INQAKU ELIFUNDWAYO 49
Ngaba UYehova Uza Kuyimamela Imithandazo Yam?
“Niza kundibiza, nize nithandaze kum, yaye ndiza kunimamela.”—YER. 29:12.
INGOMA 41 Nceda Uve Umthandazo Wam
IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa
1-2. Kutheni sisenokucinga ukuba uYehova akayiphenduli imithandazo yethu?
“VUYA kakhulu ngoYehova, uza kukunika izinto ezifunwa yintliziyo yakho.” (INdu. 37:4) Ivuyisa nyhani le nto siyithenjiswa apha. Kodwa ngaba simele silindele ukuba uYehova asinike yonke into esiyicelayo ngoko nangoko? Kutheni kubalulekile ukubuza lo mbuzo? Cinga ngale mizekelo. Udade ongatshatanga uthandazela ukumenywa kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Kodwa kudlula iminyaka engade amenywe. Umzalwana osemtsha ucela uYehova ukuba amphilise kwisifo esimgqib’ amandla, ukuze akwazi ukwenza imisebenzi emininzi ebandleni. Kodwa akade aphile. Abazali abangamaKristu bathandazela ukuba umntwana wabo angayishiyi inyaniso. Kodwa lo mntwana uyayeka ukukhonza uYehova.
2 Kungenzeka ukuba nawe ikhona into oyicelileyo kuYehova, kodwa ayikenzeki. Ngenxa yaloo nto, usenokucinga ukuba uYehova uyayiphendula imithandazo yabanye abantu, kodwa akayiphenduli eyakho. Okanye usenokucinga ukuba ikhona le nto uyenzileyo engafunwayo nguYehova. Omnye udade onguJaniceb wayeziva ngaloo ndlela. Yena nomyeni wakhe bathandaza kuYehova becela ukuya kukhonza eBheteli. Uthi: “Ndandiqinisekile ukuba siza kukhawuleza sibizwe eBheteli.” Kodwa yaqengqeleka iminyaka bengade babizwe. UJanice uthi: “Ndandikhathazekile futhi ndibhidekile. Ndandizibuza ukuba ndimphoxe ngantoni uYehova. Ndandiyithandazele kaninizi into yokuya eBheteli. Yintoni eyayimenza angandiphenduli?”
3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
3 Ngamanye amaxesha sisenokuzibuza ukuba uYehova uyayimamela na imithandazo yethu. Namadoda akudala awayethembekile ayezibuza lo mbuzo. (Yobhi 30:20; INdu. 22:2; Hab. 1:2) Yintoni enokukwenza uqiniseke ukuba uYehova uza kuyiphendula imithandazo yakho? (INdu. 65:2) Ukuze uphenduleke lo mbuzo, siza kuqala siphendule le mibuzo: (1) Yintoni esinokuyilindela kuYehova? (2) Yintoni ayilindeleyo kuthi uYehova? (3) Kutheni kusenokufuneka sithandazele enye into?
YINTONI ESINOKUYILINDELA KUYEHOVA?
4. KuYeremiya 29:12 uYehova usithembisa ntoni?
4 UYehova uthembisa ukuba uza kuyimamela imithandazo yethu. (Funda uYeremiya 29:12.) UThixo wethu uyabathanda abakhonzi bakhe abathembekileyo, ngoko akasoze angayihoyi imithandazo yabo. (INdu. 10:17; 37:28) Kodwa loo nto ayithethi kuthi uza kusenzela yonke into esiyicelayo. Ezinye izinto esizicelayo sisenokuzifumana kwihlabathi elitsha.
5. Yintoni ayijongayo uYehova xa emamela imithandazo yethu? Cacisa.
5 UYehova uye ajonge ukuba imithandazo yethu idibana njani neyona njongo yakhe. (Isa. 55:8, 9) Enye into ayifunayo kukuba emhlabeni kugcwale amadoda nabafazi abavuyiswa kukulawulwa nguye nabamthobelayo. Kodwa uSathana uthi izinto zinokubahambela kakuhle abantu xa bezilawula. (Gen. 3:1-5) Ukuze kubonakale ukuba uSathana lixoki, uYehova uye wabavumela abantu ukuba bazilawule. Kodwa sineengxaki ezininzi ngoku ezenziwa kukuba abantu belawulwa ngabanye abantu. (INtshu. 8:9) Siyaqonda kona ukuba okwangoku uYehova akazukuziphelisa zonke iingxaki esinazo. Kaloku ukuba ebenokuyenza ngoku loo nto, abantu abangakholelwayo kuye bebenokucinga ukuba ngabantu abazilungisayo ezi ngxaki. Bebenokude bacinge ukuba abantu bayakwazi ukuzilawula.
6. Kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova uza kuhlala esenza izinto ngendlela ebonisa ukuba unothando nobulungisa?
6 UYehova unokubaphendula ngeendlela ezahlukeneyo abantu abathandazela into efanayo. Ngokomzekelo, xa uKumkani uHezekiya wayegula kakhulu, wamcenga uYehova ukuba amenze aphile. Nyhani ke uYehova wamphilisa. (2 Kum. 20:1-6) Kodwa xa umpostile uPawulos wacenga uYehova ukuba asuse “iliva enyameni” yakhe, ekusenokwenzeka ukuba elo liva yayisisigulo, uYehova zange alisuse. (2 Kor. 12:7-9) Khawuphinde ucinge ngoYakobi noPetros. UKumkani uHerode wayefuna ukubabulala. Ibandla lamthandazela uPetros, mhlawumbi noYakobi lalimthandazela. Kodwa uYakobi wabulawa, waza uPetros wasindiswa ngendlela emangalisayo. (IZe. 12:1-11) Sisenokuzibuza, ‘Kwakutheni ukuze uYehova asindise uPetros, kodwa angamsindisi uYakobi?’ IBhayibhile ayisixeleli.c Into esiqiniseke ngayo kukuba uYehova ‘akaze awugqwethe umgwebo.’ (Dut. 32:4) Siyazi nokuba wayebathanda bobabini aba bapostile. (ISityhi. 21:14) Ngamanye amaxesha uYehova unokungayiphenduli ngendlela ebesiyilindele imithandazo yethu. Kodwa kuba simthemba ukuba uhlala eyiphendula ngendlela ebonisa ukuba unothando nobulungisa, asiyithandabuzi indlela akhetha ukuyiphendula ngayo.—Yobhi 33:13.
7. Yintoni esizama ukuyenza? Kutheni?
7 Sizama ukungazithelekisi nabanye. Ngokomzekelo, sisenokumchazela uYehova ukuba sicela asincede njani, kodwa singayifumani loo nto besiyicela. Emva koko sive ukuba omnye umntu uye wathandazela into efanayo, kodwa kubonakala ngathi uYehova uye wamphendula. Kwenzeka loo nto komnye udade onguAnna. Wathandazela ukuba umyeni wakhe uMatthew owayenomhlaza aphile. Ngelo xesha kwakukho nabanye oodade ababini asebekhulile ababenomhlaza. UAnna wakhupha okusentliziyweni yakhe ethandazela uMatthew naba dade babini. Oodade baphila, kodwa yena uMatthew wasweleka. Ekuqaleni uAnna wayezibuza ukuba nguYehova na obenze baphila aba dade. Ukuba nguye, kwakutheni ukuze angawuphenduli umthandazo wokuba aphilise umyeni wakhe? Asazi ukuba bancedwa yintoni ukuze baphile aba dade. Nantsi into esiyaziyo, uYehova uza kuziphelisa zonke iingxaki ezisenza sibe buhlungu. Ukufuna nyhani nokuvusa abahlobo bakhe abaswelekileyo.—Yobhi 14:15.
8. (a) Ngokutsho kukaIsaya 43:2, uYehova usinceda njani? (b) Umthandazo unokusinceda njani xa sineengxaki ezinkulu? (Jonga ividiyo ethi Ukuthandaza Kusinceda Sinyamezele Xa Sineengxaki.)
8 UYehova uza kuhlala esinceda. Ekubeni enguTata wethu osithandayo, akathandi ukusibona sisentlungwini. (Isa. 63:9) Sekunjalo akasikhuseli kwezinye iingxaki esinazo ezinokufaniswa nemilambo okanye amadangatye. (Funda uIsaya 43:2.) Kodwa uthembisa ukuba uza kusinceda sinqumle kuzo, engasoze azivumele nokuba zisenze siyeke ukuba ngabahlobo bakhe. Usinceda sinyamezele esebenzisa amandla angumoya wakhe oyingcwele. (Luka 11:13; Fil. 4:13) Ngenxa yaloo nto, sinokuqiniseka ukuba siza kuhlala siyifumana eyona nto siyidingayo ukuze sinyamezele, size sihlale sithembekile kuye.d
YINTONI AYILINDELEYO KUTHI UYEHOVA?
9. Ngokutsho kukaYakobi 1:6, 7, kutheni sifanele simthembe uYehova ukuba uza kusinceda?
9 UYehova ulindele ukuba sithembele ngaye. (Heb. 11:6) Ngamanye amaxesha sisenokubona ngathi iingxaki esinazo zingaphezu kwamandla ethu. Sisenokuqalisa ukuyithandabuza into yokuba uYehova uza kusinceda. Kodwa iBhayibhile isenza siqiniseke ukuba ngamandla kaThixo ‘singalunyuka udonga.’ (INdu. 18:29) Ngoko endaweni yokuba sithandabuze, simele sithandaze sinokholo, futhi simthemba uYehova ukuba uza kuyiphendula imithandazo yethu.—Funda uYakobi 1:6, 7.
10. Yenza umzekelo obonisa ukuba asinakuthandaza nje emva koko sisonge izandla.
10 UYehova ulindele ukuba kubekho into esiyenzayo nathi emva kokuba sithandazile. Ngokomzekelo, umzalwana ophangelayo unokucela uYehova ukuba amncede anikwe iintsuku zokuya kwindibano yengingqi. UYehova unokuwuphendula njani loo mthandazo? Unokumenza abe nesibindi. Kodwa ngulo mzalwana ekuza kufuneka aye kucela kumphathi wakhe. Kusenokufuneka acele kaninzi. Usenokude acele ukutshintshisana nomnye wabasebenzi ngamaxesha amele asebenze ngawo. Ukuba kunokwenzeka, usenokucela ukungazibhatalwa ezo ntsuku angazukusebenza ngazo.
11. Kutheni sifanele sihlale sizithandazela izinto ezibalulekileyo kuthi?
11 UYehova ulindele ukuba sihlale sizithandazela izinto ezibalulekileyo kuthi. (1 Tes. 5:17) UYesu wabonisa ukuba eminye imithandazo yethu ayizukukhawuleza iphendulwe. (Luka 11:9) Ngoko sukuncama. Hlala uthandaza ngokusuk’ entliziyweni. (Luka 18:1-7) Xa singayeki ukuyithandazela into, sibonisa uYehova ukuba ibaluleke nyhani kuthi loo nto. Sibonisa nokuba sinokholo lokuba uza kusinceda.
KUTHENI KUSENOKUFUNEKA SITHANDAZELE ENYE INTO?
12. (a) Ngowuphi omnye umbuzo esifanele sizibuze wona ngemithandazo yethu? Kutheni? (b) Singaqiniseka njani ukuba imithandazo yethu ibonisa ukuba siyamhlonipha uYehova? (Jonga ibhokisi ethi “Ngaba Imithandazo Yam Ibonisa Ukuba Ndiyamhlonipha UYehova?”)
12 Ukuba ayide yenzeke into esiyithandazelayo, mithathu imibuzo esinokuzibuza yona. Owokuqala ngulo: ‘Ngaba le nto ndiyithandazelayo ifanelekile?’ Sidla ngokucinga ukuba siyayazi eyona nto isilungeleyo. Kodwa izinto esizicelayo zisenokungasincedi ekuhambeni kwexesha. Ukuba kukho ingxaki esiyithandazelayo, isenokubakho indlela ebhetele yokuyilungisa kunale siyicelayo. Kanti ezinye izinto esizicelayo zisenokungavumelani nendlela kaYehova yokwenza izinto. (1 Yoh. 5:14) Ngokomzekelo, khawucinge ngabazali ekukhe kwathethwa ngabo. Babecele uYehova ukuba enze umntwana wabo ahlale esenyanisweni. Eso sicelo sibonakala ngathi sifanelekile. Kodwa uYehova soze anyanzele nabani na ukuba amkhonze. Ufuna sonke, nkqu nabantwana bethu, sizikhethele ukumkhonza. (Dut. 10:12, 13; 30:19, 20) Ngoko eyona nto babemele bayithandazele aba bazali kukuba abancede bafikelele intliziyo yomntwana wabo, ukuze amthande uYehova aze abe ngumhlobo Wakhe.—IMize. 22:6; Efe. 6:4.
13. KumaHebhere 4:16 kuthiwa uYehova uza kusinceda njani? Cacisa.
13 Nanku umbuzo wesibini esinokuzibuza wona: ‘Ngaba eli lixesha lokuba uYehova andiphendule?’ Xa sithandaza sisenokucinga ukuba uYehova ufanele asiphendule ngoko nangoko. Kodwa eyona nyani yile, nguye olaziyo elona xesha afanele asiphendule ngalo. (Funda amaHebhere 4:16.) Xa ingade yenzeke into esiyicelayo, sisenokucinga ukuba uYehova uthi ‘Andizukuyenza.’ Kodwa kusenokwenzeka ukuba uthi ‘Andizukuyenza ngoku.’ Khawucinge ngala mzalwana wayethandazele ukuba uYehova amphilise. Ukuba uYehova wayemphilise ngendlela emangalisayo, uSathana wayenokuthi lo mzalwana ukhonza uYehova kuba eye wamphilisa. (Yobhi 1:9-11; 2:4) UYehova sele elibekile ixesha lokuphelisa zonke izigulo. (Isa. 33:24; ISityhi. 21:3, 4) Okwangoku lingekafiki, masingalindeli ukuba asiphilise ngendlela emangalisayo. Ngoko lo mzalwana wayenokucela uYehova ukuba amnike amandla aze amenze azole engqondweni, ukuze akwazi ukunyamezela aze aqhubeke emkhonza ethembekile.—INdu. 29:11.
14. Ufunda ntoni kwinto eyenzeka kuJanice?
14 Usamkhumbula uJanice owayethandazela ukuya kukhonza eBheteli? Waqonda emva kweminyaka emihlanu ukuba uYehova uwuphendule umthandazo wakhe, kodwa akawuphendulanga ngendlela ebeyilindele. Uthi: “Elo xesha uYehova walisebenzisela ukundifundisa nokundenza ndibe ngumKristu obhetele. Kwakusafuneka ndiye ndimthemba, ndikwazi nokuyifundisisa kakuhle iBhayibhile. Kwakusafuneka ndifunde nokuba ndingonwaba nokuba ndimkhonza phi uYehova.” Ekuhambeni kwexesha uJanice nomyeni wakhe bacelwa ukuba babe kumsebenzi wesiphaluka. Xa ecinga uJanice uthi: “UYehova wawuphendula umthandazo wam, nangona engazange awuphendule ngendlela endandiyilindele. Kwandithatha ixesha ukubona ukuba le ndlela andiphendule ngayo yeyona ifanelekileyo. Kodwa ndimbulela kakhulu ngothando nobubele andenzele bona.”
Xa ucinga ukuba uYehova akakawuphenduli umthandazo wakho, cinga ngezinye izinto onokuzithandazela (Jonga isiqendu 15)f
15. Kutheni kusenokufuneka singangqali kakhulu xa sithandaza? (Jonga nomfanekiso.)
15 Umbuzo wesithathu onokuzibuza wona ngulo: ‘Ngaba ndifanele ndithandazele enye into?’ Kulungile kona ukungqala xa sithandaza, kodwa xa singangqali kakhulu sitsho sikwazi ukubona eyona nto ifunwa nguYehova. Khawucinge ngala dade ungatshatanga obethandazela ukuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Isizathu sokuba afune ukuya kwesi sikolo kukuba ufuna ukuya kukhonza apho kudingeka abavakalisi. Ngoko ngoxa ethandazela ukuya esikolweni, unokumcela uYehova amncede abone nezinye iindlela anokumkhonza ngazo. (IZe. 16:9, 10) Emva kokuba ethandazile, unokubuza kumveleli wesiphaluka ukuba likhona na ibandla elidinga oovulindlela. Okanye unokubhalela iofisi yesebe abuze ngendawo edinga abavakalisi boBukumkani.e
16. Yintoni esinokuqiniseka ngayo?
16 Njengokuba sesifundile, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kuyiphendula imithandazo yethu ngendlela ebonisa ukuba unothando nobulungisa. (INdu. 4:3; Isa. 30:18) Ngamanye amaxesha unokungayiphenduli ngendlela ebesiyilindele. Kodwa soze angayihoyi imithandazo yethu. Usithanda kakhulu. Akasoze asilahle. (INdu. 9:10) Ngoko hlala ‘uthembela kuye’ ngalo lonke ixesha, umxelele zonke izinto ezisentliziyweni yakho.—INdu. 62:8.
INGOMA 43 Umthandazo Wokubulela
a Eli nqaku liza kucacisa isizathu sokuba sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kuhlala eyiphendula imithandazo yethu ngendlela ebonisa ukuba unothando nobulungisa.
b Amanye amagama atshintshiwe.
c Jonga inqaku elithi “Ngaba Uyamthemba UYehova Ukuba Uzenza Kakuhle Izinto?” kwiMboniselo kaFebruwari 2022, isiqe. 3-6.
d Ukuze ufunde nezinye iindlela uYehova asinceda sinyamezele ngazo xa kunzima, bukela ividiyo ethi Ukuthandaza Kusinceda Sinyamezele Xa Sineengxaki ku-jw.org/xh.
e Ukuze ufumane imiyalelo yento onokuyenza xa ufuna ukukhonza kwelinye ilizwe, jonga incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, isahlu. 10, isiqe. 6-9.
f INGCACISO YOMFANEKISO: Oodade ababini bayathandaza ngaphambi kokugcwalisa ifomu yesicelo sokuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Ekuhambeni kwexesha omnye wabo uyabizwa. Endaweni yokuba lo ungabizwanga aphoxeke kakhulu, uthandaza kuYehova, emcela ukuba ambonise ezinye iindlela anokumsebenzela ngazo. Emva koko ubhalela iofisi yesebe, eyazisa ukuba angathanda ukuya kuncedisa apho kudingeka abavakalisi.