IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 7/1 iphe. 23
  • Ngaba UThixo Unomkhethe?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Unomkhethe?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Xa Zonke Iintlanga Zihlelisene Ngoxolo
    Vukani!—1993
  • Kuthekani Ngekratshi Lobuhlanga?
    Vukani!—1998
  • Ithini IBhayibhile Ngokutshatana Kwabantu Beentlanga Ezahlukeneyo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Yintoni Ubuhlanga?
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 7/1 iphe. 23

Imibuzo Yabafundi . . .

Ngaba UThixo Unomkhethe?

▪ Akunjalo. IBhayibhile ithi: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:34, 35.

Imbono kaThixo kule nkalo iphakame kakhulu kuneyabantu abangafezekanga. Abantu abaninzi bakholelwa ukuba uhlanga oluthile (ngokuqhelekileyo olwabo) lubhetele kunezinye. Loo mbono ibonisa indlela awayecinga ngayo uCharles Darwin, owabhala wathi: “Kwixesha elizayo, . . . iintlanga eziphucukileyo ziya kuziginya, iintlanga ezingaphucukanga.” Okulusizi kukuba iintlanga ezininzi ziye zaxhatshazwa zezo ntlanga zicinga ukuba zibhetele.

Ngaba sikho isizathu sokuyikholelwa loo nto? Ngokomzekelo, ngaba inzululwazi iye yayiqinisekisa into yokuba kukho iintlanga ezibhetele nezingaphantsi kwezinye? Ngokwahlukileyo koko, isazinzulu nonjingalwazi waseOxford uBryan Sykes uthi: “Asikho isizathu esibambekayo ngokwenzululwazi esixhasa ukongama kohlanga okanye isizwe esithile. . . . ndisoloko ndibuzwa ukuba ngaba amaGrike namaTaliyane aneeDNA ezahlukeneyo. . . . Siyazalana.”

Ezo zinto zifunyaniswe yinzululwazi zivisisana noko sikufunda eZibhalweni. IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo wadala indoda nomfazi omnye, abavela kuye bonke abanye abantu. (Genesis 3:20; IZenzo 17:26) Emehlweni kaThixo, lunye kuphela uhlanga olukhoyo, ngabantu.

KuYehova ibala okanye ulusu lomntu azibalulekanga nganto. Kunoko, uxabise into ebaluleke ngakumbi intliziyo yokomfuziselo, okanye umntu esinguye ngaphakathi. Uthi: “Abantu bagweba umntu ngokwendlela akhangeleka ngayo, kodwa mna ndigweba abantu ngokweentliziyo zabo.” (1 Samuweli 16:7, Contemporary English Version) Ukukhumbula loo nto kunokusikhuthaza kakhulu. Njani?

Enokuba siloluphi uhlanga, abaninzi kuthi banezinto abangazithandiyo kwimizimba yabo, nakuba kunjalo akukho nto ingako sinokuyenza. Noko ke, ikho into esinokuyenza ngezona zinto zibalulekileyo, iingcinga neemvakalelo zethu. (Kolose 3:9-11) Ukuba sinyanisekile ngokwaneleyo, simele siyamkele into yokuba sityekele ekuziphakamiseni okanye ukuzijongela phantsi kubantu bezinye iintlanga. Ekubeni uThixo engavumelani nayo nayiphi na kwezi mbono, sifanele sizame ukuzisiphula neengcambu ezo mvakalelo ezintliziyweni zethu.—INdumiso 139:23, 24.

Njengoko sizama ukubona abanye ngendlela uYehova abajonga ngayo, sinokuqiniseka ukuba uza kusinceda. ILizwi lakhe lisikhumbuza ukuba: “Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kronike 16:9) Oko kunjalo enokuba singabantu baluphi uhlanga.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share