Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Kula Maxesha
EPapua New Guinea
Kulucelomngeni olungathethekiyo ukushumayela iindaba ezilungileyo kweli lizwe lihle. Kukho amahlathi ashinyeneyo, imigxobhozo neentaba. Kuhlala iintlanga ezingaphezu kwewaka yaye kuthethwa iilwimi ezingaphezu kwama-800. Funda ngendlela abazalwana abanenzondelelo abaye bayoyisa ngayo le miqobo ukuze bafundise abantu inyaniso yeBhayibhile. Kwakhona funda ngenkalipho nokuzimisela kwabazalwana bethu balapho abaye bahlukana neenkolelo kunye namasiko angqubana neZibhalo ukuze babe ngabakhonzi bakaYehova abazinikeleyo. Ngokuqinisekileyo eli bali liza kulomeleza ukholo lwakho.
E-Estonia
Eli libali elichulumancisayo labazalwana noodade abazibhokoxayo nabahambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani nangona babetshutshiswa ngolunya. Funda ukuba yintoni “umkhosi woBukumkani bamazulu,” nangokophuka kwengalo yepolisa ngoxa lalikwiofisi yesebe. Funda ngendlela abazalwana abazenzela ngayo oomatshini bokushicilela neinki. Funda ngendlela abakhonzi bakaYehova abathobekileyo abanyamezela ngayo uhambo lweeveki ezimbini kunye nemozulu eqhaqhazelis’ amazinyo yaseSiberia. Funda ngesizathu sokuba omnye udade athi: “Kwakumnandi ngokuya ndandenziwe ikheswa.” Eli libali lokunyaniseka, inkalipho nokuba krelekrele kwabakhonzi bakaThixo abathembekileyo base-Estonia.