IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w88 8/1 iphe. 10-15
  • Bazali—Fikelelani Intliziyo Yomntwana Wenu Kwasehusaneni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bazali—Fikelelani Intliziyo Yomntwana Wenu Kwasehusaneni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Bamele Bafunde Ntoni Abazali?
  • Isizathu Sokuba Kufuneke Imigudu Ekhethekileyo Ngoku
  • Kutheni Befanele Baqeqeshwe Kwasebusaneni?
  • Indlela Yokufikelela Intliziyo Yomntwana
  • Qeqesha Umntwana Wakho Eselusana
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Abantwana Bethu—Ilifa Elixabisekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Bazali, Yoliswani Ngabantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
w88 8/1 iphe. 10-15

Bazali—Fikelelani Intliziyo Yomntwana Wenu Kwasehusaneni

“Bondleleni [abantwana benu] ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.”—EFESE 6:4.

1. Kwenzeka ntoni ebudeni bethuba lokulingwa ngokungakumbi kubomi bukaYesu?

UYESU KRISTU nabafundi bakhe babesendleleni eya eYerusalem. Kungekudala ngaphambi koko, kwizihlandlo ezibini ezahlukeneyo, uYesu wayexelele abafundi bakhe ukuba wayeya kuva ubunzima obukhulu aze abulawe kweso sixeko. (Marko 8:31; 9:31) Ebudeni beli thuba lokulingwa okungakumbi kuka Yesu, ingxelo yeBhayibhile ithi: “Baye bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise.”—Luka 18:15.

2. (a) Kutheni abafundi babezama ukubagxotha abantu? (b) UYesu wasabela njani kule meko?

2 Yaba yintoni intsabelo kuko oku? Kaloku, abafundi babakhalimela abantu baza bazama ukubagxotha, ngokungathandabuzekiyo bekholelwa ekubeni babesenzela uYesu into entle ngokumkhusela kwizinto eziphazamisayo nezicinezelayo ezingeyomfuneko. Kodwa uYesu wayicaphukela loo nto yayisenziwa ngabafundi bakhe, esithi: “Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli . . . Waza wabawola . . . wamana ebasikelela.” (Marko 10:13-16) Ewe, phezu kwako nje konke oko kumele ukuba kwakusengqondweni nasentliziyweni yakhe, uYesu wazinika ixesha lokuba neentsana.

Bamele Bafunde Ntoni Abazali?

3. Sisiphi isifundo abazali abamele basifunde kwesi siganeko?

3 Kwesi siganeko abazali bamele bafunde oku: Phezu kwazo nje naziphi ezinye iimbopheleleko onazo okanye iingxaki ojamelene nazo, ukuchitha ixesha nabantwana bakho kufuneka kube kwindawo yokuqala. Ixesha enilichitha kunye liya kukwenza ukwazi ukubethelela imilingani selo yokomoya eya kugcina iintliziyo zabantwana bakho ize ibahambise kwikhondo elilungileyo. (Duteronomi 6:4-9; IMizekeliso 4:23-27) UYunike, unina kaTimoti no10yisi uninakhulu, bazinika ixesha lokumnika imfundiso eyachukumisa intliziyo yakhe eselula yaza yaxonxa ubomi bakhe ukuze akhulele ekubeni ngumkhonzi ozahluleleyo kaThixo.—2 Timoti 1:5; 3:15.

4. Baxabiseke kangakanani abantwana, yaye abazali bafanele babonise njani ukuba bayabaxabisa?

4 Abazali abangamaKristu abanakungayiva imiphumo ebuhlungu ngokungabakhathaleli abantwana athe uYehova uThixo wabanika bona. Ewe, abantwana basisipho esixabisekileyo esivela kuYehova. (INdumiso 127:3) Ngoko chitha ixesha kunye nabo—fikelela iintliziyo zabo—kwanjengokuba unina noninakhulu kaTimoti bamisela umzekelo woku. Akumele nje kuphela uchithe ixesha uthetha nabantwana bakho ngehambo yabo yaye ubaqeqesha kodwa kukwafuneka utye nabo, ufunde nabo, udlale nabo, ubalungiselele ukulala ngokuhlwa. Lonke eli xesha ulichitha nabantwana bakho libalulekile.

5. Nika umzekelo womnye ubawo owabonakalisa uxabiso ngembopheleleko yakhe yokuba ngumzali.

5 Usomashishini odumileyo waseJapan owathi waba ngomnye wamaNgqina kaYehova wasiqonda esi sibakala. Phantsi komxholo ophambili othi, “Igosa Eliyintloko KwiJNR Lincama Umsebenzi Ukuze Lihlale Nentsapho Yalo,” iMainichi Daily News kaFebruwari 10, 1986, yabika oku: “Igosa eliyintloko kwiSebe Lesizwe Elijongene Nomgaqo KaLoliwe laseJapan (JNR) lakhetha ukuyeka emsebenzini kunokwahlulwa nentsapho yalo . . . lo kaTamura uthi, ‘Umsebenzi wokuba ligosa jikelele unokwenziwa nangubani na. Kodwa ndingokuphela komntu ongubawo wabantwana barn.’” Ngaba uzithabatha nzulu ngaloo ndlela iimbopheleleko zakho zokuba ngumzali?

Isizathu Sokuba Kufuneke Imigudu Ekhethekileyo Ngoku

6. Kutheni kunzima kangaka ukukhulisa abantwana ngokufanelekileyo namhlanje?

6 Mhlawumbi kwimbali yoluntu akuzange kukhe kube nzima kangaka ukukhulisa abantwana ngale ndlela iLizwi likaThixo liyalela ngayo, “bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.” (Efese 6:4) Isizathu soku sikukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ ibe uSathana needemon zakhe babangela uyeha omkhulu ngenxa yokuba banomsindo, besazi ukuba ixesha elibasaleleyo lincinane. (2 Timoti 3:1-5; ISityhilelo 12:7-12) Ngaloo ndlela, imigudu yabazali yokukhulisa abantwana babo ngendlela uThixo afuna ngayo iphazanyiswa ‘ngumoya’ wokomfuziselo olawulwa nguSathana. Loo “moya,” okanye umoya wokuzingca nowokungathobeli, utyhutyha njengomoya wokoqobo esiwuphefumlayo.—Efese 2:2.

7, 8. (a) Yintoni enokuziswa ngumabonwakude ekhaya, ukanti yintoni eyenziwa ngabazali abaninzi? (b) Kutheni ukusebenzisa umabonwakude njengomgcini womntwana ikukungayikhathaleli ngokulusizi imbopheleleko yokuba ngumzali?

7 Umabonwakude, ngokungakumbi, uwuzisa ekhaya lo “moya wehlabathi,” lo “moya” unetyhefu. (1 Korinte 2:12) Oko ngokwenene kuvela kumabonwakude kudla ngokuquka ikakhulu inxalenye enempembelelo yokuziphatha okubi neyobufanasini eboniswa kwiinkqubo zokuzonwabisa. (Roma 1:24-32) Abantwana bakho ngokungakumbi bangamaxhoba engcamango yokungahloneli Thixo nokungcola kokuziphatha okubi okuboniswayo, kwananjengokuba benjalo kumoya ongcolileyo wokoqobo. Kodwa yintoni eyenziwa ngabazali abaninzi?

8 Basebenzisa umabonwakude njengomgcini womntwana. Baxelela abantwana babo oku, “Andinakuhlala nawe, sana lwam. Ndixakekile. Hamba uye kubukela umabonwakude.” Umsasazi odumileyo kamabonwakude uthi la “ngamazwi asoloko ethethwa kumakhaya amaninzi aseMerika.” Ukanti ukuqhubela abantwana ekubeni babukele nantoni na enokuvela kumabonwakude, ngokungathi kunjalo, kufana nokubavumela ukuba babe ngoovula-zibhuqe. (IMizekeliso 29:15) Oku kubangela ukungakhathalelwa okubuhlungu kwembopheleleko yokuba ngumzali. Kunjengokuba lo msasazi wathi waphawula oku ngokubhekisele ekukhuliseni abantwana: “Lo msebenzi wokuba ngumzali udla ixesha yaye uyimbopheleleko enkulu ibe awunakunikelwa kwenye into, ngokuqinisekileyo awunakunikelwa kumabonwakude.”

9. Luluphi ungcoliso ekufuneka abantwana bakhuselwe kulo ngokungakumbi?

9 Noko ke, ngenxa yengcinezelo yexesha esiphila kulo, njengokuba babenjalo abafundi, usenokutyekela ekubeni ubabethise nje ngomoya abantwana ukuze wenze oko kucingelwa kungumsebenzi obaluleke ngakumbi. Kodwa yiyiphi into ebaluleke ngakumbi kunabantwana bakho? Ubomi babo bokomoya busengozini! Unokukhumbula ukuba xa kwathi kwenzeka ingozi yenyukliya eChernobyl eRashiya ngowe-1986, abantwana bathi bafuduswa kuloo mmandla ukuze bakhuselwe kungcoliso. Ngokufanayo, ukuba uza kulondoloza impilo yokomoya yabantwana bakho, kufuneka ubakhusele ‘kumoya’ weli hlabathi onetyhefu, osoloko ukhutshwa kumabonwakude.—IMizekeliso 13:20.

10. Yiyiphi eminye imithombo ‘yomoya’ onetyhefu eyingozi ebantwaneni, ibe nguwuphi umzekelo weBhayibhile obonisa oku?

10 Noko ke, kukho eminye imithombo ‘yomoya’ onetyhefu, enokutshabalalisa imilinganiselo yokuziphatha okuhle ize iqaqadekise iingqondo eziselula. Ukunxulumana okungafanelekanga nabantwana abaselumelwaneni nabesikolo nako kunokuzixinanisa iinyaniso zeBhayibhile ezityalwe kwiintliziyo ezibuthathaka. (1 Korinte 15:33) Kunokufundwa isifundo kwintombi encinane kaYakobi uDina, owathi “waphuma waya kubona iintombi zelo zwe” waza, umphumo waba, kukudlwengulwa kwakhe ngomnye wabafana balapho. (Genesis 34:1, 2) Abantwana kufuneka bafundiswe yaye baqeqeshwe kakuhle ukuze bayiphephe imigibe enxamnye nokuziphatha okuhle yehlabathi elonakele ngakumbi namhlanje kunokuba lalinjalo ngoko.

Kutheni Befanele Baqeqeshwe Kwasebusaneni?

11. (a) Abazali bafanele baqalise nini ukuqeqesha? (b) Yiyiphi imiphumo emihle esenokulindelwa?

11 Kodwa abazali bafanele baqalise nini ukubaqeqesha? IDhayibhile ithi uTimoti waqeqeshwa “kwasebusaneni.” (2 Timoti 3:15, NW) Okubangel’ umdla kukuba, ubreʹphos, oligama lesiGrike elisetyenziswe apha, udla ngokusetyenziswa ukubhekisela kumntwana ongekazalwa, njengakuLuka 1:41, 44. Apho usana olunguYohane kuthiwa lwaxhuma esizalweni sikanina. Kodwa ubreʹphos ukwasetyenziswa xa kuthethwa ngeentsana zamaSirayeli ezisandul’ ukuzalwa ezibomi bazo babusongelwa eYiputa ngexesha lokuzalwa kukaMoses. (IZenzo 7:19, 20) Kwimeko kaTimoti, ngokucacileyo eli gama libhekisela kusana oluqhelekileyo, kungekuko nje kumntwana omncinane. UTimoti wafundiswa izibhalo ezingcwele ukususela ekuqabukeni kwakhe, ukususela kwixesha laxa wayelusana. Yaye enjani yona ukuba mihle imiphumo ekwaba nayo oko! (Filipi 2:19-22) Kanti ngaba iintsana ezisandul’ ukuzalwa zinokungenelwa ngokwenene kwimfundiso eqaliswe msinyane ngolo hlobo?

12. (a) Iintsana zisenokuqalisa nini ukuphawula nokugcina inkcazelo? (b) Abazali bafanele baqalise nini yaye njani ukubanika imfundiso yokomoya abantwana babo?

12 Ngowe-1984, uGqr. Edward Zigler, ongunjingalwazi we Yunivesithi yase Yale wabika oku, “Okunye kokona kuhambela phambili kuchwayitisayo kuzo zonke iinxalenye zezifundo zengqondo kukuqonda kwethu okutsha ubuchule obubalaseleyo bokufunda olunabo usana.” Phofu ke, iphephancwadi iHealth lithi: “Ngokophando olusandul’ ukwenziwa kubonakala ukuba iintsana ezisesesibelekweni zinokukwazi ukubona, ukuva, ukungcamla—‘nokuva’ imvakalelo.” Kuyacaca ukuba, akukho budala bumiselweyo abanokuthi abazali baqalise ukufundisa abantwana babo xa bekubo. (Duteronomi 31:12) Banokuqalisa ngokubonisa abantwana babo imifanekiso ezincwadini baze bababalisele amabalL “Eyona minyaka ifanelekileyo yiminyaka esusela ekuzalweni ukusa kwemithathu,” utsho njalo uMasaru Ibuka, ongumbhali wencwadi ethi Kindergarten Is Too Late. Oku kunjalo kuba ingqondo eselula kulula ngakumbi ukuyiqeqesha, ifunxa inkcazelo ngokulula ngakumbi, njengoko oku kungqinwa kukukhawuleza kosana ukwazi ulwimi olutsha. Unjingalwazi ojongene nezifundo zeminyaka yokuqala yobuntwana kwiYunivesithi yaseNew York wade wathi “abazali bamele baqalise ukufundisa abantwana babo ukufunda kanye ngexesha ababuyela nabo ngalo ekhaya bevela esibhedlele”!

13. Nguwuphi umzekelo wobuchule bokufunda ezinabo iintsana?

13 Omnye umama waseKhanada ubhala ngokubhekisele kubuchule bokufunda anabo umntwana wakhe esithi: “Ngenye imini ndandifundela unyana wam oneminyaka emine nesiqingatha ubudala, uShaun, ibali kwiNcwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Njengoko ndathi ndanqumama ekupheleni kwesinye isivakalisi, ndamangaliswa kukufumanisa ukuba waqalisa ukuqhubeka nebali, ethetha igama negama, njengoko libhaliwe kwincwadi Yamabali EBhayibhile. . . . Ndafunda elinye ndaza ndafunda nelinye, yaye wayewacengceleze onke . . . Eneneni uye wacengceleza, amabali okuqala angama-33, igama negama, kuquka namagama anzima eendawo nawabantu.”a

14. (a) Ngoobani abangamangaliswayo bubuchule beentsana? (b) Lumele lube yintoni usukelo lwabazali abangamaKristu? (c) Abantwana bafuna ukulungiselelwa ntoni, ibe ngoba?

14 Abo baqhelene kakuhle nobuchule bokufunda ezinabo iintsana abamangaliswa zizenzo ezinjalo. “Iblabathi lalinokuzala ziingqondi ezinjengooEinstein, uShakespeare, uBeethoven noLeonardo da Vinci ukuba sasifundise iintsana endaweni yokufundisa abantwana,” utsho njalo uGqr. Glenn Doman, ongumphathi weZiko Lokuphucula Ubuchule Babantu. Kakade ke, usukelo lwabazali abangamaKristu asikuko ukuvelisa iingqondi kodwa lukukufikelela iintliziyo zabantwana babo ukuze bangaze bemke ekukhonzeni uThixo. (IMizekeliso 22:6) lmigudu enjalo ifuna ukwenziwa kusekude ngaphambi kokuba umntwana aqalise ukufunda, ukuze axhotyiselwe iimvavanyo aya kujamelana nazo apho. Ngokomzekelo, izinto ezenziwa kwizikolo zabantwana abancinane okanye kwiindawo zokunyamekela abantwana, zibalaselisa imigidi yokukhumbuza imilila yokuzalwa neyeeholide enokuthi ibonwabise abantwana. Ngoko umntwana kufuneka asiqonde isizathu sokuba abakhonzi bakaYehova bengabi nanxaxheba. Kungenjalo unokukhula eluthiyile unqulo lwabazali bakhe.

Indlela Yokufikelela Intliziyo Yomntwana

15, 16. Abazali banokusebenzisa ntoni enokubanceda bafikelele intliziyo yomntwana wabo, ibe anokusetyenziswa njani ngokunomphumo la malungiselelo?

15 Ukuze kuncedwe abazali bafikelele intliziyo yomntwana wabo, amaNgqina kaYehova aye alungiselela iimpapasho ezinjengethi Ukuphulaphula kuMfundisi Omkhulu. Kwisahluko sayo esithi “Amadoda Amabini Awakhumbuza Imihla Yokuzalwa” le ncwadi ithetha ngemigidi nangendlela ‘enokuba lulonwabo olukhulu ngayo.’ Kanti esi sahluko sichaza ukuba ekuphela kwemigidi emibini yokukhumbuza umhla wokuzalwa ekhankanyiweyo eBhayibhileni yabhiyozelwa ngabahedeni, ababengamnquli uYehova, nokuba kumgidi ngamnye ‘kwanqunyulwa intloko yomntu.’ (Marko 6:17-29; Genesis 40:20-22) Unokuyisebenzisa njani le nkcazelo ukuze ufikelele intliziyo yomntwana wakho?

16 Unokusebenzisa indlela enomtsalane yencwadi UMfundisi Omkhulu ngokuthi: “Ngoku, siyazi ukuba yonke into eseBhayibhileni ingesizathu.” Yandula ke ubuze oku: “Ke, ubuya kuthi uThixo usixelela ntoni ngemigidi yokukhumbuza umhla wokuzalwa?” Ngaloo ndlela umntwana wakho uncedwa ukuba aqiqe ngalo mbandela aze afikelele kwizigqibo ezifanelekileyo. Ngaphandle kwencwadi UMfundisi Omkhulu, kuye kwalungiselelwa olunye uncwadi ukuze lusetyenziswe ngabazali, kuquka ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile nongcelele lwamanqaku athi “Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu” athe avela kwinkupho nganye yeMboniselo ukususela ngoAprili 1985. Ngaba ubuwasebenzisa la manqaku ekufundiseni abantwana bakho kunye nawe?

17. Ngawaphi amacebiso asebenzisekayo anikelwa abazali apha?

17 Ukunye nomntwana wakho, kuyimfuneko ukuphindaphinda umbandela ogubungela iimbambano neemeko aya kujongana nazo esikolweni. Umntwana wakho menze ayazi into yokuba nina nobabini niya kuphendula kuYehova. (Roma 14:12) Balaselisa izinto ezilungileyo uYehova asenzela zona, ngaloo ndlela ushukumisa intliziyo eselula yomntwana ukuba ifune ukukholisa uYehova. (IZenzo 14:17) Yenza izihlandlo zokufundisa zibe lixesha elonwabisayo. Abantwana bayawathanda amabali, ngoko ngokwenene zama ukudlulisela imfundiso ngendlela edlamkileyo eya kufikelela intliziyo yomntwana wakho. Iintsapho ezininzi ziyaphoswa ngamathuba amangalisayo ezihlandlo ezinjalo ngokuthi zisilele ukutya kunye rhoqo. Ngaba nitya kunye njengentsapho? Ukuba anikwenzi oku, ngaba ninokuyilungisa imeko?—Thelekisa IZenzo 2:42, 46, 47.

18, 19. (a) Abazali bafanele bakucwangcise njani ukufundisa abantwana babo, ibe yintoni engenakugxininiswa ngokugqith’ emgceni? (b) Ziziphi iimbalasane ezingumzekelo wanamhlanje wokuqeqesha kwabazali ezikuchukumisayo, ibe yintoni okholelwa ukuba inokuba ngumphumo ukuba umzali uyazisebenzisa?

18 Isihlandlo sokufundisa sifanele senziwe sifanelekele ubudala bomntwana. Ngokubhekisele kusana, olungqalelo yalo ilinganiselweyo, cwangcisa izihlandlo ezifutshane eziliqela suku ngalunye. Yandula ke, ngokwamabakala, uzenze zithabathe ixesha elidana uze wandise oko ukufundisayo ebudeni bazo. Ukubaluleka kokuba namathuba okufundisa abantwana bakho ngokuthe rhoqo ngokucacileyo kuyinto elindelekileyo ukuba ibe njalo. (Genesis 18:19; Duteronomi 11:18-21) Omnye ubawo, ngoku okwiminyaka yakhe yamashumi asixhenxe, wamisela umzekelo omhle ekukhuliseni unyana wakhe, ngoku ongumdala ongumKristu. Kwiminyaka emininzi eyadlulayo wachaza ucwangciso lwakhe, esithi:

19 “Xa unyana wethu wayemalunga nonyaka omnye ngexesha lokuya kulala ndaqalisa ukumxelela ngamabali eBhayibhile, ndiwabalisa ngokweenkcukacha nangendlela ebangel’ umdla ukuze abetheleleke. Ngokukhawuleza nje akuqalisa ukuthetha kunyaka wakhe wesibini sasiguqa kunye ngakumandlalo wakhe ndize ndimxelele ukuba alandele emva kwam, esitsho ibinzana ngebinzana ‘kuMthandazo weNkosi.’ . . . Xa wayeneminyaka emithathu ndaqalisa ukumqhubela isifundo seBhayibhile esithe rhoqo . . . Wayejonga kweyakhe incwadi, ewaphindaphinda ngokuvakalayo amagama emva kwam. Ngaloo ndlela wakwazi ukubiza amagama kakuhle waza wafunda ukuwabiza ngokucacileyo namagama anzima. . . . Ukuze simncede ekwenzeni iinyaniso zeBhayibhile zizike nzulu entliziyweni yakhe, xa wayeneminyaka emithathu saqalisa ukumfundisa ukucengceleza iindinyana ezilula zeBhayibhile. Ngexesha awayeqalisa ngalo kwisikolo sabantwana abancinane wayesazi malunga neendinyana ezingamashumi amathathu, ibe ngoSeptemba wokugqibela xa wayeqalisa kwibanga lokuqala wayesele ecengceleza izibhalo ezingamashumi asixhenxe. . . . Ngaphambi kokuba unyana wethu alale ndandimyalela ukuba aphindaphinde ezinye zezibhalo awayezazi. Ngokukwanjalo xa evuka kusasa ngokufuthi wayecengceleza iindinyana ezimbalwa zeBhayibhile njengenxalenye yendlela yakhe yokuqalisa usuku.”

20. Kufanele kuqukwe ntoni kucwangciso lokufundisa, ibe umntwana unokubunandipha njani ubulungiseleli bendlu ngendlu?

20 Ucwangciso olunjalo lokufundisà ngokwamabakala, kuquka nomzekelo ofanelekileyo wokuba ngumzali nokuqeqesha ngokuzingisileyo, kuya kunika umntwana wakho isiqalo sobomi aya kusivuyela ngonaphakade. (IMizekeliso 22:15; 23:13, 14) lnxalenye ebalulekileyo yocwangciso imele ibe kukumqeqesha kubulungiseleli basesidlangalaleni esemncinane. Lwenze lube ngamava avuyisayo ngokulungiselela umntwana wakho ukuba abe nesabelo ngokunentsingiselo. Ubawo okhankanywe ngasentla ngokubhekele phaya wagqabaza wenjenje ngonyana wakhe: “Ukukwazi kwakhe ukucaphula izibhalo kumenza abe nempumelelo kubulungiseleli bendlu ngendlu, ekubeni abaninimzi abaninzi bemangaliswa yaye bengenakuwala umnikelo wamaphephancwadi asekelwe eBhayibhileni awanikelayo. Uye wanesabelo kule nkonzo yobuKristu ukususela oko wayeneminyaka emithathu ubudala, ibe ngoku (kubudala beminyaka emi-6] usoloko ephumelela ngakumbi ekuhambiseni uncwadi lweBhayibhile ebantwini kunokuba kunjalo kum nakowakwam.”—uVukani!, (wesiNgesi) kaJanuwari 22, 1965 iphepha 3-4.

21. (a) Sisiphi esona sipho sizukileyo abazali abanokusishiyela abantwana babo? (b) Sisiphi isiluleko esinikwa abazali, yaye yintoni abamele babe nayo bonke abazali abanabantwana abancinane?

21 Enyanisweni, abazali abangamaKristu banelifa elimangalisayo, elileli, ulwazi ngoYehova, abamele balishiyele abantwana babo ibe lihambisana namathemba obomi, oxolo nolonwabo olungenakuphela kwihlabathi elitsha elizukileyo. (IMizekeliso 3:1-6, 13-18; 13:22) Ngaphezu kwako konke okunye, yakha intembelo kubukho bokwenene belo kamva lizukileyo kwiintliziyo zabantwana bakho, ndawonye nomnqweno wokukhonza uYehova. Yenza unqulo lokwenyaniso lube yinto abayithandayo neyonwabisayo kubo. (1 Timoti 1:11) Bethelela ukukholosa ngoYehova kwasebusaneni. Yaye ungaze, nokuha sekumnyam’ entla, uzilibale izihlandlo ezithe rhoqo zokufundisisa kunye nabot Ezi mazibe kweyona ndawo yokuqala kwizinto ozenzayo, uhlolisisa ngokuphindaphindiweyo nangokuqhubekayo inkcazelo abantwana bakho abayifunayo neyona ndlela elungileyo onokuzifikelela ngayo iintliziyo zabo ngale nkcazelo. Uxakekile ibe uphantsi kwengcinezelo; ezo zizinto ezibangelwa nguSathana nehlabathi lakhe. Kodwa khumbula umzekelo kaYesu! Ungaze uxakeke kakhulu ngokokude ungabi nako ukufundisisa rhoqo nabantwana bakho!

[Umbhalo osemazantsi]

a Ngaphambi kokuba akwazi ukufunda, wayewafunde onke loo mabali kuphela nje ngokuphulaphula iikhasethi ezirekhodiweyo zale ncwadi.

Unokuphendula Njani?

◻ Bubuphi ubungqina obuphuma eBhayibhileni obubanisa ukuba abazali bafanele bazibeke kwindawo yokuqala iimfuno zabantwana babo?

◻ Kutheni kufuneka imigudu ekhethekileyo ngoku kubazali ekukhuseleni abantwana babo?

◻ Kutheni kubaluleke kangaka ukuba abantwana baqeqeshwe kwasebusaneni?

◻ Ngawaphi amanye amacebiso asebenzisekayo anokusetyenziswa ngabazali ekufikeleleni intliziyo yomntwana wabo?

◻ Yintoni abazali abangamaKristu abamele bangaze bangayikhathaleli?

[Umfanekiso okwiphepha 12]

Abazali abamiselwanga budala abanokuqalisa ukuqeqesha abantwana babo xa bekubo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share