23 Nookumkani bamele babe ngabanyamekeli bakho,+ amakhosazana abo abe ziimpelesi zakho. Baya kuqubuda kuwe ubuso bubheke emhlabeni,+ bakhothe uthuli lweenyawo zakho;+ yaye kuya kufuneka wazi ukuba ndinguYehova, lowo bangayi kuba neentloni abathembele ngaye.”+