Ngubani Esinokuthetha Naye Kwelemimoya?
UTHIXO uSomandla ezinye iimbopheleleko uziphathise izidalwa zokomoya. Ngokomzekelo unike uYesu Kristu ilungelo lokulawula umhlaba waza wanyula iingelosi ezithembekileyo ukuba zalathise umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. (ISityhilelo 14:6) Noko ke, imithandazo yona yahlukile. Asikho isidalwa asinike ilungelo lokuphulaphula imithandazo. Imithandazo yethu siyibhekisa kuThixo kuphela.
UYehova ‘ngumphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Uphulaphula imithandazo yethu yaye uyayiphendula. Xa wayebhalela abanye abakhonzi bakaYehova, umpostile uYohane wathi mayelana nomthandazo: “Kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, [uThixo] uyasiva. Njengoko sisazi ukuba uyasiva kuko konke esikucelayo, siyazi ke ukuba siza kuzifumana izinto esizicelileyo kuye.”—1 Yohane 5:14, 15.
Iingelosi ezithembekileyo azifuni sithandaze kuzo. Ziyaliqonda ilungiselelo likaThixo lomthandazo maxa wambi elibandakanya zona. Ngayiphi indlela? Xa umprofeti uDaniyeli wathandaza kuYehova ngokutshatyalaliswa kweYerusalem, uThixo wamphendula uDaniyeli ngokuthumela ingelosi yakhe uGabriyeli ukuba amkhuthaze.—Daniyeli 9:3, 20-22.
Kuthekani Ngezigidimi Ezivela Kwabafileyo?
Ngaba sifanele siqhagamshelane nabantu abafileyo? Baxhaphakile abantu abathi bakha bathetha nabantu abafileyo. Ngokomzekelo, omnye umfazi waseIreland wahanjelwa ngumntu oneshologu nowayesithi kusuku oludlulileyo ebencokola nomyeni wakhe, uFred. Kodwa uFred wayesweleke kwiiveki ezimbalwa ngaphambi koko. Lo mntu wambalisela izinto ezazithethwe “nguFred,” zinto ezo ezaziwa ngumkakhe kuphela. Kwakuya kuba lula ngaye ukukholelwa ukuba uFred uyaphila kwelo lemimoya yaye usebenzisa lo mntu ukuze athethe naye. Noko ke, loo nkolelo yayiza kungqubana noko kufundiswa yiBhayibhile ngemeko yabafileyo.—Funda ibhokisi engezantsi.
Anokuchazwa njani amabali afana nala? Elinye lamaqhinga asetyenziswa ziidemon kukuzenza loo mntu ufileyo, njengoFred kule meko. Yintoni injongo yazo? Kukuphambukisa abantu koko kufundiswa yiBhayibhile nokwenza buthathaka ukholo lwabantu kuYehova. Ngokungathandabuzekiyo uSathana needemon balahlekisa abantu ‘ngemisebenzi yamandla nemiqondiso yobuxoki nemihlola nayo yonke inkohliso engeyoyabulungisa kwabo batshabalalayo.’—2 Tesalonika 2:9, 10.
Abantu bakholelwa ukuba bakhona abantu abakwaziyo ukuthetha nabantu abafileyo. Eneneni ukuba bakhona abantu abathetha nabo kwelemimoya, ziidemon ezichasene noYehova. Kwakhona kukho abantu abacinga ukuba banqula uThixo kube kungenjalo. Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale esi silumkiso: “Izinto iintlanga ezizibingelelayo zizibingelela kwiidemon, kungekhona kuThixo.”—1 Korinte 10:20, 21.
Ekubeni sinokuthandaza kOyena mntu uphakamileyo, osithandayo nosikhathalelayo, kutheni sifanele sithandaze komnye umntu? Ngapha koko, iBhayibhile isiqinisekisa ngala mazwi: “Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”—2 Kronike 16:9.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]
Ekubeni sinokuthandaza kOyena mntu uphakamileyo, osithandayo nosikhathalelayo, kutheni sifanele sithandaze komnye umntu?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
Inyaniso Nobuxoki
INYANISO: USATHANA NGUMNTU WOKWENENE
“NoSathana ngokwakhe uzimilisa okwengelosi yokukhanya.”—2 Korinte 11:14.
“Hlalani nithe qwa, nilindile. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.”—1 Petros 5:8.
“Lowo uqhubeka esenza isono uphuma kuMtyholi, ngenxa yokuba uMtyholi ubesona ukususela ekuqaleni.”—1 Yohane 3:8.
“Zithobeni, ke ngoko, kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi, wonibaleka.”—Yakobi 4:7.
“Umtyholi . . . wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni, yaye akemi enyanisweni, kuba inyaniso ayikho kuye. Xa ethetha ubuxoki, uthetha ngokotyekelo lwakhe, kuba ulixoki noyise wabo ubuxoki.”—Yohane 8:44.
UBUXOKI: XA ABANTU BESIFA BONKE BAYA EZULWINI
“Uya kudla isonka sokubila kobuso bakho ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo. Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.”—Genesis 3:19.
“Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.”—INtshumayeli 9:5.
“Konke esikufumanayo ukuba sikwenze isandla sakho kwenze ngamandla akho onke, kuba akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol [elingcwaba], kwindawo oya kuyo.”—INtshumayeli 9:10.
“Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; Ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.”—INdumiso 146:4.
INYANISO: IINGELOSI EZITHEMBEKILEYO ZISIKHATHALELE
“Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.”—INdumiso 34:7; 91:11.
“Azingabo na zonke [iingelosi] oomoya abasebenzela uwonke-wonke, abathunyelwa ukulungiselela abo baza kuzuz’ ilifa usindiso?”—Hebhere 1:14.
“Ndabona enye ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu, isithi ngelizwi elikhulu: ‘Moyikeni uThixo nimzukise.’”—ISityhilelo 14:6, 7.
UBUXOKI: UYESU UYALINGANA NOTHIXO
“Ndifuna nazi ukuba intloko yayo yonke indoda nguKristu; intloko yomfazi yindoda; intloko kaKristu nguThixo.”—1 Korinte 11:3.
“Zakuba zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula ke noNyana ngokwakhe azithobe kuLowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.”—1 Korinte 15:28.
“Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nanye into ngokwakhe, ngaphandle koko abona uYise ekwenza.”—Yohane 5:19.