IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwwd isahl. 43
  • Ubisi Lukamama

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubisi Lukamama
  • Ngaba Yadalwa?
  • Amanqaku Afanayo
  • Izinto Ezisisiseko Zokuncancisa
    Vukani!—1994
  • Umjelo Ongena Ubisi
    Vukani!—2008
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • ‘Ukuliphatha Ngokufanelekileyo Ilizwi Lenyaniso’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Ngaba Yadalwa?
ijwwd isahl. 43
Umama ubuke usana lwakhe oluleleyo alufunqulileyo.

NGABA YADALWA?

Ubisi Lukamama

Incwadi yabantu ababelekisayo ithi, “Ubisi lwabantwana olungumgubo alusoze lufane nobisi lwebele.” Esinye sezizathu zokuba ubisi lukamama lube lolona lumncedayo umntana, kukuba umzimba kamama uyalutshintsha ukuze lukwazi ukuba yilento idingwa ngumntana.

Khawucinge ngale nto: Qho umntana encanca kumama wakhe, ubisi luyatshintsha. Qho encanca, olu bisi luba neeproteyni ezininzi, iivithamini, iiminerali, kunye namanzi. Kanti xa sele encance okwexeshana, luba necream eninzi ukuze umntana ahluthe. Ubisi lukamama luyatshintsha ngokuhambisana neminyaka yomntana namaxesha onyaka.

Xa kusebusuku, ubisi lukamama luba namadlala (iihormones) amaninzi ekuthiwa yimelatonin, enceda abantu bakwazi ukulala. Emini luba namanye amadlala ancedayo. La madlala enza umntana alale okanye avuke ukuze akwazi ukusoloko ezenza ngamaxesha afanelekileyo ezi zinto. Yonke le nto ixhomekeka kwixesha ancanca ngalo.

Kwiintsuku zokuqala emva kokuba umama ezele, uye abe nobisi olunombala oyelo ekuthiwa yikholostram. Olu bisi kulula ukulusela ibe lunezondlo ezininzi, ngoko nokuba umntana uncance kancinane, lunceda kakhulu. Lunamajoni omzimba abalulekileyo akhusela umntwana ekufumaneni izifo. Enye into, luyasikhulula isisu somntana ukuze sikwazi ukucola ukutya.

Oomama akunyanzelekanga ukuba babenexhala lokuba baza kuba nalo na ubisi olwaneleyo, kuba benziwe ukuze bakwazi ukukhupha ubisi olwaneleyo umntana aludingayo, nokuba banamawele.

Ucinga ntoni? Ngaba ubisi lukamama nendlela emangalisayo oluzenza ngayo izinto lwazivelela? Okanye ngaba ladalwa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share