IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 133
  • Yayingoobani IiNefili?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yayingoobani IiNefili?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Abanogonyamelo Ubajonga Ngendlela UThixo Abajonga Ngayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Kwakutheni Ukuze UThixo Asindise UNowa—Isizathu Sokuba Sibe Nomdla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Ukholo LukaNowa Luyaligweba Ihlabathi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 133
IiNefili Ezinogonyamelo

Yayingoobani IiNefili?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IiNefili ziingxilimbela, inzala enamandla angaphaya kwawomntu, eyabakho ngokuba iingelosi ezingendawo zabelane ngesondo namabhinqa exesha likaNowa.a

IBhayibhile ithi, “baziphawula ke oonyana boThixo oyinyaniso iintombi zabantu, ukuba zintle ngenkangeleko.” (Genesis 6:2) ‘Oonyana bakaThixo’ yayizizidalwa zomoya ezavukela uThixo xa ‘basuka bayishiya indawo yabo efanelekileyo yokuhlala” ezulwini, bathatha imizimba yabantu baza “bazithabathela abafazi kuzo zonke abazikhethayo.”​—Yude 6; Genesis 6:2.

Ezi ngxilimbela zazingabantwana abangaqhelekanga. (Genesis 6:4) IiNefili zazibantlonta abantu, zingoozwilakhe ababebangela kubekho ugonyamelo emhlabeni. (Genesis 6:​13) Xa izichaza iBhayibhile ithi, “ngamadoda akudala anamandla, nadumileyo.” (Genesis 6:4) Kamva abantu bazilinganisa ngokuba nogonyamelo.​—Genesis 6:5; Numeri 13:33.b

Ubuxoki ngeeNefili

Ubuxoki: IiNefili zisaphila nangoku emhlabeni.

Inyaniso: UYehova wezisa umkhukula owalitshabalalisayo ihlabathi elinogonyamelo. IiNefili zatshatyalaliswa nabantu abangendawo. UYehova wakholiswa nguNowa nentsapho yakhe ibe ngabo kuphela abasindayo.​—Genesis 6:9; 7:12, 13, 23; 2 Petros 2:5.

Ubuxoki: IiNefili zazinootata abangabantu.

Inyaniso: Ootata bazo kuthiwa ‘ngoonyana boThixo oyinyaniso.’ (Genesis 6:2) IBhayibhile isebenzisa kwaeli binzana xa ichaza iingelosi. (Yobhi 1:6; 2:1; 38:7) Iingelosi ziyakwazi ukuzenza abantu. (Genesis 19:​1-5; Yoshuwa 5:13-15) Umpostile uPetros wathetha ‘ngoomoya abasentolongweni, ababekhe abathobela xa umonde kaThixo wawulindile ngemihla kaNowa.’ (1 Petros 3:19, 20) Ebhekisela kwakwimeko efanayo, umbhali weBhayibhile uYude uthi ezinye iingelosi ‘azisigcinanga isigxina sazo santlandlolo, zasuka zayishiya indawo yazo efanelekileyo yokuhlala’​—Yude 6.

Ubuxoki: IiNefili yayiziingelosi eziwileyo.

Inyaniso: IGenesis 6:4 ithi iiNefili yayingezongelosi, kodwa ziingxilimbela, inzala enamandla angaphaya kwawomntu, eyabakho ngokuba iingelosi ezingendawo zabelane ngesondo namabhinqa. Emva kokuba iingelosi ‘zizithabathele abafazi kuzo zonke abazikhethayo’ uYehova wathi kwiminyaka eyi-120 uza kulitshabalalisa ihlabathi lelo xesha elingenaThixo. (Genesis 6:​1-3) Esi sibhalo songeza sithi, “ngaloo mihla,” iingelosi ezazenza abantu ‘zaba neentlobano zokwazana neentombi zabantu’ zaza zazala ‘amadoda akudala anamandla’ iiNefili.​—Genesis 6:4.

a  Igama elithi Nefili xa liguqulelwe kwisiHebhere linokuthetha “Abawisi.” IWilson’s Old Testament Word Studies ithi, eli gama libhekisela kwabo “baziwisa phezu kwabantu ngogonyamelo, nto leyo ebangela ukuba bawe.”

b  Iintlola ezingamaSirayeli ekuthethwa ngazo kwiNumeri 13:33 zabona abantu abazikhumbuza iiNefili, ezasweleka kudala.​—Genesis 7:​21-​23.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share