IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w23 Julayi iphe. 2-7
  • Ngaba Sowuyilindele Intlungu Engathethekiyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Sowuyilindele Intlungu Engathethekiyo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UNGAYEKI UKUNYAMEZELA
  • BAVELE ABANTU
  • UNGAYEKI UKUBATHANDA ABAZALWANA NOODADE
  • YILUNGISELELE KWANGOKU
  • Yiba Novelwano NjengoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • ‘Imfesane Yothando KaThixo Wethu’
    Sondela KuYehova
  • Yibani Nemfesane Kakhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • “Unyamezelo Lwenu Malupheleliswe”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
w23 Julayi iphe. 2-7

INQAKU ELIFUNDWAYO 29

Ngaba Sowuyilindele Intlungu Engathethekiyo?

“Hlalani nilindile.”​—MAT. 24:44.

INGOMA 150 Funa UYehova Ukuze Usinde

IZINTO ESIZA KUZIFUNDAa

1. Kutheni kububulumko ukuyilungiselela intlekele?

UKULUNGISELELA into eza kwenzeka kunokubusindisa ubomi. Ngokomzekelo, xa kusehla intlekele, abantu abayilungiseleleyo banokusinda baze bancede nabanye. Enye intlangano yaseYurophu ezama ukunceda abantu ithi: “Xa abantu belungiselele kakuhle banokubusindisa ubomi.”

2. Kutheni simele siyilungiselele intlungu engathethekiyo? (Mateyu 24:44)

2 ‘Intlungu engathethekiyo’ iza kufika abantu bengalindelanga. (Mat. 24:21) Kodwa yona ayizukufana nezinye iintlekele, kuba thina siyayazi ukuba iyeza. Kwiminyaka emalunga neyi-2 000 eyadlulayo, uYesu walumkisa abalandeli bakhe ukuba bayilindele le mini. (Funda uMateyu 24:44.) Ukuba sililungiselele eli xesha linzima, kuza kuba lula ukulinyamezela, size sincede nabanye benze loo nto.​—Luka 21:36.

3. Ukunyamezela, ukubavela abantu nokubathanda kuza kusinceda njani siyilungele intlungu engathethekiyo?

3 Makhe sithethe ngeempawu ezintathu eziza kusinceda sikwazi ukuyilindela intlungu engathethekiyo. Siza kuthini xa kufuneka sishumayele ngomyalezo womgwebo babe abantu bengafuni ukusimamela? (ISityhi. 16:21) Ukuze simthobele uYehova kuza kufuneka sinyamezele, size simthembe ukuba uza kusikhusela. Yintoni esiza kuyenza xa abazalwana belahlekelwa zizinto zabo? (Hab. 3:17, 18) Kuza kufuneka sibavele ukuze sikwazi ukubanceda ngezinto abazidingayo. Siza kuthini xa kunyanzelekile ukuba sihlale nabazalwana noodade kangangethutyana kuba sihlaselwa liqela leentlanga? (Hez. 38:10-12) Ukuze simelane nelo xesha liza kuba nzima, kuza kufuneka sibathande nyhani.

4. Yintoni ethethwa yiBhayibhile ebonisa ukuba kufuneka siqhubeke sisebenzela ukunyamezela, ukubavela abantu nokubathanda?

4 ILizwi LikaThixo lisikhuthaza ukuba sihlale sisebenzela ukukwazi ukunyamezela, ukubavela abantu nokubathanda. ULuka 21:19 uthi: “Ukunyamezela kuza kuninceda nisinde.” AmaKolose 3:12 athi: “Nxibani imfesane [okanye yibani novelwano].” Kanti wona ama-1 Tesalonika 4:9, 10 athi: “UThixo unifundisile ukuba nithandane. . . . Kodwa siyanicela bazalwana ukuba niqhubeke niyenza nangaphezulu” le nto. Zonke ezi vesi zazibhalelwe abafundi ababesele benyamezela, bebavela abantu futhi bebathanda. Kodwa kwakufuneka baqhubeke befunda iindlela zokuzibonakalisa ezi mpawu. Kufuneka loo nto ke nakuthi. Ukuze sikwazi ukuyenza, makhe sibone ukuba ngexesha labapostile amaKristu ayezibonakalisa njani ezi mpawu. Emva koko siza kubona ukuba singawalinganisa njani ukuze sibonise ukuba siyilindele intlungu engathethekiyo.

UNGAYEKI UKUNYAMEZELA

5. Ngexesha labapostile yintoni eyanceda amaKristu akwazi ukunyamezela iingxaki?

5 Ngexesha labapostile amaKristu kwakufuneka anyamezele. (Heb. 10:36) Ayenazo iingxaki ezifana nezabanye abantu, kodwa ezinye zazisenziwa kukuba engamaKristu. Ngaphandle kwabefundisi bamaYuda nabalawuli bamaRoma, ayephethwe kakubi naziintsapho zawo. (Mat. 10:21) Kanti nasebandleni ngamanye amaxesha kwakuye kufuneke alwe neemfundiso zabawexuki ababezama ukuqhekeza ibandla. (IZe. 20:29, 30) Sekunjalo anyamezela. (ISityhi. 2:3) Ancedwa yintoni? Acingisisa ngabantu abanyamezelayo ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, omnye wabo bantu nguYobhi. (Yak. 5:10, 11) Acela uThixo ukuba awaphe amandla. (IZe. 4:29-31) Ahlala ecinga nangendlela aza kuwasikelela ngayo ukuba aye anyamezela.​—IZe. 5:41.

6. Ikufundisa ntoni into eyenziwa nguMerita ukuze akwazi ukunyamezela ukuphathwa kakubi?

6 Nathi singakwazi ukunyamezela xa sihlala sifunda size sicingisise ngabantu abanyamezelayo ekuthethwa ngabo kwiLizwi LikaThixo nakwiincwadi zethu. Loo nto yanceda omnye udade waseAlbania, uMerita, wakwazi ukunyamezela xa abantu bakowabo babemphethe kakubi kuba ekhonza uThixo. Uthi: “Ibali likaYobhi landikhuthaza kakhulu. Wehlelwa zizinto ezibuhlungu kakhulu, engazi nokuba zibangelwa ngubani. Sekunjalo wathi: ‘Andizukuyeka ukuba msulwa de ndife!’ (Yobhi 27:5) Ndabona ukuba iingxaki zam zazincinci kuneengxaki awayenazo. Yena wayengazi ukuba zenziwa yintoni, kodwa ezam ndandizazi.”

7. Nokuba asikabi nayo ingxaki enkulu ngoku, yintoni esimele sizifundise ukuyenza?

7 Enye into enokusinceda sikwazi ukunyamezela, kukuthandaza qho, sixelele uYehova zonke izinto ezisikhathazayo. (Fil. 4:6; 1 Tes. 5:17) Masithi awunangxaki zinkulu ngoku. Sekunjalo, ngaba uye uthandaze ucele uncedo kuYehova xa ukhathazekile okanye ungazazi ukuba mawenze ntoni? Ukuba qho xa unengxaki uyamcela ukuba akuncede, akukho nto iza kukunqanda xa uneengxaki kwixesha elizayo. Uza kutsho uqiniseke ukuba ulazi kakuhle ixesha amele akuncede ngalo nento amele ayenze.​—INdu. 27:1, 3.

Udade osesibhedlele uvule iBhayibhile.

UKUNYAMEZELA

Xa sinyamezela ingxaki, sitsho sikwazi ukunyamezela nelandelayo (Jonga isiqendu 8)

8. Ibali likaMira lisinceda njani sibone ukuba ukunyamezela iingxaki esinazo ngoku kunokusenza sikwazi ukunyamezela nezizayo? (Yakobi 1:2-4) (Jonga nomfanekiso.)

8 Ukuba siyakwazi ukunyamezela iingxaki esinazo ngoku, siza kutsho sikwazi ukunyamezela iingxaki esiza kuba nazo ngexesha lentlungu engathethekiyo. (Roma 5:3) Kutheni sisitsho? Abazalwana noodade abaninzi baye bafumanisa ukuba qho benengxaki, baze bakwazi ukuyinyamezela, batsho bakwazi ukuyinyamezela nelandelayo. Xa uYehova eye wabanceda bakwazi ukunyamezela ingxaki abebenayo, ukholo lwabo lokuba uyafuna ukubanceda luyaqina. Olo kholo luye lubancede bakwazi ukunyamezela naxa bephinda besiba nenye ingxaki. (Funda uYakobi 1:2-4.) UMira, udade onguvulindlela eAlbania ufumanise ukuba ukunyamezela iingxaki awayenazo kuye kwamnceda wakwazi ukunyamezela iingxaki anazo ngoku. Uyavuma ukuba ngamanye amaxesha uye acinge ukuba nguye qha oneengxaki ezininzi. Kodwa uye acinge ngendlela uYehova amncede ngayo kule minyaka iyi-20 idlulileyo aze azixelele le nto: ‘Ungagungqi. Awunakuncama emva kweminyaka emingaka uYehova ekuncede woyisa iingxaki ezininzi.’ Nawe unokucinga ngendlela uYehova asele ekuncede ngayo wakwazi ukunyamezela. Qiniseka ukuba qho unyamezela ingxaki uyakubona futhi uza kukusikelela. (Mat. 5:10-12) Iza kuthi ifika intlungu engathethekiyo ube sele ukwazi ukunyamezela. Loo nto iza kukwenza uzimisele ukuhlala unyamezela.

BAVELE ABANTU

9. Lenza ntoni ibandla lakwa-Antiyokwe eSiriya, ebonisa ukuba laliwavela amaKristu akwaYuda?

9 Khawuve into eyenzekayo xa kwabakho indlala enkulu kwaYuda. Emva kokuba ibandla lakwa-Antiyokwe eSiriya livile ngayo, labavela nyhani abazalwana noodade bakwaYuda. Zange libavele nje qha liphelele apho, kodwa labanceda. ‘Lazimisela kangangoko lalinako ukubathumelela izinto abazidingayo abazalwana ababehlala kwelakwaYuda.’ (IZe. 11:27-30) Ngoxa aba bazalwana babebhuqwa yindlala babehlala kude, amaKristu akwa-Antiyokwe ayezimisele ukubanceda.​—1 Yoh. 3:17, 18.

Umzalwana ukumsebenzi wokwakha wentlangano.

UVELWANO

Iintlekele zemvelo zisinika amathuba okubonisa ukuba siyabavela abantu (Jonga isiqendu 10)

10. Ziintoni esinokuzenza ezibonisa ukuba siyabavela abazalwana noodade abahlelwe yintlekele? (Jonga nomfanekiso.)

10 Nathi sinokubavela abazalwana noodade xa sisiva ukuba kwenzeke intlekele. Sinokukhawuleza sibancede, mhlawumbi ngokubuza abadala ukuba singancedisa njani, ngokunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke okanye ngokubathandazela.b (IMize. 17:17) Ngokomzekelo, ngo-2020 kwamiselwa iiKomiti Zokunceda Kwiintlekele ezingaphezu kwe-950 emhlabeni wonke ukuze zincede abo babedinga uncedo ngexesha lekhorona. Sibabulela bonke abazalwana noodade abaye bafak’ isandla kulo msebenzi. Ngenxa yokuba bebavela abazalwana noodade, baye babanika izinto abazidingayo, babanceda abayeka ukukhonza uYehova, kanti ngamanye amaxesha baye balungisa okanye baphinda bakha amakhaya abo neendawo abakhonzela kuzo.​—Thelekisa ama-2 Korinte 8:1-4.

11. Izinto esizenzayo ezibonisa ukuba siyabavela abantu zimzukisa njani uTata wethu osezulwini?

11 Xa sisenza izinto ezibonisa ukuba sinovelwano xa kwehle intlekele, nabanye abantu bayayibona loo nto. Ngokomzekelo, ngo-2019 iNkanyamba uDorian yadiliza iHolo YoBukumkani kwiiBahamas. Ngoxa abazalwana babephinda beyakha loo holo, babuza omnye umakhi ongeloNgqina ukuba angababiza malini kumsebenzi ababefuna awenze. Wathi: “Ndiza kunikela . . . Ngezinto endiza kwakha ngazo nezixhobo endiza kuzisebenzisa, andizukunibhatalisa nangomsebenzi endiza kuwenza . . . Le nto ndiyenzela le cawa yenu. Ndiyayithanda indlela enibavela ngayo abahlobo benu.” Abantu abaninzi kulo mhlaba abamazi uYehova. Kodwa abanye babo bayijongile indlela amaNgqina akhe abanceda ngayo abanye abantu. Kusivuyisa nyhani ukwazi ukuba izinto esizenzayo ezibonisa ukuba siyabavela abanye zinokwenza abantu bafune ukumazi Lowo ‘unenceba ngeyona ndlela.’​—Efe. 2:4.

12. Ukubavela kwangoku abantu kusinceda njani siyilungele intlungu engathethekiyo? (ISityhilelo 13:16, 17)

12 Kutheni kuza kufuneka sibavele abantu ngexesha lentlungu engathethekiyo? IBhayibhile ibonisa ukuba abantu abangavumiyo ukuxhasa oorhulumente beli hlabathi, baza kuba neengxaki ngoku nangexesha lentlungu engathethekiyo. (Funda iSityhilelo 13:16, 17.) Abazalwana noodade basenokufuna ukuncedwa kwizinto abazidingayo. Xa uKumkani wethu uKristu uYesu eze kugweba, sifuna abone ukuba siyabavela abantu aze athi ‘masifumane uBukumkani.’​—Mat. 25:34-40.

UNGAYEKI UKUBATHANDA ABAZALWANA NOODADE

13. AmaRoma 15:7 abonisa ukuba yintoni eyanceda amaKristu ahlala ethandana ngexesha labapostile?

13 Ngexesha labapostile amaKristu ayebonakala ngokuthandana. Kodwa ngaba kwakulula ukuyenza loo nto? Cinga ngendlela ababengafani ngayo abazalwana noodade bebandla laseRoma. Abanye babengamaYuda, bekhuliswe ngoMthetho owabhalwa nguMoses, kanti abanye babesuka kwezinye iiNtlanga, bekhuliswe ngendlela eyahluke kakhulu kweyamaYuda. Kusenokwenzeka ukuba abanye babengamakhoboka, abanye bekhululekile. Kanti mhlawumbi abanye babenawo namakhoboka. Yintoni eyayinokunceda loo maKristu awayephila kwiimeko ezahluke kangaka ahlale ethandana? Umpostile uPawulos wathi ‘mawamkelane.’ (Funda amaRoma 15:7.) Wayethetha ukuthini? Igama eliguqulelwe ngokuthi ‘ukwamkela’ lithetha ukuba nobubele emntwini, mhlawumbi xa efika kwikhaya lakho okanye esiba ngomnye wabahlobo bakho. Ngokomzekelo, uPawulos waxelela uFilemon indlela awayemele alamkele ngayo ikhoboka lakhe elalimshiyile, uOnesimo, esithi: “Mamkele ngobubele.” (Filem. 17) NoPrisila noAkwila bamkela uApolo owayengenalwazi lungako ngobuKristu ‘ngokumbizela ecaleni.’ (IZe. 18:26) La maKristu zange avumele ukungafani kwawo kube yingxaki, kodwa amkelana.

Abantu abatshatileyo nomzalwana osemtsha bancokola nomzalwana okhulileyo ekhayeni lakhe.

UTHANDO

Indlela abasithanda ngayo abazalwana noodade isinceda sinyamezele (Jonga isiqendu 15)

14. Yintoni eyenziwa nguAnna nomyeni wakhe eyayibonisa ukuba bayabathanda abazalwana noodade?

14 Nathi sinokubabonisa ukuba siyabathanda abazalwana noodade ngokuba ngabahlobo babo size sichithe ixesha nabo. Ukuba senza loo nto nabo baza kusithanda. (2 Kor. 6:11-13) Khawuve into eyenzeka kuAnna nomyeni wakhe. Xa aba bathunywa bevangeli babesand’ ukufika eNtshona Afrika kwaqalisa ikhorona. Le nto yenza abakwazi ukudibana nabazalwana noodade bebandla ababeza kuba kulo. Babenokubabonisa njani ukuba bayabathanda? Bancokola nabo ngevideoconferencing bebaxelela nendlela ababefuna ngayo ukubazi kakuhle. Iintsapho zelo bandla zayithanda kakhulu loo nto kangangokuba zazisoloko zibafownela, zibabhalela nemiyalezo. Kwakutheni ukuze uAnna nomyeni wakhe benze le nto? UAnna uthi: “Xa kunzima naxa kumnandi, abazalwana noodade babesoloko bebonisa indlela abandithanda ngayo mna nabantu basekhaya. Loo nto yandenza ndafuna ukubathanda njengabo abanye abantu.”

15. Yintoni esiyifundayo kuVanessa ngokuthanda bonke abazalwana noodade? (Jonga nomfanekiso.)

15 Abaninzi bethu bakumabandla anabazalwana noodade abangafaniyo nabo, nabaneempawu ezahlukahlukeneyo. Into enokusenza singayeki ukubathanda kukujonga iimpawu zabo ezintle. Kwakunzima komnye udade waseNew Zealand onguVanessa ukuvana nabanye abazalwana noodade bebandla lakhe. Kodwa wazixelela ukuba endaweni yokuba azame ukubaphepha abantu abaneempawu angazithandiyo, uza kuchitha ixesha nabo. Watsho wayibona into uYehova ayithandayo kubo. Uthi: “Ekubeni umyeni wam engumveleli wesiphaluka, sidibana nabazalwana noodade abaninzi abaneempawu ezingafaniyo. Akubi nzima kum ukuvana nabo. Ngoku ndithanda bonke abantu. Ndiqinisekile ukuba noYehova uyayithanda loo nto kuba utsalele kuye abantu abahlukahlukeneyo.” Xa sifunda ukujonga abantu ngendlela uYehova abajonga ngayo, sibonisa ukuba siyabathanda.​—2 Kor. 8:24.

Imifanekiso: 1. Abazalwana noodade abakwimifanekiso emithathu engasentla bakunye nabanye kwigumbi elingaphantsi ngexesha lentlungu engathethekiyo. 2. Ekuhambeni kwexesha abazalwana abebekwigumbi elingaphantsi basindile kwintlungu engathethekiyo.

Ngentlungu engathethekiyo uYehova usithembisa ukuba uza kusikhusela xa siqhubeka simkhonza namanye amaKristu (Jonga isiqendu 16)

16. Kutheni kuza kufuneka sibathande abazalwana noodade ngentlungu engathethekiyo? (Jonga nomfanekiso.)

16 Ngentlungu engathethekiyo kuza kubaluleka kakhulu ukubathanda abazalwana noodade. Xa iqala, uYehova uza kusikhusela njani? Cinga ngento uYehova awathi abantu bakhe mabayenze xa kwakuhlaselwa isixeko saseBhabhiloni. Wathi: “Hambani, bantu bam, ningene kumagumbi enu afihlakeleyo, nivale iingcango. Zimelani okomzuzwana de udlule umsindo wam.” (Isa. 26:20) Mhlawumbi nathi kuza kufuneka sithobele lo myalelo ngentlungu engathethekiyo. ‘Amagumbi afihlakeleyo’ asenokuba ngamabandla ethu. Ngentlungu engathethekiyo uYehova uza kusikhusela xa siqhubeka simkhonza namanye amaKristu. Ngoko masisebenze nzima ngoku ukuze singabanyamezeli njee abazalwana noodade, kodwa sibathande. Ukusinda kwethu kusenokuxhomekeka kuloo nto.

YILUNGISELELE KWANGOKU

17. Ukuba siyilungiselela kwangoku intlungu engathethekiyo, yintoni esiza kukwazi ukuyenza xa ifika?

17 ‘Ngemini enkulu kaYehova’ kuza kuba nzima kubo bonke abantu. (Zef. 1:14, 15) Kuza kuba nzima nakubantu bakhe. Kodwa ukuba siyilungiselela kwangoku siza kukwazi ukuzola nokunceda abanye. Siza kukwazi ukuzinyamezela zonke iingxaki esisenokuba nazo. Xa abazalwana noodade besehlelwa zizinto ezibuhlungu, siza kubavela size sibancede ngezinto abazidingayo. Ukuba siqala kwangoku ukubathanda abazalwana noodade, soze siyeke ukubathanda nangelo xesha. Ukuba siyayenza loo nto, uYehova uza kusisikelela ngobomi obungunaphakade kwihlabathi apho iintlekele neentlungu ziza kube ziphoswe kwelokulibala.​—Isa. 65:17.

KHAWUTSHO

  • Yintoni eza kukunceda ungayeki ukunyamezela?

  • Sinokubonisa njani ukuba siyabavela abantu?

  • Yintoni onokuyenza ukuze ungayeki ukubathanda abazalwana noodade?

INGOMA 144 Hlala Ujonge Emvuzweni!

a Intlungu engathethekiyo seyiza kuqala. Ukuze sililungele eli xesha liza kuba lelona linzima ebantwini, kuza kufuneka sinyamezele, sibavele size sibathande abantu. Siza kuthetha ngendlela amaKristu awayephila ngexesha labapostile awazibonisa ngayo ezi mpawu, sibone indlela esinokuwalinganisa ngayo, nokuba ezi mpawu ziza kusinceda njani thina siyilungele intlungu engathethekiyo.

b Abantu abafuna ukuncedisa ngexesha lentlekele, bafanele baqale bagcwalise ifomu ethi Local Design/Construction Volunteer Application (DC-50) okanye ethi Application for Volunteer Program (A-19), emva koko balinde de babizwe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share