Ngaba Ubusazi?
Kwakuyintoni ukubhikica, yaye ngoobani ababencedwa kuko?
▪ UMthetho kaMoses wawungabavumeli abalimi ukuba bayivune yonke intsimi yabo. Kunoko, abavuni babengafanele bavune ekupheleni kwentsimi yabo. Abo baqokelela izidiliya babengafanele bachole ezivuthulukileyo okanye babuye baye kuvuna ezo bezingekavuthwa. Abo bavuthulula iminquma babefanele bayishiye engawanga. (Levitikus 19:9, 10; Duteronomi 24:19-21) Ukuze amahlwempu, iinkedama, abahlolokazi nabaphambukeli babhikice okanye bachola chole iziqhamo eziye zasala.
Lo mthetho wokubhikica wawunceda onke amaSirayeli. Kubanini masimi wawukhuthaza isisa, ukungavimbi, nokufunda ukuthembela kwintsikelelo kaThixo. Kwabo babhikicayo kwakubenza bakhuthale kuba ukubhikica yayingumsebenzi onzima. (Rute 2:2-17) Ukubhikica kwakuqinisekisa ukuba amahlwempu awanakuze alale ngamanzi okanye abe ngumthwalo ebantwini. Kwakhona babengathotywa sidima ngokunyanzeleka ukuba bangqibe okanye bankinkqe.
Kwakutheni ukuze uSolomon awalande eLebhanon amaplanga okwakha itempile eYerusalem?
▪ Ingxelo ekweyoku-1 yooKumkani 5:1-10 ithetha ngesivumelwano esenziwa nguSolomon noHiram, ukumkani waseTire. Ngokutsho kweso sivumelwano, amaplanga omsedare nejunipha ayeza kuziswa kwaSirayeli ngolwandle ukusuka eLebhanon ukuze asetyenziswe ekwakheni itempile.
Umsedare wawubalulekile kwezorhwebo eMbindi Mpuma. EYiputa naseMesopotamiya imisedare kwakusenziwa ngayo iintsika zokuxhasa uphahla okanye kugqunywe ngayo iindonga zeetempile namabhotwe. Amathala asebukhosini, imibhalo nemikrolo esematyeni ingqina ukuba umsedare wawufumaneka kumazwe asemazantsi eMesopotamiya maxa wambi uthinjwe ezimfazweni okanye ube sisipho. EYiputa kwakusenziwa ngawo amaphenyane asebukhosini, iibhokisi zokungcwaba nezinye izinto ezinokuthanani nokungcwaba.
Imisedare yaseLebhanon yayidume ngokomelela, ubuhle, ivumba elimnandi singasathethi ke ngokungaphehli kwawo. Ngaloo ndlela uSolomon wayakha ngezinto zexabiso itempile. Namhlanje kusele isigcume nje samahlathi aseLebhanon awayekade ezalise iintaba.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Imisedare YaseLebhanon, Eyothulwa Ngama-Asiriya Kwibhotwe LikaSargon
[Inkcazelo]
Erich Lessing/Art Resource, NY