Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona
1 KwiNdibano yethu Yesithili “Yentetho Enyulu” sakhuthazwa ukuba senze konke esinako ukunceda abantu abangakumbi ukuze banxulumane rhoqo nentlangano kaThixo. Ngaba, nathi singaxelisa uPawulos, ngokuthi sizibhokoxe ukuze sifikelele intsimi engazange isetyenzwe? Kuthekani ngokukhonza kwimimandla ekukho kuyo imfuneko enkulu yabavakalisi boBukumkani? Sonke sifanele sifune ukuzisasaza ngokubanzi iindaba ezilungileyo.—Roma 15:20, 21.
2 Siyakuvuyela ukudwelisela iindawo ezinemfuneko engakumbi. Siyakumema ukuba uyiqwalasele ngomthandazo imeko yakho uze ubone enoba akunakuzenza ufumanekele ukukhonza kwenye yezi ndawo zilandelayo:
UMTATA SOUTH: Nangona eli bandla linabavakalisi abangama-63, kukho umdala omnye kuphela. Ngoko ke kukho imfuneko engxamisekileyo yabadala abanokufudukela kweli bandla. Ngaba unokuzenza ufumanekele ukwalusa le nxalenye yomhlambi kaThixo?
EZWELITSHA: Eli bandla linabavakalisi abangama-61 yaye linomdala omnye kuphela nezicaka zolungiselelo ezibini. Bafuna abadala abangakumbi nezicaka zolungiselelo ezineentsapho ezomeleleyo ngokomoya ukuza kunceda apha. Inani labavakalisi liyanda kweli bandla yaye, ngenxa yoko, mninzi umsebenzi ofanele wenziwe.
EWHITTLESEA: Kukho imfuneko yoncedo lwabadala nezicaka zolungiselelo kweli bandla, ekubeni kukho abavakalisi abangama-34 yaye kungekho badala nazicaka zalungiselelo.
EBIZANA, eTranskei: Eli bandla linabavakalisi abali-15 yaye akukho badala. Kufuneka umntu wokukhokela, enoba ngumdala okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo esinentsapho eyomeleleyo ngokomoya. Kukwakho nomhlaba wentsimi owaneleyo kule ndawo abanokufudukela kuyo oovulindlela.
EGOQWANE, eLusikisiki: Kukho kuphela abavakalisi abasibhozo abakwanti kweli qela lincinane. Bafuna umdala okanye isicaka solungiselelo sokubanceda.
EHLANKOMO: Kufuphi naseMaclear, kukho abavakalisi abangama-37 nomdala omnye kuphela. Akukho zicaka zalungiselelo kweli bandla. Ngoko ke, kukho imfuneko yabadala nezicaka zolungiselelo ezingakumbi zokunceda apha.
ENKANGA, eLibode: Eli qela likwanti linabavakalisi abane kuphela. Ekubeni aba bavakalisi sebekhulile, bafuna uncedo lwabadala okanye izicaka zolungiselelo neentsapho zabo.
ELUBANZI, eLibode: Eli bandla alinabadala okanye izicaka zolungiselelo. Umdala okanye isicaka solungiselelo siya kufaneleka apha. Kwanesibini esingoovulindlela besiya kuvuyelwa gqitha.
EROCKY PARK, eZwelitsha: Kangangeminyaka emininzi ngoku eli bandla belisoloko lifuna abadala okanye izicaka zolungiselelo. Ngoku kukho abavakalisi abahlanu nomlinganiselo wabantu abangaphezu kwama-20 abaza ezintlanganisweni. Noovulindlela banokufudukela kulo mmandla wentsimi.
EMOUNT AYLIFF: Eli bandla lifuna abadala. Umdala omnye okhoyo apho selekhule gqitha. Abadala nezicaka zolungiselelo abanokuzenza bafumaneke baya kwenza umsebenzi omhle kakhulu kweli bandla.
3 Ukuba ukulungele ukufudukela kwenye yezi ndawo zingentla, sikucebisa ukuba uthethe nabadala bebandla okulo. Emva koko unokubhalela uMbutho, ucele iKomiti Yenkonzo ukuba ityobele ileta yakho. (Nceda ubone incwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 112 nele-113.) Sinethemba lokuba abaninzi ngakumbi baya kusabela kubizo lokukhonza apho imfuneko inkulu khona.—IZe. 16:9, 10.