panitan/stock.adobe.com
UYesu Uza Kuphelisa Indlala
Xa uYesu wayesemhlabeni, wabonisa ukuba ubathanda kakhulu abantu, ingakumbi abo basokolayo nabasentlungwini. (Mateyu 9:36) Wancama nobomi bakhe ukuze ancede abanye. (Mateyu 20:28; Yohane 15:13) Kungekudala, uza kuphinda abonakalise uthando lwakhe ebantwini ngokusebenzisa igunya lakhe njengoKumkani woBukumkani bukaThixo ukuze aphelise indlala emhlabeni wonke.
IBhayibhile iyichaza kakuhle into uYesu aza kuyenza:
“Makawalwele amahlwempu aphakathi kwabantu, makasindise oonyana babo bangathathi ntweni.”—INdumiso 72:4.
Singabonisa njani ukuba siyayixabisa into esayenzelwe nguYesu, naleyo aza kusenzela yona? Enye indlela onokuyenza ngayo loo nto kukufunda “iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo” awayeshumayela ngazo. (Luka 4:43) Funda inqaku elithi “Yintoni UBukumkani BukaThixo?”