Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani Benziwe Ngendlela Entsha
Kwinkupho kaSeptemba, Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani benziwe ngendlela entsha. Le ndlela ephuculiweyo iya kuwenza lula umsebenzi wokuvelisa le mpapasho yanyanga zonke ngeelwimi ezininzi ize yenze kube lula ngabafundi bayo ukufumana inkcazelo abayifunayo.
Kule ndlela intsha, yonke imixholo namanqaku anokubhalwa ngekhompyutha. Indlela obenziwa ngayo iya kusoloko ifana, ngaloo ndlela kuphuculwa yonke imbonakalo yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
Kulowo ubufundayo, kuya kubakho uphuculo olukhulu. Amagama abhalwe ngokulinganayo, yaye noonobumba abasetyenzisiweyo bafundeka lula kakhulu, kwanaxa bebhalwe babancinane. Ingxelo yenkonzo yasentsimini iya kufundeka lula. Kwakhona, ngokuqhelekileyo amanqaku aziintloko aya kubonakala kumaphepha angaphandle, yaye inkoliso yamanqaku iya kubhalwa iphelele kwiphepha elinye kuphela. Ucwangciso lweNtlanganiso Yenkonzo, ucwangciso lweSifundo Sencwadi Sebandla, ingxelo yenkonzo, iZaziso, iiNdaba Ezingokobuthixo, iiNtlanganiso Zenkonzo Yasentsimini, uMxholo Wencoko neSingxobo Semibuzo zonke ziya kuba kumaphepha angaphakathi.
Sithemba ukuba niya kusifumanisa esi sixhobo sixabisekileyo sinomtsalane ngakumbi yaye siluncedo kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani nasekwenzeni abafundi.