IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwyp inqa. 75
  • Ndingenza Njani Xa Umhlobo Wam Endikhathazile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingenza Njani Xa Umhlobo Wam Endikhathazile?
  • Ulutsha Luyabuza
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko umele ukwazi
  • Oko unokukwenza
  • Bekutheni Ukuze Umhlobo Wam Andikhathaze?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Kutheni Umhlobo Wam Endenza Intliziyo Ebuhlungu?
    Vukani!—2000
  • Yintoni Ukuxolela?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ningabakhathazi ‘Aba Bancinci’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
Ulutsha Luyabuza
ijwyp inqa. 75
Intombazana ithetha izinto ezikhathazayo kwenye intombazana

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingenza Njani Xa Umhlobo Wam Endikhathazile?

  • Oko umele ukwazi

  • Oko unokukwenza

  • Oko kuthethwa lolunye ulutsha

Oko umele ukwazi

  • Bonke abahlobo baba nazo iingxaki. Umhlobo wakho, kuquka nomhlobo wakho osondele kakhulu kuwe unokwenza okanye athethe into ekukhathazayo kuba engafezekanga. Nawe awufezekanga. Awuyikhumbuli imini owakhathaza ngayo omnye umntu?​—Yakobi 3:2.

  • I-intanethi inokwenza ukhathazeke msinya. Ngokomzekelo, uDavid ofikisayo uthi: “Xa ukwiiwebhsayithi zokuncokola uze ubone iifoto zomhlobo wakho enexesha elimnandi nabanye abantu, usenokuzibuza ukuba bekutheni ukuze ungamenywa wena, emva koko ukhathazeke.”

  • Unokufunda ukuyilungisa ingxaki.

Oko unokukwenza

Zihlole. IBhayibhile ithi: “Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho, kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.”​—INtshumayeli 7:9.

“Ngamanye amaxesha uye ubone ukuba ayikho nkulu kangako le nto ikucaphukisayo.”​—UAlyssa.

Khawucinge ngoku: Ngaba ukhathazeka msinya? Ngaba akunakukhe uzame ukuzinyamezela iimpazamo zabanye?​—INtshumayeli 7:21, 22.

Cinga ngeendlela okuza kukunceda ngazo ukuxolela. IBhayibhile ithi: “Kuyinto entle. . . ukukubetha ngoyaba ukunxaxha.”​—IMizekeliso 19:11.

“Nokuba iyavakala into oyikhalazelayo, kufuneka uxolele ibe loo nto ithetha ukuba akuzi kusoloko uthetha ngento ayenzileyo ukuze acele uxolo ngalo lonke ixesha uthetha ngayo. Xa umxolele umntu, sukuphinda uthethe ngento ayenzileyo.”​—UMallory.

Khawucinge ngoku: Ngaba le nto isixabanisayo ibaluleke kangako? Ngaba awunakumxolela ukuze kubekho uxolo?​—Kolose 3:13.

Kungena umoya obandayo kwigumbi elifudumeleyo

Xa usoloko uthetha ngazo zonke iingxaki eninazo nomhlobo wakho kufana nokusoloko uvula ucango ukuze kungene umoya obandayo kwigumbi elifudumeleyo

Mcingele omnye umntu. IBhayibhile ithi: “Ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.”​—Filipi 2:4.

“Xa umthanda ibe umhlonela umhlobo wakho, unesizathu sokukhawuleza uzilungise iingxaki kuba ubalulekile kuwe. Sele zininzi izinto ozenzileyo ibe awufuni ukuba niyeke ukuba ngabahlobo.”​—UNicole.

Khawucinge ngoku: Ngaba akunakuva isizathu esivakalayo kwindlela umhlobo wakho azibona ngayo izinto?

Inyaniso yile: Ukuyazi into omele uyenze xa ukhathazekile bubuchule obuza kukunceda xa umdala. Kutheni ungafundi obo buchule ngoku?

Oko kuthethwa lolunye ulutsha

UKiana

“Akunyanzelekanga ukuba kuhlalwe phantsi ukuze kulungiswe izinto. Ndivele nje ndimxolele umntu ndingakhange ndithethe naye. Loo nto ibangela ukuba singaxabani.”​—UKiana.

UTreigh

“Kwimeko nganye, ndiye ndizibuze ukuba, ‘Ngaba le nto ibaluleke kangako kangangokuba singade siyeke ukuba ngabahlobo?’ Amaxesha amaninzi, impendulo iba nguhayi.”​—UTreigh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share