Sidlulisele Ngenkalipho Isimemo Esithi “Yiza”
1 Iziganeko ezishiy’ amehlo ehlabathini lonke ziphawula la maxesha ‘njengemihla yokugqibela.’ (2 Tim. 3:1-5) Ukwanda kolwaphulo-mthetho, ukungazinzi kwezoqoqosho nezifo ezisongela ubomi ziye zezisa ingcinezelo engakumbi. Kodwa okonwabisayo kukuba, ngoxa bejamelene neemeko ezinjalo ukuba lusizi, abantu banikwa isimemo esinokubachaphazela ngonaphakade. Umoya nomtshakazi bayaqhubeka besithi: “Yiza.” Kwaye ngoku “isihlwele esikhulu” siye sabathelela ekudluliseleni esi simemo ebantwini bazo zonke iindawo ukuba beze baze bathabathe amanzi obomi ngesisa.—ISityhi. 7:9; 22:17.
2 Namhlanje, abaninzi ngakumbi babo banxanelwe ubulungisa bayasabela kwesi simemo. Nyakenye izigidi zabantu zeza kwiindibano zesithili ezaziqhutywa kwihlabathi lonke, ibe abaphantse babe zizigidi ezilishumi babekho eSikhumbuzweni. Izigidi zabanye zibonisa ukulixabisa ilungiselelo likaYehova ngokuphulaphula isigidimi soBukumkani. Ngoko, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba silisebenzise ngobulumko ixesha lethu ekudluliseleni esi simemo ekuhleni nakwizindlu ngezindlu!—IZe. 5:42; Efe. 5:15, 16.
YIBA NENXAXHEBA NGENKALIPHO
3 AmaKristu okuqala ayetshutshiswa ngenxa yokushumayela kwawo ngenzondelelo. (IZe. 16:19-21; 17:2-8) Noko ke, awazange athob’ isantya kwimigudu yawo yenkalipho ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo. Ngokunjalo nathi simele sibe ngabanenkalipho nabazimiseleyo kwimigudu yethu yokushumayela iindaba ezilungileyo.
4 Kwanakumazwe ovaliweyo kuwo umsebenzi, abazalwana baba nesabelo ngentliziyo epheleleyo kumsebenzi wokushumayela phezu kwayo nje intshutshiso ekrakra, kuquka nesisongelo sokuphulukana nemisebenzi, amakhaya kwanenkululeko yabo. Umzekelo wabo omhle uyasikhuthaza ukuba siqhubeke simema abanye sisithi “Yiza.”—2 Tes. 3:9.
5 Kangangeminyaka engaphezu kwama-35 emva kokufunda inyaniso, omnye udade wayenomnqweno onyanisekileyo wokuba nguvulindlela. Iimeko zakhe zaguquka xa wayeneminyaka engama-70 ubudala, waza waba nguvulindlela othe ngxi. Nangona bembalwa abantu abebeya kuthi kobo budala baqalise umsebenzi omtsha, yena wawuqalisa. Ekubeni ngoku ekubulungiseleli bexesha elizeleyo kangangeminyaka eliqela, uthi, “Buya busiba mnandi yonke imihla.” Uye wabahlaziya abanye ngokomoya ngenxa yokusamkela ngokungenadyudyu isimemo esivela kuYehova sokuzabalaza nokuba nesabelo ngokuzele ngakumbi kwinkonzo yoBukumkani.
6 Njengakwinkulungwane yokuqala, abantu namhlanje bayasabela kwesi simemo, beguqula indlela abacinga ngayo, behlaziya iingqiqo zabo, kwaye beyishiya imisebenzi yokungahloneli Thixo. Baba yinxalenye yobuzalwana obuzahluleleyo bezizwe ngezizwe bamaNgqina baze bathelele umoya nomtshakazi xa usithi “Yiza!” kwabanye abantu abantliziyo zinyanisekileyo.
7 Ulwando olukhulu kumsebenzi woBukumkani nokwandiswa kweeofisi zamasebe kumazwe awahlukahlukeneyo kububungqina bentsikelelo kaYehova. Kodwa le nkqubo indala iphelelwa lixesha. Eli lixesha lokubonakalisa inkalipho nenzondelelo ekudluliseleni isimemo esithi “Yiza” ukuze abanye basabele ngokukhawuleza baze benze ngokuvisisana nabakuvileyo.—IZe. 20:26, 27; Roma 12:11.