Yinyamekele Imfundiso Yakho
“Zilumkele [zinyamekele, TE] wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.”—1 TIMOTI 4:16.
1. Kutheni eli ingeloxesha lokuba siyekelele umxakatho emsebenzini wethu wokushumayela uBukumkani?
UYEHOVA ngoku uyakukhawulezisa ukuhlanganiswa kwababumvu. Ngoko ke, ngokuqinisekileyo eli asiloxesha lokuba abantu bakhe bayekelele umxakatho kumsebenzi wabo wokushumayela uBukumkani nowokwenza abafundi. (Isaya 60:8, 22; Mateyu 24:14; 28:19, 20) Sifanele sisebenze ngokuvisisana noko uThixo akwenzayo kwixesha lethu. Njengoko isiphelo sisondela, siya kubuyela kubamelwane bethu ngokufuthi ngakumbi. Eneneni, umsebenzi owandisiweyo wokunikela ubungqina owenziwa ngabavakalisi noovulindlela abaninzi ngakumbi ngoku uyayizamazamisa intsimi elihlabathi. Yaye lo msebenzi wokuhlanganisa ozisa uvuyo uza kuthabath’ unyawo.—Isaya 60:11; thelekisa INdumiso 126:5, 6.
2. (a) Ngokutsho kukaIsaya 40:28-31, nguwuphi umthombo wamandla esinokufumana kuwo amandla afunekayo ukuze sigqibe umsebenzi wokushumayela uBukumkani? (b) Sisiphi isizathu esilungileyo sokunikela ingqalelo engakumbi kwixabiso lobulungiseleli bethu ngeli xesha?
2 Kunokuba sinikezele kuyo nayiphi na imvakalelo ‘yokutyhafa’ ngenxa yokuba intsimi ethile igutyungelwa ngokufuthi, sifanele siqonde ukuba eli lixesha lokuba sithandaze kuYehova sicele ‘ukomelela’ ukuze siwugqibe lo msebenzi. (Isaya 40:28-31; 1 Yohane 5:14) Liyinyaniso elokuba, izigidi ‘zesihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu’ sele zihlanganisiwe. Kodwa oko kwakukhe kwanempumelelo ekuncedeni abantu abathile kusenokungabi namphumo ekuncedeni abanye abasekwintsimi yethu. (ISityhilelo 7:9, 10; Yohane 10:16) Ngenxa yoko, sifanele sinikele ingqalelo engakumbi kumgangatho wobulungiseleli bethu.
3. Sinokubenza njani ubulungiseleli bethu basentsimini bube bobunik’ umdla ngakumbi?
3 Njengoko sinozimiselo oluhlaziyiweyo, sinokuzikis’ ingqondo ekuphuculeni ukuba nomphumo kwethu kubulungiseleli. Oku kunokuyenza inkonzo yethu yasentsimini ibe yenik’ umdla ngakumbi. Kodwa kunokwenziwa njani oko? ‘Ngokuzinyamekela thina nemfundiso yethu,’ singabenzi nje ubulungiseleli OOthu ngokwesiqhelo. (1 Timoti 4:16) Imilebe yethu imele inikele okungakumbi ‘kunombingelelo wendumiso’ wokungabi nankathalo. (Hebhere 13:15) Sifanele sibe ngabanobuchule emsebenzini wethu. (IMizekeliso 22:29) Ngoko, okufunekayo kukusebenza intsimi yethu ngobuchule. Nazi ezinye zeenkalo zobulungiseleli OOthu esifanele ‘sizinyamekele.’
Indlela Yokuvelisa Intsimi “Entsha”
4. Sinokuyivelisa njani intsimi “entsha” kummandla ibandla lethu elabelwe kuwo?
4 Makhe siyijonge le meko ngendlela eseOOnzisekayo. Kwiindawo ezininzi, ayikho intsimi entsha okanye engafane isetyenzwe. Ngoko kungani ungavelisi intsimi “entsha” kummandla ibandla elabelwe kuwo? Unokukwenza njani oku? Kaloku, xa sityelela ngokufuthi, asinakwenza ngokungathi asizange sityelele kwelo khaya ngaphambili ngokusuka sithethe kuphela oko besisoloko sikuthetha emakhayeni. Kunokwenzeka ukuba, umninimzi asinakane ukuba siye sayigubungela ngokuphindaphindiweyo intsimi. Incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo inikela iintshayelelo ezingaphezu kwama-40 esinokuziseOOnzisa kubulungiseleli bethu. Simele sizilungiselele kakuhle njengento entsha nenomtsalane ngokuthi sizinxulumanise nemicimbi yasekuhlaleni nento eyenzeke kutshanje ethe yaba yeyomdla ebantwini. Kunokuba sizive sizisola ngokutyelela kwethu ngokufuthi, sifanele sibe nesimo sengqondo esikhuthazayo size senze intsimi yethu ibe “ntsha” ngeentshumayelo ezisemgangathweni ofanelekileyo. Kodwa ngaba oku kuya kunceda ukuba abaninimzi abanabuhlobo?
5. (a) Sinokusenza njani isimo sengqondo sangaphambili sokungabi nabuhlobo ukuba sibe luncedo kuthi? (b) Yiyiphi indlela oyifumanise inomphumo ekuhlaleni? (c) Kutheni le nto ukuphulaphula nokuncoma ngokunyanisekileyo kuluncedo?
5 Ukwazi isimo sengqondo umninimzi awayenaso kwixa elidluleyo kunokuphumela ekubeni ube neemvakalelo ezilandulayo mayela nokumtyelela kwakhona. Kodwa kutheni ulwazi olunjalo ungalusebenziseli ukuze lukuncede? Njani? Mhlawumbi ngokuthi uluzise engqalelweni yakho kuqala wandule ke wakhele intshumayelo yakho koko kwakuthethiwe kutyelelo lwangaphambili. Usenokuthi: “Bhota, Mnu. Harris!” Ukuba kubonakala kufanelekile, unokongeza uthi: “Injani impilo?” Unokwandula ke uthi: “Xa ndandilapha kwiveki ephelileyo, wandixelela ukuba icawa yakho izinyamekela zonke iimfuno zakho zokomoya yaye ulilungu eliphambili. Njengommelwane okwaluthabatha ngokunzulu unqulo, ndingakhe ndikubuze ukuba ithini icawa yakho ngethemba lokusinda kwesi sizukulwana senyukliya?” Emva koko, mvumele akuxelele. Mncome umninimzi xa ngokunyanisekileyo unokwenjenjalo. Ukumphulaphula nokumncoma kunokusiguqula isimo sakhe sengqondo. Ngokufuthi, abantu baya kusivumela ukuba siphinde sityelele ukuba siyabavumela bathethe. Kambe ke, uya kuthanda ukuvisisanisa isigidimi sakho noko umninimzi akuthethayo.
6. (a) Sinokubaqeqesha njani abaninimzi ukuba balindele ukuba sityelele rhoqo? (b) Ngawaphi amazwi ayintloko anokusinceda ukuba siphumelele? (c) Yiyiphi indlela enomphumo kwintsimi yasekuhlaleni?
6 Ngoko ukuthethayo, unokubaqeqesha abaninimzi ukuba balindele ukuba sityelele rhoqo. Zama ukuthi: “Bhota, Nksk. Fredericks! Unjani namhlanje? Ekutyeleleni abamelwane bethu, sixubusha . . . . ” Okanye usenokuthi: “Bhota! Senza utyelelo lwethu oluthe rhoqo lweeveki ngeeveki. Kuluvuyo ukukutyelela kwakhona. Abamelwane bakho baye bawunandipha UInxholo omtsha esixubusha ngawo kolu tyelelo.” Yandula ke ungen’ emxholweni. Oku kukwayenza intsimi ibe “ntsha” kuwe. Amagama owasebenzisayo asenokwahluka ngandlel’ ithile kwilizwe lakho, kodwa oku kunikela ingcamango eyintloko. Kutheni ungakuseOOnzisi ngokona kona, ukuze ungenelwe?
7. (a) Xa ehamba, wambi amaNgqina amenza njani umninimzi ukuba alungele olunye utyelelo? (b) Kule nkalo, yiyiphi indlela enomphumo kwintsimi yasekuhlaleni?
7 Ngoko ukuze enze umninimzi ukuba alungele utyelelo olulandelayo, wambi amaNgqina anempumelelo ekuqukumbeleni ngolu hlobo: “Sijonge phambili ekukutyeleleni kwakhona kwakamsinya.” Kwabo bebethingaza ngandlel’ ithile ukuthetha nawe ekuqaleni, usenokuthi: “Ndiyinandiphile ingxubusho yethu. Ngokuqinisekileyo uvelise iingongoma ezintle. Oku kuthabathe imizuzu embalwa, kodwa ke noko asithethanga ngeendaba ezimbi, esinokuziva nangaliphi na ixesha. Bekusakha ngokwenene.” Ngokungathandabuzekiyo, uya kuvelisa ezinye iindlela ezifanelekileyo zokuthetha nabaninimzi. Ngazo zonke iindlela, ngokuthetha amazwi angqalileyo, ngeentshumayelo ezikumgangatho ofanelekileyo nangobuhlobo, zama ukunceda abantu bonke ukuba bangakucaphukeli ukutyelela kwethu ngokuthe rhoqo.
Nikela Ubungqina Ngokucokisekileyo
8, 9. Ngawaphi amacebiso anikelwayo ukuze sicokise ekufuneni abafanelekileyo?
8 Enye into esimele sinikele ingqalelo kuyo neya kuthi isenze sihlale sinehlombe kukucokisa ekufuneni abafanelekileyo. (IZenzo 8:25; 20:24) Ngokomzekelo, ukuba umzalwana utyelela ngeempelaveki okanye ngokuhlwa aze afike kukho inenekazi okanye umntwana usenokubuza ukuba utat’ ekhaya ukho kusini na. Kusenokwenzeka ukuba, ikakhulu siye sathetha nomfazi. Ngoko sinokwenza isiqalo esitsha nomninimzi ngokuthi sithethe nentlokontsapho. Ngoko sinokusiphethulela kuye isigidimi, sithetha izinto ezinjengokuthi, “Ucinga ukuba yintoni eya kwenza ukuba intsapho yakho iqiniseke ngekamva elonwabileyo?” okanye, “Phawula indlela iBhayibhile ekukhuthaza ngayo ukumanyana kwentsapho.” Yincome le ndoda ngeengcamango ezintle esenokuzivelisa.
9 Enye indlela yokufumana intsimi “entsha” kukufuna amanye amalungu entsapho ahlala kwakwindlu enye—umakhulu, umtshana okanye ukanina ohamba isikolo, indodakazi esebenzayo ebudeni beveki. Kwakhona kuye kwaba luncedo ukuphawula ukuba zingaphi na izixhobo zokulinganisa umbane okanye iibhokisi zeposi ezikhoyo ekuhlaleni. Ezi zisenokubonisa indawo apho abantu baye bakha ngokutsha amagumbi asezantsi kwesakhiwo, amagumbi aphantsi kophahla, okanye enye indawo eqeshiswayo. Zama ukudibana nabo bahlala kumagumbi aqeshiswayo—abafundi, abasebenzi abangatshatanga, abahlolokazi nabanye. Nako oku kuyanceda ekunabiseni intsimi.
10. Yiyiphi enye indlela yokunabisa intsimi yethu yendlu ngendlu, yaye bambi baye benza ntoni ukuze badibane nabo basebenza ebusuku?
10 Enye indlela engakumbi yokunabisa intsimi yendlu ngendlu kukuyiphumza maxa wambi njengoko sisiba nenxaxheba kwezinye iinkalo zobulungiseleli bethu. Ngenjongo yokusebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo, sisenokuyisebenza intsimi ngokuzinikela ngokungqalileyo ukuqhubela intsapho isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. Bambi abantu abangekhoyo ekhaya xa sityelela banokufunyanwa kwiindawo abasebenza kuzo. Yaye ukunikela ubungqina kwimimandla yezoshishino kunokuba nomphumo omhle kakhulu. Kwakhona bambi baba bantu kunokudityanwa nabo ukuba sinikela ubungqina basesitratweni ngeeyure ezifanelekileyo. EKhanada oovulindlela baye baba nemiphumo emihle ngokutyelela ngokuhlwa abantu abasebenza kwiindawo ekuthiwa kuzo ipetroli ezivula ubusuku bonke, ezivenkileni nasezihotele apho oomabhalana ngokuqhelekileyo bengaxakekanga ngelo xesha yaye ngokufuthi bekuvuyela ukuba nento yokufunda. Kambe ke, ingakumbi oodade bafanele baziphephe iindawo ezithile ebudeni beeyure zasebusuku.
11. (a) Wambi amaNgqina enza ntoni xa abaninzi bengekho ekhaya xa etyelela okokuqala? (b) Ukukhuthalela ukutyelela abangekhoyo ekhaya, kunokuba nawuphi umphumo kwintsimi nakubulungiseleli bethu?
11 Kuthekani ngabo bangekhoyo ekhaya xa sityelela? Kwakhona, nalapha simele sicokise. Wambi amaNgqina asebenzisa iingxelo zawo zendlu ngendlu ezigcinwe kakuhle kanye nje emva komsebenzi wawo wendlu ngendlu aze abuyele kwiindawo ebezingenabantu ngaphambilana ebudeni bolo suku. Ngokufuthi, abaninimzi sele bebuyele emakhaya, okanye abasebenzi basebusuku sele bevukile ngelo xesha. Kwiindawo ezininzi, abantu abangama-50 ekhulwini okanye nangaphezulu abekho ekhaya ebudeni bemini. Ngoko ngokungathi kunjalo, sinokuyiphinda kabini loo ntsimi ngokutyelela abo bangekhoyo ekhaya ngamaxesha awahlukeneyo de sifumane uthile ekhaya. Oovulindlela nabavakalisi abanamava bayavuma ukuba ukukhuthala ekutyeleleni abo bangekhoyo emakhaya ngokufuthi kuvelisa imiphumo engakumbi kunokuba kusiba njalo xa sigubungela intsimi okokuqala. Ngokunikela ingqalelo kule nkalo yobulungiseleli bethu, sisenokufumana iintsikelelo ezininzi.—IMizekeliso 10:22.
Abo Bakhalazayo
12. Sifanele sisabele njani xa abantu bekhalazela ukuba sityelela ngokufuthi gqitha? Ngoba?
12 Kunokuthiwani kubantu abakhalazela ukuba sityelela ngokufuthi gqitha? Ngaphezu kwako konke, simele sibaOOnise ukuba siyakuqonda oko. (Mateyu 7:12) Kubo, kubonakala ngathi siye sabuya msinya gqitha. Kodwa kuhle ukukhumbula ukuba kwanakwiminyaka edluleyo abantu babesithi, ‘Benilapha kwiveki ephelileyo,’ ngoxa sasisazi kakuhle ukuba sagqibela ukubatyelela kwithuba leenyanga ezintandathu okanye ngaphezulu. Ngaphandle koko, ukutyelela ngokufuthi kunokuvusa umdla. EGuadeloupe enye indoda yasukela iNgqina ukuze ilixelele oku: “Ndiye ndakubona ngoku kangangeeveki ezininzi. Ngokuqhelekileyo, andiwaphulaphuli amaNgqina, kodwa ndifun’ ukwazi isizathu sokuba nityelele abantu ngokufuthi kangaka!” Oko kwaphumela ekubeni kuqaliswe isifundo seBhayibhile.
13, 14. Wambi amakholwa angoowethu ayisingatha njani imicimbi xa abaninimzi bekhalaza?
13 Bambi abazalwana baye ngobubele babaxelela abo bakhalazayo usuku oluchanileyo abaye batyelela ngalo ngaphambili baza banikela amaphephancwadi akutshanje, besenza kucace ukuba la manqaku ahlukile kulawo ayekoolindixesha esasinabo ukugqibela kwethu ukutyelela. Siqiqa nabaninimzi abanjalo, sisenokuthi mhlawumbi baye bafumana amaphephandaba namaphephancwadi amaninzi ukususela kutyelelo lwethu lokugqibela, kodwa ebengasoloko equlethe iindaba ezilungileyo. Sisenokucacisa ukuba sizise iindaba ezilungileyo yaye utyelelo lwethu alukho lude. Kodwa ukuba umninimzi uxakeke gqitha, sisenokuthi: “Ukuba eli asiloxesha lifanelekileyo lokuthetha nawe, ndinokukubona kutyelelo lwethu olulandelayo kwiveki ezayo okanye malunga nalapho.”
14 Yintoni enye esenokuthethwa? Oku kuxhomekeke kwisimo sengqondo somninimzi nakwindlela abantu ababonakalisa ngayo imbeko kwindawo esihlala kuyo. Omnye udade eJapan ucacisa isizathu sokutyelela kwethu ngokufuthi ngale ndlela: ‘lindaba zikamabonwakude ziya kubhengeza ngokuza kwenkanyamba umhla nezolo, ziyiphindaphinda le nkcazelo ngokufuthi ngenjongo yokunceda abo basenokuba baye baphoswa lusasazo lwangaphambili. Oku kwenziwa ngesizathu sokuba kubandakanyeke ubomi. Iingxelo zikhutshwa ngokufuthi ngakumbi njengoko isaqhwithi sisondela. Ngoko, njengoko isaqhwithi seArmagedon sisondela, isigidimi esilumkisayo simele sivakaliswe ngokufuthi kangangoko kunokwenzeka ukuze kusindiswe ubomi.’ Kambe ke, ingxelo enjalo besingayenza ngobubele nangokunyanisekileyo, sinethemba lokutikelela intliziyo yomphulaphuli.
Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lokungabi Namdla Kwabantu
15. (a) Lunokuba yintoni ucelomngeni olwandayo xa intsimi yethu siyisebenza ngokufuthi? (b) Kutheni le nto bambi abantu bengenamdla?
15 Njengoko sityelela ngokufuthi ngakumbi, ucelomngeni olwandayo esihlangabezana nalo ngokufuthi kukungabi namdla kwabantu. Kodwa ukuhlolisisa abanye oonobangela bokungabi namdla kwabantu kunokusikhuthaza ukuphawula ukuba kusenokwenzeka ukuba sizitikelele iintliziyo zabanye baba bantu. Ulmngabi namdla kwabo kusenokubonisa ukudandatheka nokuphelelwa kwabo lithemba. Basenokucinga ukuba akukho ndlela yakukhululeka kule meko ikhoyo yehlabathi, beqiqa ngelokuba baya kubuphila ubomi babo nje ngeyona ndlela bayibona ifanelekile. Abanye bazothekile kuba zimbi iinkokeli zonqulo zibandakanyeka kwezobupolitika, zinetyala lokuziphatha okubi, okanye ziyasilela ukuma ngokuqinileyo nxamnye nokuziphatha okubi ngokwesini. Ngoko aba baninimzi baphoxeke gqitha yaye baphilela inamhlanje kuphela.
16. Inokufikelelwa njani intliziyo yomntu on genamdla?
16 Siyazi ukuba abalungiseleli bokuqala abangamaKristu bahlangabezana ngokunempumelelo nesimo sengqondo esifanayo, kuba bambi abantu ngoko bathi: “Masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa.” (1 Korinte 15:32) Ngenxa yoko, siyazi ukuba sinoko kanye abantu abanjalo bafanele bakuve. Sekunjalo, sinokuyitikelela njani intliziyo yabo? Enye indlela kukubekela ecaleni uncwadi lwethu lweBhayibhile okwethutyana, sisenzela ukuba basibone xa sisenjenjalo. Emva koko sisenokubabuza imibuzo ecingisiswe kakuhle enjengale: “Ngaba ucinga ukuba sikho isicombululo kwiingxaki ezikhoyo namhlanje? Ngaba kungenxa nje yokuba inkoliso yabantu ingekasifumani isicombululo? Ngaba ucinga ukuba sifanele sibe nesimo sengqondo esingqalileyo size siqhubeke sisenza uphando?” Kwabanye, sisenokuthi: “Ngokuqinisekileyo uyavuma ukuba kulungile ukuba nethemba kunokungabi nalo naliphi na ithemba lokuba izinto zobuye zilunge. Yintoni onethemba lokuyibona?” Sisenokubuza sithi: “Wena ucinga ukuba uyintoni owona mqobo mkhulu womanyano noxolo lwehlabathi?” Sekunjalo bambi sisenokubabuza sithi: “Ngaba ucinga ukuba zonke iinkonzo zinjengokuba ubuchaza?” Kumaxesha amaninzi imibuzo enjõ iya kubenza abaninimzi babonise iimbono zabo. Ngoko, xa besabela, qiniseka ukuba uyaphulaphula. Ewe, bavumele baphalaze imbilini yabo kuwe. Abaninzi babo ‘bayagcuma yaye bayancwina ngenxa yamasikizi onke enziwayo.’—Hezekile 9:4.
17. Sisenokuzisebenzisa njani iimpapasho zethu ukufikelela abanye kwanaxa ekuqaleni bezingisa ngelokuba abanamdla?
17 Enye indlela yokujamelana nokungabi namdla kwabantu kukuphawula ingongoma okanye inkcaso eye yaboriakaliswa ngumninimzi uze ubuye nephephancwadi okanye enye impapasho yeWatch Tower exubusha ngaloo mbandela. Ekuqaleni, usenokude ube ngumbandela ongenguwo owonqulo, njengenqaku elithetha ngokufa kwequbuliso kweentsana okanye ukuphela kwamahlathi. Mchazele umninimzi ukuba ubucinga ngento eyathi yaba yeyomdla kuye waza wakhumbula eli nqaku. Yandula ke ukhethe iingongoma eziziintloko kuloo mbandela. Elinye inenekazi elathi lalubhebhetha nje kwaphela uncwadi lwethu lamkela iphephancwadi kwimizuzwana nje engephi ka. mva. Kwakutheni? Kwakungenxa yokuba iNgqina lalibuza eli nenekazi ukuba lalisazi na ukuba kwakuqhomfwa .abantwana abangama-55 ezigidi minyaka le. Likhwankqisiwe kukuva oku, lafuna iphephancwadi elalinaloo nkcazelo.
Ukuwenza Ude Ugqitywe
18, 19. (a) Ziziphi iingongoma ezongezelelekileyo esifanele ‘sizinyamekele’ njengoko siphumeza ubulungiseleli bethu? (b) Bambi abantu banaziphi iimbono zentiyo ngathi nangeenkolelo zethu, yaye sinokubaphendula njani?
18 Ngaphezu kwako konke, sifanele sibe nomonde ebantwini. Thetha ngokuzekelelayo nangokufudumeleyo. Bonisa uthando nobubele. (Galati 5:22, 23) Ngaphambi kokuba uye kwindlu elandelayo, cinga ngento eyenzekileyo kwedluleyo ukuze ubone apho unokuphucula khona. Yiba ngoqondayo, kuba abantu abaninzi baneembono eziphosakeleyo ngamaNgqina kaYehova. Basenokuthi: ‘Anizingeneli ezobupolitika nemisebenzi yaseburhulumenteni,’ ‘Anifuni ukuya emkhosini,’ okanye, ‘Niqhekeza iintsapho.’ Kodwa esi simo sengqondo siyafana neso sehlabathi awayephila kulo amakholwa angoowethu enkulungwane yokuqala. Bachazele abaninimzi ngako oku, mhlawumbi usebenzisa izicatshulwa eziphantsi komxholo othi “UbuNdilele” kwincwadi Ukuqiqa.
19 Ngokubhekisele kumaKristu okuqala, umbhali-mbali uWill Durant wabhala oku: “UmKristu wayelugqala unqulo lwakhe njengento eyablukileyo neyongamileyo kwibutho lezobupolitika; wayexhasa ngokupheleleyo kungekhona uKesare kodwa uKristu. . . . Ukungabi nanxaxheba komKristu kwimicimbi yasemhlabeni kwakujongwa ngumhedeni njengokubaleka umsebenzi waseburhulumenteni, nto leyo esidodobalisayo isizwe. UTertullian wacebisa amaKrlstu ukuba angayi emkhosini; . . . amaKristu abongozwa ziinkokeli zawo ukuba abaphephe abo babengengomaKristu, ayiphephe imibhoyozo yabo yezemidlalo njengengaphucukanga, neeholo zabo zemiboniso njengeendawo zokwenza amanyala. . . . UbuKristu [xa bavelisa amakholwa] batyholwa ngokuba babuqhekeza amakhaya.”—Caesar and Christ, iphepha 647.
20, 21. (a) Yintoni ekufuneka siqiniseke ngayo xa abantu bengasabeli? (b) Kutheni le nto singafanele ‘sethe amandla’ kodwa siqhubeke nomsebenzi wethu omhle wokushumayela uBukumkani?
20 Bambi abantu abayi kuphulaphula, kungakhathaliseki ukuba sithinina. Kodwa oko kufanele kube ngenxa yokuchasa kwabo isigidimi soBukumkani, kungekhona ngenxa yokusilela kwethu ukwenza iintshumayelo ezikumgangatho ofanelekileyo kubulungiseleli bethu. (Luka 10:8-11; IZenzo 17:32; Hezekile 3:17-19) Sifanele senze okusemandleni ethu ngoncedo lukaThixo, yaye uYehova uya kubona ukuba lo msebenzi wenziwa de kuse ekugqityweni kwawo.—Thelekisa abaseFilipi 1:6, NW.
21 Ngoko, unentembelo epheleleyo, qhubeka ‘uphuphuma umsebenzi weNkosi, usazi nje ukuba ukubulaleka kwakho akulambathi.’ (1 Korinte 15:58) “Zinyamekele wena nemfundiso yakho; blala ubleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.” (1 Timoti 4:16) Ngaphezu kwako konke, “ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.”—Galati 6:9.
Uyakhumbula Na?
◻ Zizi phi ezinye zeendlela zokuba nesimo sengqondo esikhuthazayo kwintsimi esetyenzwa ngokufuthi?
◻ Sinokubafuna ngokucokiseke ngakumbi njani abafanelekileyo?
◻ Sinokuzama njani ukuqhubana nabo bakhalazela ukuba sityelela ngokufuthi gqitha?
◻ Sinokuhlangabezana ngaziphi iindlela nocelomngeni lokungabi namdla kwabantu?
◻ Yintoni eya kuphucula umgangatho wobulungiseleli bethu?
[Ibhokisi ekwiphepha 20]
NJENGOKO INTSIMI IGUTYUNGELWA NGOKUFUTHI NGAKUMBI,
“Nyamekela:”
◻ Iindlela zokuthetha neentshumayelo ezingqalileyo
◻ Ukubafuna ngokucokiseke ngakumbi abafanelekileyo
◻ Ukuqhubana ngomonde nabakhalazayo
◻ Ukuhlangabezana nocelomngeni lokungabi namdla nokungaqondi kwabantu