INGOMA 115
Siyabulela Ngomonde KaThixo
Printed Edition
1. Tata wethu, Thixo Somandla,
Ungumthandi wokulunga.
Wona umhlaba uphela
Uzaliswe ziinkathazo.
Kodwa likufuphi ixesha,
Lokuba uphele umonde.
(CHORUS)
Sithi enkosi kakhulu,
Yaye sohlala sikukhonza.
2. Sith’ enkosi kuwe Yehova,
Kuba uye wanomonde.
Oko kuvule ithuba
Lokuba abenzi bubi
Baguquk’ ezonweni zabo,
Baze nabo bakudumise.
(CHORUS)
Sithi enkosi kakhulu,
Yaye sohlala sikukhonza.
(Funda nezi: Neh. 9:30 Luka 15:7; 2 Pet. 3:8, 9.)