Hambani Njengezilumko
1 Xa uYesu wacela abalobi abane ukuba babe ngabalandeli bakhe, abazange bathingaze, kodwa ‘kwaoko bamlandela.’ (Mat. 4:18-22) Xa uSawule waseTarso waguqukayo waza emva koko waphinda wabona, naye akazange alibazise kodwa “ngoko nangoko kwizindlu zesikhungu waqalisa ukushumayela ngoYesu.” (IZe. 9:20) Ixesha liyahamba; xa limkile soze liphinde libuye. Ngenxa yoko kubalulekile ukuba ‘sihambe njengezilumko’ kwindlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu.—Efe. 5:15, 16.
2 Isihlo Esingenakubonwa Kwangaphambili: Amathuba esinawo namhlanje okukhonza uYehova asenokungabikho ngomso. (Yak. 4:14) Wonke umntu uhlelwa “sisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshu. 9:11) Ngaphezu koko, sonke siyaluphala, ibe kule mihla yale nkqubo yezinto asikwazi ukuyiphepha “imihla yentlekele” ehamba nokwaluphala nebangela ukuba singenzi oko sasikwazi ukukwenza enkonzweni kaYehova. (INtshu. 12:1) Ngoko ke, asibobulumko ukubekel’ amangomso ukuzahlulela kuThixo okanye ukulinda de izinto zisihambele kakuhle ngaphambi kokwandisa ubulungiseleli bethu kangangoko kunokwenzeka. (Luka 9:59-62) Kwiminyaka yakhe yokwaluphala, uAbraham wayenoxolo nenzolo, wafa “aluphele yaye anelisekile” kuba ubomi bakhe wayebuphile ngobulumko, ebunikele kuYehova ngokupheleleyo.—Gen. 25:8.
3 Ixesha Lifinyele: Nathi sifuna ukuphila ubomi bethu ngobulumko kuba “ixesha eliseleyo lifinyele.” (1 Kor. 7:29-31) Kungekudala le nkqubo indala yezinto iza kuphela. Aza kuphela amathuba okuba nenxaxheba kumsebenzi omkhulu wokuhlanganisa abo banjengezimvu ebudeni ‘besivuno somhlaba.’ (ISityhi. 14:15) Simele silumke singavumeli amaxhala obomi nezinto eziphazamisayo zitye ixesha lethu ebesinokulisebenzisa kakuhle kubulungiseleli. (Luka 21:34, 35) Siya kwaneliseka ngokwenene xa sikhangela emva size sibone ukuba siye saxakeka ngumsebenzi wokuvuna!
4 Simele sihlale siphaphile ukuze sikwazi ukuba nenxaxheba kumalungelo enkonzo avuyisayo asenokusivulekela. Masizimisele ukwenza konke esinako ukukhonza uYehova “lo gama kusathiwa ‘Namhlanje.’” (Heb. 3:13) Ukuba senjenjalo, siya kubonisa ukuba silumke ngokwenene, kuba “lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yoh. 2:17.