IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/91 iphe. 1
  • Ukuqonda Intsingiselo Yeziganeko Ezenzekayo Ngoku

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuqonda Intsingiselo Yeziganeko Ezenzekayo Ngoku
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Xa Ushumayela, Thetha Ngezinto Ezenzekayo
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2022
  • Umxholo Wencoko
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Sebenzisa Iziganeko Zakutshanje Ukuze Uvuse Umdla
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Ukunikela Imirhumo Kwindlu Ngendlu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 10/91 iphe. 1

Ukuqonda Intsingiselo Yeziganeko Ezenzekayo Ngoku

1 “Ukumila kweli hlabathi kuyadlula.” (1 Kor. 7:31) Oku kubonakala kwiziganeko ezishiy’ amehlo ezenzekayo ngoku. Kunye nako konke okwenzekayo kwintlangano kaYehova, kuthetha ntoni oku kuwe?—Luka 21:28.

2 Ukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile kule nkulungwane yama-20 kungqina ukuba yonke le nkqubo ingendawo yezinto ikwimihla yayo yokugqibela. (Mat. 24:3-14; Luka 21:7-11) UYesu wathi “asiyi kukha sidlule esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto.” (Luka 21:32) Ngaba uyaqonda ukuba oku kuthetha ntoni kubantu abakwintsimi okuyo abangekazimisi ngakuYehova? Ukuba uyaqonda, oku kunawuphi umphumo kubulungiseleli bakho basentsimini?—Luka 21:34-36.

3 Nceda Abanye Ngoxa Kusekho Ixesha: UYesu wabongoza abafundi bakhe ukuba balisebenzise ngokunengenelo ixesha laxa iimeko zazibavumela ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo. (Yoh. 9:4) Umpostile uPawulos wawuphinda loo myalelo xa wayebongoza abazalwana baseKolose esithi “hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli.”—Kol. 4:5.

4 Abanye baye bawuthobela umyalelo walo mpostile wokonga ixesha baza baba ngoovulindlela abathe ngxi. Ulutsha oluninzi luye lwangenela inkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi ngoxa lusesesikolweni yaye luye lwaphumelela kakhulu koku. Ulutsha oluhamba isikolo lunokonga ixesha lokunceda abo lufunda nabo ukuba baqonde intsingiselo yoko kwenzekayo namhlanje nethemba eliqaqambileyo lekamva kuBukumkani bukaThixo.—INtshu. 12:1.

5 Sinokulisebenzisa kakuhle ixesha lethu kubulungiseleli basentsimini ebudeni bukaOktobha ngokubalaselisa iphephancwadi uVukani! ngalo naliphi na ithuba elivelayo. Le mpapasho isenza siqonde intsingiselo yokwenene yeziganeko ezenzekayo ngoku. Yinikele kubantu abaxhalabileyo obafumanayo ngoxa usebenza kwindlu ngendlu. Thabatha inyathelo lokuqala lokuyinika amaqabane akho esikolo okanye abantu osebenza nabo. Balaselisa imibandela enokuba yeyomdla ngokukhethekileyo kubantu obaziyo. Ngokomzekelo, uVukani! kaOktobha 8, 1991 uqulethe amanqaku athetha ngokuxhatshazwa kwabantwana. Lo ngumbandela oxhalabisayo kubantu abaninzi.

6 Unokusetyenziswa njani UMxholo wangoku Wencoko? Emva kokuzazisa, unokubuza umninimzi oku: “Ucinga ukuba yintoni ebangela sijamelane neemeko ezininzi kangaka ezidimazayo namhlanje?” Emva kokuba ephendule, usenokongezelela uthi: “IBhayibhile iyavuma ukuba kwabaninzi, ubomi abuniki themba yaye buyadimaza. Phawula oko kuchazwe apha kwiNtshumayeli 2:17. [Funda.] Ngaba uyavumelana noku kuchazwe apha? [Mvumele aphendule.] Ungathi yintoni enokuthuthuzela umntu ojamelene neengxaki ezininzi? [Mvumele athethe.] Esi sibhalo sinika imbono entle ngobomi. [Funda INdumiso 37:39, 40.] Kungako le nto amaNgqina kaYehova ekhuthaza ukufundwa kweBhayibhile. Ngokomzekelo, phawula umbandela oxutyushwa kwiphephancwadi lethu lakutshanje uVukani!” Yandula ke unikele umrhumo. Ukuba umrhumo awamkelwa, nikela amaphephancwadi awahlukeneyo okanye ushiye iphecana.

7 Alithandabuzeki elokuba la ngamaxesha achulumancisayo okukhonza uYehova. Kwanga esi sibakala singasishukumisela ukuxhakamfula amathuba kule nyanga okunceda abantu abanyanisekileyo abangakumbi ukuba babone intsingiselo yokwenene yeziganeko ezenzekayo ngoku.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share