ULUTSHA LUYABUZA
Kungandinceda Njani Ukufunda IBhayibhile?—Inxalenye 2: Kuthande Ukufunda IBhayibhile
Omnye umfana ogama linguWill uthi: “Ukufunda iBhayibhile kusenokubonakala ngathi kuyabhora xa ungakwazi ukuyifunda kakuhle.”
Ungathanda ukwazi amacebiso okuba ungakonwabela njani ukufunda iBhayibhile? Eli nqaku liza kukunceda.
Yiba nombono wento oyifundayo
Zimisele xa ufunda. Ungazama enye yezi ndlela:
Khetha ibali eliseBhayibhileni ongathanda ukulifunda. Ungakhetha into eyenzekayo eBhayibhileni okanye indawo ekwiincwadi zeVangeli, okanye ungakhetha ibali elikwiidrama zeBhayibhile ezirekhodiweyo kujw.org.
Lifunde elo bali. Ungazifundela, okanye ulifunde ngokuvakalayo nabahlobo okanye intsapho. Omnye umntu unokufunda iindawo ezibalisayo baze abanye bafunde amazwi abantu abathile.
Khetha izinto onokuzizama kwezi zilandelayo:
Zoba imifanekiso eza kulicacisa kakuhle ibali olifundayo. Okanye uzobe imifanekiso ebonisa indlela ezilandelelana ngayo izinto ezenzeka kwelo bali. Ukuze ucacise into eyenzeka kumfanekiso ngamnye, bhala iingcaciso zayo.
Zoba idayagram. Ngokomzekelo, xa ufunda ngomnye wabantu abaseBhayibhileni ababethembekile, unokudibanisa iimpawu zakhe, izinto azenzileyo nendlela awasikelelwa ngayo.
Yenza loo nto uyifundayo ibe ngathi libali elisezindabeni. Zama ukuchaza izinto ezenzekileyo ngendlela eyahlukileyo uze ube nombono wakho ‘uncokola’ nabantu ekuthethwa ngabo nabayibonayo loo nto yayisenzeka.
Ukuba omnye wabo bantu uye wenza isigqibo esingesosabalumko, zicingele isiphelo esahlukileyo. Ngokomzekelo, loo nto ungazama ukuyenza kwibali laxa uPetros waphika uYesu. (Marko 14:66-72) Yeyiphi eyona ndlela wayefanele aphendule ngayo uPetros?
Ukuba ufuna ukuyenza ibangele umdla, ungazibhalela idrama esekelwe kwibali eliseBhayibhileni. Ubhale nezinto ozifunda kwelo bali.—Roma 15:4.
Ungakuthanda kakhulu ukufunda iBhayibhile!
Phanda!
Xa uhlola iinkcukacha, unokufunda nezinye izinto ezingabonakali lula kwibali. Kangangokuba ngamanye amaxesha kwibali eliseBhayibhileni ungafunda izinto ezibalulekileyo kwigama elinye okanye amabini.
Ngokomzekelo, thelekisa uMateyu 28:7 noMarko 16:7.
Kwakutheni ukuze uMarko achaze ukuba uYesu wayeza kubonakala kubafundi bakhe “noPetros”?
Cinga ngalento: UMarko zange azibonele ngokwakhe ezi zinto, kubonakala ngathi waziva ngoPetros.
Into engabonakali lula: Kwakutheni ukuze uPetros athuthuzeleke kukuva ukuba uYesu ufuna ukuphinda ambone? (Marko 14:66-72) UYesu wabonisa njani ukuba ungumhlobo wokwenene kuPetros? Ungamlinganisa njani uYesu ngokuba ngumhlobo wokwenene kwabanye?
Xa usiba nombono wento oyifundayo uze uphande, kunokuba mnandi kakhulu ukufunda iBhayibhile!