IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • mrt inqa. 121
  • Ngubani Esinokumthemba?—Ithini IBhayibhile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngubani Esinokumthemba?—Ithini IBhayibhile?
  • Imixholo Engakumbi
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umntu esinokumthemba
  • Kubalulekile Ukuthemba Abanye Ukuze Sonwabe Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Abantu Abasazithembi Ncam Iinkokheli Zepolitiki—Ithini IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
  • UYesu Uza Kuphelisa Indlala
    Imixholo Engakumbi
  • Ungabathemba Abazalwana Noodade
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
Imixholo Engakumbi
mrt inqa. 121
Imifanekiso: Abantu abadla ngothenjwa: 1. Umntu wepolitiki umi eqongeni. 2. Umfundisi usonge izandla. 3. Usosayensi uphethe into yokubhala.

Ekhohlo: Olena Yefremkina/stock.adobe.com; phakathi: lunamarina/stock.adobe.com; ekunene: Rido/stock.adobe.com

HLALANI NITHE QWA!

Ngubani Esinokumthemba?—Ithini IBhayibhile?

Abantu baphelelwe lithemba kuba abantu ababathembileyo bayabaphoxa. Abaninzi abasathembi . . .

  • iinkokheli zeepolitiki ezenza izinto ezinceda zona ngaphezu kwezo zidingwa ngabantu.

  • iindaba ezingazichazi ngendlela ezenzeka ngayo izinto nechanileyo.

  • oososayensi abangazenziyo izinto eziza kunceda abantu abaninzi.

  • iinkokheli zonqulo ezingammeliyo uThixo kodwa ezixhasa iipolitiki.

Abantu benza into entle ngokubalumkela abantu abanokubathemba. IBhayibhile ithi:

  • “Sanukuthembela kwiinkokheli ezingabantu; kuba akukho mntu unokusindisa umntu.”—INdumiso 146:3, iGood News Translation.

Umntu esinokumthemba

 IBhayibhile ithi ukhona umntu esinokumthemba: NguYesu Kristu. Wayengeyondoda nje ilungileyo eyayiphila kwiminyaka emininzi eyadlulayo. UThixo wakhetha uYesu ukuba abe “nguKumkani aze alawule . . . , ibe soze buphele uBukumkani bakhe.” (Luka 1:32, 33) UYesu unguKumkani woBukumkani bukaThixo, urhulumente olawulayo ngoku ezulwini.—Mateyu 6:10.

  • Ukuze ufunde ngesizathu sokuba umthembe uYesu, funda inqaku elithi “Ngubani UKumkani WoBukumkani BukaThixo?” nelithi “Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?”

Incwadi onokuyithemba

Zininzi izinto ezithethayo iBhayibhile ngobomi bukaYesu, iyathetha nangezinye izinto ezibalulekileyo. Ithetha ngezinto esinokuzithemba. Ukuze ufunde nezinye, siyakumema ukuba ubhalise ukuze uqhutyelwe isifundo seBhayibhile samahala. Xa ufundelwa uza kufumana zonke iincwadi ozidingayo nomntu oza kukunceda. Phakathi kwezinye izinto oza kuzifunda, uza kufunda ngohlobo lomntu anguye uYesu, ngezinto azenzileyo, azenzayo nezo aza kuzenza kwixesha elizayo.

Zama Ukufundelwa IBhayibhile

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share