadi lweBhayibhile. Uninzi lwabo bebevalelwe lwakhululwa kwangolo suku. Noko ke, kwaye kwavalelwa amatsha-ntliziyo asuka kwamanye amazwe amathandathu awayetyholwa ngokuba “asasaza unqulo lobuxoki.” Abazalwana kweli lizwe bayavalelwa xa bengafuni ukuba nenxaxheba kwinkonzo yasemkhosi. Kusekho namagingxingingxi ekufumaneni uncwadi olusuka kwamanye amazwe.
KwaSirayeli
NgoFebruwari 5, 2007, Inkundla Yesithili YaseHaifa igqibe kwelokuba iHaifa Congress Center (ICC) iye yawadlel’ indlala amaNgqina kaYehova ngokwala ukuba aqhubele indibano yesithili kuyo. Le nkundla iye yayalela ukuba i-ICC ihlawule ezinye iindleko zetyala njengembuyekezo. Igqwetha lathi “oyena ndoqo usisiseko ekuqhubaneni nabantu . . . kukubaphatha ngokulinganayo bonke abathengi nto leyo eye yasingelwa phantsi kule meko.” Esi sigqibo sincumisayo, siyakwenza kube lula ngabazalwana bethu bakwaSirayeli ukuba banqule njengeqela elikhulu.
ETajikistan
Abasemagunyeni baye bathimba uncwadi lwethu yaye isebe lamasiko liye labongozwa ukuba lungamkelwa uncwadi lwethu ngokusemthethweni yaye intlangano yethu imele ival’ umlomo. Ngenxa kokugquba kwalo moya wentiyo, abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi banikwa uphum’ aphele kwelo lizwe. Kodwa ngo-Oktobha 11, 2007, abasemagunyeni baye bawaval’ umlomo amaNgqina kaYehova. Kuye kwafakwa izicelo zesibheno ngenxa yale mpatho engqwabalala yaye sithandazela ukuba uYehova uza kuvul’ indlela yokushumayela le ntsimi ivunde kangaka, eye yafumana ulwando lwe-14 ekhulwini kunyaka wenkonzo wama-2007.
EUkraine
Abalawuli beBala Lemidlalo laseL’viv, ngenxa yokoyika abachasi bayirhoxisa imvume yokusebenzisa ibala lemidlalo ngoMeyi 12, 2007, kanye ngosuku olungaphambi kwayo. Kwaqhagamshelwana namagosa karhulumente eUkraine naseUnited States ukuqinisekisa ukuba amaNgqina kaYehova akananjongo yakuqhway’ uqhushululu kweso sixeko. Kwakusaqhubeka uthethathethwano ngosuku lwentetho yaye amawaka amaNgqina kaYehova asuka mbombo zone zeUkraine ayegaleleka eL’viv ngeemoto, iibhasi nangololiwe. Abazalwana bethu bema bezolile ngaphandle kwamasango ebala lemidlalo elinde ngomonde encokola ecula neengoma zoBukumkani. Ngesiquphe, sele kusele nje imizuzu engama-20 ngaphambi kokuba luqale ucwangciso, abasebenzi bebala bayalelwa ukuba bavule amasango ukuze abazalwana bangene. Abazalwana noodade abangaphezu kwama-27 000 bathontelana ukungena kwibala lemidlalo ukuze baphulaphule intetho ekhuthazayo yomveleli wecandelo.
ETurkmenistan
AmaNgqina kaYehova akabhaliswanga ngokusemthethweni eTurkmenistan. Emva kwesiqabu esingephi, abasemagunyeni baqale apho bebeyeke khona ukutshutshisa abazalwana bethu. Nakuba kunjalo, abazalwana noodade ngobulumko bayaqhubeka beshumayela yaye besabelana nabamelwane babo ngeendaba ezilungileyo. (Mat. 10:16) Abazalwana abathathu abaselula baye babanjwa ngenxa yokwala ukungenela inkonzo yasemkhosini. Bonke bafumana izigwebo, ababini bagwetyelwa ngaphandle, kodwa omnye umzalwana ugwetywe unyaka enesiqingatha entolongweni. Ekubeni iimeko zeentolongo zingathandeki, kuye kwahlatyw’ umkhosi kwihlabathi liphela ukuba linikele ingqalelo ekuncedeni lo mzalwana. Abazalwana abangamagqwetha abasuka kwamanye amazwe baye balelwa ukufumana amaphepha-mvume okungena kweli lizwe ukuze bathethele umzalwana wethu enkundleni. Noko ke, akakho osemagunyeni onokuthintela imithandazo yethu ingafikeleli koYena uPhakamileyo.—1 Tim. 2:1, 2.
EKazakhstan
Amagosa amathandathu asuka kwiofisi yomtshutshisi aphazamisa intlanganiso yonqulo eyayiqhutyelwa endlwini yomnye udade kummandla apha angabhaliswanga ngokusemthethweni kuwo amaNgqina kaYehova. Omnye umzalwana owayengekho nakuloo ntlanganiso kunye nabanye oodade abahlanu bohlwaywa ngokuhlawuliswa isikhuntyu semali. Kuye kwafakwa izibheno ngawo onke amatyala aba bazalwana.
ETurkey
NgoJulayi 31, 2007 isebe laseTurkey lavuya kakhulu ukufumana isiqinisekiso sokuba iAssociation for the Support of Jehovah’s Witnesses ibhaliswe ngokusemthethweni. Olu bhaliso ngokusemthethweni luye lwaphumelela emva kweminyaka emibini equka ukumangalelwa ngurhulumente malunga nemigaqo-siseko yesebe. Emva kokuba inkundla yaseIstanbul yavuma ukuba loo mgaqo-siseko usemthethweni, urhulumente wabhenela kwinkundla ephakamileyo. Inkundla ephakamileyo yavumelana nenkundla yaseIstanbul, kwaba ngaloo ndlela kuvulelwa ithuba lokuba sibhaliswe ngokusemthethweni. Lo mbutho mtsha wenza kube lula ngesebe ukuthenga imihlaba, ukuqesha iindawo zokuqhubela iindibano, ukwamkela iminikelo nokukhusela amaNgqina kaYehova ezinkundleni.
AmaNgqina amabini awayesasaza iKingdom News No. 37 atyholwa ngelokuba “aphazamisa abantu” yaye ahlawuliswa. Noko ke, iNkundla yeIstanbul Sisli Peace Court yayirhoxisa loo ntlawulo, isithi “ukusasaza uncwadi lwamaNgqina kaYehova yinxalenye yenkululeko yokuvakalisa iinkolelo noko ukucingayo” yaye abemi baseTurkey “banenkululeko yokuvakalisa iinkolelo zabo.” Nakuba kunjalo abazalwana baseTurkey bajamelene nemiqobo efana nokungangeneleli kwimicimbi yehlabathi yaye abazalwana bethu abayintanga enokuya emkhosini kufuneka baye ezintolongweni okanye bahlawuliswe.
Njengokuba sele sibonile kwiingxelo ezingaphambili, amaNgqina kaYehova aye abhenele kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu xa amazwe eli lizwekazi ecel’ umngeni inkululeko yethu yokunqula uThixo. Phakathi kunyaka wama-2007, bekukho izicelo ezingama-22 ebezilinde kule nkundla, ezimalunga nokungangeneleli kwethu kwimicimbi yehlabathi, ukubhaliswa ngokusemthethweni nokutshutshiswa. Abazalwana noodadewethu abajamelene nezi meko enokuba baseYurophu okanye kwezinye iindawo, bayifuna ngamandla inkxaso yemithandazo yethu.—2 Kor. 1: 10, 11.
UKUTHEMBEKA NENGQIBELELO
Kwinxalenye yembali yale Ncwadi Yonyaka uza kufunda ngendlela abazalwana baseRashiya abagcina ngayo ingqibelelo phantsi kolawulo lweSoviet ngoxa amaNgqina kaYehova ayevalwe umlomo. Abachasi babekhohlakele ngendlela engathethekiyo. Phofu, nakumazwe ekushunyayelwa kuwo ngokukhulukekileyo, uSathana nembewu yakhe bazama zonke iindledlana ezingacacanga zokwaphula ingqibelelo yethu. Kuthi ngco entliziyweni kaYehova xa abakhonzi bakhe bethembekile. (IMize. 27:11) La mava alandelayo abonisa indlela abantu bakaYehova ababonisa ngayo ukholo nokuthembeka kubomi bemihla ngemihla ehlabathini lonke.
ESweden
Isilingo sokuziphatha kakubi ngokwesondo nabasebenzi basesibhedlele bekusoloko kulucelomngeni kudade onguvulindlela osebenza kwisibhedlele sabucala. Kodwa ke, uye wanobuchule bokujamelana neemeko ezinjalo. Okokuqala, uxelela abasebenzi abasandul’ ukuqeshwa zisuka ukuba uliNgqina likaYehova kwaye utshatile. Usebenzisa naliphi na ixesha ukuxelela abantu asebenza nabo ukuba yena nomyeni wakhe benza izinto kunye yaye usoloko eyibethelela eyokuba bangumtya nethunga. Ukuba kufuneka athethe nomnye ugqirha ngesigulana esithile, wenza ixesha lokuba bathethe kwindawo yokutyela apho kukho abanye abantu. Ukuba kuyenzeka ukuba kungene umntu kwindawo asebenza kuyo aze avale umnyango wenza umthandazo omfutshane aze acele kuYehova ukuba abe nobuhlobo kodwa angalibali ukuba usemsebenzini.
EJamani
UMarian ebesebenzela inkampani ethile ekumntla weJamani iminyaka eli-13. Ekubeni lo mzalwana amaxesha asebenza ngawo etshintsha tshintsha, ukubakho kwiintlanganiso eziqhutywa phakathi evekini kuba nzima. Lo mzalwana uthi: “Indenza ndingonwabi le nto kaloku ndiyazithanda iintlanganiso zebandla. Bendisoloko ndimcela uYehova ngokuphindaphindiweyo ukuba enze indlela ndikwazi ukubakho kuzo zonke iintlanganiso.” Wathandazela isibindi sokuthetha nomphathi wakhe, owavumayo ukuba angahamba kuselithuba, ukuba nje uwugqibile umsebenzi wakhe. Lasebenza kakuhle eli lungiselelo de kwafika mphathi wumbi owayengayifuni tu into yokuba aphume kuselithuba. Wayeza kuthini uMarian ngoku? Uthi: “Ndamxelela ngentlonelo umphathi ukuba ndiza kuthetha nomlawuli wenkampani.” Kwincoko yakhe nomlawuli wale nkampani, uMarian wanikela ubungqina obuhle ecacisa izizathu zokuba afune ukuya kwiintlanganiso. Umlawuli wenkampani wamvumela uMarian ukuba aphume ngethuba ngeentsuku zeentlanganiso, ukuba nje abanye abantu asebenza nabo bayavuma. UMarian wabiza bonke abantu asebenza nabo waza wondlala lo mbandela kubo nalapha enikela ubungqina. Ngoku uMarian ubakho kuzo zonke iintlanganiso zaphakathi evekini. UMarian uthi: “Bekunzima ukuza ezintlanganweni, kodwa ukuthandaza ngokunyaniseka kuYehova kuye kwandinika amandla angaphaya kwaqhelekileyo.”
EBritani
USophie uneminyaka eli-16 ubudala, ukusoloko emenyelwa kumatheko esikolo kuyaluvavanya ukholo lwakhe. Uthi: “Nakuba amanye amatheko ebonakala engenabungozi, ndiyazi ukuba ndingazisola ukuba nje ndinokuya, kaloku oko kuya kuvula ithuba eliya kuba yingozi ekuhambeni kwexesha. Ndisandul’ ukumenywa yenye intombazana esithi ‘yimbutho’ nje. Kamva ndafumanisa ukuba yayihambisana nomhla wakhe wokuzalwa kanye kuloo mpela-veki. Yandivuyisa into yokuba ndingazange ndiye, kuba emva koko ndeva ukuba kwakukho nabanye abantwana afunda nabo abanxila abazazi namagama kuba abazali bale ntombazana babengekho ngobo busuku. Yiloo nto ke ndifuna ukunxulumana ndize ndizihlaziye nabantu abasenyanisweni abakubudala obahlukeneyo ukuze ndizuze okuthile ngokomoya. Mna nomntakwethu sikhe samema abantu abakubudala obahlukeneyo ukuze sicule, soje inyama okanye sibethwe ngumoya. Ngoku ukuba abantu bandimemela emathekweni ndisoloko ndizibuza ukuba luza kuchaphazeleka njani ulwalamano lwam noYehova. Ndifumanise ukuba akukho kwanto ikuphosayo ngokwenza okuchanileyo.”
EItali
UGiovanni oneminyaka eli-17 ubudala wayencwaswa ngamantombazana kwisikolo afunda kuso, kwakukho enye eyayingathi ibethwe eluphondweni. Xa yabona ukuba uGiovanni uyibetha ngoyaba, yabhala ileta isithi: “Ndicinga ukuba siyafanelana. Andiziva ngawe. Ndiyabuthanda ubuntu bakho, kodwa zikho nezinye izinto endizithandayo kuwe. Ndiyathemba ukuba uza kwenza isigqibo esifanelekileyo. Ndim, okuthandayo.” Le leta yaqukunjelwa ngegama lale ntombazana yaza yancamisa imvulophu ishiya ilipstiki kuyo. Uthi uGiovanni: “Iintsuku zokuqala emva koko zazinzima. Ndandidla ngokuzibuza enoba ikho na intombazana emanz’ andonga ngaphezu kwale endiya kuze ndiphinde ndiyibone. Xa le nto yafika ezindlebeni zabantwana endifunda nabo bayiqhwabel’ izandla bendikhuthaza ukuba ndisamkele eso sicelo. Babesithi ‘Licham eli ongenakuze ulifumane naphi singakuncama ukuba unokuliyeka.’ Kodwa ndavakalelwa kukuba ndiphulukana nobuKristu bam. Ndathandaza kuYehova ndaza ndathetha nabazali bam—nabo baphants’ ukufa kuba bengazange bayicinge into yokuba ndijamelana nezinto ezinje esikolweni. Safundisisa uncwadi lweBhayibhile, ngakumbi incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Impendulo Eziluncedo. Ndathetha nabazalwana abaqolileyo ebandleni. Ekugqibeleni, ndenza isigqibo esihle ndaza ndasala isicelo saloo ntombazana. Abantwana endifunda nabo bayasihlonela isigqibo endasenzayo.”
EMexico
UAntonio oneminyaka engama-59 ubudala, nosele ebhaptizwe iminyaka engama-37 ubalisa esithi: “Xa ndandineminyaka eli-19 ubudala ndafumanisa ukuba ndinesifo samathambo esibizwa ngokuba yijuvenile rheumatoid arthritis. Kuyindinisa ukuba nesifo esikugcina kwisitulo esiqhutywayo iminyaka engama-35. Ngamanye amaxesha ndiyadimazeka. Kodwa ndisoloko ndixekekile kwimisebenzi yobuKristu kangangoko impilo indivumela.” Kwiminyaka esixhenxe edluleyo imeko ka-Antonio iya yambi nangakumbi kwakusweleka unina obemnyamekela. Wayeza kuthini ngoku uAntonio? Uthi: “Ukususela ngoko, ndiye ndabona ukuba uYehova akabalahli abakhonzi bakhe kodwa usoloko ebanceda ngalo lonke ixesha. Ibandla liye lenza ilungiselelo lokuba kubekho umntu ondinyamekelayo, yaye abanye abazalwana benza iminikelo ukuhlangabezana neendleko ezisisiseko.” UAntonio ukulangazelela kakhulu ukuzaliseka kwazo zonke izithembiso zoBukumkani.
“YENZA IBE BANZI NGAKUMBI INTENTE YAKHO”
“Yenze ibe banzi ngakumbi indawo yentente yakho. Kwaye mabawolule amalaphu entente yomnquba wakho ozukileyo.” (Isaya 54:2) Ukuzaliseka okungummangaliso kwesi siprofeto kubonwa ngokucacileyo ngemfuneko eyandayo yokwakhiwa kweendawo zokunqulela nokwandiswa kweeofisi zamasebe. Ukongezelela kulwakhiwo olwenziwa ehlabathini lonke kunyaka odluleyo, kuye kwanikezelwa amasebe yaye le yenye yezihlandlo zovuyo kumaNgqina kaYehova.
EPuerto Rico
Kwiminyaka nje eli-13 emva kokugqitywa kwezakhiwo zesebe, kuye kwafuneka ukuba kwandiswe ngenxa yokukhula komsebenzi. Intetho yonikezelo yanikelwa lilungu leQumrhu Elilawulayo uDavid Splane ngoMgqibelo, ngoSeptemba 16, 2006.
EColombia
Abazalwana noodade abasuka kumazwe angama-30 babehlanganisene kwisebe laseKholombiya ngoNovemba 11, 2006, beze kwingxikela yokunikezela kwezakhiwo ezandisiweyo Facatativá, ekumgama ozikhilomitha ezingama-42 ukusuka kumntla-ntshona weBogotá. Kwakukho abantu abangama-3 605 kolo cwangciso. Uninzi lwabo lwagqibelana phantse kwiminyaka engama-30 ukusa kwengama-40 yaye uchulumanco lokubonana kwakhona lwalubhalwe ebusweni, ilungu leQumrhu Elilawulayo uGerrit Lösch wanikela intetho yonikezelo.
EFiji
Uhamba nje imizuzu emihlanu ukuya kumbindi wesixeko esilikomkhulu sasaFiji, iSuva, xa ukhangela kwizibuko lalapho ubona izakhiwo zesebe ezithi ndijonge. NgoNovemba 11, 2006 uGeoffrey Jackson, ilungu leQumrhu Elilawulayo lanikela intetho yonikezelo yaye apho kwakukho abantu abangama-410.
EBurundi
UNovemba 25, 2006 lusuku olungenakulibaleka kumaNgqina kaYehova eli lizwe lihle kunene likumbindi weAfrika. Abantu abali-1 141 abasuka kumazwe ali-11 ayechukumisekile njengokuba ayekunye nelungu leQumrhu Elilawulayo uGuy Pierce ekunikezeleni isebe elitsha. Intsikelelo kaYehova ibonakala nakuthathatha yaye kukho ithuba elihle lokuba abaninzi baseza kunqula uYehova.
ERwanda
Emva kweminyaka engama-30 ombhodamo, oquka ukuvalwa umlomo nemfazwe yamakhaya, abazalwana noodadewethu baseRwanda abazange bakwazi ukuzibamba njengokuba babekunye noGuy Pierce ekunikezeleni iiofisi zesebe ezintsha nezihonjiswe kakuhle.
Nakuba kuye kwacinywa igama izizwe, apho kwaza kwabulawa abazalwana bethu abaninzi, umsebenzi kaYehova usaqhubeka ubheka phambili kweli lizwe njengokuba libizwa ngokuba LiLizwe LeeNduli Eziliwaka. Kweza abangama-553 kucwangciso lwangoMgqibelo, ngoDisemba 2, 2006 kuquka iindwendwe ezili-112 ezazisuka kumazwe ali-15.
EUganda
Isebe elitsha elisemaphandleni akumzantsi wentloko dolophu iKampala, liye lanikezelwa ngoMgqibelo kaJanuwari 20, 2007. Phakathi kwabantu abangama-665, bekukho iindwendwe ezingama-170 ezisuka kumazwe angama-20 eziquka uAnthony Morris, ilungu leQumrhu Elilawulayo owanikela intetho yokunikezela.
“INKULU INTO ASENZELE YONA UYEHOVA”
Ngaphandle kwamathandabuzo, sinezizathu ezivakalayo zokuchulumanca xa siqwalasela oko uYehova asenzele kona kunyaka odluleyo. Ngazwinye siphinda amazwi amyoli omdumisi athi: “Inkulu into asenzele yona uYehova. Siye savuya.”—INdu. 126:3.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
Ngokwenene Liphulo Lehlabathi Lonke
Abantu abaninzi abasuka kwiindawo ezahlukeneyo bebezibuza enoba iphecana iKingdom News belisasazwa ehlabathini lonke kusini na. Ngokomzekelo enye indoda eBrazil yaxelela omnye umvakalisi ukuba alinde nje kancinane ifuna ukutsalel’ umnxeba umhlobo wayo ohlala eUnited States ibuze nje ukuba ulifumene na iphecana. Umhlobo waphendula “Ewe, kwimizuzu nje elishumi edluleyo.” Ichukumisekile le ndoda yayamkela iKingdom News yaza yathi iza kuyifunda.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Kwakukho isimemo esinye kwibhokisi yeposi yebandla
[Umfanekiso okwiphepha 25]
UAntonio ulungele ukuya entsimini
[Imifanekiso ekwiphepha 28, 29]
Ukunikezelwa Kwamasebe
Puerto Rico
ERwanda
EKholombiya
EBurundi
EFiji
EUganda