UWARREN REYNOLDS | IBALI LOBOMI
Ndiyavuya Kuba Ndaye Ndakhetha Lo Msebenzi
Kwindawo esecaleni kumntla ntshona waseOstreliya, ndihleli ngasemlilweni kunye nabazalwana noodade, sibaliselana ngendlela uYehova aye wasisikelela ngayo. Kudala ke ndahlala ngasemlilweni ngolu hlobo, kodwa amaxesha amaninzi bendiyenza loo nto ndikumazwe awahlukahlukeneyo nabantu abathetha ezinye iilwimi. Ngaphaya kwalo mlilo ndibona uncumo olusuka entliziyweni lomfazi wam endimthandayo. Sobabini siye sonwabela ukukhonza uYehova kamnandi kwiindawo endingazange ndacinga ukuba ndiya kuze ndiye kuzo ndisemncinci. Phofu ndisemncinci ndandinokukhetha ukuphila ubomi obahlukileyo kunobu ndibuphilayo ngoku. Makhe ndikucacisela.
Ndakhulela kwiilali zaseOstreliya. Abazali bam kunye nabazali babo bafumana inyaniso kwiminyaka yoo-1950. Ndaqalisa ukushumayela xa ndandineminyaka eyi-6, ndaza ndabhaptizwa xa ndandineminyaka eyi-13. Ndandidla ngokuba nguvulindlela ongumncedani xa kuvalwe izikolo. Ndandimthanda uYehova ibe ndifuna ukumkhonza ubomi bam bonke.
Ndikunye nabazali noobhuti bam abayi-4
Xa ndandina-15 ootitshala bam bezemidlalo baqaphela ukuba ndenza kakuhle kakhulu kuzo. Ngenxa yaloo nto abameli beqela leRugby baye bathi bangandinika ibhasari yezemidlalo. Ukwazi ukuba ndandinethuba lokuba ngumdlali weRugby owaziwayo kwandenza ndanomdla kakhulu, kodwa ndandisele ndizinikele kuYehova. Utata wandicebisa ukuba ndikhe ndicingisise ngesifungo endasenzayo xa ndandizinikela kuYehova, ngaphambi kokwenza isigqibo sokuba ndiza kuba nguye na umdlali weRugby. Ndayenza le nto ndandiyicetyiswe ngutata, ibe ndabona ukuba andizukukwazi ukuzenza zombini ezi zinto. Ngoko zange ndiyamkele lo bhasari. Emva kweenyanga ezimbalwa, umbutho wezemidlalo waseOstreliya wathi uza kundibhatalela ukuba ndiqeqeshwe njengembaleki. Babefuna ndimele iOstreliya kwimidlalo yeeOlimpiki. Andizange ndivume kuba owona mnqweno wam yayikukukhonza uThixo endimthandayo.
Kungekudalanga, ndapasa esikolweni ndaza ndaqalisa ukuba nguvulindlela, nto leyo ekwakukudala ndiyifuna. Intsapho yam yayisokola kakhulu, ngoko ndayeka ukuba nguvulindlela, ndaza ndafumana umsebenzi wokuqhuba iimoto zasefama. Ndandisemncinci ibe ndizihlalela. Ndandixakeke kakhulu emsebenzini, ndaqalisa ukungamkhonzi kakuhle uYehova. Ndatyhafa ndaza ndabhekela kuYehova. Ndaqalisa ukuba nabahlobo ababusebenzisa kakubi utywala nabaziphethe kakubi. Ndandifuna ukufana nabo. Zange ndibuhoye ubuhlobo bam noYehova, ndandifuna nje ukuzonwabisa.
Ndandifuna ukuqiniseka ngeyona nto ibalulekileyo ebomini bam, ngoko ndaye ndayokuhlala kwenye idolophu ekude kunabahlobo endandinabo. Ndaphinda ndasondela kuYehova, ndaza ndaqalisa ukuba nguvulindlela kwakhona. Ndaye ndadibana nentombi yasezifama eyayineentloni kakhulu, igama lakhe yayinguLeann McSharry ibe wayenguvulindlela. Saye saba ngabahlobo. Sathetha ngokukhululekileyo ngezinto esasizimisele ukuzenza, kuquka nokuba ngabavangeli. Satshata ngo-1993. Sobabini sasifuna ukukhokelwa nguYehova ebomini bethu.
Senza Izinto Esasizimisele Ukuzenza
Ngala nyaka, ndaphinda ndanguvulindlela othe ngxi noLeann. Sasifuna ukuphila ubomi obulula, obungenamatyala. Ngoko sathenga ikharavani saza sahlala kuyo. Kwadlula iminyaka eyi-6 sisiya naphi na apho intlangano kaYehova isithumela khona. Sasisenza nemisebenzi eyahlukeneyo ukuze sikwazi ukuziphilisa. Sashumayela nakumabandla amancinci kwiindawo ezisecaleni zaseQueensland. Zazomile, zingenazintaba ibe zinkulu. Amaxesha amaninzi sasiye sihlale kwiindawo ezisecaleni, iintlanganiso zona sizingenela ehlathini okanye kwiholo yasekuhlaleni. Sasonwabile. Kodwa sasizibuza ukuba, ‘Ziintoni ezinye esinokumenzela zona uYehova?’ Kungekudala saye sayifumana impendulo.
Siqhuba ingxubusho phakathi kwehlathi xa sasiye kushumayela kwiilali zaseOstreliya
Intlangano kaYehova yasicela ukuba sibe ngabavangeli kwelinye ilizwe! Kodwa sasingazithembanga ibe siziva singafaneleki ukuba ngabavangeli kuba zange siyokuqeqeshwa kwiSikolo saseGiliyadi. Sasikuthanda ukushumayela, kodwa kuba sasingenazo izifundo zeBhayibhile ezininzi kwizabelo zethu, sasicinga ukuba asinabo ubuchule bokufundisa.
Sathetha nomzalwana okwiKomiti yeSebe uMax Lloyd ngezinto esasinexhala lazo.a Wasiqinisekisa ukuba xa sizenza sifumaneke nangona siziva singafaneleki, uYehova uza kusinceda sikwazi ukuzenza izinto afuna sizenze. Emva kokuba esikhuthazile, sasamkela isabelo sethu sokuya eSri Lanka.
Isabelo Esasinzima
Ngo-1999 safika eColombo, kwidolophu enkulu yaseSri Lanka. Ubomi kule ndawo babohluke kakhulu kwiilali zaseOstreliya. Kwakukho iimfazwe, abantu abasokolayo, abantu abaninzi, kukho abahamba becela ukutya nabathetha iilwimi ezinzima ezahlukeneyo. Kodwa zazikhona nezinto esasizithanda eSri Lanka, kwakukho abazalwana noodade abathandekayo kunye nabantu abaninzi abathobekileyo ababengekamazi uYehova.
Saye sathunyelwa eKandy, idolophu entle enezityalo nemithi. Le dolophu yaziwa ngokuba neetempile zamaBhuda ezininzi. Abantu abambalwa balapho babesazi izinto ezimbalwa ngoMdali wabo onothando. Ibandla lethu lalinabazalwana noodade abathetha isiSinhala nesiTamil, ibe iintlanganiso zethu zaziqhutywa ngazo zombini ezi lwimi. Kwakunzima ukufunda isiSinhala kodwa izifundo zethu zeBhayibhile nebandla zaziyixabisa indlela esasizama ngayo, nangona iimpazamo zethu ezininzi zazibahlekisa!
Ndinikela intetho eSri Lanka nditolikelwa ngabazalwana abathetha isiSinhala nesiTamil
Kodwa into yolwimi yayingeyiyo eyona ngxaki yethu inkulu. Sasitshutshiswa ngenxa yenyaniso ibe loo nto yayiqala ukwenzeka ebomini bethu. Ngenye imini abantu ababenomsindo beza kuthi, abanye batshisa iimpapasho zethu abanye basibetha. Ngela xesha kwakusenzeka le nto, sasithandaza kuYehova ukuba asincede sizole aze asikhumbule ukuba singafa. Sakhululeka kakhulu xa sibabona behamba. Sisoyika sahamba apho, sabulela uYehova kuba esikhusele.
Ekuhambeni kwexesha sayithanda iSri Lanka kwade kwangathi likhaya lethu. Ngaphandle kwemfazwe eyahlula abantu baselizweni, sasithanda indlela uYehova awayebatsala ngayo abantu abafuna ukwazi inyaniso kwintsapho yakhe emanyeneyo. Zininzi kakhulu izinto ezintle ezenzekayo esizikhumbulayo kwesi siqithi. Kodwa emva kweminyaka emibini, abasemagunyeni bavumela iinkokheli zonqulo ukuba zibalawule, ibe loo nto yabangela ukuba abathunywa bevangeli abaninzi bahambe kwelo lizwe.
Kwiiveki ezilandelayo sasibhidekile singayazi ukuba kuza kwenzeka ntoni kuthi. Sasiza kuyaphi? IQumrhu Elilawulayo lathi masiye ePapua New Guinea. Safika kwidolophu yasePort Moresby ngoSeptemba 2001.
IPapua New Guinea—Indawo Eyahlukileyo Kunezinye
Nangona iPapua New Guinea isondele eOstreliya, abantu bakhona nendlela abazenza ngayo izinto yohluke kakhulu. Kwakhona kwafuneka siqhelane neemeko zokuhlala apho. Safunda isiTok Pisin, olona lwimi luthethwa kakhulu kwilizwe elineelwimi ezingaphezu kwe-800!
Emva kweminyaka emithathu sihlala kwidolophu iPopondetta safumana isabelo sokuba kumsebenzi wesiphaluka. Zange siyicinge ukuba uYehova angasisebenzisa ngale ndlela! Ndandisoloko ndiyixabisa indlela abakwazi ngayo ukukhokela nokufundisa abaveleli beziphaluka, kodwa ndandiziva ndingakufanelekeli ukuwenza lo msebenzi emabandleni. Ndandisoloko ndizimisele uyokushumayela kwamazwe ohlukeneyo. Kodwa zange ndiyicinge into yokuba ngumveleli wesiphaluka. Iyandimangalisa into yokuba uYehova endinike esi sabelo sikhethekileyo.
Sityelele iqela labazalwana abahlala kwiindawo ezikude kwiPhondo laseWest Sepik, ePapua New Guinea
Ndilungiselela ukuthumela ingxelo kwisebe emva kokutyelela iqela elinabazalwana abahlala kwiindawo ezikude ePapua New Guinea
Kwiidolophu esasisiya kuzo sasiba nendlu enebhedi, umbane namanzi. Kodwa ezilalini sasingabinazo ezi zinto. Sasilala kooronta abancinci, sibase umlilo phandle ukuze sipheke, sihlambe emlanjeni kodwa xa kukho iingwenya sasisikha amanzi siyokuhlambela endlini.
Esi sabelo sasifuna sibe semandleni kuba sasisenza into esingazange sayenza ngaphambili. Kodwa sasiqinisekile ukuba xa ‘sihamba ngamandla esinawo,’ uYehova uza kusenza siphumelele. (ABagwebi 6:14) Kwakunzima ukuya kumabandla namaqela esasiwatyelela kuba ayephakathi kwamahlathi axineneyo, imigxobhozo neentaba. Kwezo ndlela sasihamba ngemoto enamavili amakhulu, izikhephe okanye ipleyini kodwa ngamanye amaxesha sasihamba ngeenyawo ukuze sifumane abazalwana noodade.b
ULeann usoloko ekulungele ukuya entsimini nokuba zinjani iimeko
Ukuze sityelele ibandla elikufutshane nebhoda yaseIndonesia, sasiqhuba iikhilomitha ezingaphezu kweziyi-350 kwiindlela ezinomhlaba. Ngamaxesha amaninzi sihamba kule ndlela sasiwela imilambo eyayineebhulorho ezimbalwa. Loo nto yayibangela ukuba sichithe iiyure ezininzi sigrumba size sityhale imoto yethu iphume edakeni, ukuze sikwazi ukuyokufika kubazalwana bethu ababesilungiselele ukutya ngenxa yobubele ababenabo.
Ukuhamba ngeenyawo ePapua New Guinea kwakunzima!
Xa sasisiya kwiilali eziphezu kwentaba sasihamba ngepleyini ene-injini encinci, umntu oqhubayo kwakufuneka akhangele indawo yokumisa. Emva kokuba eyifumene kwakufuneka ayihambise kancinci ngaphambi kokuba ame ukuze abone ukuba akukho bantwana okanye izilwanyana endleleni. Wayezama ukumisa phezu kwentaba emalunga neemitha ezingaphezu kweziyi-2 100 ukuphakama ibe le ndawo yayinodaka, kuyingozi nokumisa kuyo. Ngamanye amaxesha xa sihamba kwezi lali, kwakufuneka sisuke ngepleyini kwindawo ekufutshane neliwa.c
Ngamanye amaxesha kwakufuneka sihambe kwiintaba eziphakame kakhulu, kwimigxobhozo nakwiindawo ezishushu, siphethe obhaka abagcwele iimpapasho kunye nezinto esasiza kuzidinga. Kuba sasihamba nabazalwana noodade ababethembekile, kwakumnandi kakhulu ukuhamba ezi ndlela kuba sasikhuthazana ibe sonwabile.
Endleleni eya entsimini kuMlambo iKeram, ePapua New Guinea
Nathi siziva ngendlela umpostile uPawulos awayeziva ngayo xa wathi kuma-1 Tesalonika 2:8: “Ekubeni sinithanda siye sazimisela ukuba sincame ubomi bethu ngenxa yenu.” Sabona ukuba abazalwana noodade babezimisele ukwenza into efanayo nakuthi, ukuze basikhusele kumaqela ootsotsi awayenezixhobo. Ngenye imini kwakukho indoda eyayizama ukoyikisa uLeann eyayiphethe imela. Azange ndikwazi ukumnceda kuba ndandikwelinye icala lelali. Kwabakho omnye umzalwana owakhawuleza wangena phakathi koLeann nalo ndoda. Lo mzalwana wonzakala nje kancinci, ibe abanye babezama ukunqanda lo ndoda inomsindo. UYehova wayesinceda yonke imihla kwilizwe elalinabantu abandlongondlongo nabathanda imilo, ibe sakwazi ukuqhubeka sisomeleza abazalwana noodade balapho.
Ngenxa yokuba iPapua New Guinea yayineendawo ezimbalwa zonyango kwakunzima ukuhoya impilo yethu. Ngo-2010 uLeann waphantse wasweleka ngenxa yesigulo esosulelayo awasifumanayo. Ngoko kwanyanzeleka ukuba siye eOstreliya ukuze afumane unyango ngokukhawuleza. Ngamandla kaYehova sakwazi ukuhlala sizolile. Ekugqibeleni abezonyango bafumana into eyayiza kumnceda. Omnye woogqirha wathi: “Kudala nimsebenzela uThixo. Ngoku uyaninceda.” Emva kweenyanga ezininzi sabuyela kwisabelo sethu.
Yayininzi Into Ekwakufuneka Siyenze eOstreliya
Kwiminyaka elandelayo kwafuneka simane sibuyela eOstreliya ukuze uLeann afumane unyango. Ngo-2012 iofisi yeSebe yathi masihlale apho ukuze sihoye impilo yethu. Ngenxa yokuba kwakudlule iminyaka emininzi singasahlali eOstreliya, eyona nto yayinzima kakhulu kuthi yayingekokuhoya impilo yethu kodwa yayikukutshintsha indlela esicinga ngayo ukuze sonwabele ukuba lapho. Kwakunzima ukushiya isabelo sethu nabazalwana nodade esasibathanda. Sasiziva ingathi asisamsebenzeli kakuhle uYehova kwisabelo sethu. Sasinexesha elide singahlali eOstreliya, ngenxa yaloo nto kwakunzima ukuziva sisekhaya. Sasikudinga nyhani ukuxhaswa ngabazalwana noodade ngela xesha.
Emva kokuba uLeann ephilile sakhonza njengoovulindlela abakhethekileyo eWollongong, kumzantsi waseSydney eNew South Wales. Emva konyaka savuya kakhulu ukufumana isimemo sokuya kwiSikolo seBhayibhile Sezibini EzingamaKristu (ngoku esaziwa njengeSikolo Sabavangeli BoBukumkani). Emva koko isebe laseAustralasia lasithumela kumsebenzi wesiphaluka. Kangangeminyaka emininzi sasikade sityelela amabandla namaqela akwiidolophu eziphithizelayo, kwiidolophu ezikude zasentlango nakwiilali ekulotywa kuzo. Ngoku umsebenzi wethu kukuya kumntla ntshona waseOstreliya naseTimor-Leste.
Sishumayela eTimor-Leste
Ndisebenza kunye nomfazi wam ondixhasa kakhulu nozimiseleyo ekukhonzeni uYehova. Ndiyambulela uYehova ngomfazi wam. ULeann zange wangasamkeli isabelo nokuba sibonakala sinzima kangakanani. Xa ebuzwa ukuba wenza ntoni xa enengxaki uye athi, “Ndixelela uYehova yonke into.” Aze xa efunda iLizwi likaThixo avumele uYehova amxelele eyona ndlela elungileyo yokucinga okanye yokwenza izinto.
Andizisoli ngokuvumela uYehova ukuba andibonise indlela endimele ndiphile ngayo, kunokuba ndikhethe ukuphumelela kwezemidlalo. Ndibonile ukuba uYehova uyakwazi ukusiqeqesha ukuba senze nantoni na ayifunayo ukuba thina siyavuma ukwenza umsebenzi asinika wona. Ndifunde nokuba xa ndinengxaki okanye ndifuna ukwenza izigqibo ndimele ndiqale ndithandaze, ndicele ubulumko nomoya oyingcwele yonke imihla. UTata wethu onothando, uYehova usinike ubomi obanelisayo, kwaye singathanda ukubona ukuba ziintoni ezinye izinto aza kuzenza esebenzisa “izitya zodongwe” ezinjengathi.—2 Korinte 4:7.
a Ibali lobomi likaMax Lloyd lipapashwe kwiMboniselo kaJulayi 15, 2012, iphepha 17-21.
b Funda Incwadi Yonyaka YamaNgqina kaYehova ka-2011, iphepha 129-134, ukuze ufunde ngendlela esasityelele ngayo apho ngesikhephe.
c Funda inqaku elithi “Intaba Engurhec’ Izulu” kwiMboniselo kaMatshi 1, 2010, iphepha 16-17.