NgoMgqibelo, Julayi 26
Linganisani uThixo, njengabantwana abathandwayo nguye.—Efe. 5:1.
Namhlanje sinokumvuyisa uYehova ngokuthetha ngaye ngendlela ebonisa ukuba siyamxabisa futhi siyamthanda. Eyona nto siyifunayo xa sishumayela kukunceda abantu basondele kuTata wethu osithandayo, uYehova, baze bambone ngendlela thina esimbona ngayo. (Yak. 4:8) Kuyasivuyisa ukubabonisa indlela iBhayibhile emchaza ngayo uYehova. Kaloku ibonisa ukuba unothando, ubulungisa, ubulumko, amandla nezinye iimpawu ezintle. Enye indlela esimdumisa nesimvuyisa ngayo kukuzama ngamandla ethu onke ukumlinganisa. Loo nto isenza sahluke kubantu beli hlabathi libi. Abanye basenokuyibona loo nto baze bazibuze ukuba kutheni singenzi izinto njengabo. (Mat. 5:14-16) Xa sikunye nabo sinokukwazi ukubachazela isizathu. Abanyanisekileyo kubo banokutsho bamthande uThixo. Uyavuya uYehova xa simdumisa ngezi ndlela.—1 Tim. 2:3, 4. w24.02 10 ¶7
NgeCawa, Julayi 27
Kwazi ukukhuthaza . . . nokululeka.—Tito 1:9.
Ukuze nilinganise uYesu, kukho izinto ekuza kufuneka nifunde ukuzenza. Ziza kuninceda nikwazi ukwenza imisebenzi yebandla, nivane nabanye abantu, nifumane imisebenzi yempangelo eniza kuhlala kuyo neza kuninceda nikwazi ukufumana izinto enizidingayo okanye ezidingwa ziintsapho zenu. Ngokomzekelo, zimiseleni ukukwazi ukufunda nokubhala kakuhle. IBhayibhile ithi indoda eyonwabileyo nezenza kakuhle izinto ifunda iLizwi LikaThixo yonke imihla ize icingisise ngalo. (INdu. 1:1-3) Xa ilifunda yonke imihla, iza kutsho iyazi indlela uYehova acinga ngayo. Loo nto iza kuyinceda nayo icinge kakuhle ize ikwazi ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. (IMize. 1:3, 4) Abazalwana noodade badinga ukuncedwa ngamadoda akwaziyo ukufundisa nokucebisa esebenzisa iBhayibhile. Ukuba uyakwazi ukufunda nokubhala kakuhle, uza kukwazi ukulungiselela iintetho neempendulo eziza kubanceda abanye, zize ziqinise ukholo lwabo. Uza kukwazi ukubhala amanqaku aza kukunceda uqinise ukholo lwakho uze ukhuthaze nabanye. w23.12 26-27 ¶9-11
NgoMvulo, Julayi 28
Lowo umanyene nani mkhulu kunalowo umanyene nehlabathi.—1 Yoh. 4:4.
Xa usoyika, cinga ngezinto uYehova aza kuzenza kwixesha elizayo. Khawube nombono wendlela oza kuziva ngayo xa uSathana engasekho. Umboniso owawukwindibano yengingqi yango-2014 wayiveza indlela esinokucingisisa ngayo ngethemba esinalo. Kuwo, utata wayencokola nentsapho yakhe ngendlela u-2 Timoti 3:1-5 awayeza kubhalwa ngayo, ukuba wayethetha ngezinto eziza kwenzeka eParadesi: “Ke kwazi oku, ukuba kwihlabathi elitsha, kuza kuba mnandi. Abantu baya kuthandana, bathande izinto zobuthixo, bathozame, bathobeke, badumise uThixo, bathobele abazali, babe nombulelo, banyaniseke, bathande iintsapho zabo, bathande imvisiswano, basoloko bethetha kakuhle ngabanye, bazeyise, babe nobulali, bathande ukulunga, bathembeke, bayekelele, bathobeke engqondweni, bathande uThixo kunokuba bathande iziyolo, ngenxa yokuba bemthanda ngokungazenzisiyo uThixo, sondela kubantu abanjalo.” Ngaba ukhe uncokole nabantu bakowenu okanye namanye amaKristu ngendlela ekuza kuphilwa ngayo kwihlabathi elitsha? w24.01 6 ¶13-14