IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/11 iphe. 2
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Bancede ‘Bazinziswe Elukholweni’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lesibini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lokuqala
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Lonke Ibandla Linokuzinceda Izifundo Zibhaptizwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 4/11 iphe. 2

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Sifanele sifunde ixesha elingakanani nesifundo seBhayibhile esinenkqubela?

Kubhetele ukuba uqhubeke ufunda nesifundo seBhayibhile de nigqibe iincwadi ezimbini—Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? nethi “Zigcineni Kuthando LukaThixo.” Oku kumele kwenziwe enoba isifundo sibhaptizwa ngaphambi kokuzigqiba zombini ezi ncwadi. Emva kokuba loo mntu ebhaptiziwe, sinokuqhubeka sinikela ingxelo ngexesha, izihlandlo esibuyele ngazo, kwakunye nezihlandlo zokuqhutywa kweso sifundo. Ukuba siya nomnye umvakalisi kweso sifundo aze abe nenxaxheba ekuqhutyweni kwaso, naye unokulibala elo xesha.—Funda uBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 2009 iphepha 2.

Kubalulekile ukuba abo basebatsha babe nesiseko esihle senyaniso ngaphambi kokuba siyeke ukufunda nabo. Kufuneka ‘bamiliselwe’ kuKristu baze ‘bazinziswe elukholweni’ ukuze bakwazi ukuxhathisa izilingo abaza kutyhubela kuzo. (Kol. 2:6, 7; 2 Tim. 3:12; 1 Pet. 5:8, 9) Ukongezelela, ukuze bakwazi ukubafundisa kakuhle abanye, bamele babe ‘nolwazi oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:4) Xa sifunda ezi ncwadi zombini nezifundo zethu, sizinceda ukuba zihambe ngokuthe tye ‘kwindlela esa ebomini.’—Mat. 7:14.

Abadala bafanele baqiniseke ukuba, lo mntu uziqonda kakuhle iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile yaye uphila ngokuvisisana nazo, ngaphambi kokuba bamvumele aye kubhaptizwa. Abadala bafanele balumke ngokukhethekileyo xa behlola isifundo esingekayigqibi incwadi yokuqala. Ukuba umntu akakakulungeli ukubhaptizwa, abadala baya kuqinisekisa ukuba uyancedwa ukuze akufanelekele kwixesha elizayo.—Funda incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, iphepha 217-218.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 2]

Kubalulekile ukuba abo basebatsha babe nesiseko esihle senyaniso

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share