UKAMAL VIRDEE | IBALI LOBOMI
“Ndandisoloko Ndifuna Ubulungisa”
NgoAgasti 1973, mna noodade wethu ababini abancinci sasiye kwindibano yeZizwe ngeZizwe “Yoloyiso lobuThixo” eTwickenham, eNgilani. Apho sadibana nomzalwana uEdwin Skinner, owayengumvangeli eIndia ukususela ngo-1926. Xa wayazi ukuba sithetha isiPunjabi, wathi: “Kutheni nisahlala apha? Yizani eIndia!” Saya, ibe saqala njalo ukusebenza kwintsimi yesiPunjabi. Kodwa mandinibalisele ukuba kwenzeka ntoni phambi kokuba sithethe ngalo nto.
Ndazalwa ngoAprili 1951, eNairobi, eKenya. Abazali bam babesuka eIndia ibe babekhonza kwinqulo lamaSikhi. Utata wayenabafazi ababini. Umama owayengumfazi wakhe wokuqala wayengena nto anokuyenza ngaloo nto. Umama nomama wam wesibini babedla ngokuba nabantwana ngexesha elinye. Ngoko ndakhula sibaninzi ekhaya kukho nabazala. Sisonke sasingabantwana abayi-7. Ngo-1964, xa ndandina-13, utata wam wasweleka.
Ndandifuna Ubulungisa
Xa ndandikhula, ndandibona abantu bengavani ibe benomkhethe. Ekufundeni kwam iBhayibhile, ndabona ukuba intsapho yam yayifana nebali likaLeya noRakeli eliseBhayibhileni. Ndandidla ngokubona abantu baseKenya ababesincedisa bephethwe kakubi yintsapho yam, ibe sasifundiswa ukuba sibajongele phantsi. Utata wayefuna ukuba sihlobane nabamelwane bethu abamhlophe kuba esithi ininzi into esinokuyifunda kubo. Kodwa wathi singahlobani nabantu abamnyama kuba wayecinga ukuba akukho nto sinokuyifunda kubo. Wayengafuni nokuba sihlobane nabantu abasuka ePakistani kuba babejongwa njengeentshaba. Ndandisoloko ndifuna ubulungisa—yiyo loo nto ndandingavumelani nale nto yayithethwa ngutata.
Unqulo lwamaSikhi laqalwa nguGuru Nānak ngeminyaka ye-1500. Ndazamkela iimfundiso zikaNānak nento yokuba mnye uThixo oyinyaniso. Kodwa ukungabikho kobulungisa okwakusenziwa ngmaSikhi kwandenza ndacinga ukuba ikhona into endingayithandiyo ngolu nqulo.
Ibingeyiyo loo nto qha ibindikhathaza. Kuba unqulo lwamaSikhi lwalungenaxesha lide lukhona, ndandiye ndizibuze: ‘Yintoni eyayikho phambi kwalo? Yeyiphi indlela eyamkelekileyo yokukhonza uThixo?’ Intsapho yam yayixhoma iikhalenda ezinemifanekiso yeenkokheli eziyi-10 zonqulo lamaSikhi. Kodwa ndandizibuza: ‘Sazi njani nyani ukuba banje? Kutheni kukhonzwa imifanekiso njengokuba intsapho yam nabanye abantu besenza, kodwa ezi nkokheli zazisithi makukhonzwe uThixo wokwenyaniso?’
Ngo-1965, xa ndandina-14, intsapho yam yayokuhlala eIndia. Ubomi apho babungekho lula kuba sasingenayo imali eyaneleyo. Emva konyaka, kancinci kancinci saqalisa ukuyokuhlala eNgilani. Kwakuhamba ababini ngexesha, besiya eLeicester.
Xa ndandina-16, ndaqalisa ukwenza imisebenzi yezandla eyahlukahlukeneyo, ndifunda nakwisikolo sasebusuku ukuze ndigqibezele imfundo yam. Kodwa ndaye ndabona ukuba kukho ucalucalulo emsebenzini. Ngokomzekelo, abantu abamhlophe babebhatalwa imali eninzi kunabantu abasuka kwamanye amazwe. Ukufuna kwam ubulungisa kwandenza ndadibanisa iqela lamabhinqa asuka kwamanye amazwe endandisebenza nawo, ukuze sitoyitoyele ukubhatalwa imali elinganayo. Ndandifuna wonke umntu aphatheke kakuhle.
Indlela Endaphenduleka Ngayo
Ndaqala ukudibana namaNgqina kaYehova ngo-1968 xa kwankqonkqoza abazalwana ababini apho ndihlala khona. Ndachukunyiswa sisithembiso sokuba uBukumkani buza kuzisa ubulungisa. Omnye waba bazalwana waphinda wabuya ehamba nomfazi wakhe. Mna nabantwana basekhaya uJaswinder noChani saqalisa ukufundelwa iBhayibhile. Emva kokuba sigqibe izahluko eziyi-6, sasiqinisekile ukuba uYehova nguThixo wokwenene, iBhayibhile liLizwi lakhe, nokuba buBukumkani bakhe obuza kuzisa ubulungisa kubantu bonke.
Nangona kwakunjalo intsapho yethu yayingafuni siqhubeke sifunda iBhayibhile. Emva kokusweleka kukatata, ubhuti wam omdala waba yintloko ntsapho. Ekhuthazwa ngumama wam wesibini, waqalisa ukusichasa. Wayedla ngokubetha oodade wethu abancinci uJaswinder noChani, ebakhaba ngamaquza. Wayesazi ukuba ngenxa yokuba ndandina-18, umthetho wawunokundithethelela, kodwa wayecinga ukuba kosisi bam abancinci angenza nantoni na. Ngenye imini wathatha iBhayibhile, wayivula, watshisa amaphepha wayo, wayisondeza ebusweni kubo, esithi, “Celani lo Yehova wenu acime lo mlilo!” Ngelo xesha, sasidla ngokuya ezintlanganisweni ngokufihlakeleyo. Sasifuna ukukhonza oyena Thixo wokwenyaniso, uYehova. Kodwa loo nto yayibonakala ingenokwenzeka kule meko sasikuyo. Ngoko saqalisa ukulungiselela ukubaleka ekhaya ukuze siye kwindawo ekhuselekileyo. Sayenza njani loo nto?
Saqalisa ukugcina imali yethu esasiyiphiwa yokuthenga ukutya ngekhefu, nemali yethu yokukhwela ibhasi nemali yam yomrholo. Saqalisa ngokuthatha encinci ngaphambi kokuba siyoyinika umama. Sathenga iisuitcase ezintathu sazifihla saze samane sifaka iimpahla zethu. NgoMeyi 1972, xa uJaswinder wayesele eza kubana-18, sasine-R4 800, sahamba ngetreyin saya ePenzance ekumzantsi ntshona waseNgilani. Xa sasifika safowunela amaNgqina asekuhlaneni sisebenzisa iifowuni zakulo ndawo. Abazalwana basamkela ngobubele. Ukuze sikwazi ukufumana indawo yokurenta size sihlale apho, senza imisebenzi eyahlukahlukeneyo, enye yawo yayikukuhlinza iintlanzi.
Saqhubeka sifundelwa ngomnye umzalwana owayesele ekhulile uHarry Briggs, kunye nenkosikazi yakhe uBetty. NgoSeptemba 1972, sabhaptizwa kwindawo eyayingaphantsi kweqonga lakwiHolo YoBukumkani iTruro, kuba ngelo xesha izinto sasisazenza ngokufihlakeleyo. UChani waqalisa ukuba nguvulindlela ibe mna noJaswinder sasimxhasa ngezinto azidingayo.
Sayokukhonza Kwindawo Enendingeko
UHarry noBetty babesele beza kudlula kwiminyaka yoo-80 ubudala. Kodwa babeyokushumayela kwiIsles of Scilly ezingakumzantsi ntshona waseNgilani ngaselwandle, nangona babebadala kangako. Umzekelo wabo wasikhuthaza ukuba senze into efanayo. Ngoko ngo-1973, emva kwencoko esabanayo nomzalwana uSkinner, njengokuba benditshilo ekuqaleni, sayazi ukuba masithini.
NgoJanuwari 1974, saya eNew Delhi eseIndia, apho umzalwana uDick Cotterill wasivumela ukuba sihlale kwikhaya labavangeli njengeendwendwe. UChani waqhubeka enguvulindlela. Mna noJaswinder sazama ukuchitha ixesha elininzi sishumayela.
Ekuhambeni kwexesha sathunyelwa ePunjab, ekumntla ntshona waseIndia apho sahlala okwexeshana kwikhaya labavangeli elalikwidolophu yaseChandigarh ibe emva kwexesha sayokuzirenta indawo yethu. Ndaqalisa ukuba nguvulindlela othe ngxi ngoSeptemba 1974 ibe ngo-1975 ndaye ndamenywa ukuba ndibe nguvulindlela okhethekileyo. Ukushumayela kwandinceda ndabona ukuba kwakudingeka iimpapasho ngesiPunjabi, kuba abantu abaninzi babedinga ukuva ngothando nangobulungisa bukaYehova. Ngoko ngo-1976 iofisi yesebe yaseIndia yasimema sobathathu ukuba siyokuguqulela iimpapasho ngesiPunjabi. Wawunzima kakhulu ke lo msebenzi, kuba ngelo xesha kwakungekho nezokhompyutha. Kwakufuneka sibhale zonke izinto esiziguqulelayo, emva koko sizijonge size sizifunde. Sasiye sisebenzisane nendawo yokuprinta yasekuhlaleni eyayisebenzisa izinto zakudala. Ngoko kwakuye kufuneke sifake igama elinye ngexesha.
Ibandla lethu eChandigarh, ePunjab, eseIndia
Ndahlala Ndivuya Nangona Ndandinengxaki Yempilo
Izinto zakhawuleza zatshintsha. UJaswinder wadibana nomzalwana baza batshata, bayokuhlala eKhanada. NoChani watshata nomzalwana waseJamani owayehlala eUnited States, baza bayokuhlala apho. Ndandigula kakhulu ngelo xesha ibe kwanyanzeleka ukuba ndibuyele eNgilani ngo-Oktobha 1976. Umama nobhuti ababengayichasanga inyaniso babehlala eLeicester ibe bandivumela ukuba ndiyokuhlala nabo. Kwafunyaniswa ukuba kukho isigulo endinaso esingaqhelekanga nesimosha iiseli zegazi. Kwanyanzeleka ukuba ndinyangwe ngeendlela ezininzi ezahlukahlukeneyo de kwasuswa nodakada (ispleen) kwaza kwafuneka ndiyeke ukuba nguvulindlela.
Ndathandaza kuYehova, ndimcenga ndisithi, ukuba ndiba bhetele, ndiza kuphinda ndibe nguvulindlela. Yenzeka ke loo nto! Nangona ndandimane ndigula kakhulu, ngo-1978 ndaya kuhlala eWolverhampton, ndinguvulindlela kwindawo enabantu abaninzi abathetha isiPunjabi. Sasiye sibhale izimemo zeentlanganiso, siyokwenza iikopi ezininzi kwiivenkile zalapho. Emva koko ezo zimemo sasizinika abantu abathetha isiPunjabi, sibamemela kwintetho yesidlangalala. Ngoku eBritani kukho amabandla ayi-5 esiPunjabi namaqela amathathu.
Isebe laseBritani lalisazi ukuba ndandikhe ndangumguquleli eIndia. Ngoko iofisi yesebe yaye yandimema xa kwakuzophela oo-1980. Ndaqalisa ukumane ndiyokusebenza eBheteli, ndisenza indlela yokubhala amagama kunye neeApp. Ndandixakeke kakhulu kuba ndandisenza umsebenzi wokuziphilisa, ndihoye umama owayehlala kudana ibe ndimane ndiyokusebenza eBheteli. Kodwa ndandikuvuyela kakhulu ukuncedisa khona.
Ndandiqeqeshwa eBheteli yaseLondon ekupheleni kweminyaka yoo-1980
NgoSeptemba 1991, ndamenywa ukuba ndibe kwintsapho yaseBheteli ixesha elizeleyo, ndincedisa ekuguquleleni iincwadi zeBhayibhile ngesiPunjabi. Ndandingayilindelanga tu loo nto. Kaloku ndandiziva ndingafaneleki, ndimdala kakhulu ukuba ndingamkelwa eBheteli ibe ndigula. Kodwa uYehova waye wandipha le ntsikelelo ivuyisayo. Njengokuba ndandikhonza eBheteli ndivuya, ndandisenazo iingxaki zempilo. Amaxesha amaninzi xa ndandiza kunyangwa okanye ndiza kwenziwa ichemotherapy, kwakuye kunyanzeleke ukuba ndibachazele isigqibo sam sokungalithi igazi. Oogqirha bam bamangaliswa kakhulu yindlela endaye ndaba bhetele ngayo, kangangokuba ndamenywa kwintlanganiso eyayinabantu bezonyango abaphantse bayi-40, kwisibhedlele esikhulu saseLondon. Apho ndaye ndanikwa imizuzu eyi-10 yokuchaza amava am wokungavumi ukuthiwa igazi. Emva koko kwaye kwakho ixesha lemibuzo neempendulo ibe leyo yaqhutywa ngumzalwana owayekwisebe lenkcazelo yezibhedlele.
Kula maxesha anzima oodadewethu uJaswinder noChani, baye baqhubeka bendixhasa. Enye into endinombulelo kakhulu ngayo, bububele nothando endiye ndabuboniswa yintsapho yaseBheteli kunye nabanye abahlobo. Kuzo zonke iingxaki zam, uYehova uye waqhubeka endinika amandla ukuze ndikwazi ukusenza isabelo sam.—INdumiso 73:26.
Intsikelelo KaYehova Iyatyebisa
Kule minyaka iyi-32 ndikhonza eBheteli, ndiye ‘ndazivela ndaza ndazibonela ukuba uYehova ulungile.’ (INdumiso 34:8; IMizekeliso 10:22). Indlela abathembeke ngayo abazalwana noodade abasele bekhulile, iyandikhuthaza. Kundivuyisa kakhulu ukubona abantu abaninzi ebendibafundela abathetha isiPunjabi besiba ngabakhonzi bakaYehova. Nentsapho yam ndivana kakhulu nayo. Umama nobhuti abangomaNgqina, kodwa umama usoloko esithi kum “Uzinikele nyhani kuThixo.’’ Ibe xa ndathi ndicinga ngokuhamba eBheteli ukuze ndiye kuhoya umama wethu kuba sele emdala kakhulu, ubhuti wathi: “Hlala apho. Intle kakhulu into oyenzayo apho.” Nangona umama ehlala kwikhaya labantu abadala elikude apha eBheteli, ndisoloko ndiyombona qho xa iimeko zivuma.
Nanini na ndinengxaki ebomini, ndisoloko ndisithi: ‘Ungoyiki Kamal. UYehova likhakha lakho. Umvuzo wakho uzakuba mkhulu kakhulu.’ (Genesis 15:1) Ndimbulela kakhulu uYehova, “uThixo owenza ubulungisa,” ngokundiqaphela ndiseyintombazana nje encinci, nangokundinceda ndifumane owona msebenzi wanelisayo novuyisayo ebomini. (Isaya 30:18) Ndijonge phambili kakhulu kwixesha apho ‘’kungazubakho mhlali wakhona oza kuthi: ‘Ndiyagula.’’’—Isaya 33:24.
KwiBheteli yaseChelmsford