Iintlanganiso Zenkonzo KaSeptemba
Iveki Eqala NgoSeptemba 7
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu Bobukumkani. Xubusha inqaku elithi “Ngaba Umdla Unokuvuselelwa?” uze wenze umboniso omfutshane ngendlela olusenokwenziwa ngayo utyelelo olunjalo. USeptemba yinyanga yokuqala yonyaka wenkonzo omtsha. Bakhuthaze ngokufudumeleyo bonke abavakalisi ukuba bakwenze usukelo lwabo ukuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli veki nganye nokuyingenisa ngokukhawuleza ingxelo yabo yenkonzo ekupheleni kwenyanga nganye.
15 imiz: “Dumisa UThixo Wendalo.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Lungiselela kwangaphambili abavakalisi abafanelekayo, kuquka ulutsha olungumzekelo, ukuba babalise amava abaye banawo ekuhambiseni le ncwadi kwixa elidluleyo.
15 imiz: “Iintshayelelo Ezivusa Umdla.” Xubusha nabaphulaphuli indlela yokusebenzisa la macebiso kwintsimi yenu yasekuhlaleni. Lungiselela imiboniso emibini okanye emithathu engemeko yokwenene nelungiselelwe kakuhle.
Ingoma 96 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 14
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Quka ingxelo yemali nesaziso sokufunyanwa kweminikelo. Lincome ibandla ngokuxhasa ngobubele iimfuno zebandla lasekuhlaleni nomsebenzi wazwenibanzi woMbutho. Ngokuvuma kwexesha, cela amava alungiselelweyo anxulumene nokuhanjiswa kwencwadi Unokuphila Ngonaphakade.
15 imiz: “UBhaptizo,” incwadi Ukuqiqa, iphepha 65-9. Intetho eyintshayelelo esekelwe kumxholwana othi “Ingcaciso.” Yenza umboniso ngendlela umdala anokuthetha ngayo nomntu oye wahlala ithuba elide engaphaptizwanga. Balaselisa inkcazelo ekwiphepha 66. Bethelela ukubaluleka kokuzahlulela nokukufuzisela ngobhaptizo lwasemanzini. Isithethi siqukumbela ngokuqwalasela ngokufutshane inkcazelo engokubhaptizwa ngomoya oyingcwele, ukubhaptizelwa abafileyo nokubhaptizwa ngomlilo.
10 imiz: “Qiniseka Ukuba Uyabuyela.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Yenza umboniso olungiselelwe kakuhle ogubungela inkcazelo ekwisiqendu 4 nesesi-5. Balaselisa imfuneko yokubuyela kubantu abanomdla ekudityenwe nabo ekuqaleni kwale nyanga.
Ingoma 10 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 21
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Balisa amava entsimi yasekuhlaleni okanye ukhankanye iingongoma ekunokuthethwa ngazo kule veki kwinkonzo yasentsimini.
20 imiz: “Ukufundisisa Incwadi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila.” Imibuzo neempendulo. Yakha umdla ngesifundo sale ncwadi esiya kuqalisa kwiveki kaOktobha 12.
15 imiz: Ukwenza Impinda Ngomsebenzi Webandla. Besebenzisa amanani angaphambili kwiNgxelo Yohlaselo Lwebandla (S-10) eye yathunyelwa kuMbutho ekuqaleni kwale nyanga, umveleli owongamelayo nomveleli wenkonzo baxubusha iimbalasane zomsebenzi webandla wonyaka odluleyo. Bancomeni ngokufudumeleyo abavakalisi noovulindlela ngemigudu yabo yokuzincama enkonzweni nokuthembeka kwabo ekuzeni kwiintlanganiso. Khankanyani ngokukhethekileyo oko babalasele kuko. Kunokuthelekiswa nomsebenzi wonyaka ongaphambili ukuba iingxelo zikho kwifayile. Kwakhona, yalathani koko kunokuphuculwa kuko ebudeni bonyaka wenkonzo we-1993.
Ingoma 43 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 28
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Iindaba Ezingokobuthixo. Yazisa amaphephancwadi afumanekayo anokusetyenziswa kwinkonzo yasentsimini, uze ucebise ingongoma enye okanye ezimbini ekunokuthethwa ngazo ezimele zibangel’ umdla ekuhlaleni. Yenza umboniso ngendlela amaphephancwadi akhoyo anokuhanjiswa ngayo kusetyenziswa intshayelelo yeZibhalo, njengenye yezo zandlalwe kwinqaku elingasentla kwiphepha elisemva. Mema umveleli wenkonzo ukuba enze ingxelo ngenkqubela eyenziweyo ekusebenzeni umhlaba ongabelwanga bani wandule uxubushe ngoko kulungiselelwe inyanga yokugqibela yolu hlaselo. Bakhuthaze bonke ukuba bawaxhase ngokuzeleyo la malungiselelo. Bakhumbuze bonke ukuba beze nemibhalo yabo yencwadi Umntu Obalaseleyo kwiNtlanganiso Yenkonzo kwiveki ezayo.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni okanye intetho esekelwe kwinqaku elithi “Kutheni Umele Uphuthume Ubulungisa?” kwiMboniselo kaOktobha 15, 1990, iphepha 26-9.
15 imiz: Balaselisa Amaphephancwadi Ngo-Oktobha. Intetho emfutshane ebalaselisa ukuxabiseka kukaVukani! neMboniselo. Abavakalisi bafanele bazifunde ngokukhawuleza iinkupho ezintsha khon’ ukuze bathethe ngentshiseko xa bethetha ngazo kwabanye. Yenza umboniso ngendlela umvakalisi awahambisa ngayo amaphephancwadi apho umnikelo womrhumo ungamkelwa khona aze enze amalungiselelo okubuya nenkupho entsha elandelayo, ngaloo ndlela eqalisa umzila wamaphephancwadi.
Ingoma 48 nomthandazo wokuqukumbela.