Ukufundisisa Incwadi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
1 Ebudeni beveki kaOktobha 12, siya kuqalisa ukufundisisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila kwiZifundo zethu Zencwadi Zebandla. Olunjani uvuyo ekuya kuba lulo ukwenza impinda ngobomi nobulungiseleli bukaYesu Kristu! Ekubeni le ncwadi yenziwe ngendlela eyahlukileyo kwezinye iincwadi esiye sazifunda, ulwalathiso oluthile luya kuba luncedo.
2 Le ncwadi ayinazo iinombolo zamaphepha, ngoko kucwangciso oluya kupapashwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani kuya kudweliswa izahluko eziya kufundisiswa, ngokufuthi ezithathu ukusa kwezine veki nganye. Isahluko 35, 111 nese-116 zidana ibe ngasinye kuzo siya kwahlulahlulwa sibe zizifundo ezibini. Emva kokuba umzalwana ofanelekayo esifunde sonke isahluko (okanye wonke umxholwana, njengakwisahluko 35, 111 nese-116), umqhubi wesifundo uya kubuza imibuzo esekupheleni kwaso engqamana nesahluko eso okanye engqamana nenxalenye leyo isandul’ ukufundwa. Iimpendulo azisoloko zilandelelana kwisahluko. Amagqabaza angqalileyo namafutshane amele asekelwe kumbandela okwisifundo eso.
3 Emva koko, ngokuvuma kwexesha, kumelwe kufundwe zonke izibhalo ezisekupheleni kwesahluko. Iindinyana zezibhalo ezindana zisenokwahlulahlulwa zibe ngamacandelo amancinane khon’ ukuze kuvunyelwe abavakalisi abahlukahlukeneyo ukuba babe nesabelo ekufundeni, kwandule kugqatyazwe ngoko kufundiweyo. Imibuzo engqalileyo elungiselelwe ngumqhubi iya kunceda ukukhupha amagqabaza anentsingiselo abonisa indlela izibhalo ezifundiweyo ezidibana ngayo noko kuye kwabalaseliswa encwadini. Yonke imibuzo namagqabaza afanele ancede abo bakhoyo ukuba banikele ingqalelo kuYesu Kristu, kwikhondo lakhe lobomi nakwiimfundiso zakhe.
4 Kwincwadi Umntu Obalaseleyo kuqwalaselwa ubomi bukaYesu ngokulandelelana kwamaxesha. Ukuba nomfanekiso-ngqondweni ngeziganeko nokubethelela engqondweni iindawo ezenzeka kuzo kunokuba luncedo lokwenene ekuzikhumbuleni. Ngoko ke, qiniseka ngokuqwalasela imifanekiso emihle nangokubhekisela rhoqo kwimaphu ebonakala ekuqaleni kwale ncwadi, emva kwentshayelelo.
5 Kwiveki yokuqala kuya kuqwalaselwa intshayelelo yale ncwadi. Emva kokufundwa kwazo zonke iziqendu eziphantsi komxholwana, umqhubi uya kubuza imibuzo efanelekileyo ayilungiseleleyo. Oku kuqwalasela kokuqala kuya kuhlahlel’ indlela izifundo eziya kulandela kunyaka ozayo. Impumelelo ekugubungeleni umbandela iya kuxhomekeka ubukhulu becala ekulungiseleleni kwabo bonke abakhoyo. Ngokukodwa umqhubi ufanele alungiselele kakuhle veki nganye khon’ ukuze ancede iqela liqhelane kakuhle noyena mntu ubalaseleyo wakha waphila, iNkosi noMsindisi wethu, uYesu Kristu.