Ukungavumi Ukwenza Imisebenzi Enento Yokwenza Nomkhosi
Lo mbandela usekelwe kuIsaya 2:4 noYohane 18:36.
EARMENIA
INkundla yaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu (i-ECHR) iye yawisa isigwebo esivuyisayo ngoNovemba 27, 2012, kwityala likaKhachatryan ekunye nabanye nxamnye neArmenia. Urhulumente warhuqela amaNgqina ayi-17 enkundleni ngokungekho mthethweni kuba izazela zawo zingawavumeli ukuba enze imisebenzi enento yokwenza nomkhosi. IArmenia iye yawahlawula la maNgqina, kuquka neendleko zawo zenkundla.
Nakubeni ityala likaKhachatryan, elikaBayatyan nxamnye neArmenia kunye namanye aye asiwa kwi-ECHR aza axoxwa ngempumelelo, urhulumente waseArmenia waqhubeka etshutshisa amaNgqina aselula angafuniyo ukuya emkhosini. Noko ke, ngoJuni 8, 2013, urhulumente uye wenza utshintsho kumthetho ophathelele imisebenzi enokwenziwa ngabo bangafuni ukuya emkhosini, ibe kubonakala ukuba uya kunceda bangabandakanyeki nomkhosi. Onke amaNgqina angafuniyo ukuya emkhosini ngenxa yezazela zawo aye akhululwa ngoNovemba 12, 2013, ibe abafana abangamaNgqina abafuna ukwenza eminye imisebenzi bayavunyelwa.
KUMZANTSI KOREA
Ngo-Oktobha 31, 2013, bebeyi-602 abazalwana abasentolongweni. Ukususela ngo-1950, abasemagunyeni boMzantsi Korea baye bagweba amaNgqina kaYehova ayi-17 605, iminyaka eyi-34 184 xa idityaniswe yonke, kuba engavumi ukuya emkhosini ngenxa yezazela zawo.
AmaNgqina amaninzi asentolongweni ebekade evalelwa kwizisele kunye nezaphuli mthetho. Kutshanje abazalwana baye bacela kumphathi weSebe Lezeentolongo ukuba acele abaphathi bentolongo babohlule abazalwana kwamanye amabanjwa. Abaphathi bentolongo bavuma baza babohlula abazalwana abaninzi kwamanye amabanjwa, ngoko ngoAprili 2013, abazalwana abavalelweyo abamalunga ne-75 pesenti bebehlala bebane okanye bebahlanu esiseleni ngasinye. Olu tshintsho lubancede njani abazalwana?
Omnye umzalwana wathi: “Asisahlali nabantu abaziphethe kakubi okanye abathukayo.” Omnye wathi: “Ngoku siyakwazi ukukhuthazana size sibe neentlanganiso zonke.”
Okwangoku, amadoda ayi-56 awayekade engamajoni aza aba ngamaNgqina asaqhubeka emangalelwa, ehlawuliswa aze avalelwe kuba engavumi ukuya emkhosini. Kuba la madoda ebizelwa emkhosini amatyeli aliqela ngonyaka ukuya kutsho kwiminyaka esibhozo, kunzima kuwo ukumelana nale mpatho-mbi.
ESINGAPORE
Nakubeni befake izicelo ezininzi zokwenza eminye imisebenzi, abazalwana abayi-12 bagwetywe ngamnye iinyanga eziyi-39 entolongweni yamabanjwa omkhosi. Omnye umzalwana ugwetywe unyaka entolongweni kuba engavumi ukuya emkhosini.
ETURKMENISTAN
Abazalwana abasithoba babanjwa kuba bengavumi ukuya emkhosini ngenxa yezazela zabo, sithethanje bathothoza izigwebo zabo zeenyanga eziyi-18 ukuya kwiminyaka emibini ibe babethwa kanobom ngoonogada namajoni asentolongweni. Xa aba bazalwana bekhululwa, badla ngokuphinda babanjelwe into efanayo kusithiwa baneenkani baze baphathwe qatha nangakumbi kunakuqala. Amagqwetha amaNgqina ayi-10 angafuniyo ukuya emkhosini, aye afaka izikhalazo kwiKomiti Yamalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo.
Ukungavumi Ukuxhasa Imibhiyozo Yelizwe
Lo mbandela usekelwe kuDaniyeli 3:16-18.
ETanzania: Emva kokuba inkundla ifumanise ukuba abanatyala, aba bafundi bangamaNgqina bakwazi ukubuyela esikolweni
ETANZANIA
INkundla Yezibheno eDar es Salaam, eyona iphakamileyo eTanzania, iye yavuma ngazwi-nye ukuba akuvumelekanga oko kwenziwe sesinye isikolo ngokunika abantwana abahlanu uphum’ aphele saza sanqumamisa abayi-122, kuba nje bengafuni ukucula umhobe wesizwe. Kwisigqibo sale nkundla esapapashwa ngoJulayi 12, 2013, le nkundla yabona ukuba ukholo lwaba bafundi bangamaNgqina lolokwenene yaye babemele bafumane inkululeko yabo yesazela neyonqulo. Ukuzimisela kwaba bafundi ukuhlala bethembekile kuThixo, kunemiphumo emihle kuba kuzukisa igama likaYehova kuncede namaNgqina aseTanzania abe nenkululeko yonqulo.
Inkululeko Yokuthetha
Lo mbandela usekelwe kwiZenzo 4:19, 20.
EKAZAKHSTAN
Olunye uhlolisiso olwenziwe liSebe Lezonqulo lalapho luye lwathi iincwadi zethu eziliqela zineembono neengcamango eziyingozi, luphinde luthi inkcazelo ekuzo ibasa umlilo omkhulu weyantlukwano yabantu neyezonqulo. NgoAprili 6, 2013, amapolisa aseKarabalyk ambonzeleka kwelinye ikhaya kusaqhutywa iintlanganiso, aza ohlutha uncwadi lwethu. NgoJulayi 3, 2013, enye inkundla eseAstana yaxhasa isigqibo sokuyekisa iincwadi zethu eziyi-10, nesokuba kubekho imiqathango kwiincwadi ezingena kweli lizwe. NgoDisemba 2012 amagosa karhulumente aqalisa ukubamba aza arhuqel’ enkundleni abazalwana, kuba esithi bashumayela ngokungekho mthethweni. NgoMatshi 28, 2013, uMbutho Wezonqulo uyalele amaNgqina kaYehova aseKazakhstan ukuba awavumelekanga ukushumayela kwezinye iindawo ngaphandle kwakwizakhiwo zawo zokunqulela. Ukususela ngoJulayi 2013, abasemagunyeni beli sele bese abazalwana noodade abayi-21 ukuba baye kuxoxa amatyala.
Inkululeko Yokuhlanganisana Nokunxulumana
Lo mbandela usekelwe kumaHebhere 10:24, 25.
EAZERBAIJAN
NgoJanuwari 2010 ikomiti esebenza nemibutho yonqulo yala ukuphinda ibhalise amaNgqina kaYehova ngokusemthethweni kuba yayisithi isicelo esasifakwe ngamaNgqina asivumelani nomthetho. Phezu kwayo nje imigudu eliqela eyenziwa ngamaNgqina kaYehova ezama ukulungisa loo ngxaki, abasemagunyeni baqhubeka besala. NgoJulayi 31, 2012, abazalwana bethu basa eli tyala kwi-ECHR, besithi urhulumente wala ilungelo labo lenkululeko yonqulo, xa ngaphandle kwezizathu ezingekho mthethweni esala ukuphinda ababhalise njengombutho wonqulo. Ngaphandle kokuba baphinde babhaliswe, abazalwana bethu abanakuzifumana iingenelo zokuba ngumbutho obhaliswe ngokusemthethweni.
Inkululeko Nokukhuseleka Kwabantu Nezinto Zabo
Lo mbandela usekelwe kumaFilipi 1:7.
EUKRAINE
Nangona amaNgqina eyivuyela inkululeko yawo yonqulo eUkraine, ayangcungcuthekiswa, konakaliswe iiHolo zawo zoBukumkani zize zitshiswe, ibe amapolisa awaphandi kakuhle okanye avalele mntu ngezi zenzo. Akumangalisi ukufumanisa ukuba oku kwenza abachasi bacinge ukuba abazi kuphenduliswa ngoko bakwenzayo. Ngenxa yoko, abazalwana bethu baye bangcungcuthekiswa ngokukodwa ngo-2012 nango-2013. Iziganeko ezihlanu ekuye kwanikelwa ingxelo ngazo, zokonakaliswa nokutshiswa kweeHolo zoBukumkani ngo-2010 zantinga zaya ku-15 ngo-2011, zayi-50 ngo-2012 ibe ebudeni beenyanga ezintlanu zokuqala zika-2013 oku kwenzeke izihlandlo eziyi-23. Iofisi yesebe iye yathatha ezi ziganeko yazisa kwiKomiti Yamalungelo Abantu Yezizwe Ezimanyeneyo.
EUkraine: Abazalwana balungiselela ukwakha iHolo yoBukumkani eyayitshisiwe
Ilungelo Lokuzenzela Izigqibo
Lo mbandela usekelwe kwiZenzo 5:29 nakwiZenzo 15:28, 29.
EARGENTINA
Ngentwasahlobo yango-2012, uPablo Albarracini, wadutyulwa kaninzi engenzanga nto, ngoxa kwakuqhekezwa, ibe wabalekiselwa esibhedlele engekho zingqondweni. Wayesandul’ ukutyobela ikhadi legazi elichazayo ukuba akalufuni unyango olusebenzisa igazi. Nangona isibhedlele sasisihlonela isigqibo sakhe, ilungu lentsapho elingeloNgqina lazama ukufumana imvume kwinkundla ukuze kutofelwe igazi kuMzalwan’ uAlbarracini, limi ngelithi kufuneka igazi ukuze kusindiswe ubomi bakhe. Noko ke, iNkundla Ephakamileyo yaseArgentina yammela uMzalwan’ uAlbarracini, ihlonela ilungelo lakhe lokugqiba ngendlela afuna ukunyangwa ngayo nakuba engekho zingqondweni. Akazange atofelwe igazi ibe waphila nje kakuhle, ebulela uYehova ngokumnceda ahlale enyanisekile kulo mba ubalulekileyo.
Amaxhoba Okutshutshiswa Ngenxa Yonqulo
Lo mbandela usekelwe kuLuka 21:12-17.
EKYRGYZSTAN
NgoAprili 16, 2013, enye inkundla yawisa isigwebo esavuyisa abazalwana bethu baseToktogul, apho iHolo yoBukumkani yayitshiswe izihlandlo ezibini ngabantu balapho. Inkundla yabagweba abenzi bobubi yaza yayalela ukuba bakhuphe nemali. Abo babetshotsha phambili kwisihlandlo sokuqala basaxoxa ityala labo ibe oku kunika ithemba lokuba izenzo ezinjengezi kulo mmandla ziya kuphela. Okwangoku, amabandla aza kuyakha kwakhona le Holo yoBukumkani.