Ukukhangela KuYehova Kuko Konke Esikwenzayo
1 Sifuna intsikelelo kaThixo kuko konke esikwenzayo. Ubulumko bokusiqonda kwethu esi sibakala bucaciswe kakuhle kwiNdumiso 127:1: “Ukuba akayakhi uYehova indlu, bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo.” Ngaloo ndlela, sifanele siqinisekise ukuba sikhangela kuMdali kuko konke esikwenzayo.
2 Okuphawulwa Ngabanye: Namhlanje, abo baqheleneyo neendlela zokwakha abayival’ imilomo ngenxa yoko amaNgqina kaYehova akufezayo ekwakheni iiHolo zoBukumkani ezakhiwa ngokukhawuleza. Ngokomzekelo, komnye ummandla iphephandaba lasekuhlaleni lathi: “Ibiluhlaselo lomkhosi waBasebenzi Bokuzithandela bamaNgqina kaYehova abezokwenza ‘Umsebenzi Wokwakha IHolo YoBukumkani’ ngeentsuku ezintathu, yaye enyanisweni yaba ngumsebenzi weentsuku ezintathu. . . . IKomiti Yokwakha IiHolo ZoBukumkani yagaleleka yaye nje kwiintsuku ezintathu yayingasekho, kodwa oko bakufezileyo kuya kuhlala kukhunjulwa.”
3 Umfundisi ongumRoma Katolika ethetha ngokwakhiwa ngokukhawuleza kweHolo yoBukumkani eSoweto wathi: “Andizange ndiyibone into enje. Abantu bazo zonke iintlanga basebenza kunye. Abantu abamhlophe bakha kummandla wabantsundu yaye besakhela abantu abantsundu, bebeka engozini ubomi babo kuba abantu abamhlophe bayahlaselwa kwiilokishi zabantsundu.”
4 Omnye umveleli wesiphaluka unikela ingxelo yokuba kwiveki emva kokugqitywa kokwakhiwa kweHolo yoBukumkani eyakhiwe ngokukhawuleza kumntla Transvaal, elinye inenekazi lafuna uncwadi kumaNgqina awayelityelele. Ngaphambili lalingabamkeli okanye lithabathe naluphi na uncwadi kubavakalisi. Noko ke, imigudu yobuchule nemanyeneyo ekwakhiweni kwale Holo yoBukumkani iye yaleyisela kwelokuba aba ngokwenyaniso yayingabantu bakaThixo.
5 Kuyavuyisa ukubona ukuba amakhulu abasebenzi bokuzithandela aye azinikela ukuze ancede ekwakhiweni kwezi Holo zoBukumkani. Umoya onjalo wokuzinikela uncomeka ngokwenene yaye uvisisana namazwi akwiNdumiso 110:3: “Abantu bakho baya kuzinikela ngeentliziyo.” Kunjengokuba iingongoma zeendaba kwelinye iphephandaba zathi: “Izandla ezininzi zenza umsebenzi ube lula.”
6 Anjani wona ukubalasela amava ekungawo ukuba nesabelo kumsebenzi onjalo! Elinye iNgqina lathi: “Ndicinga ukuba ukusebenza kunye kuye kwasenza saziva sinjengentsapho, sisazi ukuba ngamnye ebesenza indima yakhe. Umanyano nolungelelwano esinalo ngokuqinisekileyo luye lwangqina ukuba sixhaswa nguYehova.” Emva kokusebenza ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani, omnye umntu wabhala, “Ndisafundisisa incwadi ethi Ukumanyana Ekunquleni. Lo msebenzi wokwakha ubuyimbonakaliso ebalaseleyo yomanyano oluchazwa kule ncwadi. Akukho zimpikiswano. Akukho mntu onokuzuza amava anjalo aze azive elilolo. Umoya kaYehova ulapha!”
7 Elinye iphephandaba lavuma ngokuphandle: “Impumelelo yamaNgqina kaYehova ‘ekwakheni ngokukhawuleza’ iindawo zawo zonqulo ayibangelwa kuphela yintsebenziswano, kodwa kukuzinikela.”
8 Ebudeni bokwakhiwa kweHolo yoBukumkani enemigangatho emibini embindini weRhawuti, indoda eligcisa kumsebenzi wezandla neyayisebenza kwindlu yommelwane yatyelela esizeni. Yayifuna ukwazi ngayo yonke into eyayisenziwa. Yathi: “Nakha indawo yenu yonqulo . . . ngoxa abantu kwicawa yethu bengayi kwaukuya ecaweni. Oku kubangel’ umdla gqitha. Ndinoncwadi lwenu oluninzi endandidla ngokuluthenga nje, kodwa andizange ndilufunde. Ngoku ndifuna ukulufunda ndize ndifumanise okungakumbi ngesigidimi senu. Enyanisweni ndifuna ukuza ndize ndibone indlela eninqula ngayo.”
9 Ukwenza Iiplani Neendawo Zokwakha IiHolo ZoBukumkani: Ukuze ubuncwane obunikelweyo busetyenziswe ngobulumko, kufanele kunikelwe ingqalelo ngenyameko kwiplani yeHolo yoBukumkani nendawo eyakhiwa kuyo. Ezi zakhiwo zifanele zibe nesidima. Incwadi ethi Ubulungiseleli Bethu kwiphepha 61 ibethelela ukuba “iHolo yoBukumkani, njengendawo yonqulo, ayimele kuba sisakhiwo sobunewenewu esinikelwe ukutsala abanye. . . . Injongo yayo yeyokusetyenziswa. (Thelekisa IZenzo 17:24.) Imele ibe yindawo entle nefanelekileyo yokuqhuba iintlanganiso zamaKristu ezisinceda ukuba sikhule ngokomoya nokufunda ngoYehova, nezisikhuthaza ukuba sibe nesabelo kwinkonzo yakhe yoBukumkani.” Amava aye abonisa ukuba iHolo yoBukumkani ngokuqhelekileyo ibalungela ngakumbi abavakalisi xa ikufuphi kangangoko kunokwenzeka apho bahlala khona.
10 Kudla ngokunconyelwa ukuba kubekho iiHolo zoBukumkani ezimbini ezahlukeneyo ezakhiwe kwiindawo ezahlukeneyo kunokuba kwakhiwe iHolo yoBukumkani enemigangatho emibini. Kusenokungenela amabandla amabini okanye angakumbi kwiHolo nganye kwezi ukuba indawo eyakhiwe kuyo ikhethwe ngobulumko. Noko ke, kwiimeko ezithile kuye kwakhiwa iiHolo zoBukumkani ezimbini kwisiza esinye. Oku kuye kwayimfuneko ngenxa yokuphakama kwexabiso okanye ngenxa yokungafumaneki kwendawo yokwakha.
11 Ngoncedo lweKomiti Yokwakha Yenqila kufanele kuqwalaselwe iingongoma eziliqela ezizezi ngaphambi kokukhetha isiza: Ngaba indawo leyo ikwisazulu sentsimi yebandla? Ngaba ubukhulu besiza buye baqwalaselwa ngenyameko? Ukuba sikhulu gqitha, ibandla elincinane liya kufumanisa kunzima ukusigcina sisemgangathweni. Ukuba isiza sincinane gqitha oku kubangela iingxaki. Ngaba kukho indawo yokwandisa ukuba iHolo iba ncinane gqitha? Ngaba kuya kubakho indawo eyaneleyo yokumisa iinqwelo-mafutha, nakubeni bengebaninzi abantu abaneenqwelo-mafutha ebandleni okwangoku? Ngaba kufanele kuchithwe imali eninzi kulungiswa isiza kuqala ngenxa yokuthambeka gqitha komhlaba, okanye ngenxa yodongwe okanye amatye amaninzi? Ezi ngongoma nezinye zifanele zinikelwe ingqalelo zisuka nje.
12 Oko Sekufeziwe: Ukususela ekusekweni kweNgxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani kwiminyaka emithathu edluleyo, kuye kwafunyanwa imali yokuncedisa ekwakheni iiHolo zoBukumkani ezili-16 kumazwe anyanyekelwa leli sebe. Ezi Holo zoBukumkani zisetyenziswa ngamabandla ali-18. Enjani yona ukubalasela imbonakaliso yothando lobuKristu! Nyaka ngamnye kwakhiwa iiHolo zoBukumkani ezintsha ezinokuba ngama-20, yaye ezinye iiHolo zoBukumkani ezikhoyo ziyahlaziywa. Abazalwana noodade abaninzi bazinikela ngothando ukuze bancede amabandla ngomsebenzi wawo wokwakha iiHolo zoBukumkani. (Fil. 2:4) Abaninzi kwaba basebenzi bokuzithandela banceda nakumsebenzi wendibano yesithili neyesiphaluka, yaye bambi bakhonza kwiiKomiti ZeHolo Yendibano.
13 Abo bakhonza kwiiKomiti Zokwakha Zenqila ngokuqinisekileyo bafanele banconywe ngomoya wabo wobubele nowokuzinikela ekuncedeni ekuhlangabezaneni neemfuno ezininzi gqitha zokwakha kwintlangano kaYehova eyandayo. Enye ikomiti yokwakha yasekuhlaleni yanikela le ngxelo, “Umoya wabo wokuzinikela usichaphazela sonke, kodwa ilungiselelo likaYehova lothando lolwalathiso lobuchule nelokhokelo olungqalileyo ngeeKomiti Zokwakha Zenqila ezimiselweyo luye lwangqineka luxabiseke gqitha. Njengekomiti yasekuhlaleni, siwubulela ngokusuk’ entliziyweni uMbutho ngokwenza ilungiselelo elinje. Ngaphandle kweli lungiselelo nangoncedo lomoya oyingcwele kaYehova, lo msebenzi wokwakha ngewungazange uphumelele.” IBandla laseNanda South kufuphi naseThekwini lathetha oku kulandelayo kwileta yombulelo: “IKomiti Yokwakha Yenqila yenza umsebenzi omhle gqitha esineqhayiya ngawo sonke.” Baninzi ngakumbi abavakalelwa ngolo hlobo.
14 Kufuneka Abasebenzi Abangakumbi Bokuzithandela: Ekubeni kukho ulwando oluqhubekayo emabandleni, kukho imfuneko yeeHolo zoBukumkani ezingakumbi. Kufuneka imali nabasebenzi abangakumbi ukuze kuhlangatyezwane nale mfuneko. Kusekho imfuneko enkulu ubuncinane yezinye iiHolo zoBukumkani ezili-170 eMzantsi Afrika, ezili-14 eLesotho, ezili-13 eSwazini, ezi-2 eNamibia, nezisi-7 eBotswana. Le mfuneko iye yandiswa kukusekwa kwamabandla amatsha angama-32 ebudeni bonyaka ophelileyo. Kukho imfuneko engakumbi eLesotho yabazalwana bokuvelela abanobugcisa ukuze kugqityezelwe izakhiwo eziliqela esele zisakhiwa. Aba bazalwana abanayo iKomiti Yokwakha Yenqila yaye izinto zokwakha zinqabe gqitha. ISwazini neBotswana nazo zifuna uncedo. Kusenokwenzeka ukuba abazalwana abafanelekayo abanamava ngokwakha okanye ukulungelelanisa bangasabela kolu bizo lokunceda. Nceda uqhagamshelane noMbutho ukuba unokukwazi ukunceda.
15 Ngoxa abazalwana noodade abaninzi beqhubeka bencedisa ekwakheni iiHolo zoBukumkani, benikela ngokuvumayo ngexesha nangamandla abo, kufuneka uncedo olungakumbi kanye njengokuba kukho imfuneko yabasebenzi abangakumbi kwintsimi yesivuno. (Mat. 9:37, 38) Inkoliso yeekomiti zenqila inikela ingxelo yokuba ukufumana abasebenzi bokuzithandela abazinikeleyo abangakumbi bokwakha iiHolo zoBukumkani kuya kuwenza lula umthwalo wabo bebesoloko benale mbopheleleko kangangeminyaka.—Isa. 6:8; Gal. 6:2.
16 Abazalwana abafaka izicelo zokungenela olu hlobo lwenkonzo yobuthixo bafanele bakuphaphele ukuphumeza imbopheleleko yabo. (Mat. 5:37; Kol. 3:23, 24) Abaveleli bamasebe banxibelelana ngokuthe ngqo nabasebenzi bokuzithandela ukuze babazise ngexesha abafuneka ngalo kwisiza sokwakha. Kwenziwa amalungiselelo ngokwenani elichaziweyo labasebenzi bokuzithandela abafumanekayo. Ngaloo ndlela, kubalulekile ukuba bonke babekho njengokuba bekuvunyelenwe, ekubeni sebe ngalinye kufuneka linyamekele umsebenzi walo ngexesha elimiselweyo ukuze amasebe akwazi ukwenza umsebenzi wawo ngexesha elifanelekileyo. Ukucwangcisa umsebenzi ngale ndlela kwenza ukuba abasebenzi bakwazi ukubuyela kwiintsapho zabo nakumabandla abakuwo ngokukhawuleza yakuba inxalenye yabo yomsebenzi igqityiwe.
17 IKomiti Yokwakha Yenqila nganye ilungelelanisa abasebenzi kummandla eyabelwe kuwo. Oku kusebenza kakuhle, ekubeni abazalwana abanembopheleleko benenyameko ekulungelelaniseni abasebenzi ukuze bangathwaliswa uxanduva okanye bacinezelwe. Ngesizathu esifanayo ikomiti yenqila iya kuqala iqwalasele iindlela zokwakha ngokukhawuleza. IiKomiti Zokwakha Zamabandla zifanele zicele imvume kwikomiti yenqila ngaphambi kokucela uncedo kuBasebenzi Bokwakha IiHolo ZoBukumkani ababhalisileyo. Abakho abasebenzi abacelwayo ukuba bancedise kummandla wenye ikomiti ngaphandle kokuba kukho ilungiselelo elikhethekileyo elenziwe nguMbutho okanye kwenziwe isicelo kwikomiti yenqila eyonganyelwe ngumsebenzi okwexeshana. Ukuba enye ikomiti yenqila yasekuhlaleni inomsebenzi omncinane ngelo xesha, uMbutho usenokuyicela ukuba incedise.
18 Abo Bafanelekayo: Nanini na xa kusakhiwa iHolo yoBukumkani, ngokuqhelekileyo kudla ngokusebenza abasebenzi bokuzithandela abakwimimandla okanye kumabandla aza kusebenzisa iholo entsha okanye ehlaziywayo nabasuka kumabandla akufuphi. Bambi baye baqeqeshwe baze ngoko ke, bafaneleke njengabasebenzi abanamava okanye kwanabanobugcisa ukuze babe nokungenisa ifomu ethi Kingdom Hall Construction Worker Questionnaire.
19 Abo ngokukhethekileyo bafunwa ziiKomiti Zokwakha Zenqila inyanga ngenyanga ngabo banamava kwimisebenzi yokwakha nabo baye bazinikela ukuba bancedise ekwakheni iiHolo zoBukumkani ezifunekayo. Aba bamele babe nokuma okuhle ebandleni yaye banconyelwe liqumrhu labadala lasekuhlaleni. Ukuba ukwimeko enjalo, ngaba unokuhlengahlengisa imicimbi yakho ukuze uncedise kule nkalo yenkonzo kaYehova? (Neh. 4:6) Ukuba kunjalo, fumana ifomu ethi Kingdom Hall Construction Worker Questionnaire kumveleli owongamelayo okanye kunobhala ebandleni okulo uze uyingenise ngokukhawuleza.
20 Ukongezelela, kukho abazalwana abaqolileyo ngokomoya abakhonza njengabadala nezicaka zolungiselelo nabakwaziyo ukuvelela. Nangona amava abo okwakha esenokuba ngalinganiselweyo, nabo aba basenokuzingenisa iifomu. Abaninzi abanjalo bancedisa kumasebe angengawo awokwakha njengokulawula iinqwelo-mafutha, isebe lokutya, isebe lonqabiseko, elokunyamekela izixhobo, elokhuseleko, elokuceba, elokuthenga, elobalo-mali, nakwisebe loncedo lokuqala. Kwakhona abanye bayaqeqeshwa ukuze bakwazi ukusetyenziswa ngakumbi kwixesha elizayo. Abadala nezicaka zolungiselelo bakhuthazwa ukuba baqwalasele ngokunzulu enoba abanakuzinikela kusini na kulo msebenzi ozisa uzuko kuBawo wethu, uYehova.—Thelekisa eyoku-1 kaSamuweli 3:8; Mateyu 4:20.
21 Wonk’ Ubani Unokuba Nesabelo: Bonke banokubonakalisa umoya omhle ngalo msebenzi ubalulekileyo ngokukhuthala ebandleni xa bambi besebenza ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani ngempela-veki. Ngokuqinisekileyo akukho namnye kuthi obenokuthanda ukubadimaza aba basebenzi bokuzithandela nangayiphi na indlela ngokuhamba esithi umsebenzi wabo wokuzithandela ekwakheni iiHolo zoBukumkani awuyonkonzo ingcwele. (IMize. 24:10; Heb. 6:10) Kambe ke, kufuneka ukulungelelana, yaye kungenxa yoko iiKomiti Zokwakha Zenqila zilwenza ngenyameko ucwangciso ukuze abasebenzi bokuzithandela bangahambi ithuba elide kumabandla abakuwo.
22 Nokuba iimeko zethu zisenongasivumeli ukuba sizinikele ngokuzithandela ngokuthe ngqo kumsebenzi wokwakha, kukho inkalo enye ebalulekileyo esinokuba nesabelo kuyo sonke. Yiyiphi leyo? Kukuzukisa uYehova “ngobuncwane” bethu. (IMize. 3:9) Sinokuba nentembelo yokuba uYehova ukholiswa gqitha xa sithi ngothando sixhase ngemali ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezingakumbi. Iminikelo yeenyanga ngeenyanga kwiNgxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani evela kumabandla angaphezu kwama-500, nevela kwiziphaluka nakubantu ngabanye, ixatyiswa gqitha. Sinikhuthaza nonke ukuba niqhubeke nale nkxaso intle ekubeni amabandla amaninzi ngakumbi efake izicelo zeemali-mboleko zokwakha iiHolo zoBukumkani. (IZe. 20:35; 2 Kor. 9:6, 7; 2 Kor. 8:7) Enye indlela esisenokunceda ngayo amabandla angenamali kungokunikela ngezinto zokwakha. Usenokuba unezinto zokwakha ezintsha nezingekasetyenziswa. Kuthekani ngezinto zokwakha ezikhe zasetyenziswa kodwa ezisemgangathweni? Kwiinyanga zakutshanje kuye ngokunothando kwalungiselelwa ukuba amaqela amatsha akwimimandla yamatyotyombe kufuphi naseRhawutini naseKapa afumane iindawo zokuhlanganisana ngokusetyenziswa kwezinto zokwakha nezixhobo zokusebenza ezinikelweyo. IKomiti Yokwakha Yenqila kummandla okuwo iya kukuvuyela ukuthutha izinto ezinjalo. Zive ukhululekile ukuqhagamshelana nomveleli wesiphaluka okuso okanye noMbutho ukuba akukwazi ukuqhagamshelana nekomiti yenqila ekummandla okuwo.
23 Iingenelo Ezininzi: Ekubeni iiKomiti Zokwakha Zenqila zifumana ulwalathiso oluvela kuMbutho noqeqesho olongezelelekileyo, amabandla akhayo okanye ahlaziya iiHolo zoBukumkani anokungenelwa ngokufuna icebiso lezi komiti. Abadala baya kuba benza ngobulumko ukuqhagamshelana neKomiti Yokwakha Yenqila ngaphambi kokuthenga indawo baze ke basebenze ngokusondeleleneyo naba bazalwana banamava kuwo wonke umsebenzi wokwakha.—IMize. 15:22.
24 Ngokwenyaniso, uYehova usinceda ngokubalaseleyo ukuba sakhe izindlu ezininzi zonqulo ukuze adunyiswe. Abazalwana noodade bashukunyiswa luthando lokuzincama. Olu luhlobo lothando uYesu awathi lwaluya kufanisa abalandeli bakhe bokwenyaniso. (Yoh. 13:34, 35) Kanye njengokuba uYesu wabeka izilangazelelo zabanye kuqala kunezakhe, nabo benjenjalo.
25 Ewe, abo banesabelo ekwakheni izakhiwo zonqulo lukaYehova bakufumanisa kuyinyaniso oko kuthethwa kwiNdumiso 127:1. Nangona abasebenzi abanobugcisa benikela ngexesha nangamandla abo ukuze kwakhiwe ngokukhawuleza iiHolo zoBukumkani ezintle, yintsikelelo kaYehova eqinisekisa impumelelo. Ngamana sonke singaqhubeka sinikela ngokuvumayo ngexesha ‘nangobuncwane’ bethu njengoko sikhangele kuYehova ukuba asikelele imigudu yethu.—IMize. 3:9.
[Picture on page 3]
EDiepkloof, eSoweto—Yakhiwa ngeentsuku ezine
[Pictures on page 4]
Usuku lonikezelo—Isakhiwo esinemigangatho emibini esakhelwe kuphahla lwamaplanga, eHillbrow, eRhawutini
[Picture on page 5]
ENanda South, eThekwini
[Picture on page 6]
ELindizwe, KwaNongoma, KwaZulu