HLALANI NITHE QWA!
UmKristu Umele Aphile Njani?—Ithini IBhayibhile?
Kule mihla, abantu abaninzi emhlabeni wonke bathi bangamaKristu; kodwa babaphatha kabuhlungu abanye abantu. Abanye bazicingela bodwa, abananyani ibe abanabubele. Abanye abanyanisekanga kubantu abatshate nabo. Indlela abaziphethe ngayo yenza abanye bazibuze ukuba: ‘Kuthetha ukuthini kanye kanye ukuba ngumKristu?’
Eyona nto ithethwa kukuba ngumKristu
Kulula emntwini ukuzibiza ngokuba ungumKristu. Kodwa loo nto ayanelanga. IBhayibhile ibonisa ukuba umKristu ngumntu ongumfundi kaYesu Kristu. (IZenzo 11:26) UYesu watsho ngokwakhe wathi: “Ukuba niyazenza izinto endinifundisa zona, niza kube ningabo nyhani abafundi bam.” (Yohane 8:31) Ewe kona, akekho umntu ongathobela uYesu angenzi nenye impazamo. Kodwa umKristu uzama ngandlela zonke ukulandela zonke izinto ezafundiswa kuYesu. Loo nto uyibonisa ngendlela enza ngayo yonke imihla. Khawujonge eminye imizekelo.
AmaKristu abonisa uthando ngokwenza izinto eziza kunceda abanye, engacingeli wona kuqala
Into eyathethwa nguYesu: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane. Nimele nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo. Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”—Yohane 13:34, 35.
Into eyenziwa nguYesu: Endaweni yokuzicingela, uYesu wayebonisa uthando ebantwini bonke nokuba banemali engakanani, baziwa kangakanani, okanye basuka phi. Waphilisa abagulayo, abalambileyo wabanika ukutya, wade wancamela abantu ubomi bakhe.—Mateyu 14:14-21; 20:28.
Into eyenziwa ngamaKristu: Endaweni yokuzicingela, amaKristu abonisa uthando ngokuba nobubele, ukuxolela nokungabi namkhethe. Anceda abantu abadingayo, ibe akulungele ukuncama izinto ezibalulekileyo kuwo ukuze ancede abanye.—1 Yohane 3:16.
AmaKristu anyanisekile
Into eyathethwa nguYesu: ‘Ndim inyaniso.’—Yohane 14:6.
Into eyenziwa nguYesu: UYesu wayenyanisekile kuyo yonke into awayeyithetha nawayeyenza. Wayengabaqhathi abantu ukuze benze into ayifunayo, okanye abenze bakholelwe into engeyonyani. Wayesaziwa ngokuba nenyani, naxa loo nto yayiza kumenza angathandwa ngabanye.—Mateyu 22:16; 26:63-67.
Into eyenziwa ngamaKristu: AmaKristu awaxoki. Abhatala irhafu, awabi, ibe emisebenzini asebenza nzima ngalo lonke ixesha alibhatalwayo. (Roma 13:5-7; Efese 4:28) Awabaqhathi abantu ukuze kuncedakale wona, akope xa ebhala iimviwo, okanye axoke kwiifomu zokukhangela imisebenzi nezinye izinto.—Hebhere 13:18.
AmaKristu abonisa ububele
Into eyathethwa nguYesu: “Yizani kum nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, ndiza kunihlaziya. Thathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndizolile, ndithobekile, ibe niza kuhlaziyeka. Kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mateyu 11:28-30.
Into eyenziwa nguYesu: UYesu wayesenza kube lula ngabantu ukuba beze kuye, ibe enobubele. Wayebathanda abantwana, ethuthuzela abantu abasentlungwini ibe ebaphatha ngembeko.—Marko 10:13-15; Luka 9:11.
Into eyenziwa ngamaKristu: Xa amaKristu ethetha nabantu, aba nobubele; awathethi kakubi okanye amazwi ahlabayo. (Efese 4:29, 31, 32) Abakhathalele abantu ibe akhangela amathuba okubanceda.—Galati 6:10.
AmaKristu ahlala ethembekile kubantu atshate nabo
Into eyathethwa nguYesu: “Abo uThixo abadibanise ngedyokhwe, makungabikho mntu ubahlukanisayo.”—Marko 10:9.
Into eyenziwa nguYesu: Nangona uYesu engazange atshate, wakhuthaza abantu abatshatileyo ukuba bathembeke. (Mateyu 19:9) Walumkisa ngezinto ezinokwenza umntu angathembeki aze amoshe umtshato.—Mateyu 5:28.
Into eyenziwa ngamaKristu: AmaKristu ayakuphepha ukwenza nantoni na enokwenza kubonakale ngathi awabahloniphi abantu atshate nabo. (Hebhere 13:4) Abantu abatshatileyo babonisana uthando ibe bayahloniphana.—Efese 5:28, 33.