IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 172
  • Wayengubani UMariya Magadala?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Wayengubani UMariya Magadala?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Impendulo esuka eBhayibhileni
  • Ngaba uMariya Magadala wayethengisa ngomzimba?
  • Ngaba uMariya Magadala “wayengumpostile wabapostile”?
  • Ngaba uMariya Magadala wayengumfazi kaYesu Kristu?
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Oko Sinokukufunda Kumzekelo KaMariya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • “Khangela! Ikhobokazana LikaYehova!”
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Wanyamezela Intlungu Ebinzayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 172
UMariya Magadala udibana noYesu ovusiweyo phambi kwengcwaba elingenanto.

Wayengubani UMariya Magadala?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UMariya Magadala wayengumlandeli kaYesu. Igama lakhe kusenokwenzeka lithathwe kwidolophu ekuthiwa yiMagadala eyayikufutshane noLwandle lwaseGalili. Kusenokwenzeka wayehlala apho.

UMariya Magadala wayengomnye wabafazi ababehamba noYesu nabafundi bakhe ibe bemnceda ngezinto ababenazo. (Luka 8:1-3) Wayekhona xa kwakubulawa uYesu ibe ngomnye wabantu bokuqala ukumbona emva kokuvuswa kwakhe.—Marko 15:40; Yohane 20:11-18.

  • Ngaba uMariya Magadala wayethengisa ngomzimba?

  • Ngaba uMariya Magadala “wayengumpostile wabapostile”?

  • Ngaba uMariya Magadala wayengumfazi kaYesu Kristu?

  • Bangaphi ooMariya ekuthethwa ngabo eBhayibhileni?

Ngaba uMariya Magadala wayethengisa ngomzimba?

IBhayibhile ayithi uMariya Magadala wayethengisa ngomzimba. Eyona nto iyithethayo ngemvelaphi yakhe kukuba uYesu wakhupha iidemon ezisixhenxe kuye.—Luka 8:2.

Ivela phi into ethi wayethengisa ngomzimba? Kumakhulu eminyaka emva kokusweleka kwakhe, kwavela into ethi ngulaa mfazi ongachazwanga eBhayibhileni (ekusenokwenzeka wayethengisa ngomzimba) owahlamba iinyawo zikaYesu ngeenyembezi waza wazosula ngeenwele zakhe. (Luka 7:36-38) Sekunjalo, eBhayibhileni akukho nto ithi laa mfazi wayenguMariya Magadala.

Ngaba uMariya Magadala “wayengumpostile wabapostile”?

Hayi. ICawa yamaKatolika ithi uMariya “nguMariya Ongcwele” ize iphinde ithi “ngumpostile wabapostile” ngenxa yokuba ngomnye wabantu bokuqala ukuxelela abapostile bakaYesu ukuba uvusiwe. (Yohane 20:18) Kodwa loo nto ayimenzi abe ngumpostile. Ayikho nendawo eBhayibhileni ethi wayenguye.—Luka 6:12-16.

IBhayibhile yagqitywa ukubhalwa ekupheleni kwenkulungwane yokuqala. Sekunjalo, kwakungexesha lenkulungwane yesithandathu eyathi icawa yamphakamisa uMariya Magadala imbeka kwinqanaba eliphezulu. Ezinye izinto ezingeyonxalenye yeZibhalo eziphefumlelweyo ezibhalwe kwinkulungwane yesibini neyesithathu zithi abapostile babemmonela uMariya. Ezo zinto zibhalwe apho azisekelwanga kwiZibhalo.

Ngaba uMariya Magadala wayengumfazi kaYesu Kristu?

Hayi. IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba uYesu zange atshate.a

a Funda inqaku elithi, “Ngaba UYesu Wayetshatile? Ngaba UYesu Wayenabantwana Bakowabo?”

Bangaphi ooMariya ekuthethwa ngabo eBhayibhileni?

Bathandathu ooMariya ekuthethwa ngabo eBhayibhileni.b

  1. 1. Umama kaYesu.—Mateyu 1:18.

  2. 2. Udade kaMarta noLazaro.—Yohane 11:1, 2.

  3. 3. UMariya Magadala.—Luka 8:2.

  4. 4. UMariya umama kaYakobi noYose.—Mateyu 27:56.

  5. 5. UMariya umama kaYohane owayebizwa nangokuba nguMarko.—IZenzo 12:12.

  6. 6. UmKristu owayehlala eRoma esebenza nzima enceda abazalwana noodade bela bandla.—Roma 16:6.

b Igama elithi Mariya ligama lesiGrike eliguqulela igama lesiHebhere elinguMiriyam, yena owayengudadeboMoses.—1 Kronike 6:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share