UYehova—Amandla Ethu
“Iqhayiya lam nengoma yam [amandla am, NW] nguYa, nguYehova.”—ISAYA 12:2.
1. (a) Kutheni le nto amaNgqina kaYehova ahluke kangaka? (b) UIsaya 12:2 ukubethelela njani oko uYehova akwenzele abantu bakhe?
NGABA uyaya kwiintlanganiso eziqhutywa kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova? Apho ubona abantu abahluke ngokupheleleyo kubo nabaphi na abanye! Bangoobani aba bantu, ibe kutheni le nto bahlukile? Singabantu bakaThixo, ibe sahlukile kuba sithwele elona gama lizukileyo kuwo onke amagama—elo loMdali ozukileyo wazo zonke izinto ezimangalisayo kwindalo iphela esingqongileyo. Igama lakhe liphezu kwethu. Kungelo gama lakhe esithi sihlanganisane sonwabile nokuze sabelane ngokudla kokomoya okukhethekileyo akulungiselela “ngexesha elifanelekileyo” ngentlangano yakhe. (Luka 12:42) Thina maNgqina kaYehova, silidumisa sizele ngumbulelo igama lakhe elingenakulinganiswa nanto ngamazwi akuIsaya isahluko 12, indinyana 2, afundeka ngolu hlobo: “Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andinkwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam [amandla am, NW] nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum.” UThixo wethu usenze sakwazi ukunyamezela iimvavanyo ezininzi. Ngoku usindiso lwethu lokugqibela lusondelelukwasezandleni zika Ya uYehova!
2. (a) Ibinzana elithi ‘uYa uYehova’ libonakala kangaphieBhayibhileni, ibe libonakala phi? (b) Ziziphi ezinye iindlela eliguqulelwe lgazo igama elithi “amandla” elikuIsaya 12:2, ibe kutheni le nto nazo zifaneleka nje?
2 Eli binzana lithi ‘uYa uYehova,’ elikukuphindaphindwa kwegama likaThixo, libonakala kwiindawo ezimbini kuphela eBhayibhileni, apha kule ndinyana nakuIsaya 26:4. Kwanabaguquleli beKing James Version, bakubona kufanelekile ukuguqulela eli binzana ngokuthi “INKOSI UYEHOVA.” Ngokutsho kombhalo osemazantsi kwiNew World Translation Reference Bible, igama elithi “amandla” elikuIsaya 12:2 likwaguqulelwe ngokuthi “ingoma” nangokuthi “indumiso.” Hayi indlela ekuyinyaniso ngayo ukuba uYa uYehova ongusomandla, onika abanquli bakhe amandla okomoya abalaseleyo, ufanelwe kukuba simdumise ngoncuthu lweengoma!—Isaya 40:28-31.
3. (a) Yintoni le uYa uYehova ayivulele indlela, ibe ngesizinzi santoni? (b) Amazwi kaPawulos akumaRoma 11:33-36 abangela ntoni kumaNgqina kaYehova?
3 UYehova uwasebenzisa ngolungelelwano amandla akhe, ngobulumko, ngokusesikweni nangokunothando. Ngokusebenzisa ezi mpawu zobuthixo, uYa uYehova uye wathi ngedini lentlawulelo likaYesu, wavula indlela yokusindiswa koluntu olunokholo. Ngokunxibelelene noku, umpostile uPawulos wadanduluka wathi: “Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe! Kuba ngubani na oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na khona othe waba ngumcebisi wayo? Ngubani na khona owayinikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye? Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen.” (Roma 11:33-36) Ngoko ke, hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba, sibambelele ngokuqinileyo kuYa uYehova size sivakalise ukuthembela nokukholosa kwethu ngokupheleleyo kuye njengoThixo wethu ongusomandla neNkosi enguMongami!—Thelekisa amaHebhere 3:14.
4. (a) Kutheni le nto umprofeti uIsaya waba nesizathu esilungileyo sokudanduluka athi, ‘Ndiya kukholosa yaye andiyi koyika’? (b) Kutheni le nto abantu bakaYehova benesizathu esilungileyo sokukholosa ngoYa uYehova kule nkulungwane yama-20?
4 UIsaya waba nesizathu esilungileyo sokuvakalisa athi, ‘Ndiya kukholosa yaye andiyi koyika.’ Kamva lo mprofeti waye waqhelana kakuhle nezenzo zikaThixo zokusindisa. Wayelingqina lokuzibonela xa uYehova wazalisekisa ilizwi Lakhe ngokuthoba iAsiriya nokumkani wayo oqhayisayo, uSaneribhe. Ngabusuku bunye, amajoni aseAsiriya ali-185 000 abulawa sisithunywa sezulu esinye kuphela esathunyelwa nguThixo wethu ongusomandla, uYehova! Olo sindiso luzukileyo lwabakho kuba uKumkani uHezekiya nabo bonke abemi belakwaYuda bakholosa ngokupheleleyo ngoYa uYehova. (Isaya 37:6, 7, 21, 36-38) Kule nkulungwane yama-20, uYehova kwakhona uye wahlangula abantu bakhe kwiingcinezelo, ekuvalweni komsebenzi wabo, kwiintshutshiso nakwiikampu zoxinaniso. Njengaloo maAsiriya ayeqhayisa ngexesha likalsaya, uAdolf Hitler ongumNazi wahlasela amaNgqina kaYehova, ngesinye isihlandlo wadanduluka wathi, “Eli qela labantu liza kutshayelwa kuthi tu eJamani!” Kodwa yaba nguHitler namaNazi akhe abatshayelwa kwathi tu. Ibe ngoku elo qela lincinane lamaNgqina aseJamani elathi lakholosa ngoYehova liye lakhula laya kutsho kwabangaphezu kwe-121 200!—INdumiso 27:1, 2; Roma 8:31, 37.
5. Amazwi akuIsaya 12:3-5 asebenza njani kubantu abakholose ngoThixo namhlanje?
5 Naphi na apho kuqhambuka khona intshutshiso, abantu abakholosa ngoYehova bayahlaziywa baze bomelezwe ngokusela kumanzi enyaniso nangawobomi. Kunjengokuba kanye lo mprofeti kaThixo watshoyo kuIsaya 12:3-5 esithi: “Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso; nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde. Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enze ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke.” Ngamana singaqhubeka siyisela ngamandla inyaniso yoBukumkani size ngombulelo sizukise igama leNkosi yethu enguMongami, uYehova. Sikholose ngokupheleleyo ngo Yehova, ‘masilivakalise ilizwi; sizingise ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo.’ (2 Timoti 4:2) Nokuba bangenza ntoni na abachasi, ngothando uYa uYehova uya kusikhokelela kwindlela yosindiso!
‘Imizi Yeentlanga Ezingcangcazelisayo’
6, 7. (a) Ngokuvisisana noIsaya 25:1, kungenxa yantoni le nto abanquli bakaYehova befanele bamzukise? (b) UIsaya 25:2, 3 usichaza njani esinye isixeko? (c) Ngokunokwenzeka sisiphi esi sixeko umprofeti athetha ngaso, ibe ngoba?
6 Ngoku masityhile kuIsaya isahluko 25. Kwindinyana 1 sifunda la mazwi: “Yehova, unguThixo wam; ndiya kukuphakamisa, ndiya kubulela kwigama lakho; ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo, amacebo akho kwakude, ukunyaniseka, inyaniso.” Abanquli abakholose ngoYehova bayamzukisa ngenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzileyo kubo. Kodwa ke uIsaya uthi achaze umahluko omkhulu, esithi kuYehova: “Ngokuba umzi uwenze walinxuwa; inqaba enqatyisiweyo yangumwewe; uxande olude lwabasemzini alwaba mzi, ungakhiwa naphakade. . . . Ikoyike [Yehova] imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo.”—Isaya 25:2, 3.
7 Sisiphi esi sixeko singcangcazelisayo singabizwanga ngagama? Kusenokwenzeka ukuba uIsaya wayebhekisela kwiAri ikomkhulu lakwaMowabhi, eyayisoloko ilutshaba lwabantu bakaThixo. Kodwa lo mongo ubonakala ufaneleka kakuhle kwenye inxalenye yentlangano kaSathana—utshaba olukhulu iBhabhiloni. Ngexesha elifanelekileyo, iBhabhiloni yayiza kutshabalalisa elakwaYuda nelase Yerusalem, itshabalalisa indlu kaYehova yonqulo, ize ithimbe abantu abasindileyo. UIsaya ucaphula ukumkani waseBhabhiloni njengoqhayisayo esithi: “Ndiya kunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, . . . ndizifanise nOsenyangweni.” Kodwa uYehova wayeza kuvelisa uKoreshi wasePersi ukuba atshabalalise iBhabhiloni aze abuyisele abantu bakaThixo kwilizwe labo. Njengoko kwakuprofetiwe, eso sixeko saseBhabhiloni yamandulo sashiywa ‘singamanxuwa’ ‘nemiwewe.’—Isaya 14:12-14; 13:17-22.
8, 9. (a) Yiyiphi enye iBhabhiloni abanquli bakaYehova abasafanele balwe nayo, ibe yabakho njani? (b) UIsaya uyichaza njani, ibe kutheni lifanelekile elo binzana?
8 Noko ke, ngaphezu kweminyaka engama-2 500 emva kokubhukuqwa kweBhabhiloni, abanquli bakaYehova kwakusafuneka belwe umlo nenye iBhabhiloni—“iBhabheli Enkulu, unina wamahenyukazi nowamasikizi omhlaba.” (ISityhilelo 17:5) Ibubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Yabakho ngethuba nje elincinane emva koMkhukula womhla kaNowa, xa uNimrodi wakha iBhabhiloni yokuqala, eyaba ngumthombo wonqulo lobuxoki olunamahlelo. Emva kokuba uYesu nabapostile bakhe beseke ubuKristu, abawexuki bayigxobhagxobha inyaniso yeBhayibhile ngokungenisa ‘iimfundiso zeedemon’ zobuhedeni zaseBhabhiloni, ibe kulapho eyathi inkqubo yonqulo lweNgqobhoko yavela khona. (1 Timoti 4:1) Obu buKristu benkwalambisa buye bayinxalenye eyintloko ‘yeBhabhiloni Enkulu,’ eye yanaba kuwo wonke umhlaba kuzo zonke iintlanga zabantu. UIsaya uyichaza ‘njengemizi yeentlanga ezingcangcazelisayo.’
9 Ngaphezu kwamawaka amane eminyaka, ukususela ekusekweni kweBhabhiloni yantlandlolo de kube ngoku, oozwilakhe abakhohlakeleyo baye basebenzisa abefundisi abangcangcazelisayo njengezixhobo ekucinezeleni nasekulawuleni abantu. Ngaloo ndlela, ‘umntu ugunyazele umntu, kwaba kubi kuye.’ (INtshumayeli 8:9) UYesu wasikwa yimfesane ngenxa yabantu ‘kuba babetyhafile yaye bechithakele’ ngenxa yabelusi abanjalo bonqulo lobuxoki. Namhlanje, elona qela libekek’ ityala lifaniswa ‘njengomntu wesono,’ ongabefundisi beNgqobhoko abazikhukhumalisayo, abaye bangabona baphambili ekuchaseni nasekutshutshiseni amaNgqina kaYehova.—Mateyu 9:36; 2 Tesalonika 2:3, 4.
10. (a) Ngokuvisisana noIsaya 25:3, ‘imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo’ iye yanyanzelwa njani ukuba izukise uYehova, nokuba imoyike? (b) KuIsaya 25:4, 5, uIsaya uthetha njani ngoYehova, ngokubhekisele ‘kwisisweli’ ‘naho bangcangcazelisayo’?
10 Ngonyaka we-1919 uYehova wabakhulula abantu bakhe bokwenyaniso kulawulo ‘lweBhabhiloni Enkulu.’ Loo ‘mizi yeentlanga ezingcangcazelisayo’ kwanyanzeleka ukuba imzukise uYehova ngendlela yokuba kwafuneka iyibone kabuhlungu “imisebenzi ebalulekileyo” awayeyenzile ngokubuyisela abanquli bakhe kumsebenzi omkhulu. Nabantu bonqulo lobuxoki kuyanyanzeleka ukuba bamoyike uYehova, ngenxa yokulindela oko bagcinelwe kona. Kangangeenkulungwane ezininzi, abefundisi abangcangcazelisayo baye baziphakamisa kumarhamente eecawa. Kodwa ngeli thuba uIsaya uthetha ngoYehova, esithi: “Waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni. Njengokubalela emqwebedwini, udambise ingxolo yabasemzini; njengokudanjiswa kokubalela lithunzi lelifu, yathotywa ngokunjalo ingoma yabangcangcazelisayo.”—Isaya 25:4, 5.
Akukho Ngoma Yovuyo ‘EBhabhiloni’!
11. Kutheni le nto kungekho ngoma yovuyo kuyo yonke ‘iBhabhiloni Enkulu,’ ibe oku kwaboniswa njani kwindibano yeetyalike ngeetyalike eyayiseAssisi, eItali?
11 Ngenene, namhlanje imeko ilolo hlobo kuyo yonke ‘iBhabhiloni Enkulu.’ Akunakubakho ngoma yovuyo kuyo. Iinkokeli zayo zonqulo zididekile azazi ukuba zimele zinqule baphi na oothixo. Oku kwaboniswa ngokucacileyo kwindibano yeetyalike ngeetyalike eyaqhutyelwa eAssisi, eItali, ngo-Oktobha 27, 1986. Apho, uPopu John Paul II wahlanganisa iinkokeli zeenkonzo eziphambili ‘zeBhabhiloni Enkulu’ ngokunxibelelene noNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe owacetywa ziZizwe Ezimanyeneyo. Zonke zathandazela uxolo, zimbi iimonki ezingamaBhuda zathandaza kangangeeyure ezili-12 ngosuku. Kodwa zazithandaza kubani? Ngaba zazithandaza kuMariya? Okanye kuBathathu Emnye ongcwele weNgqobhoko? Okanye kubathathu emnye wamaHindu? Okanye kumawakawaka oothixo bamaBhuda? Okanye kuAllah? Okanye kwisilwanyana esidelekileyo, impungutye, enqulwa ngamaShinto? Okanye ngaba eyona mithandazo yathi yamkeleka yaba yileyo yeIndiya laseMerika lesizwe samaCrow? Xa lalichazwa kwathiwa ‘lalineentsiba eziyokoyoko entloko nezazibonisa ubungangamsha,’ ngoxa lalilumeka inqawa yoxolo laza lavakalisa imithandazo yalo “emsini njengoko wawuthaphuza njengesiqhumiso kumoya obandayo.”
12. Ngawaphi amazwi kaMika nakaIsaya ezathi ezo nkonzo azenza ngokuvisisana nawo?
12 Into eqinisekileyo yile: Akukho namnye kwabo bantu bonqulo, ukususela kuDalai Lama wamaBhuda ukusa kuMethodius “Onobungangamsha” weCawa yesithethe yamaGrike, owawathobelayo amazwi eBhayibhile akuMika 4:5: “Thina ke sihamba egameni likaYehova uThixo wethu, ngonaphakade kanaphakade.” Abangqinelani namazwi aphefumlelweyo awavakaliswa nguIsaya kwisahluko 42, indinyana 5 neyesi-8: “Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya: Ndingu Yehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.”
13. Ngenene kwakusenzeka ntoni eAssisi, ibe oku kwagxekwa njani ngu Yesu xa wayesemhlabeni?
13 EAssisi, eso siganeko sinobuqheleqhele, iimpahla ezahlukileyo nemithandazo eyimilembelele yayiziindlela zokuqhayisa okubalaseleyo. Yayikoko uNyana kaYehova uYesu wakugxekayo xa wayelapha emhlabeni. Ethetha ngeenkokeli zonqulo zomhla wakhe wathi: “Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu;” waza wathetha phandle nabo, esithi: “Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene.” (Mateyu 23:5, 13; bona kwanoMateyu 6:1-8.) UThixo akajongi mbonakalo yangaphandle okanye indawo yonqulo. Kunjengokuba uYesu wathi: “UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.”—Yohane 4:21, 24.
Umthombo Woxolo Lokwenyaniso
14. (a) Kutheni le nto imithandazo yoxolo eyenziwa ziinkonzo zehlabathi iyehanahanisayo? (b) UThixo uza kulugweba njani unqulo lweNgqobhoko?
14 Eqwalasele ingxubakaxaka ekwiinkonzo zehlabathi, ngaba kukho nabani na osisiyatha kangangokuba angade acinge ukuba imithandazo eyenziwa ziinkokeli zonqulo inokuzisa uxolo lwehlabathi? Kangangamakhulukhulu eminyaka bezithandaza ngokuhanahanisayo, ngoxa kwangaxeshanye bezinegalelo ngokupheleleyo kwiimfazwe zezizwe, kwiiMfazwe Zomnqamlezo, nakwiintshutshiso zenkohlakalo. Umprofeti kaYehova wabuza oku: “UmKushi unokuluguqula na ulusu lwakhe, nengwe inokuwaguqula na amabala ayo? Ningaba ke ninako ukulungisa nani, baqhele ukwenza okubi.” (Yeremiya 13:23) Ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki—njengeyona nxalenye iphambili ‘yeBhabhiloni Enkulu’—ingakumbi unqulo lweNgqobhoko belulinganiswa kwizikali zikaThixo ibe lufunyaniswe lukumgangatho ophantsi ngokulusizi. Lugwetyelwe intshabalalo!—Yeremiya 2:34, 35, 37; 5:29-31; Daniyeli 5:27.
15. UYehova uya kuluzisa njani uxolo olungenasiphelo, ibe abo bakholosa ngaye babangela njani ukuba kubekho uxolo?
15 UYehova, ‘uThixo woxolo,’ uya kuzisa uxolo olungenasiphelo ngokutshabalalisa bonke abanetyala legazi aze azalise umhlaba ngabemi abayithanda ngenene inyaniso nobulungisa. (Filipi 4:9) Ngokutsho kukaKumkani uDavide, ngabalulamileyo ‘abakholosa ngoYehova, benze okulungileyo’ abaya kuthi ‘balidle ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.’ (INdumiso 37:3, 11) Abo ‘basoloko bekholosa ngoYehova baze benze okulungileyo’ babangela ukuba kubekho uxolo olungenakuze lubekho ngemithandazo esisiphithiphithi ebhekiswa koothixo, kwizithixo nakwimifanekiso eqingqiweyo engavisisaniyo.—INdumiso 115:2-8; Isaya 44:14-20.
16. Sisiphi isidlo sezinto ezityebileyo uYehova asilungiselela abo balulamileyo abahlanganiswa bephuma ‘kwimizi yeentlanga ezingcangcazelisayo?
16 Onjani won a umahluko phakathi kwemithandazo nethemba elikhoyo kubantu bakaThixo nabo baxhasa ‘iBhabhiloni Enkulu’! Hayi indlela esikuqonda kakuhle ngayo ukuba “yathotywa ngokunjalo ingoma yabangcangcazelisayo”! (Isaya 25:5) Kodwa ethetha ngabalulamileyo abahlanganiswa bephuma ‘kwimizi yeentlanga ezingcangcazelisayo,’ uIsaya uhlabela mgama esithi: “UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, . . . yaza yahluzwa.” (Isaya 25:6) Isidlo sokomoya namhlanje esifunyanwa ngabo banqula uYehova sanelisa ngendlela evuyisayo, ngenene sisidlo sezinto ezityebileyo! Iintliziyo zethu ziyomelezwa ukuze sinyamezele ibe uvuyo lwethu luyaphuphuma njengoko sikhonza uYehova ngenzondelelo silindele ukuhlaziywa kwezinto nesidlo sezinto ezilungileyo esithenjiswe nguYehova ukuba sobakho kumhlaba omtsha.—INdumiso 104:1, 14, 15; Mateyu 19:28.
17. Yiyiphi “imisebenzi ebalulekileyo” eya kwenziwa nguYehova, ibe oko kuya kuzisa uvuyo olunjani?
17 Kungekudala, uYa uYehova uya kwenza “imisebenzi ebalulekileyo” ngokushenxisa kungekuphela nje ‘iBhabhiloni Enkulu’ kodwa kwanangokushenxisa ‘isigubungelo’ sesigwebo esigubungele uluntu ngenxa yesono sikaAdam. (Isaya 25:7) Ewe, ngesizinzi sedini likaYesu, uThixo wethu uya kuzalisekisa isiprofeto sikaIsaya 25:8: “Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.” Lolunjani uvuyo ukubona isono sikaAdam nokufa zishenxiswa size samkele esibathandayo njengoko bekhululwa kumakhamandela okufa! Lolunjani uvuyo ukwazi ukuba amangqina kaYehova athembekileyo aye anikela impendulo epheleleyo kuMngcikivi omkhulu, uSa thana uMtyholi! (IMizekeliso 27:11) Akusayi kuze kubekho nabani na ongaze awangcikive, kuba aya kube oyisile ngengqibelelo yawo. ‘Ngokunyaniseka nangenyaniso,’ uYehova uya kube eziphumezile izinto ezaprofetwayo—‘amacebo akhe asusela kude.’ Wonke umhlaba uya kube uyiparadisi enobulungisa, ezaliswe ngabantu abangamalungisa. Ngenene oku kulithemba elizukileyo!
18. Phezu kwazo nje iingcinezelo, sizimisele ukwenza ntoni, ngokuvisisana noIsaya 25:9?
18 Ukuba sisoloko singabo bakholose ngoYehova kule mihla inzima kuya kuba nomvuzo wako oqinisekileyo. Lungakhathaliseki uhlobo lweengcinezelo esimele silwe nazo kubomi bethu bemihla ngemihla—enoba kusekulungiseleleni iintsapho zethu, ekubambeleleni ngokuqinileyo kwimigaqo yeBhayibhile esikolweni, okanye ekunikeleni ubungqina kwimimandla enobunzima—masihlale sikholose ngoYehova. Ukulondoloza ulwalamano olusondeleyo noYehova ‘njengoMphulaphuli wemithandazo’ kuya kuqinisekisa usindiso lwethu. (INdumiso 65:2) Ngoko ke, masizimisele ukuhlala siphakathi kwabo basebenzisa amazwi kaIsaya 25:9 besithi: “Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe.”
Imibuzo Yempinda
◻ Kungayiphi indlela athi uYa uYehova abe liqhayiya namandla ethu?
◻ Iyintoni ‘imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo’?
◻ ‘Imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo’ iye yanyanzelwa njani ukuba imzukise uYehova, nokuba imoyike?
◻ Yintoni ebonisa ukuba akukho ngoma yovuyo ‘kwiBhabhiloni Enkulu’?
◻ Yiyiphi “imisebenzi ebalulekileyo” uYehova aseza kuyenzela abantu bakhe?