16 Ekugqibeleni uYehova wathi kuSamuweli: “Uza kukhathazeka kude kube nini ngenxa kaSawule,+ ekubeni ndingasafuni ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli?+ Gcwalisa uphondo lwakho ngeoli+ uze uhambe. Ndiza kukuthumela kuYese+ waseBhetelehem, kuba ndizikhethele ukumkani koonyana bakhe.”+