Iintshayelelo Zinokwenza Umahluko
1 Ngaba ubuzisebenzisa ezinye zeentshayelelo ezicetyiswe kwincwadi Ukuqiqa okanye ezo zivela kwiinkupho zakutshanje zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani? Abavakalisi abaninzi banikela ingxelo yempumelelo engakumbi kubulungiseleli babo bendlu ngendlu ngokusebenzisa ezi ntshayelelo kanye ngendlela ezibhalwe ngayo. Abanye bafumanise ukuba ngokuzipha nje ixesha elithe chatha belungiselela ubulungiseleli basentsimini, baye bakwazi ukunikela ezi ntshayelelo ngamazwi abo kodwa zisekelwe kumazwi akumacebiso ashicilelweyo.
2 Kukho into enye eqinisekileyo, ukuba sele unayo engqondweni intshayelelo yakho ngaphambi kokuba uthethe nomntu ngesigidimi soBukumkani, uya kuziva ukhululeke ngakumbi yaye unentembelo ngakumbi. Oko ukuthethayo kuya kubonakalisa umnqweno wakho onyanisekileyo wokwabelana ngeendaba ezilungileyo. Ukulungiselela kwakho kakuhle kukwenza ubunandiphe ngakumbi ubulungiseleli bakho kuba uya kufumana imiphumo emihle. Okona kubaluleke kakhulu kukuba umbingelelo wenkonzo yethu siwenze eyona nto intle esinokuyinikela.—Heb. 13:15; 1 Pet. 2:5.
3 Ngoko yiba nexesha lokulungiselela. Cinga ngabantu ekusenokwenzeka udibane nabo kwintsimi yenu yasekuhlaleni. Ziintoni ezibakhathazayo nezibaxhalabisayo? Ziziphi iziganeko zangoku ezichaphazela ubomi babo? Emva kokucinga ngeempendulo zale mibuzo, qwalasela iintshayelelo ezicetyiswe kwiphepha 9-15 lencwadi Ukuqiqa okanye ukhethe enye okanye ezingakumbi kwiintshayelelo ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Zive ukhululekile ukuguqula okanye ukuhlengahlengisa loo mazwi abhaliweyo ukuze uwasebenzise ngendlela elula kuwe. Inyathelo elilandelayo ibingaba kukucela abanye abavakalisi nenze impinda yeentshayelelo zakho ebudeni boqheliselo. Mhlawumbi oku kuya kubakhuthaza nabanye baphucule nezabo iintshayelelo. Enoba kuyintoni na, ngokuqinisekileyo niya kuba niyakhuthazana yaye niyakhana kwimisebenzi emihle.
4 Ixesha nomgudu owuchithela ekulungiseleleni iintshumayelo zakho entsimini uya kuvuzwa. Usenokusikelelwa ngokuba nesabelo esiphumelela ngakumbi kumsebenzi ochwayithisayo wokuhlanganisa owenziwayo ngoku.