IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • be isifu. 4 iphe. 93-iphe. 96 isiqe.¶ 3
  • Utyibiliko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Utyibiliko
  • Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Yokuhlangabezana Nokuthintitha
    Vukani!—2010
  • Ukuthetha Ngendlela Oqhele Ukuthetha Ngayo
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Ukulungiselela Isabelo Somfundi Sesikolo
    Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Khangela Okunye
Zuza Kwimfundo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
be isifu. 4 iphe. 93-iphe. 96 isiqe.¶ 3

ISIFUNDO 4

Utyibiliko

Yintoni ekufuneka uyenze?

Funda uze uthethe ngendlela yokuba amagama neengcamango ziziphumele kamnandi. Xa utyibilika, intetho yakho ayiqhawuki okanye izekelele ngokugqithisileyo kwaye akubambeki emagameni okanye ulahlekelwe ziingcamango.

Kutheni kubalulekile nje?

Xa isithethi singatyibiliki, iingqondo zabaphulaphuli zisenokubhadula; sisenokudlulisela iingcamango eziphosakeleyo. Oko sikuthethayo kusenokungabi nawo amandla okweyisela.

XA ULESA ngokuvakalayo, ngaba uye ubambeke kumagama athile? Okanye xa ukhwela eqongeni phambi kwabaphulaphuli ukuze unikele intetho, ngaba uye ufumanise ukuba ngokufuthi ulahlekelwa ngamagama afanelekileyo? Ukuba kunjalo, usenokuba unengxaki yotyibiliko. Umntu otyibilikayo ufunda aze athethe ngohlobo lokuba amagama neengcamango ziziphumele kamnandi, kubonakale kulula. Oku akuthethi kuthi uthetha angayeki, uyakhawulezisa xa ethetha, okanye uthetha engacinganga. Intetho yakhe imnandi. Utyibiliko lunikwa ingqalelo ekhethekileyo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.

Zininzi izinto ezinokufak’ isandla ekubeni ubani angatyibiliki xa ethetha. Ngaba ikho ekufuneka uyinike ingqalelo ekhethekileyo kwezi zilandelayo? (1) Xa ulesa phambi kwabanye, ukungaqhelani namagama athile kunokubangela ukuba uthandabuze. (2) Ukuhlab’ ikhefu kwiindawo ezininzi kakhulu kunokubangela ukuba intetho yakho iman’ ukuqhawuka. (3) Ukungalungiseleli kunokufak’ isandla kuloo ngxaki. (4) Xa uthetha neqela labantu, into edla ngokuba ngunozala wokungatyibiliki kukungawuhlahleli ngendlela eyondeleleneyo umbandela. (5) Ukungabi nesigama esaneleyo kunokubangela ubani athandabuze njengoko efuna amagama afanelekileyo. (6) Xa kugxininiswa amagama amaninzi gqitha, lusenokungabikho utyibiliko. (7) Ukungaqhelani nomgaqo-ntetho kunokufak’ isandla kule ngxaki.

Ukuba akutyibiliki, abaphulaphuli abakwiHolo yoBukumkani basenokungaphumi bakushiye ngokoqobo, kodwa iingqondo zabo zisenokubhadula. Ngenxa yoko, inkoliso yezinto ozithethayo iya kumka namanzi.

Kwelinye icala, imele ilunyukelwe into yokuba isithethi esinikela intetho enamandla netyibilikayo singajiki sithethe ngokunyanzelisa nangekratshi, mhlawumbi side senze abaphulaphuli babe neentloni. Ukuba ngenxa yokwahluka kweemvelaphi zezithethe, abantu bagqala indlela othetha ngayo njengekrwada okanye ebonisa ukunganyaniseki, oko akuyi kukunceda kwinjongo yakho. Kuyabonakala ukuba umpostile uPawulos, nangona wayesisithethi esinamava, wathetha nabantu baseKorinte, ‘ebuthathaka ibe esoyika kwaye engcangcazela kakhulu’ ukuze angatsaleli ingqalelo engeyomfuneko kwisiqu sakhe.—1 Kor. 2:3.

Imikhwa Emele Iphetshwe. Abantu abaninzi banomkhwa wokufaka amabinzana anjengelithi “eh” xa bethetha. Abanye badla ngokuqalisa ingcamango ngokuthi “ndiye ndaba nako ukuba ngulowo,” okanye bafakela igama elithi “kaloku” okanye elithi “ke ngoku ke” kuyo yonke into abayithethayo. Mhlawumbi akuqondi ukuba uwasebenzisa ngokufuthi kangakanani na amagama afana nala. Usenokuzama ukuqhelisela kukho umntu ophulaphuleyo aze awabize la magama sihlandlo ngasinye uwasebenzisa. Unokumangaliswa koko ukufumanisayo.

Abanye abantu xa befunda naxa bethetha baye bakuphindaphinde kaliqela oko bakuthethayo. Ngamany’ amazwi, baqalisa isivakalisi baze basiyeke phakathi baze ubuncinane baphinde inxalenye yoko sele bekuthethile.

Ukanti abanye bakhawulezisa ngokwaneleyo xa bethetha, kodwa baqalisa ngengcamango ethile baze, phakathi nesivakalisi, batshintshele kwenye ingcamango. Nangona amagama ephuma ngokukhululekileyo, ukutshintsha nje esithubeni kuyalugxobha utyibiliko.

Indlela Yokuphucula. Ukuba unengxaki yokulahlekwa ngamagama afanelekileyo, kuza kufuneka wenze umgudu okhethekileyo wokwandisa isigama sakho. Waphawule amagama ongawaqhelanga akwiMboniselo, kuVukani! nakwezinye iimpapasho ozifundayo. Wahlole kwisichazi-magama, ukhangele indlela abizwa ngayo nentsingiselo yawo, uze wongeze amanye ala magama kwisigama sakho. Ukuba akunaso isichazi-magama, cela umntu oluthetha kakuhle ulwimi ukuba akuncede.

Ukukwenza umkhwa ukufunda ngokuvakalayo rhoqo kuya kukunceda uphucule. Qwalasela amagama anzima, uze uwabize ngokuvakalayo kangangezihlandlo eziliqela.

Ukuze ufunde ngokutyibilikayo, kufuneka uyiqonde indlela amagama asebenzisana ngayo kwisivakalisi. Kudla ngokufuneka ukuba amagama abizwe ngokwamaqela ukuze adlulisele ingcamango yombhali. Bek’ umnwe ngokukhethekileyo kula maqela amagama. Ukuba oko kuya kukunceda, waphawule. Usukelo lwakho asikokufunda nje amagama ngendlela echanileyo nje kuphela, kodwa kukudlulisela nengcamango ngendlela ecacileyo. Wakuba usihlahlele isivakalisi, yiya kwesilandelayo de ube usifundisise sonke isiqendu. Qhelana nendlela iingcamango ezidluliselwa ngayo. Emva koko qhelisela ukufunda ngokuvakalayo. Sifunde uze usiphindaphinde eso siqendu de ukwazi ukusifunda ungakhange ubambeke yaye ungakhange uhlab’ ikhefu kwiindawo ongafanelanga uhlab’ ikhefu kuzo. Emva koko dlulela kwezinye iziqendu.

Into elandelayo kukunyusa isantya. Ukuba uyayazi indlela amagama asebenzisana ngayo kwisivakalisi, uya kukwazi ukubona amagama angaphezu kwelinye ngexesha nokulindela elilandelayo. Oku kuya kufak’ isandla kakhulu kwimpumelelo yakho ekufundeni.

Ukukwenza umkhwa wakho ukufunda into oqala ukuyibona kunokukunika ingqeqesho esemagqabini. Ngokomzekelo, ungakhange ulungiselele kwangaphambili, funda itekisi yosuku kunye namagqabaza ngokuvakalayo; uze uyenze rhoqo loo nto. Yiqhele into yokuba uvumele iliso lakho lijonge amagama njengamaqela adlulisela ingcamango epheleleyo kunokuba libone nje igama libe linye ngexesha.

Xa uncokola, ukuze utyibilike kuye kufuneke ukuba ucinge ngaphambi kokuba uthethe. Kwenze umkhwa wakho oko kubomi bakho bemihla ngemihla. Khetha iingcamango ofuna ukuzidlulisela kunye nendlela oya kuzidlulisela ngayo; uze uqalise ukuthetha. Ungangxami. Zama ukuthetha ingcamango epheleleyo ungakhange unqumame okanye utshintshe nje esithubeni. Unokukufumanisa kuluncedo ukuthetha izivakalisi ezifutshane nezilula.

Amagama amele azizele ukuba uyazi kakuhle into ofuna ukuyithetha. Kudla ngokungabi yimfuneko ukuwakhetha amagama oza kuwasebenzisa. Enyanisweni, xa uqhelisela, kubhetele uqiniseke nje ukuba ingcamango icacile engqondweni yakho uze ucinge ngamagama njengoko uthetha. Ukuba wenjenjalo kwaye ucinga ngengcamango kunokuba ucinge ngamagama owathethayo, amagama aya kuzizela, kwaye iingcamango zakho ziya kudluliselwa ngokusuka entliziyweni. Ukuba ukhe waqalisa nje ukucinga ngamagama kunokuba ucinge ngeengcamango, intetho yakho isenokuman’ iqhawuka. Ukuba uyaqhelisela, unako ukuphumelela ekuhlakuleleni utyibiliko, uphawu olubalulekileyo ekuthetheni nasekufundeni.

Xa wayenikwa isabelo sokumela uYehova kuhlanga lwakwaSirayeli naphambi koFaro waseYiputa, uMoses wavakalelwa kukuba akayi kukwazi ukusisingatha. Ngoba? Wayengakwazi ukuthetha ngokutyibilikayo; usenokuba wayenengxaki yokuthetha. (Eks. 4:10; 6:12) UMoses wangxengxeza, kodwa akukho nasinye kwezo zingxengxezo esamkelwayo nguThixo. UYehova wamthumelela uAron ukuba abe sisithethi, kodwa wamnceda noMoses ukuba athethe. UMoses wathetha ngempumelelo kangangezihlandlo eziliqela, engapheleli kubantu ngabanye nakumaqela amancinane, kodwa wayethetha kwanakuhlanga luphela. (Dut. 1:1-3; 5:1; 29:2; 31:1, 2, 30; 33:1) Ukuba wenza konke okusemandleni akho ukuze uphumeze indima yakho ngoxa ukholose ngoYehova, nawe unokusebenzisa ilizwi lakho ekuzukiseni uThixo.

INDLELA YOKUHLANGABEZANA NOKUTHINTITHA

Zininzi izinto ezinokufak’ isandla ekuthintitheni. Iindlela zokukunyanga eziye zabanceda abanye abantu zisenokungasebenzi kwabanye. Kodwa ukuze ufumane uvuyo olubangelwa kukuphumelela, kubalulekile ukuba uqhubeke uzama.

Ngaba kuye kuthi merhe uvalo, de uphakuzele, wakucinga ngokugqabaza ezintlanganisweni? Thandaza ucele uncedo kuYehova. (Fil. 4:6, 7) Ingqondo yakho yijolise ekuzukiseni uYehova nasekuncedeni abanye. Musa ukulindela ukuba le ngxaki iza kuthi shwaka ngokupheleleyo, kodwa jonga indlela oncedwa ngayo ukuba uhlangabezane nayo. Njengoko uzuza intsikelelo kaYehova nokhuthazo lwabazalwana bakho, uya kufuna ukwenza nangakumbi.

ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sikunika ithuba lokuba ufumane amava okuthetha phambi kwabantu abaliqela. Unokumangaliswa kukubona indlela oqhuba kakuhle ngayo xa uphambi kweqela elincinane elinenkxaso nelifuna ukuba uphumelele. Loo nto inokukunceda ukuba uzithembe naxa uthetha phantsi kwezinye iimeko.

Ukuba uza kunikela intetho, lungiselela kakuhle. Zikisa ingqondo yakho kwindlela oyinikela ngayo. Thetha unemvakalelo efanelekileyo. Ukuba uthi usathetha uqalise ukuthintitha, zola uze ugcine nelizwi lakho lizolile kangangoko kunokwenzeka. Khulula izihlunu zomhlathi. Sebenzisa izivakalisi ezifutshane. Mazibe mbalwa izihlandlo osebenzisa ngazo izikhuzo ezifana nesithi “awu” nesithi “owu.”

Bakuba bewaphawule amagama aye abasokolisa kwixesha elidluleyo, bambi abathintithayo bayawaphepha baze endaweni yawo basebenzise amagama anentsingiselo efanayo. Kwabanye kubhetele ukukhangela izandi abazifumanisa zinzima baze baziqhelisele ngokuphindaphindiweyo.

Ukuba uyathintitha xa uncokola, musa ukuncama kumgudu wakho wokunxibelelana nabanye. Usenokumkhuthaza loo mntu uncokola naye ukuba aqhubeke ethetha de ube ukulungele ukuqhubeka. Ukuba kuyimfuneko, mbhalele imidana, okanye umbonise into ebhaliweyo.

INDLELA YOKULUFIKELELA OLU SUKELO

  • Xa ufunda amaphephancwadi neencwadi, phawula amagama amatsha, wakhangele ukuba athetha ukuthini, wandule ukuwasebenzisa.

  • Qhelisela ukufunda ngokuvakalayo ubuncinane kangangemizuzu emihlanu ukuya kwelishumi suku ngalunye.

  • Zilungiselele ngocoselelo izabelo zokufunda. Bek’ umnwe ngokukhethekileyo kumaqela amagama adlulisela iingcamango. Qhelana nendlela ezidluliselwa ngayo iingcamango.

  • Kwincoko yemihla ngemihla, funda ukucinga kuqala uze wandule ukuthetha izivakalisi ezipheleleyo ungakhange uhlab’ ikhefu.

UQHELISELO: Hlola ngenyameko ABagwebi 7:1-25, ufunde isiqendu sibe sinye ngexesha. Qiniseka ukuba uyayiqonda le nto ithethwayo. Khangela amagama ongawaqhelanga kwisichazi-magama. Biza ngokuvakalayo igama lomntu okanye lendawo ngalinye. Emva koko sifunde ngokuvakalayo eso siqendu; uzame ukuba usifunde ngendlela echanileyo. Wakuba wanelisekile seso siqendu, dlulela kwesilandelayo, njalo njalo. Emva koko sifunde sonke eso sahluko. Siphinde kwakhona, ngesi sihlandlo uzame ukukhawuleza. Phinda kwakhona, ukhawuleze nangakumbi kwiinxalenye ekufanelekileyo kuzo ukuba ukhawuleze—kodwa ungakhawulezi kangangokuba ubambeke emagameni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share