Julayi
NgoLwesibini, Julayi 1
Walihamba lonke ilizwe esenza izinto ezilungileyo kwaye ephilisa.—IZe. 10:38.
Kuzo zonke izinto awayezithetha nawayezenza uYesu ezifana nemimangaliso awayenzayo, wayelinganisa indlela acinga naziva ngayo uTata wakhe. (Yoh. 14:9) Ziintoni esinokuzifunda kwimimangaliso eyayisenziwa nguYesu. UYesu noTata wakhe basithanda kakhulu. Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wabonisa indlela abathanda ngayo abantu ngokusebenzisa amandla akhe okwenza imimangaliso ukuze ancede abantu ababesezintlungwini. Ngeny’ imini wacengwa ngamadoda amabini awayengaboni ukuba awancede. (Mat. 20:30-34) Phawula ukuba uYesu ‘waba nosizi’ waza wawaphilisa. Igama elisetyenzisiweyo apha elithi ‘usizi’ lithetha ukumvela umntu ngokusuka entliziyweni. Olo velwano olwalubonisa indlela awayebathanda ngayo abantu, lwamenza wondla abalambileyo waphilisa nendoda eyayineqhenqe. (Mat. 15:32; Marko 1:41) Ngoko singaqiniseka ukuba uYehova, uThixo ‘onobubele’ noNyana wakhe basithanda kakhulu futhi abathandi ukusibona sisezintlungwini. (Luka 1:78; 1 Pet. 5:7) Bafuna nyhani ukuziphelisa zonke iingxaki esinazo. w23.04 3 ¶4-5
NgoLwesithathu, Julayi 2
Zicaphukeleni izinto ezimbi, nina bathanda uYehova. Uyabukhusela ubomi babathembekileyo kuye; uyabasindisa esandleni sabenzi-bubi.—INdu. 97:10.
Masilumkele ukufunda nokumamela izinto ezingalunganga, ezithandwayo ngabantu behlabathi likaSathana. Simele sifunde iBhayibhile ukuze iingqondo zethu zihlale zicinga ngezinto ezilungileyo. Enye into eza kusinceda sihlale sicinga ngezinto ezilungileyo, kukuya kwiintlanganiso nokushumayela. UYehova usithembisa ukuba soze asiyekele silingwe ngento esingenakumelana nayo. (1 Kor. 10:12, 13) Ngamnye kuthi, umele athandaze ngaphezu kokuba ebesenza ukuze ahlale ethembekile kula maxesha okugqibela anzima. UYehova ufuna ‘simxelele zonke izinto ezisentliziyweni yethu.’ (INdu. 62:8) Mdumise uze umbulele uYehova ngazo zonke izinto azenzayo. Mcele akuncede ube nesibindi xa ushumayela. Mcele qho ukuba akuncede unyamezele naziphi na iingxaki onazo, ukwazi nokulwisana nomnqweno wokwenza into embi osenokuba unawo. Sukuvumela nantoni na okanye nabani na akwenze uyeke ukuthandaza qho kuYehova. w23.05 7 ¶17-18
NgoLwesine, Julayi 3
Masicingelane, sikhuthazane. —Heb. 10:24, 25.
Kutheni sisiya kwiintlanganiso? Esona sizathu sibalulekileyo kukuba sifuna ukudumisa uYehova. (INdu. 26:12; 111:1) Esinye kukuze sikhuthazane kula maxesha anzima. (1 Tes. 5:11) Xa siphendula kwiintlanganiso sizenza zombini ezi zinto. Kodwa sisenokuba neengxaki xa kufuneka siphendule kwiintlanganiso: Sinokoyika okanye sikufune nyhani ukuphendula kodwa ngamanye amaxesha singakhonjwa. Yintoni enokusinceda? Umpostile uPawulos wathi simele sizimisele ‘ukukhuthazana.’ Ukuba ihlala isezingqondweni zethu into yokuba sinokubakhuthaza abanye nangeempendulo ezilula, asizukoyika kakhulu ukuphendula. Ukuba asikhonjwa qho sinokuvuyiswa kukuba nabanye belifumana ithuba lokuphendula.—1 Pet. 3:8. w23.04 20 ¶1-3
NgoLwesihlanu, Julayi 4
Makahambe aye eYerusalem, . . . ayokuphinda akhe indlu kaYehova.—Ezra 1:3.
Eso saziso sasikhulula amaYuda awayethinjwe eBhabhiloni iminyaka emalunga neyi-70, sisithi angabuyela kwilizwe lawo, kwaSirayeli. (Ezra 1:2-4) NguYehova qha owayenokuyibangela yenzeke loo nto. Kaloku yayingaqhelekanga into yokuba iBhabhiloni ibakhulule abantu ebathimbileyo. (Isa. 14:4, 17) Kodwa ngoku yayoyisiwe, waza ukumkani omtsha waxelela amaYuda ukuba angemka kwelo lizwe. Onke amaYuda, ngokukodwa iintloko-ntsapho, kwakuza kufuneka enze isigqibo sokuba ayahlala na eBhabhiloni okanye ayemka. Inoba kwakunzima nyhani ukusenza eso sigqibo. Mhlawumbi abanye babesele bebadala kakhulu, bengasenakukwazi ukuhamba loo ndlela yayiza kuba nde. Abaninzi kubo babezalelwe eBhabhiloni, zange khe bayokuhlala kwenye indawo. Ngoko babezixelela ukuba uSirayeli yayingelolizwe labo, yayilelookhokho babo. Kungenzeka ukuba abanye babesele bezizityebi eBhabhiloni, kungekho lula ukushiya amakhaya namashishini abo baye kuhlala kwilizwe abangalaziyo. w23.05 14 ¶1-2
NgoMgqibelo, Julayi 5
Hlalani nilindile.—Mat. 24:44.
ILizwi LikaThixo lisikhuthaza ukuba sihlale sisebenzela ukukwazi ukunyamezela, ukubavela abantu nokubathanda. ULuka 21:19 uthi: “Ukunyamezela kuza kuninceda nisinde.” AmaKolose 3:12 athi: “Nxibani imfesane [okanye yibani novelwano].” Kanti wona ama-1 Tesalonika 4:9, 10 athi: “UThixo unifundisile ukuba nithandane. . . . Kodwa siyanicela bazalwana ukuba niqhubeke niyenza nangaphezulu” le nto. Zonke ezi vesi zazibhalelwe abafundi ababesele benyamezela, bebavela abantu futhi bebathanda. Kodwa kwakufuneka baqhubeke befunda iindlela zokuzibonakalisa ezi mpawu. Kufuneka loo nto ke nakuthi. Into eza kukunceda, kukubona ukuba ngexesha labapostile amaKristu ayezibonakalisa njani ezi mpawu. Emva koko uza kubona ukuba ungawalinganisa njani ukuze ubonise ukuba uyilindele intlungu engathethekiyo. Iza kuthi ifika intlungu engathethekiyo ube sele ukwazi ukunyamezela. Loo nto iza kukwenza uzimisele ukuhlala unyamezela. w23.07 3 ¶4, 8
NgeCawa, Julayi 6
Apho kuza kubakho uhola wendlela obizwa ngokuba yiNdlela Yobungcwele.—Isa. 35:8.
Nokuba singabathanjiswa okanye ‘singabezinye izimvu,’ kufuneka singayeki ukuhamba kule ‘Ndlela Yobungcwele’ kuba iza kusinceda singayeki ukukhonza uYehova ngoku naxa sekulawula uBukumkani bakhe emhlabeni. (Yoh. 10:16) Ukususela ngo-1919 iimiliyoni zabantu, amadoda, abafazi nabantwana zaye zayishiya iBhabhiloni Enkulu eyingqokelela yazo zonke iicawa zobuxoki, zaqalisa ukuhamba kule ndlela. UYehova waqiniseka ukuba endleleni yamaYuda awayesuka eBhabhiloni kususwa yonke into eyayiza kuwaphazamisa. (Isa. 57:14) Wenze ntoni ‘kwiNdlela Yobungcwele’ yanamhlanje? Kwiminyaka emininzi ngaphambi ko-1919, uYehova wasebenzisa amadoda amoyikayo ukuze ancede alungise indlela eyayiza kunceda abantu baphume kwiBhabhiloni Enkulu. (Thelekisa uIsaya 40:3.) Enza umsebenzi owawuza kunceda abantu abaneentliziyo ezilungileyo bashiye iicawe zobuxoki, baze bakhonze uYehova bekunye nabantu bakhe. w23.05 15-16 ¶8-9
NgoMvulo, Julayi 7
Mkhonzeni nivuya uYehova Yizani phambi kwakhe nikhwaza nivuya.—INdu. 100:2.
UYehova ufuna simkhonze sivuya futhi singanyanzelwa. (2 Kor. 9:7) Ngaba simele sisebenzele ukude siyenze into esizimisele ukuyenza naxa singasenamdla? Cinga ngompostile uPawulos. Wathi: “Ndiyawunyanzela umzimba wam ndize ndiwenze ikhoboka.” (1 Kor. 9:25-27) Naxa wayekhe angafuni ukwenza into uYehova athi makayenze, wayezinyanzela. Ngaba yamvuyisa ke loo nto uYehova? Yamvuyisa kuba wamsikelela. (2 Tim. 4:7, 8) Ngendlela efanayo, uYehova uyavuya xa siqhubeka sisebenzela kwinto esifuna ukumenzela, ngoxa kungekho nto isiqhubayo. Uyavuya nokuba sisenokungayithandi loo nto siyenzayo, kuba uyazi ukuba siyenza kuba sithanda yena. Njengokuba uYehova wamsikelelayo uPawulos, uza kusisikelela nathi ngeenzame esizenzayo. (INdu. 126:5) Sisenokuqhutywa kukuba sibona ukuba uyasisikelela. w23.05 29 ¶9-10
NgoLwesibini, Julayi 8
Imini kaYehova iza kufika. —1 Tes. 5:2.
Umpostile uPawulos wafanisa abantu abangazukusinda ngemini kaYehova nabantu abaleleyo. Abaziboni izinto ezenzeka kufutshane nabo, bengaboni nokuba ixesha limkile. Abazi naxa kusenzeka izinto ezibalulekileyo, ngoko akukho nto bayenzayo xa zisenzeka. Abantu abaninzi namhlanje bafana nabantu abaleleyo. (Roma 11:8) Abanamdla kwizinto ezibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ nokuba ayifikanga igalelekile intlungu engathethekiyo (2 Pet. 3:3, 4) Kodwa thina siyaqonda ukuba qho kuphela usuku siya singxamiseka isilumkiso sokuba sihlale sithe qwa. (1 Tes. 5:6) Ngoko, masihlale sizolile futhi singagungqi. Ngoba? Ukuze singaziboni sesithe zwabha kwizinto zeepolitiki okanye ezasekuhlaleni. Njengokuba isiya isondela imini kaYehova, kuza kuya kusiba nzima ukungathathi cala kwezi zinto. Sekunjalo, asimele sibe nexhala lokuba siza kuthini. Umoya kaThixo uza kusinceda sizole, sibe sezingqondweni, size sikwazi ukwenza izigqibo ezizizo.—Luka 12:11, 12. w23.06 10 ¶6-7
NgoLwesithathu, Julayi 9
Nkosi enguMongami Yehova, ndicela undikhumbule, undomeleze.—ABagwe. 16:28.
Xa usiva igama elithi Samson yintoni ethi qatha engqondweni. Mhlawumbi ucinga ngendlela awayenamandla ngayo. Nyhani ke wayenawo. Kodwa wenza isigqibo esaba nemiphumo ebuhlungu. Sekunjalo, uYehova wacinga ngayo yonke imisebenzi kaSamson yokholo, waza wenza ukuba ibhalwe eBhayibhileni ukuze isincede. UYehova wasebenzisa uSamson ukuze enze izinto ezimangalisayo ezaziza kunceda abantu Bakhe abakhethileyo, amaSirayeli. Emva kwamakhulu eminyaka uSamson eswelekile, uYehova waphefumlela umpostile uPawulos ukuba abhale igama likaSamson kunye nawamanye amadoda awayenokholo. (Heb. 11:32-34) Ibali likaSamson linokusikhuthaza. Wayemthemba uYehova naxa kwakunzima. Sinokufunda kuSamson, sibone ukuba zinokusikhuthaza njani izinto awazenzayo. w23.09 2 ¶1-2
NgoLwesine, Julayi 10
Zonke izinto zixeleleni uThixo. —Fil. 4:6.
Into enokusinceda sikwazi ukunyamezela, kukuthandaza qho, sixelele uYehova zonke izinto ezisikhathazayo. (1 Tes. 5:17) Masithi awunangxaki zinkulu ngoku. Sekunjalo, ngaba uye uthandaze ucele uncedo kuYehova xa ukhathazekile okanye ungazazi ukuba mawenze ntoni? Ukuba qho xa unengxaki uyamcela ukuba akuncede, akukho nto iza kukunqanda xa uneengxaki kwixesha elizayo. Uza kutsho uqiniseke ukuba ulazi kakuhle ixesha amele akuncede ngalo nento amele ayenze. (INdu 27:1, 3) Ukuba siyakwazi ukunyamezela iingxaki esinazo ngoku, siza kutsho sikwazi ukunyamezela iingxaki esiza kuba nazo ngexesha lentlungu engathethekiyo. (Roma 5:3) Kutheni sisitsho? Abazalwana noodade abaninzi baye bafumanisa ukuba qho benengxaki, baze bakwazi ukuyinyamezela, batsho bakwazi ukuyinyamezela nelandelayo. Xa uYehova eye wabanceda bakwazi ukunyamezela ingxaki abebenayo, ukholo lwabo lokuba uyafuna ukubanceda luyaqina. Olo kholo luye lubancede bakwazi ukunyamezela naxa bephinda besiba nenye ingxaki.—Yak. 1:2-4. w23.07 3 ¶7-8
NgoLwesihlanu, Julayi 11
Ndiza kukucingela.—Gen. 19:21.
Ukuthobeka kukaYehova nokubavela abantu kumenza abe bhetyebhetye. Ngokomzekelo, indlela athobeke ngayo yabonakala xa wayeza kutshabalalisa abantu baseSodom ababengalunganga. Wathumela iingelosi ukuba ziye kuxelela uLote owayelilungisa ukuba abalekele ezintabeni. ULote woyika ukuya apho. Ngoko wacela ukuba yena nentsapho yakhe babalekele eTsoware, idolophu encinci uYehova awayeza kuyitshabalalisa nayo. UYehova wayesenokuthi makenze le nto amxelela yona, kodwa wamvumela ukuba aye eTsoware, akayitshabalalisa. (Gen. 19:18-22) Kumakhulu eminyaka emva koko uYehova wavela abantu baseNineve. Wathuma uYona ukuba aye kuxelela abantu balapho ababengalunganga ukuba uza kusitshabalalisa eso sixeko. Kodwa bathi bakuguquka, uYehova wabavela akabatshabalalisa.—Yona 3:1, 10; 4:10, 11. w23.07 21 ¶5
NgoMgqibelo, Julayi 12
Bambulala [uYehowashe] . . . , kodwa abazange bamngcwabele kwindawo yokungcwaba ookumkani.—2 Kron. 24:25.
Yintoni esiyifundayo kuYehowashe? Wayefana nje nomthi oxhomekeke kwisiqu sawo, noneengcambu ezingatshonanga nzulu emhlabeni. Xa kwasweleka isiqu somthi esinguYehoyada, kwavuthuza umoya wabawexuki, uYehowashe wawa. Le nto yenza kucace ukuba asimele sithobele uThixo kuba sibona amanye amaKristu neentsapho zethu zimthobela. Ukuze sihlale singabahlobo bakaYehova, simele sisebenzele ukumthanda nokumhlonipha kakhulu, ngokufunda qho, sicingisise ngento esiyifundayo nangokuthandaza. (Yer. 17:7, 8; Kol. 2:6, 7) UYehova akalindelanga zinto zininzi kuthi. Into ayilindeleyo ishwankathelwe kwiNtshumayeli 12:13, ethi: “Yoyika uThixo wokwenene uze uthobele imiyalelo yakhe, kuba le yeyona nto ifunekayo emntwini.” Xa simoyika uThixo siza kukwazi ukuhlala sinyanisekile kuye, nokuba kwenzeka ntoni kuthi kwixesha elizayo. Ayikho into enokusahlukanisa noYehova. w23.06 19 ¶17-19
NgeCawa, Julayi 13
Jonga! Zonke izinto ndizenza ntsha.—ISityhi. 21:5.
Ivesi 5 iqala ngala mazwi: “Lowo uhleli etroneni wathi.” (ISityhi. 21:5a) La mazwi abalulekile kuba eli lelinye lamaxesha amathathu kuphela uYehova ethetha ngokwakhe kwimibono ekwincwadi yeSityhilelo. Ayiyongelosi enamandla ewathethayo, ingenguye noYesu ovusiweyo, nguYehova ngokwakhe! Le nto isenza siyithembe into ayithetha emva kwale. Ngoba? Kuba uYehova ‘akanakuxoka.’ (Tito 1:2) Ngoko sitsho siqiniseke ukuba into ayithetha kwiSityhilelo 21:5, 6 uza kuyenza nyhani. Makhe sithethe ngegama elithi “Jonga!” Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “jonga!” lisetyenziswe kaninzi kwincwadi yeSityhilelo. Yintoni ke elandelayo? Ngamazwi kaThixo athi: “Zonke izinto ndizenza ntsha.” Ezi zinto ziseza kwenzeka, kodwa kuba uYehova eqinisekile ngaloo nto, uthetha ngokungathi sezisenzeka.—Isa. 46:10. w23.11 3-4 ¶7-8
NgoMvulo, Julayi 14
Waphuma phandle waza wakhala kabuhlungu.—Mat. 26:75.
Umpostile uPetros wayelwisana neempawu ezingathandekiyo zobuntu bakhe. Nantsi imizekelo ebonisa loo nto: Xa uYesu wayechaza indlela awayeza kuva iintlungu ngayo aze afe, njengokuba kwakuprofetiwe eBhayibhileni, uPetros wamnqanda. (Marko 8:31-33) Yena nabanye abapostile babesoloko bephikisana ngokuba ngowuphi oyena umkhulu kubo. (Marko 9:33, 34) Ngobusuku obungaphambi kokuba uYesu afe, uPetros waqhawula indlebe yenye indoda. (Yoh. 18:10) Kwangobo busuku, ngenxa yokoyika abantu, wamphika kathathu umhlobo wakhe uYesu, esithi akamazi. (Marko 14:66-72) Loo nto yamenza wakhala kabuhlungu uPetros. UYesu zange amncame lo mpostile wakhe wayetyhafile. Emva kokuba evusiwe, wanika uPetros ithuba lokumbonisa ukuba usamthanda. Wamnika nomsebenzi wokwalusa izimvu zakhe. (Yoh. 21:15-17) UPetros wavuma ukuwenza. NgePentekoste wayeseYerusalem waza waba ngomnye wabafundi bokuqala abathanjiswa ngomoya oyingcwele. w23.09 22 ¶6-7
NgoLwesibini, Julayi 15
Yalusa amatakane am.—Yoh. 21:16.
Umpostile uPetros wakhuthaza abanye abadala esithi: “Waluseni umhlambi kaThixo.” (1 Pet. 5:1-4) Ukuba ungumdala siyazi ukuba uyabathanda abazalwana noodade futhi uyafuna ukubalusa. Kodwa ngamanye amaxesha usenokubona ngathi awunakukwazi ukuyenza le nto kuba uxakeke kakhulu okanye udinwe kakhulu. Unokwenza ntoni? Xelela uYehova. UPetros wathi: “Nabani na onceda abantu makabancede exhomekeke kumandla avela kuThixo.” (1 Pet. 4:11) Abazalwana noodade banokuba neengxaki ezingenakulungiseka kakuhle kweli hlabathi. Khumbula ukuba uYesu Kristu, ‘ongumalusi omkhulu’ unokubanceda bhetele kunawe. Loo nto unokuyenza ngoku nakwihlabathi elitsha. Eyona nto uThixo ayicelayo kubadala kukuthanda abazalwana noodade, babaluse baze babe ‘ngumzekelo kumhlambi.’ w23.09 29-30 ¶13-14
NgoLwesithathu, Julayi 16
UYehova uyazi ukuba izinto ezicingwa zizilumko azincedi nganto. —1 Kor. 3:20.
Masiyilumkele indlela abacinga ngayo abantu abangenaxesha lemithetho kaYehova. Xa sicinga njengabo, sisenokungayihoyi imithetho kaThixo. (1 Kor. 3:19) “Ubulumko beli hlabathi” budla ngokwenza abantu bangayithobeli imithetho kaThixo. Amanye amaKristu asePergamo naseTiyatira ayecinga ngendlela ababecinga ngayo abantu bezo ndawo ababeziphethe kakubi, bekhonza oothixo bobuxoki. UYesu wawakhalimela kabukhali loo mabandla ngenxa yokuba ayenyamezela ukuziphatha kakubi ngesondo. (ISityhi. 2:14, 20) Nanamhlanje, abantu basenokuzama ukusenza sicinge ngendlela engafanelekanga njengabo. Abantu esizalwa nesizalana nabo, kunye nabahlobo, basenokusenza sicinge ukuba singqongqo kakhulu baze basikhuthaze ukuba singayithobeli imithetho kaThixo. Ngokomzekelo, basenokuthi akukho nto ibaluleke kangako ngokuziphatha kakuhle, nemithetho yeBhayibhile iphelelwe lixesha. Ngamanye amaxesha, sisenokucinga ukuba umyalelo esiwunikwa nguYehova awucacanga ncam. Sisenokude sifune ‘ukugqitha kwizinto ezibhaliweyo.’—1 Kor. 4:6. w23.07 16 ¶10-11
NgoLwesine, Julayi 17
Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke, ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.—IMize. 17:17.
UMariya, umama kaYesu wayedinga ukomelezwa. Khawucinge indlela anoba waziva ngayo emva kokuba ingelosi uGabriyeli imnike umsebenzi onzima. Wayeza kukhulelwa engatshatanga. Zange wakhulisa mntwana, kodwa kwakuza kufuneka akhulise inkwenkwe eyayiza kuba nguMesiya. Ekubeni engazange walala nandoda, wayeza kuthini kuYosefu owayemngejile? (Luka 1:26-33) UMariya wakhuthazwa njani? Wacela uncedo kwabanye. Ngokomzekelo, wacela uGabriyeli ukuba amxelele indlela eyayiza kwenzeka ngayo le nto. (Luka 1:34) Emva koko wakhawuleza waya “kummandla weentaba” kwisixeko sakwaYuda eyokubona uElizabhete azalana naye. UElizabhete wamncoma uMariya, futhi waphefumlelwa nguYehova ukuba amxelele ngesiprofeto esikhuthazayo esithetha ngalo nyana aza kumzala. (Luka 1:39-45) UMariya wathi uYehova ‘uyenze yonke le nto ngengalo yakhe enamandla.’ (Luka 1:46-51) UYehova wamomeleza uMariya esebenzisa uGabriyeli noElizabhete. w23.10 14-15 ¶10-12
NgoLwesihlanu, Julayi 18
[Usenze] saba ngookumkani nababingeleli kuThixo wakhe noTata wakhe.—ISityhi. 1:6.
Bambalwa abalandeli bakaKristu abathanjiswe ngomoya oyingcwele nabangabahlobo bakaYehova ngendlela ekhethekileyo. Aba bayi-144 000 baza kuba ngababingeleli noYesu ezulwini. (ISityhi. 14:1) INgcwele yentente yokuhlangana imela into yokuba bathanjiswe ngomoya ukuba babe ngoonyana bakaThixo, ngoxa besesemhlabeni. (Roma 8:15-17) EYona ngcwele yentente yokuhlangana imela izulu, apho uYehova ahlala khona. “Ikhethini” eyayisahlula iNgcwele kwEyona Ngcwele imela umzimba kaYesu. Kaloku ngoxa wayesenomzimba onenyama negazi wayengazukukwazi ukuya ezulwini, ukuze abe nguMbingeleli Omkhulu kakhulu kwitempile enkulu kaYehova. Kodwa xa wanikela ngomzimba wakhe ngenxa yabantu, wavula indlela yokuba onke amaKristu athanjisiweyo akwazi ukuya ezulwini. Ukuze akwazi ukuya, kuza kufuneka ukuba nawo ayincame imizimba yawo enenyama negazi.—Heb. 10:19, 20; 1 Kor. 15:50. w23.10 28 ¶13
NgoMgqibelo, Julayi 19
Ndingaphelelwa lixesha ukuba ndingabalisa ngoGidiyon.—Heb. 11:32.
UGidiyon zange acaphuke xa wayegxekwa ngamaEfrayim. (ABagwe. 8:1-3) Zange awaphendule enomsindo. Wazithoba, wazimamela izikhalazo zawo waza wathetha nawo ngomoya ophantsi, watsho wehla umsindo wawo. Abadala abalumkileyo balinganisa uGidiyon ngokumamela kakuhle nangokuphendula ngomoya ophantsi xa begxekwa. (Yak. 3:13) Le nto yenza kubekho uxolo ebandleni. Xa uGidiyon wayezukiswa ngenxa yokuba oyise amaMidiyan, wafuna ukuba abantu bazukise uYehova. (ABagwe. 8:22, 23) Amadoda amiselweyo anokumlinganisa njani uGidiyon? Anokwenza kucace ukuba nguYehova owancede akwazi ukwenza zonke izinto azenzileyo. (1 Kor. 4:6, 7) Ngokomzekelo, xa umdala kunconywa indlela afundisa ngayo, unokuchaza ukuba izinto ebezifundisa zisuka kwiLizwi likaThixo okanye atsho ukuba uncedwe zizinto azifundiswe yintlangano kaYehova. Abadala basenokuzibuza ukuba indlela abafundisa ngayo ayibatsalel’ amehlo na. w23.06 4 ¶7-8
NgeCawa, Julayi 20
Iingcinga zenu ayizizo iingcinga zam.—Isa. 55:8.
Ukuba ayide yenzeke into esiyithandazelayo, mithathu imibuzo esinokuzibuza yona. Owokuqala ngulo: ‘Ngaba le nto ndiyithandazelayo ifanelekile?’ Sidla ngokucinga ukuba siyayazi eyona nto isilungeleyo. Kodwa izinto esizicelayo zisenokungasincedi ekuhambeni kwexesha. Ukuba kukho ingxaki esiyithandazelayo, isenokubakho indlela ebhetele yokuyilungisa kunale siyicelayo. Kanti ezinye izinto esizicelayo zisenokungavumelani nendlela kaYehova yokwenza izinto. (1 Yoh. 5:14) Ngokomzekelo, khawucinge ngabazali abacele uYehova ukuba enze umntwana wabo ahlale esenyanisweni. Eso sicelo sibonakala ngathi sifanelekile. Kodwa uYehova soze anyanzele nabani na ukuba amkhonze. Ufuna sonke, nkqu nabantwana bethu, sizikhethele ukumkhonza. (Dut. 10:12, 13; 30:19, 20) Ngoko eyona nto babemele bayithandazele aba bazali kukuba abancede bafikelele intliziyo yomntwana wabo, ukuze amthande uYehova aze abe ngumhlobo Wakhe.—IMize. 22:6; Efe. 6:4. w23.11 21 ¶5; 23 ¶12
NgoMvulo, Julayi 21
Hlalani nithuthuzelana. —1 Tes. 4:18.
Kutheni ukuthuthuzela abanye kuyindlela ebalulekileyo yokubabonisa ukuba siyabathanda? Enye incwadi ethetha ngeBhayibhile ithi igama elasetyenziswa nguPawulos eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuthuthuzela’ lithetha “ukuma ecaleni komntu osentlungwini umkhuthaze.” Ngoko xa sithuthuzela umzalwana okanye udade osentlungwini siyamnceda afumane amandla, aze aqhubeke ehamba kwindlela eya ebomini. Qho sithuthuzela umzalwana okanye udade, sibonisa indlela esimthanda ngayo. (2 Kor. 7:6, 7, 13) Ukuba novelwano kuyahambelana nokuthuthuzela. Njani? Umntu obavelayo abantu uye abathuthuzele, aze azame ukubanceda kwintlungu abakuyo. UPawulos uthi indlela uYehova abavela ngayo abantu imenza abathuthuzele. Uthi uYehova ‘nguTata onenceba noThixo wayo yonke intuthuzelo.’ —2 Kor. 1:3. w23.11 9-10 ¶8-10
NgoLwesibini, Julayi 22
Masivuye naxa sisebunzimeni. —Roma 5:3.
Bonke abalandeli bakaKristu banokulindela ukuva ubunzima. Cinga ngezinto ezenzeka kuPawulos. KumaKristu aseTesalonika wathi: “Naxa sasikunye nani sasidla ngokunixelela ukuba siza kujongana nobunzima, . . . yaye kwenzeka kanye loo nto.” (1 Tes. 3:4) KwawaseKorinte wathi: “Asifuni ningazi bazalwana ngobunzima esajongana nabo . . . sasingaqinisekanga nangobomi bethu.” (2 Kor. 1:8; 11:23-27) Nanamhlanje, amaKristu anokulindela ukuva ubunzima. (2 Tim. 3:12) Ngenxa yokuba nokholo kuYesu nokuba ngumlandeli wakhe abahlobo bakho nabantu bakowenu basekukukhohlakalela. Ngaba ukuzimisela kwakho ukunyaniseka kwizinto zonke kukwenzele iingxaki emsebenzini? (Heb. 13:18) Ngaba uye waphathwa kakubi ngurhulumente ngenxa yokuba uxelela abantu ngethemba onalo? Nokuba bobuphi ubunzima esisenokuba sijongene nabo, uPawulos uthi sifanele sivuye. w23.12 10-11 ¶9-10
NgoLwesithathu, Julayi 23
Nindizisele embi yona ingxaki. —Gen. 34:30.
Zininzi iingxaki awazinyamezelayo uYakobi. Oonyana bakhe ababini, uSimeyon noLevi, baluhlaza usapho bangcolisa negama likaYehova. Waphinda waswelekelwa ngumfazi wakhe uRakeli xa wayezala unyana wabo wesibini. Xa wayesele elixhego, kwabakho indlala eyenza kwanyanzeleka ukuba aye kuhlala eYiputa. (Gen. 35:16-19; 37:28; 45:9-11, 28) Nangona kwakusenzeka zonke ezi zinto, uYakobi zange ayeke ukuba nokholo kuYehova nakwizinto awayemthembise zona. Ngenxa yaloo nto, uYehova wambonisa ukuba uyamthanda. Ngokomzekelo, uYehova wamsikelela, wamenza wasisityebi. Cinga indlela amele ukuba wavuya ngayo xa ephinda ebona uYosefu, unyana wakhe awayecinga ukuba wasweleka. UYakobi wayemthanda kakhulu uYehova, ngoko wakwazi ukunyamezela iingxaki awayenazo. (Gen. 30:43; 32:9, 10; 46:28-30) Nathi, ukuba sihlala simthanda uYehova, siza kukwazi ukunyamezela xa kusithi gqi iingxaki esingazilindelanga. w23.04 15 ¶6-7
NgoLwesine, Julayi 24
UYehova nguMalusi wam. Andizukudinga nto.—INdu. 23:1.
INdumiso 23 yingoma ebonisa indlela uDavide awayeqiniseke ngayo ukuba uYehova uyamthanda futhi umkhathalele. Umbhali wendumiso uDavide uchaza indlela awayevana ngayo noMalusi wakhe, uYehova. Wayeziva ekhuselekile xa ekhokelwa nguYehova, futhi wayexhomekeke kuye ngayo yonke into. Wayesazi ukuba uYehova wayeza kumthanda ubomi bakhe bonke. Yintoni eyayimenza aqiniseke kangaka? UDavide wayeziva ekhathalelwe kuba uYehova wayesoloko emnika izinto azidingayo. Wayesazi nokuba uYehova ngumhlobo wakhe futhi uyavuyiswa nguye. Yiloo nto wayeqinisekile ukuba nokuba kwakuza kwenzeka ntoni kuye, uYehova wayeza kusoloko emnika zonke izinto azidingayo. Ngenxa yokuba uDavide wayemthembile uYehova ukuba uyamthanda futhi umkhathalele, watsho wayeka ukuba nexhala, wonwaba waza waneliseka.—INdu. 16:11. w24.01 29 ¶12-13
NgoLwesihlanu, Julayi 25
Ndikunye nani yonke imihla de kube sekuphelisweni kweli hlabathi. —Mat. 28:20.
Ukususela ngeMfazwe Yehlabathi II, abantu bakaYehova baye bashumayela ngokukhululekileyo kumazwe amaninzi. Abantu abaninzi baye bamazi uYehova. Sithetha nje, abakhonzi bakhe bashumayela emhlabeni wonke. Nanamhlanje abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo bahlala bemcela uKristu ukuba abakhokele. Bafuna kubonakale ukuba imiyalelo abayinika abazalwana noodade ivela kuYehova noYesu. Basebenzisa abaveleli beziphaluka nabadala ukuba bayidlulisele emabandleni. Abadala abathanjisiweyo nabo bonke abadala abasemabandleni ‘basesandleni sasekunene’ sikaKristu. (ISityhi. 2:1) Ewe kona, bonke aba badala banesono, bayazenza iimpazamo. UMoses, uYoshuwa nabapostile, nabo babekhe baphazame. (Num. 20:12; Yosh. 9:14, 15; Roma 3:23) Sekunjalo, uKristu ulikhokela kakuhle ikhoboka elithembekileyo nabadala abamiselweyo. Uza kuqhubeka ebakhokela. Ngoko sinezizathu ezivakalayo zokuyithemba indlela asikhokela ngayo, esebenzisa abazalwana abamiselweyo. w24.02 23-24 ¶13-14
NgoMgqibelo, Julayi 26
Linganisani uThixo, njengabantwana abathandwayo nguye.—Efe. 5:1.
Namhlanje sinokumvuyisa uYehova ngokuthetha ngaye ngendlela ebonisa ukuba siyamxabisa futhi siyamthanda. Eyona nto siyifunayo xa sishumayela kukunceda abantu basondele kuTata wethu osithandayo, uYehova, baze bambone ngendlela thina esimbona ngayo. (Yak. 4:8) Kuyasivuyisa ukubabonisa indlela iBhayibhile emchaza ngayo uYehova. Kaloku ibonisa ukuba unothando, ubulungisa, ubulumko, amandla nezinye iimpawu ezintle. Enye indlela esimdumisa nesimvuyisa ngayo kukuzama ngamandla ethu onke ukumlinganisa. Loo nto isenza sahluke kubantu beli hlabathi libi. Abanye basenokuyibona loo nto baze bazibuze ukuba kutheni singenzi izinto njengabo. (Mat. 5:14-16) Xa sikunye nabo sinokukwazi ukubachazela isizathu. Abanyanisekileyo kubo banokutsho bamthande uThixo. Uyavuya uYehova xa simdumisa ngezi ndlela.—1 Tim. 2:3, 4. w24.02 10 ¶7
NgeCawa, Julayi 27
Kwazi ukukhuthaza . . . nokululeka.—Tito 1:9.
Ukuze nilinganise uYesu, kukho izinto ekuza kufuneka nifunde ukuzenza. Ziza kuninceda nikwazi ukwenza imisebenzi yebandla, nivane nabanye abantu, nifumane imisebenzi yempangelo eniza kuhlala kuyo neza kuninceda nikwazi ukufumana izinto enizidingayo okanye ezidingwa ziintsapho zenu. Ngokomzekelo, zimiseleni ukukwazi ukufunda nokubhala kakuhle. IBhayibhile ithi indoda eyonwabileyo nezenza kakuhle izinto ifunda iLizwi LikaThixo yonke imihla ize icingisise ngalo. (INdu. 1:1-3) Xa ilifunda yonke imihla, iza kutsho iyazi indlela uYehova acinga ngayo. Loo nto iza kuyinceda nayo icinge kakuhle ize ikwazi ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. (IMize. 1:3, 4) Abazalwana noodade badinga ukuncedwa ngamadoda akwaziyo ukufundisa nokucebisa esebenzisa iBhayibhile. Ukuba uyakwazi ukufunda nokubhala kakuhle, uza kukwazi ukulungiselela iintetho neempendulo eziza kubanceda abanye, zize ziqinise ukholo lwabo. Uza kukwazi ukubhala amanqaku aza kukunceda uqinise ukholo lwakho uze ukhuthaze nabanye. w23.12 26-27 ¶9-11
NgoMvulo, Julayi 28
Lowo umanyene nani mkhulu kunalowo umanyene nehlabathi.—1 Yoh. 4:4.
Xa usoyika, cinga ngezinto uYehova aza kuzenza kwixesha elizayo. Khawube nombono wendlela oza kuziva ngayo xa uSathana engasekho. Umboniso owawukwindibano yengingqi yango-2014 wayiveza indlela esinokucingisisa ngayo ngethemba esinalo. Kuwo, utata wayencokola nentsapho yakhe ngendlela u-2 Timoti 3:1-5 awayeza kubhalwa ngayo, ukuba wayethetha ngezinto eziza kwenzeka eParadesi: “Ke kwazi oku, ukuba kwihlabathi elitsha, kuza kuba mnandi. Abantu baya kuthandana, bathande izinto zobuthixo, bathozame, bathobeke, badumise uThixo, bathobele abazali, babe nombulelo, banyaniseke, bathande iintsapho zabo, bathande imvisiswano, basoloko bethetha kakuhle ngabanye, bazeyise, babe nobulali, bathande ukulunga, bathembeke, bayekelele, bathobeke engqondweni, bathande uThixo kunokuba bathande iziyolo, ngenxa yokuba bemthanda ngokungazenzisiyo uThixo, sondela kubantu abanjalo.” Ngaba ukhe uncokole nabantu bakowenu okanye namanye amaKristu ngendlela ekuza kuphilwa ngayo kwihlabathi elitsha? w24.01 6 ¶13-14
NgoLwesibini, Julayi 29
[Uyandivuyisa].—Luka 3:22.
Kuthuthuzela nyhani ukwazi ukuba uYehova uvuyiswa ngabo bonke abantu bakhe! IBhayibhile ithi: “UYehova uyabathanda abantu bakhe.” (INdu. 149:4) Kodwa ngamanye amaxesha, abanye baye batyhafe kakhulu, kangangokuba bade bazibuze, ‘Ngaba uYehova uvuyiswa nandim?’ Nakubakhonzi bakaYehova abaninzi ababethembekile, ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, kwakukhe kube nzima ukukholelwa ukuba uYehova uyavuyiswa ngabo. (1 Sam. 1:6-10; Yobhi 29:2, 4; INdu. 51:11) IBhayibhile yenza kucace ukuba abantu abanesono bangakwazi ukumvuyisa uYehova. Singayenza njani loo nto? Simele sizikholelwe izinto uYesu awayezifundisa, sizenze size sibhaptizwe. (Yoh. 3:16) Ngaloo ndlela, sibonisa abantu ukuba siguqukile kwizono ebesizenza, futhi simthembisile uThixo ukuba siza kwenza izinto ezithandwa nguye. (IZe. 2:38; 3:19) UYehova uvuya nyhani xa sisenza ezi zinto ukuze sibe ngabahlobo bakhe. Ukuba nje sizama ngamandla ethu onke ukuphila ngokuvumelana nento esamthembisa yona uYehova xa sasizinikela kuye, uye avuyiswe sithi size sibe ngabahlobo bakhe abathandayo.—INdu. 25:14. w24.03 26 ¶1-2
NgoLwesithathu, Julayi 30
Asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.—IZe 4:20.
Njengabafundi nathi sinokuqhubeka sishumayela nokuba urhulumente uthi masiyeke. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusinceda sikwazi ukushumayela. Ngoko thandazela isibindi nobulumko. Cela uYehova akuncede unyamezele iingxaki onazo. Abaninzi kuthi bayagula okanye basentlungwini ngenxa yokuswelekelwa ngumntu abamthandayo, ingxaki yentsapho, ukuphathwa kakubi okanye ezinye iingxaki. Kuba nzima nakakhulu ukunyamezela ezi ngxaki xa kukho izifo ezigqugqisayo neemfazwe. Xelela uYehova yonke into esentliziyweni yakho, ubengathi uncokola nomhlobo wakho. Qiniseka ukuba “uza kukuxhasa.” (INdu. 37:3, 5) Ukuba sithandaza qho siza kutsho sikwazi ‘ukunyamezela xa sisebunzimeni.’ (Roma 12:12) UYehova uyazazi izinto ezenzeka kubakhonzi bakhe, “uyabeva xa bekhalela uncedo.”—INdu. 145:18, 19. w23.05 5-6 ¶12-15
NgoLwesine, Julayi 31
Qhubekani niqinisekisa ngento efunwa yiNkosi.—Efe. 5:10.
Xa kufuneka senze izigqibo ezibalulekileyo, kufuneka siqonde ukuba “kuyintoni na ukuthanda kukaYehova,” size sizenze ngokuvisisana nako. (Efe. 5:17) Xa sikhangela imigaqo yeBhayibhile esebenza kwimeko esikuyo, sikhangela ukuba uthini uYehova ngaloo meko. Siza kukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo xa sisebenzisa loo migaqo. USathana olutshaba lwethu ufuna sixakeke kakhulu zizinto zeli hlabathi de singabi nalo ixesha lokukhonza uThixo. (1 Yoh. 5:19) UmKristu unokuqalisa ukujonga imali, imfundo okanye umsebenzi njengezona zinto zibalulekileyo kuneendlela ezininzi anokumkhonza ngazo uYehova. Xa enokwenza loo nto, angabonisa ukuba sele eqalile ukucinga njengehlabathi. Ewe kona akukho rongo ukuzenza ezi zinto, kodwa asimele sizivumele zibe zezona zibalulekileyo kuthi. w24.03 24 ¶16-17