IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 6/1 iphe. 12
  • Ngaba Onke AmaKristu Athembekileyo Aya Ezulwini?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Onke AmaKristu Athembekileyo Aya Ezulwini?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngoobani Abaya Ezulwini?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ngaba Bonke Abantu Abalungileyo Baya Ezulwini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 6/1 iphe. 12

Imibuzo Yabafundi . . .

Ngaba Onke AmaKristu Athembekileyo Aya Ezulwini?

▪ Abantu abaninzi baye bawafunda amazwi kaYesu athuthuzelayo athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ngaba uYesu wayethetha ukuba bonke abanquli abathembekileyo bakaYise, uYehova uThixo, baza kuya ezulwini ukuze bonwabe ngonaphakade?

Khawuve la mazwi kaYesu axhokonx’ ingcinga: “Akukho mntu unyukele ezulwini ngaphandle kwalowo wehla evela ezulwini, uNyana womntu.” (Yohane 3:13) Oku kuthetha ukuba abanquli bexesha elidluleyo, abanjengoNowa, uAbraham, uMoses noDavide, abazange baye ezulwini. (IZenzo 2:34) Baya phi aba bantu? Ngamafutshane: Abantu abathembekileyo bamandulo basemangcwabeni, bafile, abazinto balindele uvuko.—INtshumayeli 9:5, 6; IZenzo 24:15.

Umntu wokuqala owathetha ngokuphila ezulwini eBhayibhileni nguYesu. Waxelela abapostile bakhe ukuba uza kuya kubalungiselela indawo ezulwini. (Yohane 14:2, 3) Yayintsha le nto kubantu bakaThixo. Kamva umpostile uPawulos wachaza ukuba emva kokufa kukaYesu nokuvuselwa kwakhe ezulwini, uYesu ‘wayisungula ngenxa yabafundi bakhe njengendlela entsha nephilayo’ indlela eyayingazange ihanjwe ngaphambili.—Hebhere 10:19, 20.

Ngaba loo nto ithetha ukuba ukususela ngelo xesha ukuya phambili bonke abantu abathembekileyo babeza kuya ezulwini? Akunjalo, kuba ukuze uvukele ezulwini kufuneka kuthi kanti uyokwenza umsebenzi othile. Kubusuku bokugqibela awayekunye nabo uYesu, waxelela abapostile bakhe ukuba ‘babeza kuhlala ezitroneni ukuze bagwebe’ kuBukumkani bakhe basezulwini. Ngaloo ndlela, ukulawula noYesu ezulwini yayingumsebenzi wabo.—Luka 22:28-30.

Ngaphandle kwabapostile, bakho nabanye abantu abaza kwenza lo msebenzi. Embonweni, umpostile uYohane wabona uYesu eneqela labantu abavusiweyo ezulwini ababeza kuba ‘ngookumkani nababingeleli abaza kulawula phezu komhlaba.’ (ISityhilelo 3:21; 5:10) Babebangaphi? Njengakwabanye oorhulumente, ngabantu abambalwa kuphela abalawulayo. Kukwanjalo nangobu Bukumkani basezulwini. UYesu iMvana kaThixo, ulawula namaqabane akhe ali-144 000 “aba bathengwa phakathi koluntu.”—ISityhilelo 14:1, 4, 5.

Eneneni, abali-144 000 liqaqobana xa ubathelekisa nabantu abathembekileyo ababephila mandulo nangoku. Kodwa ke isizathu siyaqondakala kuba abali-144 000 bavuselwa ezulwini ukuba benze umsebenzi othile ongcwele. Ukuba ubuza kwakha indlu, ubuza kusebenzisa bonke abantu abakwazi ukwakha? Akunjalo. Ubuza kufuna kuphela abo baza kwenza umsebenzi. Ngendlela efanayo, asingabo bonke abathembekileyo abakhethelwe eli lungelo likhethekileyo lokulawula noKristu ezulwini.

Lo rhulumente wasezulwini uza kuphumeza injongo kaThixo yantlandlolo ngoluntu. UYesu namaqabane akhe ali-144 000 baza kongamela ukwenziwa komhlaba wonke iparadesi, apho iza kuphila khona inginginya yabantu abathembekileyo ngolonwabo. (Isaya 45:18; ISityhilelo 21:3, 4) Aba baza kuquka abo bakwinkumbulo kaThixo, abaza kuvuswa.—Yohane 5:28, 29.

Wonke umnquli kaYehova othembekileyo—owamandulo nowangoku—unokuxhamla kwesi sipho sobomi obungunaphakade. (Roma 6:23) Iqaqobana liza kufumana ubomi ezulwini ukuze lenze umsebenzi okhethekileyo, ize inkumbula yabantu ifumane ubomi emhlabeni oyiparadesi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share