IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w18 Novemba iphe. 32
  • Yintoni Esinokumpha Yona UYehova?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Esinokumpha Yona UYehova?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Isipho Esinikelwa Ngesandla KuYehova’
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2018
  • Ixabiso ‘Leesentana Ezimbini’
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso——2020
  • Uxhaswa Njani Ngemali Umsebenzi WamaNgqina KaYehova?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Siyambulela UYehova Ngothando Lwenu
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2021
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
w18 Novemba iphe. 32
nikela kujw.org/xh

Yintoni Esinokumpha Yona UYehova?

UYESU wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZe. 20:35) Loo nyaniso iyasebenza nakuthi bahlobo bakaYehova. Kutheni sisitsho? Zininzi izinto ezisonwabisayo asiphe zona uYehova, kodwa sonwaba kakhulu xa sisipha uYehova. Yintoni esinokumpha yona uYehova? IMizekeliso 3:9 ithi: “Beka uYehova ngezinto zakho zexabiso.” Ezinye ‘izinto zethu zexabiso’ lixesha, iziphiwo, amandla nezinto esinazo. Xa sisebenzisa ezi zinto ukuze sixhase unqulo lwenyaniso, sipha uYehova ibe loo nto isenza sonwabe kakhulu.

Yintoni enokusinceda singakudeleli ukupha uYehova izinto esinazo? Umpostile uPawulos waxelela abaseKorinte ukuba ‘babekele bucala okuthile’ ukuze banikele ngako. (1 Kor. 16:2) Unokwenza ntoni ukuze ufumane enye inkcazelo ngeendlela onokunikela ngazo ezikhoyo kwindawo ohlala kuyo? Funda le bhokisi ingezantsi.

Akhona amazwe ongenakukwazi kuwo ukunikela ngeintanethi. Kodwa ke, inkcazelo ethetha ngezinye iindlela onokunikela ngazo iyafumaneka kwi-intanethi. Kwamanye amazwe, kukho indawo kwi-intanethi ephendula imibuzo edla ngokubuzwa ngokunikela.

Indlela Elula Yokunikela Kwi-intanethi

KULULA UKUYIFUMANA

  • kwi-intanethi

    Bhala donate.jw.org kwi-intanethi

  • KwiJW Library

    KwiJW Library®, cofa indawo ethi “Donations”

KULULA UKUYISEBENZISA

Khetha ukunikela kube kanye, okanye unikele qho ngenyanga:

  • Umsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke

  • Ibandla Lakho

  • Indibano Yengingqi

  • Indibano Yesiphaluka

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share