IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwbq inqa. 116
  • Ngoobani Abaya Ezulwini?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngoobani Abaya Ezulwini?
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ukuvuma Ingoma Entsha Yoloyiso
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Ngaba Onke AmaKristu Athembekileyo Aya Ezulwini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
ijwbq inqa. 116
I-144 000 ilawula kunye noYesu ezulwini

Ngoobani Abaya Ezulwini?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UThixo ukhetha inani elilinganiselweyo lamaKristu athembekileyo aza kuvuselwa ezulwini. (1 Petros 1:3, 4) Emva kokuba ekhethiwe, kufuneka aqhubeke elandela imigaqo yamaKristu ebonisa ukuba anokholo aze aziphathe kakuhle ukuze angaphulukani nethemba lawo lokuphila ezulwini.​—Efese 5:5; Filipi 3:12-14.

Yintoni eza kwenziwa ngabo baya ezulwini?

Baza kulawula njengookumkani nababingeleli kunye noYesu iminyaka eli-1 000. (ISityhilelo 5:9, 10; 20:6) Baza kubumba “amazulu amatsha”, okanye urhulumente wasezulwini, balawule “umhlaba omtsha” okanye abantu abasemhlabeni. Abo balawuli baza kuncedisa ekubuyiseleni uluntu kwimeko entle njengokuba uThixo wayefuna kube njalo kwasekuqaleni.​—Isaya 65:17; 2 Petros 3:13.

Bangaphi abaza kuvuselwa ezulwini?

IBhayibhile ithi abantu abali-144 000 baza kuvuselwa ezulwini. (ISityhilelo 7:4) Kumbono ekuthethwe ngawo kwiSityhilelo 14:1-3, umpostile uYohane wabona “iMvana imi phezu kweNtaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka.” Kulo mbono, “iMvana” imela uYesu owavuswayo. (Yohane 1:29; 1 Petros 1:19) ‘INtaba yeZiyon’ imela isikhundla esiphakamileyo sikaYesu nabali-144 000 abaza kulawula kunye naye ezulwini.​—INdumiso 2:6; Hebhere 12:22.

Abo “babiziweyo nabanyuliweyo” ukuba balawule noKristu eBukumkanini babizwa ngokuba ‘ngumhlambi omncinane.’ (ISityhilelo 17:14; Luka 12:32) Oku kubonisa ukuba bambalwa xa bethelekiswa nenani elipheleleyo lezimvu zikaYesu.​—Yohane 10:16.

Ubuxoki ngabantu abaya ezulwini

Ubuxoki: Bonke abantu abalungileyo baya ezulwini.

Inyaniso: UThixo uthembisa ukuba abantu abaninzi abangamalungisa baza kuphila ngonaphakade emhlabeni.​—INdumiso 37:11, 29, 34.

  • UYesu wathi: “Akukho mntu unyukele ezulwini.” (Yohane 3:13) Wabonisa ukuba abantu abalungileyo abafa ngaphambi kwakhe, njengoAbraham, uMoses, uYobhi noDavide abazange baye ezulwini. (IZenzo 2:29, 34) Kunoko, babenethemba lokuvuselwa emhlabeni.​—Yobhi 14:13-15.

  • Uvuko lwasezulwini lubizwa ngokuba ‘luvuko lokuqala.’ (ISityhilelo 20:6) Oku kubonisa ukuba kuza kubakho olunye uvuko. Iza kuba luvuko lwasemhlabeni.

  • IBhayibhile ifundisa ukuba xa kulawula uBukumkani bukaThixo, ‘akusayi kubakho kufa.’ (ISityhilelo 21:3, 4) Esi sithembiso siza kwenzeka emhlabeni kuba kungazange kubekho kufa ezulwini.

Ubuxoki: Umntu uyazikhethela ukuba uza kuphila ezulwini okanye emhlabeni.

Inyaniso: NguThixo ogqibayo ukuba nguwuphi umKristu othembekileyo oya kufumana “umvuzo wobizo lwaphezulu,” oko kukuthi, ithemba lokuphila ezulwini. (Filipi 3:14) Umntu akakhethwa kuba ekunqwenela okanye enamabhongo.​—Mateyu 20:20-23.

Ubuxoki: Ithemba lokuphila ubomi obungunaphakade emhlabeni alibalulekanga, linikwa abo bangakufanelanga ukuya ezulwini kuphela.

Inyaniso: UThixo ubiza abo baza kuphila ubomi obungunaphakade emhlabeni ngokuthi ‘abantu bam,’ ‘abanyuliweyo bam,’ nokuba ‘abasikelelweyo bakaYehova.’ (Isaya 65:21-23) Baza kuba nelungelo lokuzalisekisa injongo uThixo awayenayo kwasekuqaleni ngabantu​—ukuphila ubomi obufezekileyo obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi.​—Genesis 1:28; INdumiso 115:16; Isaya 45:18.

Ubuxoki: I-144 000 ekuthethwe ngayo kwiSityhilelo linani elifuziselayo, kungekhona elokoqobo.

Inyaniso: Nangona kukho amanani afuziselayo kwiSityhilelo, amanye amanani asetyenzisiweyo ngawokoqobo. Ngokomzekelo, sithetha “ngamagama alishumi elinesibini abapostile abalishumi elinesibini beMvana.” (ISityhilelo 21:14) Nazi izizathu ezibangela ukuba inani elili-144 000 lifanele lithathwe njengenani lokoqobo.

ISityhilelo 7:4 sithetha ‘ngenani labo batywinwayo, ikhulu elinamashumi mane anesine lamawaka.’ Kumongo wale vesi, kuthelekiswa neqela lesibini: “isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala.” Nabo ‘besihlwele esikhulu’ bafumana usindiso kuThixo. (ISityhilelo 7:9, 10) Ukuba inani elili-144 000 ibilinani elifuziselayo, elibhekisela kwiqela elinenani elingachazwanga, ibingayi kufunyaniswa eyona nto ithelekiswayo phakathi kwala maqela mabini.a

a  Ngokufanayo uNjingalwazi uRobert L. Thomas wabhala wathi nge-144 000 echazwe kwiSityhilelo 7:4: “linani lokoqobo xa lithelekiswa nenani ekuthethwe ngalo kwisahluko 7:9. Ukuba kuthwa eli nani lelokomfuziselo loo nto ithetha ukuba alikho ekunokuthiwa lelokoqobo eBhayibhileni.”​—ISityhilelo 1–7: An Exegetical Commentary, iphepha 474.

Ukongezelela koko, i-144 000 ichazwe njengabo “bathengwa phakathi koluntu njengeentlahlela.” (ISityhilelo 14:4) Ibinzana elithi ‘intlahlela’ libhekisela kwizinto ezimbalwa ezithatyathwe kwezininzi. Lichaza abo baza kulawula ezulwini kunye noKristu belawula abantu abasemhlabeni.​—ISityhilelo 5:10.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share