ISAHLUKO 12
Ukuxhasa UBukumkani Ebandleni Nasehlabathini Lonke
EZALISEKISA isiprofeto sikaYesu esiphathelele imihla yokugqibela, amaNgqina KaYehova aye ashumayela iindaba ezilungileyo “nakwezona ndawo zikude emhlabeni.” (IZe. 1:8; Mat. 24:14) Ukuze enze oku, aye anikela ngexesha namandla awo ukuze afundise abanye ngoThixo. Ayaqhubeka ebeka uBukumkani kwindawo yokuqala ebomini bawo, ethembe uYehova ukuba uyabalungiselela abo asebenza kunye nabo. (Mat. 6:25-34; 1 Kor. 3:5-9) Kukho ubungqina obucacileyo bokuba uYehova uyakholiswa ngawo kwaye uyawasikelela.
IMISEBENZI YOBUKUMKANI EHLABATHINI
2 Xa bejonga iindlela esizisebenzisayo ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo kwaye bebona ukuba sisasaza iiBhayibhile kunye neencwadi zokufundisa iBhayibhile simahla, abanye abantu basenokubuza: “Yenzeka njani le nto?” Kuyinyaniso kona ukuba ukuprinta iiBhayibhile neencwadi ezithetha ngeBhayibhile kubiza imali eninzi. Nokwakha kunye nokugcina amakhaya aseBheteli ekwimeko entle ukuze kuhlale abalungiseleli abasebenza koomatshini bokuprinta, abavelela umsebenzi wokushumayela, nabanye abenza eminye imisebenzi ukuze baxhase iindaba ezilungileyo, kubiza imali. Ukongezelela koko, abaveleli beziphaluka, abathunywa bevangeli, oovulindlela abakhethekileyo, nabanye abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo, baxhaswa ngezinto abazidingayo ukuze baqhubeke nomsebenzi wabo. Kucacile ukuba ininzi imali efunekayo ukuze kushunyayelwe iindaba ezilungileyo ehlabathini lonke. Ivela phi ke loo mali?
3 Abaninzi abayithandayo le nto yokuba amaNgqina KaYehova efundisa abantu iBhayibhile, bayanikela ukuze baxhase umsebenzi wethu owenziwa ehlabathini lonke. Noko ke, ubukhulu becala umsebenzi wethu uxhaswa ngamaNgqina ngokwawo, amanye athumela iminikelo kwiofisi yesebe yamaNgqina KaYehova ekwilizwe lawo. Afana nqwa nabantu bakaThixo bakudala, abanikelayo xa kwakusakhiwa indawo ekwakuza kukhonzelwa kuyo uYehova. (Eks. 35:20-29; 1 Kron. 29:9) Ezinye izipho ngamafa ashiyelwe intlangano, ngoxa kukho neminikelo emincinci evela kubantu ngabanye, amabandla kunye neziphaluka. Xa yonke le minikelo idityaniswa, yenza kubekho imali yokuxhasa lo msebenzi.
AmaNgqina KaYehova akujonga njengenyhweba ukusebenzisa imali nezinto zawo ukuze axhase iindaba ezilungileyo
4 AmaNgqina KaYehova akujonga njengenyhweba ukusebenzisa imali nezinto zawo ukuze axhase iindaba ezilungileyo. UYesu nabafundi bakhe babe nebhokisi yemali yokuhlawula iindleko. (Yoh. 13:29) IBhayibhile isixelela ngamabhinqa awayelungiselela uYesu nabafundi bakhe. (Marko 15:40, 41; Luka 8:3) Umpostile uPawulos wayamkela ngezandla zozibini iminikelo yabantu ababefuna iindaba ezilungileyo zisasazwe nababefuna ukumncedisa ekushumayeleni. (Fil. 4:14-16; 1 Tes. 2:9) AmaNgqina KaYehova ayaqhubeka elandela le mizekelo yakudala yokukhonza ngokuzimisela nokupha. Ngenxa yoko, abantu abafuna nyhani ukumazi uThixo bayakwazi ukufumana “amanzi obomi mahala” naphi na apho bakhoyo.—ISityhi. 22:17.
IINDLEKO ZEBANDLA
5 Neendleko zebandla okulo zihlawulwa ngeminikelo yokuzithandela. Akuqokelelwa nkongozelo ibe abantu abaxelelwa ukuba bakhuphe malini. Kwiindawo esikhonzela kuzo kubekwa iibhokisi zeminikelo ukuze wonke umntu akwazi ukunikela “ngaloo nto agqibe ngayo entliziyweni yakhe.”—2 Kor. 9:7.
6 Eyona nto idla ngokwenziwa ngemali yeminikelo kukuhlawula iindleko zokusebenza nokulungiswa kweHolo YoBukumkani. Iqumrhu labadala linokugqiba kwelokuba enye imali ithunyelwe kwiofisi yesebe yamaNgqina KaYehova ukuze isetyenziselwe ukuxhasa umsebenzi owenziwa ehlabathini. Xa kunjalo, kuza kwenziwa isindululo esiya kuvunywa libandla. Ngale ndlela, amabandla amaninzi aye anikele qho kumsebenzi owenziwa ehlabathini. Xa wonke umntu ezazi iindleko zebandla, akuyi kuba yimfuneko ukusoloko kusenziwa izaziso ngeminikelo.
IMINIKELO
7 Emva kwentlanganiso nganye, abazalwana ababini bakhupha yonke imali eye yafakwa kwiibhokisi zeminikelo baze bayibhale phantsi. (2 Kum. 12:9, 10; 2 Kor. 8:20) Iqumrhu labadala liza kwenza amalungiselelo afanelekileyo okugcina le mali de idluliselwe kwiofisi yesebe okanye isetyenziselwe iindleko zebandla. Umzalwana ojongene nemali ulungiselela ingxelo yenyanga ukuze kwaziswe ibandla, ibe qho emva kweenyanga ezintathu, umnxibelelanisi wequmrhu labadala ulungiselela ukuba kuhlolwe ingxelo yemali.
IINDLEKO ZESIPHALUKA
8 Iindleko zeendibano zesiphaluka nezinye iindleko zesiphaluka zihlawulwa ngeminikelo evela kumaNgqina eso siphaluka. Kubakho iibhokisi zeminikelo ezindibanweni ukuze abantu bakwazi ukunikela kwisiphaluka. Amabandla anokunikela nangelinye ixesha ukuze kubhatalwe nezinye izinto.
9 Kuye kube kuhle ukuba iziphaluka zibhatale zonke iindleko ezidingekayo ize imali eshiyekileyo kunikelwe ngayo kumsebenzi wethu owenziwa ehlabathini. Ukuba imali ekwiakhawunti yesiphaluka ayanelanga ukuhlawula iindleko zendibano yokugqibela okanye ukuhlawula iindleko zendibano ezayo, njengediphozithi yokurenta isakhiwo sendibano, umveleli wesiphaluka unokwalathisa ukuba kucelwe amabandla ukuba anikele. Iqumrhu labadala ngalinye liza kuwuxubusha lo mba lize ligqibe ngomnikelo onokuthunyelwa libandla kwingxowa-mali yesiphaluka. Emva koko liza kwenza isindululo ebandleni.
10 Xa kukho into ekufuneka abadala beyazile ngemali yesiphaluka, kuye kubekho intlanganiso yabadala beso siphaluka ngosuku lwendibano. Zonke izigqibo, ngaphandle kwezo zeendleko ezithile zendibano, zifanele zibe sisindululo esamkelwa ngabadala. Eso sindululo simele sichaze imali efunekayo abaza kuvumelana ngayo abadala qho kusetyenziswa imali yesiphaluka.
11 Ngamaxesha athile kuye kuhlolwe iingxelo zemali yesiphaluka.
UKUNCEDA ABANGATHATHI NTWENI
12 Enye yeenjongo zebhokisi yemali eyayigcinwa nguYesu nabafundi bakhe yayikukunceda amahlwempu. (Marko 14:3-5; Yoh. 13:29) AmaKristu asenayo loo mbopheleleko nanamhlanje, kuba uYesu wathi: “Aza kusoloko ekho amahlwempu.” (Marko 14:7) AmaNgqina KaYehova akwenza njani oku namhlanje?
13 Ngamanye amaxesha, abathile abathembekileyo ebandleni basenokufuna uncedo lwezinto eziphathekayo ngenxa yokwaluphala, ukugula okanye ezinye iingxaki ezingaphaya kwamandla abo. Amalungu eentsapho, izalamane nabanye abazaziyo ezo ngxaki basenokufuna ukunceda. Oku kuvumelana namazwi ompostile uYohane athi: “Ukuba umntu unezinto, aze xa ebona umzalwana wakhe edinga, angafuni kumnceda, angatsho njani ke loo mntu ukuba uyamthanda uThixo? Bantwana abancinci, masingathandi nje ngomlomo, kodwa masithande ngezenzo nangenyaniso.” (1 Yoh. 3:17, 18; 2 Tes. 3:6-12) Ukukhonza uThixo kuquka ukunceda abathembekileyo nabahlelelekileyo.—Yak. 1:27; 2:14-17.
14 Kwincwadi yakhe yokuqala eya kuTimoti, umpostile uPawulos wachaza indlela abanokuncedwa ngayo abafanelekayo ngezinto eziphathekayo. Unokusifunda isiluleko sakhe kweyoku-1 kuTimoti 5:3-21. Eyona mbopheleleko kumKristu ngamnye kukunyamekela iimfuno zentsapho yakhe. Abakhulileyo nabagulayo bancedwa ngabantwana babo, ngabazukulwana okanye ezinye izalamane ezisondeleyo. Ngamanye amaxesha, uncedo lwezinto eziphathekayo lunokufunyanwa kumasebe karhulumente nakoonontlalo-ntle, ngoko izalamane zinokunceda lowo usweleyo ukuba afake izicelo ukuze axhaswe. Kunokuvela iimeko apho kunokufuneka ukuba ibandla licinge ngokunikela uhlobo oluthile loncedo kubazalwana noodade abaye bakhonza ngokuthembeka ixesha elide. Ukuba abanawo amalungu entsapho okanye ezinye izalamane ezinokubanceda kwaye norhulumente okanye oonontlalo-ntle abakwazi kunceda ngokwaneleyo, iqumrhu labadala linokucebisa iindlela ezifanelekileyo zokunceda. AmaKristu akujonga njengenyhweba ukwabelana nabo bahlelelekileyo ngezinto anazo.
15 Uninzi lwabazalwana bethu lunokuswela ngenxa yentshutshiso, iimfazwe, iinyikima, izantyalantyala zemvula, indlala, okanye ezinye iintlekele ezixhaphakileyo kula maxesha anzima. (Mat. 24:7-9) Amabandla asekuhlaleni asenokungabi nanto anokunceda ngayo, ngoko iQumrhu Elilawulayo liye licele abazalwana abakwezinye iindawo ukuba bancede. Oku kufana nendlela amaKristu aseAsia Minor awathumela ngayo ukutya kubazalwana belakwaYuda ngexesha lendlala. (1 Kor. 16:1-4; 2 Kor. 9:1-5) Ngokuxelisa umzekelo wawo, sibonisa indlela esibathanda ngayo abazalwana bethu nokuba singabafundi bokwenene bakaYesu Kristu.—Yoh. 13:35.
UKUSASAZWA KWEENCWADI
16 IiBhayibhile neencwadi ezisekelwe kuyo zinendima enkulu ekushunyayelweni kwesigidimi soBukumkani. Ngokuqhelekileyo iqumrhu labadala licela isicaka solungiselelo ukuba sijongane neencwadi. Abazalwana abanikwe lo msebenzi bawujonga njengobalulekileyo. Bazibhala phantsi zonke iincwadi ezifikayo neziphumayo ukuze zihlale zikho ezo zifunwa libandla.
17 NjengamaKristu azinikele kuYehova, siyaqonda ukuba ixesha, ingqondo, amandla, ubuchule, izinto esinazo kwanobomi obu, zizipho ezivela kuThixo ukuze simkhonze. (Luka 17:10; 1 Kor. 4:7) Xa sizisebenzisa kakuhle zonke izinto esinazo, sibonisa indlela esimthanda ngayo uYehova. Sinqwenela ukumnika imbeko ngezinto zethu ezixabisekileyo, sisazi ukuba ukholiswa siso nasiphi na isipho esisuka entliziyweni. (IMize. 3:9; Marko 14:3-9; Luka 21:1-4; Kol. 3:23, 24) UYesu wathi: “Sanukubhatalisa mntu, kuba nani anibhatalanga.” (Mat. 10:8) Njengoko sizinikela enkonzweni kaYehova nangezinto esinazo, siza kuvuya kakhulu.—IZe. 20:35.