IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb12 iphe. 6-43
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2012
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ILUNGISELELO ELITSHA LOOVULINDLELA ABANGABANCEDANI
  • IZIKOLO EZIFUNDISA IINDLELA ZIKAYEHOVA
  • INYIKIMA ENKULU EJAPAN
  • INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA NGEELWIMI EZILI-106!
  • IINDABA EZISEMATHENI EHLABATHINI LONKE
  • UKUNIKEZELWA KWESEBE KUZUKISA UTHIXO
  • INGXELO YEZOMTHETHO
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2011
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2013
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2009
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2008
Khangela Okunye
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2012
yb12 iphe. 6-43

Iimbalasane Zonyaka Odluleyo

PHEZU kwazo nje iimeko ezidimazayo zehlabathi, amaNgqina kaYehova aye anemiphumo emihle kwinkonzo yawo engcwele. Ngenxa yentsikelelo kaThixo, inyaniso yeendaba ezilungileyo ‘ivelisa isiqhamo yaye yanda kulo lonke ihlabathi.’ (Kol. 1:5, 6) Siqinisekile ukuba ingxelo yalo nyaka iza kukukhuthaza ize yomeleze ukholo lwakho.

ILUNGISELELO ELITSHA LOOVULINDLELA ABANGABANCEDANI

Kwavuywa kakhulu xa kwathiwa kwinyanga ka-Aprili oovulindlela abangabancedani banokukhetha ukusebenza iiyure ezingama-30 okanye ezingama-50. Abaninzi abangazange bakwazi ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngaphambili, balivuyela eli thuba. Inani elikhulu labavakalisi beliqala ukuyixhamla le nkonzo, kwaye abaninzi ababekade bengoovulindlela, baye bakuvuyela ukuba ngabo kwakhona. Ukongezelela abavakalisi abangakwazanga ukuba ngoovulindlela abangabancedani, baye bandisa ixesha abalichitha entsimini. Uye wayintoni umphumo?

Iingxelo zolwando eziye zafakwa ngamasebe amaninzi ziye zazodlula lee iincopho zeminyaka edluleyo. Abavakalisi abaye bangoovulindlela abangabancedani ehlabathini lonke bazizi-2 657 377, nani elo eliliphindaphinda ngaphezu kwesihlanu elonyaka odluleyo! Ehlabathini lonke, abazalwana noodade abakhonza eBheteli abangamashumi asibhozo ekhulwini—abali-16 292 kwabangama-20 290—baye bayinandipha le nkonzo. Ngaba akusivuyisi ukwazi ukuba abakhonzi bakaYehova baye bashumayela kakhulu ngenyanga ka-Aprili kunayo nayiphi na enye inyanga embalini?

Kwisithuba esingaphezu konyaka emva kokuba inyikima enkulu ibulele abangama-300 000 eHaiti, kuye kwabakho iincopho ezintsha zokushumayela ngenyanga ka-Aprili. Kubavakalisi abali-17 009, abangama-6 185 baye baba ngoovulindlela abangabancedani. Incwadana ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa esandula ukukhululwa ngesiCreole saseHaiti nebihanjiswa kwiphulo elikhethekileyo, iye yathuthuzela abantu abaninzi abadandathekileyo.

Ebudeni benyanga ka-Aprili, abazalwana noodadewethu baseNigeria baye bajamelana neengxaki ezingaqhelekanga. Kwiintsuku ezine ezibekelwe bucala ukuze abantu bavote (ezintathu kuzo yayiyiMigqibelo), urhulumente wayalela abantu ukuba bangehli benyuka phakathi kwentsimbi yesi-7 kusasa neyesi-5 emva kwemini, ngaphandle kokuba bahambela izinto ezinokuthanani nokuvota. Sekunjalo, umoya omhle wobuvulindlela awuzange uthothe. Elinye ibandla labhala lathi, “Sinibhalela le leta sinovuyo nombulelo ongazenzisiyo ngenxa yexesha esiye salinandipha kule nyanga.” Kwelinye ibandla elinabavakalisi ababhaptiziweyo abali-127, abangama-92 baye bangoovulindlela abangabancedani, kuquka bonke abadala nezicaka zolungiselelo. Kwintsapho yaseBheteli enamalungu angama-688, angama-555 aye aba ngoovulindlela abangabancedani.

Balufikelela Usukelo Lwabo. UJeannette ohlala kwiilali zaseBurundi ezisezintabeni, wayesoloko enomnqweno wokuba nguvulindlela, kodwa unesigulo sentliziyo esinganyangekiyo, esimenza angakwazi ukuhamba imigama emide okanye ukunyuka amaqhina. Wavuya kakhulu akuva ukuba ngenyanga ka-Aprili, isisikelo seeyure soovulindlela abangabancedani sithotyiwe. Ukuze bamncede akwazi ukuba nguvulindlela, abadala balungiselela ukuba ashumayele kwimizi ekufutshane nekhaya lakhe. Ukongezelela kolo ncedo, oovulindlela nabanye abavakalisi babeqhuba izifundo zeBhayibhile zabo kwakhe. Yathi iphela inyanga wabe uJeannette evuyiswa kukuqhuba izifundo ezine. Uthi, “Ndingathanda ukuphinda ndibe nguvulindlela yaye ndiqinisekile ukuba uYehova uza kundinceda.”

Kwisiqithi saseGrenada, udade oselula osisithulu waba nguvulindlela nakuba enesiphene esibangela ukuba kube nzima ukuhamba. Uthi, “Kwakunzima kakhulu ukuhamba imigama emide ndisiya kukhwela ibhasi eza kundisa entsimini.” Ukongezelela, lo dade wayengaphangeli yaye wathandaza kuYehova ecela uncedo. Ngokuvisisana nomthandazo wakhe, wayezixhasa ngokuthengisa izinto ezithungiweyo nezacholo azenzileyo. Emva koko wathi, “Ndandishumayela kangangoko ndinako yaye abazalwana babendikhuthaza yaye bendixhasa. Oku kwakundivuyisa kakhulu!”

UToshi, udade waseJapan oneminyaka eli-101 ubudala, wakuvuyela ukuba nguvulindlela ongumncedani ngoAprili. Ekubeni engakwazi ukuphuma apho ahlala khona, ushumayela ngeeleta aze ashumayeze nabantu abeze kumnceda egumbini lakhe. UToshi uthi, “Andiva kakuhle, ngoko ndithethela phezulu. Ngenxa yoku, nabanye abantu abahlala kufutshane bayandiva.”

UFelix waseCosta Rica, ongakwazi ukusebenzisa iingalo nezandla zakhe, wagqiba kwelokuba abe nguvulindlela ongumncedani. Kodwa wayeza kukwazi njani? Kwabekwa uncwadi kwitafile engaphambi kwendlu yakhe ukuze ashumayele kubantu abadlulayo. Yathi iphela inyanga, wabe uFelix edinwe eyimfe, kodwa wayeziva ehlaziyekile ngokomoya yaye evuya, kuba wakwazi ukuqalisa izifundo zeBhayibhile ezine.

Nabavakalisi abaninzi abaselula bebenomdla wokuba ngoovulindlela ngenyanga ka-Aprili. Ngokomzekelo, eSpeyin, uSandra oneminyaka eli-11 ubudala nomninawa wakhe oneminyaka esi-7 uAlejandro, babefuna ukushumayela ngaphezu kokuba beqhele ukwenza. Bekhuthazwa ngumzekelo webandla nowabazali babo, uSandra noAlejandro babenqwenela ukuba ngoovulindlela abangabancedani. Kodwa ke babeza kukwazi njani bengabhaptizwanga? Bobabini aba bantwana bazibhalela ucwangciso ukuze bachithe ixesha elilingana nelabazali babo entsimini baza balungiselela iintshayelelo ngengokuhlwa yoNqulo Lwentsapho. Abazali babo bacinga ukuba mhlawumbi iya kuthi iphela inyanga babe bediniwe. Kodwa aba bavakalisi baselula abazange batyhafe nakanye. NgoAprili 30, bonke babelufikelele usukelo lwabo lweeyure ezingama-30 ngaphandle kuka-Alejandro oselula, ekwakusafuneka enze iiyure ezintathu. Ngoko waya kushumayela noyise ngosuku lokugqibela enyangeni ukuze afikelele usukelo awayenalo. Bavuya ngokwenene kuba beye baxakeka ekushumayeleni kunye njengentsapho!

UJean uthi, “Ndandithandaza yonke imihla ukuba mna nomyeni wam uPhilip sikwazi ukushumayela iiyure ezingama-30.” Noko ke, uPhilip wayengumveleli wesithili de wanesigulo sengqondo ekuthiwa yicerebral aneurysm, esabangela ukuba alale esibhedlele eSpeyin, engakwazi nokuthetha. Ekuphela kwendlela awayethetha ngayo yayikukuqhwanyazisa amehlo, kanye xa esithi ewe nakabini xa esithi hayi.

UJean uhlabela mgama esithi, “Ndathi xa ndimxelela ngokuba nguvulindlela ongumncedani, wabonisa ukuba naye angakuthanda ukuba nguye.” Kodwa wayeza kukuphumeza njani oku?

Kwiinyanga ngaphambili, uJean noPhilip babeshumayela kwizigulana, amalungu eentsapho atyeleleyo nakubantu abasebenza esibhedlele. “Kwinyanga ka-Aprili saceba ukushumayela kwigumbi esasikulo esibhedlele iyure enye ngosuku xa uPhilip evukile ukuze naye akwazi ukushumayela ngokuqhwanyazisa iliso.”

Kodwa ke, ngoMatshi uPhilip wasiwa kwigumbi lakhe yedwa. Noko ke, yena noJean babekwazi ukunamathela kucwangciso lwabo, bencokola nabasebenzi basesibhedlele ngamaxesha ahlukahlukeneyo ebudeni bosuku. Omnye wabongikazi wamkela incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, wajonga uPhilip emehlweni waza wamthembisa ukuba uza kubuya aze kufunda izibhalo ngosuku olulandelayo. Wathi akufika lo mongikazi, uJean wamcela ukuba afunde uYohane 17:3 waza wambuza ukuba ucinga ukuba uthetha ntoni. Ngelo xesha, uPhilip wayebonisa ngokuqhwanyazisa iliso enoba lo mongikazi uchanile kusini na. Naxa lo mongikazi wayengasebenzi kwigumbi likaPhilip, wayesiza aze amqinisekise ukuba uyathandaza kuYehova ukuba amncede asondele kuye.

Abakhonzi bakaYehova bajonga eli lungiselelo lokwandisa ubulungiseleli njengendlela yokubonisa ukuthanda kwabo ummelwane, umbulelo abanawo ngedini likaYesu Kristu nokuzinikela kwabo kuYise osemazulwini. Bakhangele phambili kwinyanga kaMatshi 2012, xa beza kuphinda bafumane ithuba lokushumayela iiyure ezingama-30 okanye ezingama-50.

IZIKOLO EZIFUNDISA IINDLELA ZIKAYEHOVA

Intlangano kaYehova ayisithabathi lula isiprofeto esikuIsaya 2:3 esithi: “Masinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele ngeendlela zakhe.” Ngokomzekelo, ngoxa kwakusagquba iMfazwe Yehlabathi II, umkhonzi othembekileyo noqondayo wagqiba kwelokuba kusafuneka kufundiswe abantu bazo zonke iintlanga ngoYehova ngaphambi kwesiphelo sale nkqubo yezinto kaSathana. Ngenxa yoko, waseka izikolo ezifana neSikolo SeBhayibhile SaseGiliyadi neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Kutshanje, iQumrhu Elilawulayo lenze uhlengahlengiso kwizikolo ezahlukahlukeneyo zokuqeqesha abantu ngokukhethekileyo.

Ngo-Oktobha 2010 iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli sabizwa ngokuba siSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga. Abazalwana abangatshatanga abangabadala okanye abazizicaka zolungiselelo baza kuqhubeka besiya kwesi sikolo seenyanga ezimbini. Ukuza kuthi ga ngoku, ehlabathini lonke bangama-37 445 abazalwana asele beyile kwesi sikolo, yaye abaninzi bangoovulindlela, abaveleli abahambahambayo, abathunywa bevangeli, ukanti abanye baseBheteli.

NgoJulayi 2011 ePatterson, eNew York, kwaqalisa iSikolo SeBhayibhile Sezibini EzingamaKristu. Izibini ezithetha isiNgesi zamkelekile ukuba zineminyaka ephakathi kwengama-25 nengama-50 ubudala, zisempilweni entle, ubuncinane sele zineminyaka emibini zitshatile, bezikwinkonzo yexesha elizeleyo kwiminyaka emibini edluleyo yaye umyeni ebengumdala okanye isicaka solungiselelo iminyaka emibini. Ukususela ngowama-2012, iiklasi zeSikolo SeBhayibhile Sezibini EzingamaKristu siya kuqhutywa kwiindawo esiqhutyelwa kuzo iSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga.

ISikolo SeBhayibhile Sezibini EzingamaKristu senzelwe ukuqeqesha izibini ezitshatileyo ukuze sisetyenziswe ngokupheleleyo nguYehova nayintlangano yakhe. Abaninzi abaphumeleleyo baza kuba ngoovulindlela abathe ngxi kumazwe abasuka kuwo apho kufuneka abavakalisi abangakumbi. Abanye baza kuba ngoovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana okanye baza kuqeqeshelwa ukuba ngabaveleli abahambahambayo. Abanye abambalwa basenokwabelwa kwelinye ilizwe ukuba bayafaneleka.

Abo babhalisela esi sikolo bafanele baqole ngokomoya yaye bakulungele ukuzincama. Abahlohli iza kuba ngabo bafundisa kwiSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga yaye izinto abaza kuzifundisa azahlukanga. Zimbalwa iiklasi eziza kuqhutywa nabazalwana kuphela, ngoxa abafazi babo besentsimini. Iinkcukacha ezingakumbi nezinto ezijongwa kwabo banomdla wokuya kwesi sikolo ziza kuchazwa kwiintlanganiso eziza kubanjelwa kwiindibano zesithili.

IQumrhu Elilawulayo liye lenza utshintsho kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi. Ukususela kwiklasi ye-132 eyaqalisa ngo-Oktobha 24, 2011, kuza kuqeqeshwa izibini esele zikwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo kuphela, njengabathunywa bevangeli abangekayi eGiliyadi, oovulindlela abakhethekileyo, abaveleli abahambahambayo kunye neziseBheteli. Ukuba bayakwazi kakuhle ukuthetha nokubhala isiNgesi, iKomiti yeSebe inokubancomela.

Abo baphumelele kwisikolo saseGiliyadi baya kunikwa izabelo eziya kunceda intsimi nesebe, enoba bathunyelwa njengabathunywa bevangeli, abaveleli abahambahambayo okanye bathunyelwa eBheteli. Abo babelwe entsimini baza kuthunyelwa kwiindawo ezinabantu abaninzi apho banokuba nempembelelo kumsebenzi wokushumayela nasebandleni. IiKomiti zeSebe zinokuqhubeka zicela abo baphumelele eGiliyadi ukuba kuyimfuneko. Zisenokuncomela abantu abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo abakwintsimi yazo ukuba baye kwiSikolo saseGiliyadi. Kwezinye iimeko, iiKomiti zeSebe zinokucela ukuba abo baphumelele eGiliyadi babuyele kwilizwe labo.

ISikolo Samalungu EeKomiti ZamaSebe Nabafazi Bawo siza kuqhutywa ngesiNgesi ePatterson kabini ngonyaka. Ngamathuba athile, kuza kumenywa namalungu eeKomiti Zelizwe. Amalungu eeKomiti zamaSebe asele eyile esikolweni aya kuphinda amenywe yaye aza kubhalisa nabazalwana abasaqalayo. Abafazi bamalungu eeKomiti zamaSebe baza kuya eziklasini kunye nabayeni babo. Noko ke, kwiiklasi ezinokuthanani nokusebenza kwentlangano, kuza kubizwa abazalwana kuphela, ngoxa abafazi babo beza kube besebenza kwizabelo ezithile eBheteli.

Ukongezelela, nyaka ngamnye kuza kuqhutywa iiklasi ezimbini zeSikolo Sabaveleli Abahambahambayo Nabafazi Babo ePatterson. Kwiiklasi eziza kuqhutywa eUnited States, kuza kubakho nabazalwana ababekhe baya kwesi sikolo; isiqingatha seklasi nganye iya kuba ngabo. Abafazi babaveleli abahambahambayo baya kubakho kwiinxalenye ezininzi.

Ngaba abantu bakaThixo abakuvuyeli ukuba nenxaxheba kwimfundo esiyinikwa nguYehova? UYesu wathi: “Kubhaliwe ebaProfetini kwathiwa, ‘Kwaye bonke baya kufundiswa nguYehova.’” (Yoh. 6:45; Isa. 54:13) Siqinisekile ukuba olu tshintsho luya kuba negalelo elikhulu kumsebenzi ongxamisekileyo wokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kwelimiweyo liphela ngaphambi kokuba kufike isiphelo.

INYIKIMA ENKULU EJAPAN

Iingxelo zehlabathi zithetha ngokuthontelana kweentlekele zemvelo eziquka iinyikima, iitsunami, iinkanyamba, imikhukula, imililo neentaba-mlilo. Asinakukwazi ukuthetha ngazo zonke iintlekele zemvelo eziye zakho, kodwa indlela amaNgqina kaYehova aye omelela ngayo kobo bunzima iboniswa koko kwenzeke kubazalwana bethu baseJapan.

NgoLwesihlanu, kwinyanga kaMatshi 11, 2011, ngeyesi-2:46 emva kwemini, eJapan kwaqhambuka inyikima enamandla afikelela kwi-9.0. Iitsunami ezabangelwa yiloo nyikima zonakalisa iidolophu neelali ezininzi ezikufuphi nonxweme lwePasifiki. Kwafa abantu abangama-20 000, abanye babo abaziwa apho bakhoyo kunanamhla. Kwiindawo ezachatshazelwa yinyikima, kwawohloka iiHolo ZoBukumkani ezine, yaye ezinye ezine azabi sakwazi ukusetyenziswa. Izindlu zabazalwana noodade ezimalunga nama-235 zakhukuliseka okanye zonakala, yaye ezingaphezu kwewaka zazifuna ukulungiswa.

Inyikima neetsunami zonakalisa iziko lamandla enyukliya kangangokuba kwaphuma amasuntswana emitha yeathom. Urhulumente wakhupha umyalelo wokuba abantu bemke, yaye ngobusuku nje obunye kwezo dolophu kwakukhal’ ibhungane. Abazalwana noodade abahlala kuloo mmandla kwanyanzeleka ukuba bahambe, ngoko kwavalwa amabandla amabini.

KumaNgqina kaYehova angaphezu kwe-14 000 ahlala kwiindawo ezachaphazelekayo, kwafa ali-12, kwaza kwangxwelerheka ama-5; yaye sithethanje kusekho ama-2 angaziwayo. Abaninzi abasindayo baphulukana namakhaya kunye nezinto ababenazo, yaye abanye bafelwa ngabantu ababathandayo.

UKiyoko waseOfunato uthi: “Ndakwazi ukukhwelisa umama okhubazekileyo emotweni ndaza ndamsa kwindawo ekhuselekileyo. Ndeva kunuka umsi. Xa ndiphuma emotweni, ndabona nango amanzi egubungela ikhaya lethu, esiza kuthi! Ndamnceda umama wenyuka udonga olusecaleni kwesiporo. Imoto yethu yakhukuliseka siyijongile.”

Emva kwenyikima, omnye umzalwana oselula ogama linguKoichi wazama ukuya kufika kwikhaya labazali bakhe eIshinomaki, ekumgama oziikhilomitha ezintlanu ukusuka elwandle. Wathi xa esondela, wabona ukuba wonke loo mmandla ugutyungelwe ngamanzi. “Ndandingazi kukwazi ukuya ndawo kuba ndandingenasikhephe.” Kwiiveki ezintathu emva kwenyikima, wafumana uyise efile, waza yena unina wamfumana emva kweeveki ezintathu, naye sele efile.

Kungekudala iphelile inyikima, uMasaaki waseShichigahama wagqiba kwelokuba amise imoto yakhe kwiHolo yoBukumkani ekumgama oyikhilomitha ukusuka elwandle. Uthi: “Ndadibana nodade owayebalekele apho. Ndandicinga ukuba itsunami ayinakuze ifike apha. Noko ke, kungekudala umhlaba wagutyungelwa ngamanzi amdaka! Iimoto zethu zadada kuloo manzi. Ndavula ifestile, ndakhwela phezu kwemoto, kodwa imoto yalo dade yemka namanzi ayaze iphinde ibonakale! Ndathandazela ukuba uYehova amncede.

“Kwakusiwa ikhephu, ndimanzi tixi, ndiqhaqhazel’ amazinyo. Layeka ukuwa ikhephu, kodwa kwakukho umoya obandayo. Latshona ilanga kwaza kwamnyama. Iinkwenkwezi zazikhazimla, zibukeka. Ndema phezu kwemoto yam, ekwakukuphela kwento eyayivelile kuloo manzi abanda okomkhenkce. Abanye abafana nam babemi phezu kwengqushu okanye eluphahleni lwezakhiwo. Ndandizibuza enoba kuza kusa ndisaphila kusini na. Ndazonwabisa ngokuzikhumbuza intetho yesidlangalala ebendisandul’ ukuyinikela kwiiveki ezimbini ngaphambili. Umxholo wayo wawufanelekile, kuba wawusithi: ‘Unokulufumana Phi Uncedo Xa Usengxakini?’ Emva koko, ndacula ekwakukuphela kwengoma endandiyazi ngentloko: ‘Thixo Wam, Bawo Wam, NoMhlobo Wam.’ Ndandiyiphinda-phinda. Njengokuba ndandicula, ndandicinga ngendlela endiye ndamkhonza ngayo uYehova, iinyembezi zazehlela.

“Ndeva ndikhwazwa ngumntu owayehlala kwindlu engaphaya kwendlela wathi, ‘Nyamezela. Ndiza kukunceda!’” Le ndoda yayenze isihlenga ngamaplanga eyayiwaqokelele yaye yayikhweza abantu abakufutshane nayo kuso. Yancedisa uMasaaki wakwazi ukungena kwifestile yendlu ethile kumgangatho wesibini. Wavuya kakhulu kamva akuva ukuba laa dade wayesemotweni naye usindile.

Kwakuyimincili, kuza kutshata uKohei noYuko kwiHolo yoBukumkani yaseRikuzentakata ngoMgqibelo ngoMatshi 12. Emva nje kokuba bebhalise umtshato wabo kwiholo yasekuhlaleni ngoLwesihlanu, yatsho inyikima. UKohei weva isilumkiso sokuza kwetsunami waza wabalekela kwindawo ephakamileyo. Uthi: “Isixeko sonke sasigqunywe yinkungu. Kwakungekho nto imileyo ngaphandle nje kwezakhiwo ezikhulu ezimbalwa. Ngaphambi koko, eyona nto yayindixhalabisa ngamalungiselelo omtshato, kodwa kungekudala ndabona ukuba wawumkhulu undonakele.”

UKohei noYuko bachitha usuku lwangoMgqibelo benceda abazalwana noodade basebandleni. Uthi: “Sasifumana uncedo kumabandla aselumelwaneni. Ndavuya kakhulu xa ndisiva umfazi wam esithi ukuvuyele ukuchitha ixesha namandla ekuncedeni abazalwana. Ndambulela uYehova ngeli qabane andinike lona. Le tsunami yemka nekhaya lethu elitsha, imoto yethu nazo zonke izinto zethu. Kodwa ndinombulelo omkhulu ngenxa yothando abazalwana abasibonise lona.”

Ukukhululeka Ngokwenyama, Ngokomoya Nangokweemvakalelo. Isebe laseJapan lakhawulezisa laseka iiKomiti Zoncedo Ngexesha Lentlekele ezintathu yaye lalisoloko lithumela abazalwana kwezo ndawo. Xa uGeoffrey Jackson noIzak Marais, abangabaveleli bamasebe bafika eJapan bevela kwikomkhulu lehlabathi ngoMeyi, badibana nabazalwana noodade abahlala kwezona ndawo zazithwaxwe zezi nyikima. Kwabakho intlanganiso ekhethekileyo eyayidibanisa amabandla achaphazelekileyo ngefowuni, abazalwana abangama-2 800 ababekwiiHolo zoBukumkani ezingama-21 baqinisekiswa ngendlela abathandwa nabaxhalatyelwe ngayo ngabazalwana abasehlabathini.

IiKomiti Zoncedo Ngexesha Lentlekele namanye amatsha-ntliziyo ayexakekile esiza nezinto eziluncedo. Ezona zinto zazifuneka yayikukutya, amanzi namafutha emoto. Iikomiti zoncedo zalungiselela ukuba kuthunyelwe iimpahla ezilingana abantu abahlukahlukeneyo kuloo mabandla. Kwiindawo zeentlanganiso kwakuxhonywa iimpahla nezipili.

Abazalwana noodade ababethwaxwe yile ntlekele babembulela kakhulu uYehova ngenxa yokuba eye wabanyamekela. Babesomelezwa ngokukhethekileyo kwiintlanganiso zamaKristu. Omnye udade ohlala kwindawo eyayithwaxwe yintlekele wathi: “Ndiyazola xa ndisezintlanganisweni. Zindenza ndiphile.”

Isigidimi Esinika Ithemba. Abazalwana baseJapan abazange balibazise ukuthuthuzela abamelwane babo abaxhwalekileyo ngeLizwi likaThixo. Iqela labavakalisi elihlala kwisixeko esingachatshazelwanga yintlekele bahambisa amaphephancwadi esitratweni bephethe ibhodi enombhalo othi, “Kutheni Kukho Le Ntlekele? Impendulo IseBhayibhileni.” Abantu abaninzi baba nomdla, ngoko abazalwana bahambisa iincwadi ezithi Okufundiswa YiBhayibhile ezili-177 ngosuku nje olunye olunesiqingatha.

Kwimimandla ethwaxwe yintlekele, amaNgqina aqala aya kuthuthuzela izifundo zawo zeBhayibhile namabuyelo, aza aya kubamelwane. UAkiko uthi: “Xa ndandifundela omnye umninimzi uMateyu 6:34, zasuka zathi waxa iinyembezi kuye. Kwakubonakala ukuba uneengxaki ezininzi. Xa ndandimcacisela indlela iBhayibhile esinceda ngayo sibe noxolo lwengqondo, wavumelana nam waza wabulela. Oku kwandenza ndayixabisa ngakumbi indlela iZibhalo ezikwazi ngayo ukuchukumisa iintliziyo zabantu.”

Enye indoda yathi: “Kwezi cawa zininzi kangaka nini nodwa enize kuthi ngeli xesha lobunzima.” Enye yona yathi: “Iyamangalisa into yokuba nakubeni kunzima ngolu hlobo, nisaqhubeka nomsebenzi wenu.” Omnye umdala webandla wathi: “Baninzi abaye bakuvuyela ukutyelelwa sithi. Bathi, ‘Ningabokuqala ukuza emakhayeni ethu oko kwehla le ntlekele. Ningadinwa.’”

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA NGEELWIMI EZILI-106!

Usuku lwangoLwesihlanu, ngoJulayi 15, 2011, yayilusuku olungasoze lulibaleke kwimbali yabantu bakaThixo eLatvia naseLithuania. Kwintetho eyayiphulaphulwe kula mazwe mabini, uStephen Lett weQumrhu Elilawulayo wakhulula INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiLatvia nesiLithuania, inguqulelo yama-99 neye-100. Kule minyaka isixhenxe idluleyo, eyona nto ibiphambili kwiQumrhu Elilawulayo ibikukuguqulelwa kweBhayibhile. Ngenxa yoko, ngoku INguqulelo Yehlabathi Elitsha ipapashwa ngeelwimi eziphindaphindwe kabini kunezo zowama-2004 yaye ehlabathini lonke abaguquleli bazibhokoxa ekuguquleleni iBhayibhile ngeelwimi ezingakumbi.

Unokuyithelekelela indlela abazalwana abaye bakuxabisa ngayo ukufumana iBhayibhile ngeelwimi zabo. Omnye umzalwana waseCentral African Republic uthi: “Ukuba neBhayibhile yenye into, kodwa ukuyiqonda ngolwimi lwakho, yeyona nto ixabiseke ngokwenene. INguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiSango itsho ngqo entliziyweni. Xa ndifunda iincwadi zeVangeli, ndiba nomfanekiso-ngqondweni wabantu endifunda ngabo.” La mazwi odade oselula wase-Ethiopia achaza indlela abanye abantu abavakalelwa ngayo: “Andinamazwi okuchaza indlela endinombulelo ngayo. Bendisoloko ndithandazela ukuba uYehova asiphe iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwethu. Namhlanje, isesandleni sam!”

IINDABA EZISEMATHENI EHLABATHINI LONKE

Umxhaphazi WaseRashiya Uvalwe Umlomo. Kangangeminyaka omnye udade osele ekhulile, uVera, wayekhathazwa ngummelwane wakhe owayewathiy’ egazini amaNgqina kaYehova. Le ndoda yayimsongela, imthuka nokumthuka phambi kwabazukulwana bakhe ababethanda ukumtyelela. UVera wahlala ezolile, engaxambulisani nayo, ekhumbula amazwi akumaRoma 12:18. NgoJanuwari 2011, lo mmelwane waya esiba nguphuma-silwe. Esoyikela ubomi bakhe, uVera wabiza elinye ipolisa lasekuhlaleni, eleza ekhayeni lakhe ngoMatshi wonyaka wama-2010, lihamba negosa eliphezulu. Ayeze kubona enoba yena namanye amaNgqina awayehlanganisene ekhayeni lakhe babesenza izinto ezenziwa ngabantu abanenzondelelo yempambano kusini na. Noko ke, eli polisa layibona eyona ngxaki. Lamngxolisa lo mmelwane laza lamhlawulisa iiruble ezingama-3 000 (R800) ngenxa yezisongelo awayezenza. Emva koko akazange aphinde ahluphe. UVera wabhalela isebe lamapolisa ileta yombulelo. Wothuka xa efumana impendulo evela kumphathi wamapolisa. Wayebulela amazwi amnandi awathethileyo ngepolisa eliye lamnceda. Wathi: “Amazwi amnandi owabhalileyo ngoxa abantu abaninzi bewagxeka amapolisa, abonisa indlela othembeke ngayo.” UVera uthi ngoku ela polisa lasekuhlaleni lisoloko limhlola ukuze liqiniseke ukuba wonwabile.

“Indoda Echola Inkunkuma” ETurkey. Abantu ababini abasandul’ ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile baya kwindibano yesithili. Babhala: “Kwakungathi siyaphupha. Wonke umntu wayencumile, enobubele yaye enentlonelo. Ngexesha lekhefu sasizihambela nje yaye sasingaziva siziindwendwe. Kweza umzalwana owayesifundela iBhayibhile. Wayephethe ingxowa yenkunkuma. Sazama ukumphepha kuba sicinga ukuba umsebenzi wakhe kukuqokelela inkunkuma, yaye sasingafuni ukubonwa sikunye naye. Sazama ukumzimela. Sazibuza, ‘Kutheni sifundelwa iBhayibhile ngumntu ochola inkunkuma kunokuba sifundelwe ngumntu onikela iintetho eqongeni?’

“Noko ke, njengoko siqhubeka sifunda safumanisa ukuba lo ‘mntu uchola inkunkuma’ wayelilungu leKomiti yeSebe yaye usebenza kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova. Senza inkqubela saza sanikela ubomi bethu kuYehova, saqonda ukuba lo mzalwana uthobekileyo ‘wayeziphethe njengomncinane.’ (Luka 9:48) Sisixabisa kakhulu eso sifundo sasifumana kuloo ntlanganiso inkulu esasiqala ukuya kuyo!”

Ubuxoki EArmenia. Ezindabeni kwasasazwa ubuxoki nxamnye namaNgqina kaYehova emva kokuba umfana owabulala abazali bakhe kwisixeko saseSevan kwathiwa liNgqina likaYehova. Ngoko nangoko saphikiswa eso sityholo. Sekunjalo, la marhe aqhubeka esanda, ibe kumabonwakude kwakusoloko kuthethwa ngokuba lo mfana liNgqina likaYehova. Kwasetyenziswa intetho ethob’ isidima nenyelisa amaNgqina kaYehova, yaye kuloo nkqubo kwavela umbhalo othi, “Ababulali Abakhohlakeleyo BakaYehova.” Le nkqubo yakhuthaza ababukeleyo ukuba bade bawabethe amaNgqina afika emakhayeni abo. Ngenxa yoku, abantu baseArmenia baqhubeka bewazonda nangakumbi amaNgqina. Esi sitishi sikamabonwakude samangalelwa, saxelelwa ukuba sirhoxise inkcazelo yaso ephosakeleyo, sicele uxolo size sihlawule umonakalo ngenxa yokungcolisa igama lethu elihle. Ngexesha lokushicilelwa kwale Ncwadi Yonyaka, esi sitishi sasingekakwenzi oko, kodwa kwakusaxutyushwa ngombandela wokuhlawula umonakalo.

Oononjineli Bangomso BaseVenezuela. Ntsasa nganye, xa lisiya esikolweni sabantwana abancinane, iqela labantwana lalidla ngokudlula kwisiza ekwakhiwa kuso iHolo YoBukumkani kwidolophu yaseSan José de Guaribe. Babesima kancinci baze babukele, bemangaliswe ngumsebenzi owenziwayo. Ngeny’ imini, utitshala wabo wababuza ukuba bafuna ukuba zintoni xa bebadala. Wothuswa ziimpendulo eziliqela zabo ezifanayo, xa bathi bafuna ukuba “ngoononjineli njengamaNgqina kaYehova”! Enomdla lo titshalakazi nomnye asebenza naye, bagqiba kwelokuba babakhuphe abantwana babase kwisiza ekwakhiwa kuso iHolo. Ekufikeni kwabo, aba bakhi bababonisa sonke isiza. Aba bantwana balonwabela kakhulu ixesha labo, ngokukodwa xa bavunyelwa ukunxiba iminqwazi yokuzikhusela emibalabala. Ootitshala baye banemibuzo emininzi, kwaye abakhi banikela ubungqina.

Inani Lokuvelisa Amaphephancwadi Liyanda EKhanada. Ukuze kuqinisekiswe ukuba imali yeminikelo isetyenziswa ngobulumko, iQumrhu Elilawulayo labela isebe laseKhanada ukuba lishicelelele amabandla aseBermuda, eGuyana, eKhanada, naseUnited States nakwezinye iziqithi eziseCaribbean IMboniselo noVukani! Ngenxa yoko, ekuqaleni konyaka wenkonzo wama-2011, inani lokuvelisa amaphephancwadi aseKhanada landa ngokuphindaphindwe kali-12. Sithethanje iKhanada ishicilela amaphephancwadi ngeelwimi ezingama-30, inani eliphantse libe ngama-25 ekhulwini lamaphephancwadi ashicilelwa ehlabathini lonke.

Kumenywa Uwonke-wonke EFinland. IQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kwenziwe iphulo elikhethekileyo, elinikela ingqalelo kumaNgqina kaYehova aseFinland kunye nesigidimi sawo aye asivakalisa kangangenkulungwane. Abazalwana bawasasaza ngenkuthalo amaphephancwadi kaVukani! ka-Agasti 2010 onamanqaku angumxholo athi, “AmaNgqina KaYehova—Angoobani?” Oku kwavulela ithuba lokuba kuthethwe ngomsebenzi wethu. Ekupheleni kwenyanga ka-Agasti, abazalwana bamema uwonke-wonke kwiofisi yesebe. Intsapho yaseBheteli iyonke yaba nenxaxheba ekucaciseni ngomsebenzi owenziwa apho. Kwabekwa imiboniso echazela iindwendwe zethu ngomsebenzi esiwenzayo. Abanye abasebenzi baseBheteli banxiba iimpahla zamandulo bebonisa indlela ababezenza ngayo iibhodi zezibhengezo zeentetho zesidlangalala ngeminyaka ye-1940 neye-1950. Amacandelo amaninzi ayenzele iindwendwe izipho ezincinane. Kweza abantu abamalunga ne-1 500. Ngenxa yoko, umsebenzi wethu wanconywa kumaphephandaba, koonomathotholo nakumabonwakude.

Uqhushululu ECôte d’Ivoire. Unyaka wenkonzo wama-2011 waqalisa ngefuthe elikhulu, nto leyo eye yabonakala kwizifundo zeBhayibhile ezingama-23 019 eziye zaqhutywa ngabavakalisi abangama-8 656. Noko ke, ngasekupheleni kukaNovemba 2010, kuye kwavuka uqhushululu ngenxa yonyulo lukamongameli. NgoMatshi ukuya kuAprili 2011, lo mbhodamo wawusele ufikelele kwidolophu elikomkhulu lezorhwebo, iAbidjan, nto leyo eyabangela ukuba kunyanzeleke ukuba abantu abaninzi bemke kweso sixeko, abanye bade bemka nakwelo lizwe. Kwabo bantu kwakukho nabazalwana bethu abaninzi, ababaleka ngeenyawo beshiya amakhaya nezinto abanazo.

Ngalo lonke eli xesha linzima, ukungakheth’ icala kwabazalwana bethu kwakubakhusela. Ngesinye isihlandlo amajoni angena kwisikolo samabanga aphantsi apho ootitshala nabacebisi babebambe ingqungquthela. Athi bonke mabalale phantsi baze bawanike izinto zabo ezixabisekileyo. Xa omnye umzalwana wawanika ibhegi yakhe yentsimi eyayizele ziincwadi, engabuzanga aqonda ukuba uliNgqina likaYehova. Amnika loo bhegi yayinemali yakhe kunye neselfowuni aza athi: “Awuyongozi wena kuthi.”

UKUNIKEZELWA KWESEBE KUZUKISA UTHIXO

NgoDisemba 18, 2006, isebe laseChile laqalisa ukwandisa izakhiwo zeeofisi ngemigangatho emibini, sona ekuhlalwa kuso ngemigangatho emithathu, kunye nendawo yokugcina iimpahla. Ezo zakhiwo zanikezelwa ngo-Oktobha 16, 2010, apho ilungu leQumrhu Elilawulayo, uDavid Splane, lanikela intetho ngeSpanish kubantu abangama-5 501.

Xa kwakunikezelwa iofisi yelizwe eyandisiweyo eBurkina Faso ngoFebruwari 19, 2011, kwakukho abantu abangama-210. Intetho yayinikelwa nguJohn Kikot ovela kwikomkhulu lesebe. Umsebenzi wokushumayela wawusonganyelwa lisebe laseCôte d’Ivoire de kwangoMeyi 2011 xa iBurkina Faso yaba phantsi kwesebe laseBenin. Indlela ababeziphethe ngayo abakhi yazisa udumo kwigama likaYehova. Omnye umntu osebenza kwinkampani enkulu ethengisa izinto zokwakha wathi: “Kwakungangxolwa. Asizange sikhe sisebenze kwisakhiwo esinabakhi abazole nabonwabe ngolu hlobo.”

Abantu bavuya ngokwenene xa kwakunikezelwa izakhiwo ezitsha zesebe laseHong Kong ngoAgasti 27, 2011. Iiofisi ezintsha zikumgangatho we-19 wesakhiwo esinemigangatho engama-37 esijongene neVictoria Harbor. (Zikhonjwe kumfanekiso ongezantsi) UStephen Lett weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho kwisihlwele esasinehlombe sabantu abangama-290 ababehleli kwigumbi lokutyela, eziofisini nakwindawo yokupakisha uncwadi. Le ndawo intsha yeeofisi iza kunceda icandelo Lokuguqulela, eLenkonzo, eLokurekhoda, eLokuthenga, eLokupakisha iincwadi neLemali.

INGXELO YEZOMTHETHO

Umprofeti uYeremiya owayethembekile wayenesizathu esihle sokuqiniseka ukuba uThixo uSomandla akasoze amshiye. UYehova wathi: ‘Ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa. Kuba ndinawe, ukuze ndikusindise nokuze ndikuhlangule.’ (Yer. 15:20) Njengokuba ezi ngxelo zilandelayo ziza kubonisa, nanamhlanje uYehova uye wabaxhasa abakhonzi bakhe njengoko beshumayela phezu kwayo nje inkcaso.—Mat. 24:9; 28:19, 20.

EArmenia UVahan Bayatyan liNgqina likaYehova elagwetywa iminyaka emibini enesiqingatha entolongweni ngenxa yokungavumi ukubandakanyeka emkhosini. Emva kokuba limlahlile ityala waza akaphumelela nakuba wayebhenele kwinkundla yaseArmenia, ityala lakhe lachotshelwa yiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu (European Court of Human Rights [ECHR]). Ngo-Oktobha 27, 2009, iArmenia yaliphumelela elo tyala waza uMzalwan’ uBayatyan wagwetywa ziijaji ezisixhenxe ze-ECHR. Sekunjalo, ijaji ephikisana neso sigwebo yafumanisa ukuba isigqibo seNkundla “asivisisani nemilinganiselo yaseYurophu kumba wokuzenzela izigqibo.” Ngenxa yoku, iECHR yadlulisela eli tyala kwiSigqeba sayo esasineejaji ezili-17.

NgoJulayi 7, 2011, kule nkundla eyayineejaji ezili-17, ezili-16 zavumelana kwelokuba iArmenia ayiwahloniphanga amalungelo enkululeko yokuzikhethela kaMzalwan’ uBayatyan. Le Nkundla yaqonda ukuba “ibingenasizathu sokukuthandabuza ukuba ukungavumi kommangalelwa ukuzibandakanya emkhosini bekubangelwa ziinkolelo zonqulo abambelele kuzo nezingavumelani kwaphela nokuba abandakanyeke emkhosini.” Siyathemba ukuba esi sigwebo singasokuze silibaleke siza kukhokelela ekukhululweni kwabazalwana abangama-69 abavalelwe eArmenia, kunye nabo bajamelene nemeko efanayo eAzerbaijan naseTurkey.a

EBulgaria NgoAprili 17, 2011, abantu abangaphezu kwe-100, kuquka amabhinqa, abantwana nabantu abadala, babenandipha iSikhumbuzo sokufa kukaKristu kwiHolo yoBukumkani eseBurgas. Ngaphandle kwakukho ihlokondiba lamadoda angama-60 awayegibisela amaNgqina awayemi esangweni ngamatye amakhulu. Emva koko lagibisela iHolo yoBukumkani, kodwa abazalwana balinqanda ukuba lingangeni. Kwabizwa amapolisa ngokukhawuleza, kodwa afika emva kwethuba. Kwenzakala amaNgqina amaninzi, yaye amahlanu athathwa yinqwelo yezigulana yawasa esibhedlele. Nakubeni abazalwana babehlaselwa, iSikhumbuzo asizange sime. Ekubeni amaNgqina kaYehova edla ngokuphathwa ngentlonelo eBulgaria, olo hlaselo lwabangela ukuba kuthethwe kakuhle ngawo. IQumrhu Elilawulayo layalela amasebe ali-13 ukuba axelele Oonozakuzaku baseBulgaria abakumazwe awo ngolu hlaselo. Ukususela ngoko urhulumente waseBulgaria uye walugxeka olu hlaselo yaye umtshutshisi wasekuhlaleni uye wabamangalela aba bahlaseli basibhozo.

EMzantsi Korea EMzantsi Korea amaNgqina kaYehova angaphezu kwama-800 asengaphaya kwezitshixo ngenxa yokungavumi kwawo ukubandakanyeka emkhosini ngenxa yeenkolelo zawo. Ukususela ngowe-1950, amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-16 000 agwetywa iminyaka engaphezu kwama-31 000 entolongweni ngenxa yokungavumi ukubandakanyeka emkhosini. Kwakutheni ukuze abafana abaninzi kangaka bangavumi?

Umfana ngamnye uzenzela isigqibo esivumelana nesazela sakhe. Ngokomzekelo, xa kwakuxoxwa ityala lakhe, uKim Ji-Gwan wathi: “Ndachukunyiswa ziimfundiso zeBhayibhile ezifana nethi ‘abantu abayi kuphinda bafunde imfazwe kwakhona’ nethi ‘uze uthande ummelwane njengawe siqu.’ Ndafunda nokuba uthando olusekelwe kumgaqo lunokusenza sizithande iintshaba zethu. Ngenxa yezi zibhalo nezinye, nangenxa yeenkolelo zam ezingasoze zitshintshe, ndiye ndagqiba kwelokuba ndingabandakanyeki emkhosini.”—Isa. 2:4; Mat. 5:43, 44; 22:36-39.

Ngoku sithethayo, abafana baseMzantsi Korea abavunyelwa ukuba benze ezinye iinkonzo zikarhulumente ezingenakuthanani nomkhosi. Kuzanywa ukuconjululwa le ngxaki, kuye kwasiwa amatyala alishumi kwiNkundla yoMgaqo-siseko yaseKorea. NgoNovemba 11, 2010, kule nkundla kwabakho ingxoxo eshushu ephathelele isibakala sokuba ukungavumi kweKorea ukuba abamangalelwa benze eminye imisebenzi engenakuthanani nomkhosi ngenxa yezazela zabo, kukungawahloniphi amalungelo abemi baseKorea.

Ngelo xesha, ngoMatshi 24, 2011, iKomiti Yamalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo (United Nations Human Rights Committee [iUNHRC]) ifumanise ukuba uMzantsi Korea uye akawahlonela amalungelo abantu asebenza ehlabathini lonke xa wavalela amaNgqina kaYehova ali-100 angavumanga ukungenela umkhosi. (Aba bazalwana bali-100 babhena kwiUNHRC.) Ukongezelela, ingxelo yokuphumelela kukaMzalwan’ uBayatyan kwiNkundla yesiGqeba ye-ECHR (funda ingxelo yaseArmenia kwiphepha 34-35) yasiwa kwiNkundla yoMgaqo-siseko yaseKorea ukuze iyihlolisise xa isenza isigqibo ngalaa matyala alishumi. Sekunjalo, ngoAgasti 30, 2011, iNkundla yoMgaqo-siseko ayizange isise so isigqibo seUNHRC, yabambelela kuMthetho Weenkonzo Zasemkhosini yaza ayawakhulula amabanjwa angavumanga ukuya emkhosini. Ngenxa yokubona ukuba kukho ukungavisisani phakathi koMthetho Weenkonzo Zasemkhosini nendlela umgaqo-siseko oyiqonda ngayo inkululeko yokuzikhethela, iijaji ezimbini kwezisithoba zabona ngenye indlela zaza zafuna ukuba abamangalelwa benze iinkonzo zikarhulumente ezivumelana nezazela zabo.

ETurkey NgoJulayi 31, 2007, abazalwana bethu bavuya xa bamkelwa ngokusemthethweni njengeqela lonqulo. Nangona kusekho iingxaki mayela nokungathath’ icala kwabazalwana bethu nokusetyenziswa kweeHolo zethu zoBukumkani, ezinye izinto zobuthixo zenziwa ngokukhululekileyo kweli lizwe. NgoAprili 26, 2011, iSebe Lezemfundo leRiphabliki yaseTurkey lathumela umyalelo wokuba ‘amaNgqina kaYehova anokukhutshwa kwiiklasi zonqulo eziqhutywa esikolweni.’ Eli Sebe lathi “nangona amaNgqina kaYehova engazamkeli iimfundiso eziqhelekileyo zobuKristu, angamaKristu.” Esi sigqibo sabavuyisa abazalwana noodadewethu abaselula ababetshoniswa ngabom esikolweni kangangeminyaka ngenxa yokungavumi ukuba nenxaxheba kwiiklasi zonqulo.

EUnited States NgoMeyi 2011, iNkundla Yezibheno yaseKansas yenza isigqibo esifanelekileyo kwityala likaMary D. Stinemetz nxamnye neKansas Health Policy Authority. Inkundla yathi ukwala kwephondo ukuba uDade Stinemetz atyandwe ngaphandle kwegazi kwelinye iphondo kukungawahloniphi amalungelo akhe. Ekubeni uhlobo lotyando olwalufunwa ngulo dade lwalungekho eKansas, inkundla yayalela ukuba urhulumente avume ukuba atyandwe kwelinye iphondo. Oku akuzange kuncede uDade Stinemetz kuphela, kodwa kuncede nabanye abavakalisi baseUnited States abanyangwa kwizibhedlele zikarhulumente.

NgoAgasti 10, 2011, iNkundla Ephakamileyo yaseKansas yanika uMonica McGlory, oliNgqina likaYehova ilungelo lokukhulisa unyana wakhe. Uyise womntwana wayefuna ukunikwa ilungelo lokumkhulisa kuba esithi uDade McGlory akanakumkhulisa ngenxa yokuba (1) akalufuni utofelo-gazi, (2) uhamba nalo mntwana xa esiya kushumayela kwindlu ngendlu yaye (3) umahlukanisa noyise nabantu basekuhlaleni ngokumfundisa ngeArmagedon.

INkundla Ephakamileyo yaseKansas yema kwimigaqo eyamiselwa ngowe-1957, xa yathi: “Inkululeko yonqulo, njengoko usitsho umgaqo-siseko wethu imele ingabethwa ngoyaba yaye indlela abantwana abafundiswa ngayo ngonqulo ayimele ijongwe njengesiseko sokufumana ilungelo lokukhulisa umntwana.” Ngokuphathelele utofelo-gazi, inkundla yathi: “Asinakuxoxa amatyala [aphathelele ilungelo lokukhulisa umntwana] ngeengozi okanye izigulo ezinokufuna [utofelo-gazi] esingazi nokuba ziza kwenzeka na.”

EFransi Kwakuyimincili ngoJuni 30, 2011, xa iECHR yenza isigqibo esixhasa uMbutho wamaNgqina kaYehova aseFransi. Oku kwabangelwa lityala elathabatha iminyaka eli-16, apho kwakufunwa amaNgqina kaYehova ahlawule irhafu ebaxiweyo engama-60 ekhulwini ngenxa yeminikelo efunyanwa lisebe. Kuzo zonke iintlangano zonqulo ezilapho, ngamaNgqina kuphela aye ahlawuliswa irhafu ebaxeke kangaka. Urhulumente waseFransi wayefuna amaNgqina kaYehova ahlawule isimbuku semali ezii-euro ezizizigidi ezingama-58, (imali engaphezu kwe-R638 000 000), mali leyo ungenakukwazi ukuyihlawula uMbutho. Emva kokuba iinkundla zaseFransi zikuqinisekisile oku, ngoFebruwari 2005 kwabhenelwa kwiECHR.

NgoJuni 30, 2011, iijaji ezisixhenxe ze-ECHR zavumelana kwelokuba, ukuba le nkundla iye yavumelana nesigqibo saseFransi, amaNgqina kaYehova akayi kuvunyelwa ukuba akhonze ngokukhululekileyo kweli lizwe. INkundla yaqinisekisa ukuba amalungelo eecawa awakhutshwa yiEuropean Convention on Human Rights ayasebenza nakumaNgqina kaYehova. Esi sigqibo siza kuba yingenelo nakwamanye amazwe aphantsi kwe-ECHR, njengeArmenia, iBulgaria, iGeorgia, neRashiya. Okunye okubangela umdla kukuba, esi sisihlandlo sokuqala urhulumente waseFransi efunyaniswa enetyala lokungahloniphi inkululeko yonqulo eyamiselwa yiEuropean Convention. Urhulumente waseFransi akazange afake sibheno.

ERashiya NgoJuni 10, 2010, amaNgqina kaYehova aphumelela kwityala lamaNgqina kaYehova aseMoscow nxamnye neRashiya elingasoze lilibaleke elalichotshelwe yiECHR. Nangona urhulumente waseRashiya wafuna ukubhenela kwiSigqeba seNkundla esineejaji ezili-17, ngoDisemba 13, 2010, iijaji zeSigqeba azizange zivume, nto leyo eyabangela ukuba isigqibo esenziwa ngoJuni 10 sime. Esi sigqibo sasisithi urhulumente waseRashiya “unyanzelwa ngumthetho . . . ukuba aphelise ulwaphulo-mthetho alwenzileyo aze alungise wonke umonakalo awenzileyo kangangoko kunokwenzeka.” Noko ke, urhulumente akakawuphumezi lo myalelo. Kunoko, uye wafumana iindlela ezintsha zokuxhaphaza amaNgqina nokuwaphazamisa ekubeni anqule ngokukhululekileyo.

Ngokomzekelo, ngentsasa yangoAgasti 25, 2011, amapolisa aya kugqogqa imizi yabazalwana bethu abali-19 kwisixeko saseTaganrog aza athimba uncwadi oluthetha ngeenkolelo zabo, iikhompyutha neengxelo zamabandla. Kubonakala ukuba esi senzo sasibangelwa sisigqibo esenziwa ngaphambili yiNkundla Ephakamileyo yaseRashiya sokuba uvalwe umsebenzi wethu eTaganrog kuze kugqalwe iimpapasho zethu ezingama-34 njengeziyingozi. Ngenxa yezigqibo zeenkundla zaseRashiya, urhulumente uye wafaka iimpapasho zethu ezingama-63 kuLudwe Lwelizwe Loncwadi Oluyingozi.

Ukongezelela, abazalwana noodadewethu bagqogqelwa imizi, baxhatshazwa, babanjwa baza bavalelwa ngamapolisa ubuncinane izihlandlo ezingama-950. Abasemagunyeni baseRashiya baye bamangalela abazalwana bethu izihlandlo ezili-11 yaye iiHolo zoBukumkani ezininzi ziye zonakaliswa. Abasemagunyeni bade bafaka iikhamera kumzi wenye intsapho, baphulaphula iincoko zayo zefowuni baza bahlola unxibelelwano lwabaninzi lweIntanethi bezama ukufumana into enokuba yingozi abanokubamangalela ngayo.

Omnye umzalwana owenzelwa iyelenqe nguAleksandr Kalistratov oneminyaka engama-35 ubudala, ohlala kwisixeko saseGorno-Altaysk, owatyholwa “ngokuvus’ intiyo yonqulo nobutshaba” kusetyenziswa umthetho ophathelele abantu abagqalwa beyingozi, ongaqondakaliyo nakubameli bamalungelo abantu. Ebudeni beli tyala, elaqala ngo-Oktobha laya kutsho ngoMatshi 18, 2011, akukho nalinye kumangqina ancinwayo angama-71 elambek’ ityala uAleksandr. Inkundla yazihlolisisa ngokucokisekileyo iincwadi zamaNgqina kaYehova ngoAprili 14, 2011 yaza ijaji yamfumanisa engenatyala. Noko ke, umtshutshisi wabhena yaye ngoMeyi 26, 2011, iNkundla Ephakamileyo yaseAltay Republic yagqiba kwelokuba ibuyisele eli tyala kwinkundla engaphantsi ukuze liviwe yenye ijaji. Ngoku uMzalwana uKalistratov, nakuba efunyaniswe emsulwa, kusafuneka equqe ezinkundleni kwakhona yaye usenokugwetywa ngokuphosakeleyo ngezityholo zokuba uyingozi.

Esi sityholo sokuba umsebenzi wethu uyingozi siye satsal’ amehlo abantu abaninzi kwesi sixeko sincinane saseGorno-Altaysk. AmaNgqina asekuhlaleni, ngoku asengozini yokumangalelwa, aye ajamelana njani nale meko?

Omnye udade ogama linguInna uthi: “Kweli xesha lobunzima, ndiyixabisa ngakumbi iBhayibhile. Abazalwana noodadewethu ndibajonga njengabasekhaya yaye ndisondele ngakumbi kuYehova!” Nakuba iimpapasho zethu ezininzi ziye zavalwa, kuye kwaqaliswa izifundo ezininzi kusetyenziswa iBhayibhile nje kuphela. Inani labavakalisi laseAltay Republic liye landa ngama-24 ekhulwini. Iiyure eziye zachithwa ngamaNgqina entsimini ziye zanda ngama-33 ekhulwini. Inani labantu abeze kwiSikhumbuzo liye landa nge-16 ekhulwini kunonyaka odluleyo, nani elo eliliphindaphinda kabini inani labavakalisi kwelo!

Okwangoku, amaNgqina kaYehova aseRashiya ase izikhalazo ezili-13 kwiECHR nxamnye norhulumente waseRashiya. Esinye isikhalazo siphathelele isigqibo seNkundla Ephakamileyo sangoDisemba 8, 2009 yaye esinye siphathelele isigqibo seNkundla Ephakamileyo yaseAltay Republic esasisithi iimpapasho zethu ezili-18 ziyingozi.

[Umbhalo osemazantsi]

a Amatyala abandakanya amaNgqina kaYehova angama-49 aye achotshelwa yiECHR ukususela ngowe-1965, aye anemiphumo emihle ngaphandle nje kwamabini. Kodwa le mpumelelo kaMzalwan’ uBayatyan iyalicima elinye laloo matyala mabini.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]

“Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, ‘Kwaye bonke baya kufundiswa nguYehova’”

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]

“Andinamazwi okuchaza indlela endinombulelo ngayo”

[Ibhokisi ekwiphepha 12]

Oko Bakuthethayo Ngokuba Ngoovulindlela Abangabancedani:

• “Ndandiqala ngqa ukuba nguvulindlela ongumncedani. Andinamazwi aneleyo okuvakalisa umbulelo endinawo ngokufumana eli thuba!”

• “Ndibulela kakhulu ngeli lungiselelo. Lisenze sonwaba kakhulu.”

• “Esi ibisesona sihlandlo simnandi embalini yebandla lethu.”

• “Ukuba noovulindlela abangabancedani abaninzi ngolu hlobo ebandleni kuye kwabangela uxolo nomanyano.”

• “Imel’ ukuba iArmagedon isondele nyhani!”—Amazwi omntu ongeloNgqina oye waphawula indlela esiye sashumayela ngayo ngenyanga ka-Aprili.

[Ibhokisi ekwiphepha 43]

‘MEMELELANI NGOVUYO’

ELI HLABATHI lilawulwa nguSathana liya lisiba sebugxwayibeni. (ISityhi. 12:12) Ngokwahlukileyo kulo, abakhonzi bakaYehova ‘bamemelela ngovuyo ngenxa yemeko elungileyo yentliziyo.’ (Isa. 65:13, 14) Baqhubeka bemema abantu ukuba banqule uThixo oyinyaniso, besazi ukuba “bonke abo basabela [kuYehova] baya kuba nemihlali; baya kumemelela ngovuyo kuse kwixesha elingenammiselo.”—INdu. 5:11.

[Chart/Graphs on page 26]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

IFUMANEKA NGEELWIMI EZILI-106

INguqulelo Yehlabathi IZibhalo ZamaKristu

Elitsha Epheleleyo: 62 ZesiGrike: 44

IsiAlbania Intetho Yezandla YaseBrazil

IsiArab Intetho Yezandla YaseColombia

IsiArmenia Intetho Yezandla YaseItali

IsiBhulu Intetho Yezandla YaseMerika

IsiBulgaria Intetho Yezandla YaseMexico

IsiCebuano Intetho Yezandla YaseRashiya

IsiChichewa IsiAmharic

IsiCibemba IsiAzerbaijani

IsiCroatia IsiAzerbaijani (IsiCyrillic)

IsiCzech IsiChitonga

IsiDanish IsiCreole saseHaiti

IsiDatshi IsiEstonia

IsiEfik IsiEwe

IsiFinnish IsiFiji

IsiFrentshi IsiGun

IsiGeorgia IsiHiligaynon

IsiGrike IsiHindi

IsiHungary IsiHiri Motu

Isi-Igbo IsiKannada

Isi-Iloko IsiKazakh

Isi-Indonesia IsiKhambodiya

IsiJamani IsiKikaonde

IsiJapan IsiKiribati

IsiKinyarwanda IsiLatvia

IsiKirghiz IsiLithuania

IsiKirundi IsiLuganda

IsiKorea IsiLuvale

IsiLingala IsiMalayalam

IsiMacedonia IsiMyanmar

IsiMalagasy IsiNepal

IsiMalta IsiPangasinan

IsiNgesi IsiPapiamento (isiCuraçao)

IsiNorway IsiPunjabi

IsiOssetic IsiSango

IsiPedi ISilozi

IsiPolish IsiSranantongo

IsiPhuthukezi IsiTamil

IsiRomania IsiThai

IsiRashiya IsiTok Pisin

IsiSamoa IsiTonga

IsiSerbia IsiTumbuka

IsiSerbia (isiRoman) IsiUkraine

IsiShona IsiUzbek

IsiSinhala IsiVietnam

IsiSlovak

IsiSlovenia

IsiSpanish

IsiSuthu

IsiSwahili

IsiSwedish

IsiTagalog

IsiTaliyane

IsiTshayina (Esenziwe lula)

IsiTshayina (Esiqhelekileyo)

IsiTsonga

IsiTswana

IsiTurkey

IsiTwi (IsiAkuapem)

IsiTwi (IsiAsante)

IsiXhosa

IsiYoruba

IsiZulu

[Graphs]

◀ 76% ◁ 24%

Ngowama-2011, ubuncinane abantu abangama-76 ekhulwini bebesebenzisa “INguqulelo Yehlabathi Elitsha” (epheleleyo okanye inxalenye yayo) ngolwimi lwabo lomthonyama

110

100

90

80

70

60

50

40

30

20

10

0

1950 1955 1960 1965 1970 1975 1980 1985 1990 1995 2000 2005 2010

[Igrafu ekwiphepha 8]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Ehlabathini Lonke, Abavakalisi Abazizi-2 657 377 Baye Baba Ngoovulindlela Abangabancedani

2,5 (IZIGIDI)

2,0

1,5

1,0

0,5

0

2008 2009 2010 2011

[Imaphu ekwiphepha 35]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

UNITED STATES

FRANCE

BULGARIA

TURKEY

ARMENIA

AZERBAIJAN

RUSSIA

SOUTH KOREA

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Ngasentla: Oovulindlela nabavakalisi beza kuqhuba izifundo zabo zeBhayibhile ekhayeni likaJeannette. (Funda iphepha 8-9)

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Iqela loovulindlela abathe ngxi nabangabancedani lisiya entsimini eMadrid, eSpeyin

[Umfanekiso okwiphepha 10]

UToshi ushumayela kumntu omncedayo kwikhaya lokunyamekela abalupheleyo

[Umfanekiso okwiphepha 11]

UAlejandro noyise ngosuku lokugqibela enyangeni eSant Celoni, eseBarcelona, eSpeyin

[Umfanekiso okwiphepha 13]

IZiko Lemfundo LeWatchtower lasePatterson, eliseNew York, eUnited States

[Umfanekiso okwiphepha 18]

IHolo yoBukumkani yaseRikuzentakata, eJapan

[Umfanekiso okwiphepha 22]

Ngasentla: Amatsha-ntliziyo akhupha ingqushu ekhayeni lomzalwana eShibata, eMiyagi

[Umfanekiso okwiphepha 22]

Ekhohlo: Ilungu leKomiti yeSebe linikela intetho kwikhaya lomzalwana eRikuzentakata

[Umfanekiso okwiphepha 22]

Ezantsi: Amatsha-ntliziyo enza isidlo sasemini kwindibano ekhethekileyo yosuku kummandla othwaxwe yintlekele

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Inguqulelo yesiLithuania neyesiLatvia

[Imifanekiso ekwiphepha 31]

Ilitye elibonisa elona nani likhulu kwawakha akho kwiYankee Stadium, eNew York, eUnited States

[Umfanekiso okwiphepha 32]

Abakhi abasebenza kwiofisi yaseBurkina Faso

[Umfanekiso okwiphepha 32]

Iofisi yaseBurkina Faso

[Umfanekiso okwiphepha 32]

Isebe laseChile

[Imifanekiso ekwiphepha 33]

Izakhiwo zesebe elitsha laseHong Kong

[Umfanekiso okwiphepha 34]

INkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu, eStrasbourg, eFransi

[Imifanekiso ekwiphepha 38]

Abafundi baphethe iingxelo zabo zesikolo. Bavuyiswa kukuba benganyanzeliswa ukuba babekho kwiiklasi zonqulo

[Umfanekiso okwiphepha 41]

AmaNgqina Ashumayela eGorno-Altaysk, kwiRiphabliki yaseAltay

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share