IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 90
  • Ngaba Kunyanzelekile Ukuba Ube Nenkonzo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Kunyanzelekile Ukuba Ube Nenkonzo?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Ithini IBhayibhile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Unqulo
    Vukani!—2014
  • Ukuqhelisela Unqulo Oluhlambulukileyo Ukuze Usinde
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ngaba Umele Uhlanganisane Nabanye Ukuze Unqule UThixo?
    Vukani!—2012
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 90
Abantu abeze kunqula

Ngaba Kunyanzelekile Ukuba Ube Nenkonzo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ewe, kuba uThixo ufuna abantu bahlanganisane ukuze banqule. IBhayibhile ithi: “Kanjalo masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.”—Hebhere 10:24, 25.

UYesu wabonisa ukuba abalandeli bakhe babeza kuba yintlangano xa wathi kubo: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam—ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Ukuze babonise olu thando, abafundi bakaKristu kwakuza kufuneka badibane namanye amakholwa. Xa benqula, babeza kudibana ngokwamabandla. (1 Korinte 16:19) Xa bebonke, babeya kuba yintlangano yabazalwana esehlabathini lonke.—1 Petros 2:17.

Kufuneka okungakumbi kunokuba ngowenkonzo ethile

Nangona iBhayibhile ibonisa ukuba simele sihlanganisane ukuze sinqule uThixo, ayifundisi ukuba umntu angamkholisa uThixo ngokuthi abe lilungu lenkonzo nje kuphela. Ukuze samkeleke kuThixo, inkonzo yomntu imele ichaphazele ubomi bakhe bemihla ngemihla. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “Unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo, nokuzigcina ungenabala kulo ihlabathi.”—Yakobi 1:27.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share