IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/93 iphe. 1
  • Qhubeka Usithi: “Yiza”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Qhubeka Usithi: “Yiza”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuvakalisa ‘Amazwi Esiprofeto’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Isityhilelo—Ukutyhilwa Kweemfihlelo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Bancede Benze Ngokuvisisana Nesigidimi SoBukumkani
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
km 3/93 iphe. 1

Qhubeka Usithi: “Yiza”

1 Elinjani lona ukumangalisa ilungiselelo uYehova aye walenza ngedini lentlawulelo likaYesu! Kulo sifumana isiseko sako konke oko kufunekayo ukuze abantu bonwabe ngokwenene. (Yoh. 3:16) Noko ke, okubuhlungu kukuba bambalwa kakhulu abaye bayazi baza bayikholelwa ngokuqinileyo le nyaniso. Sekunjalo, ngenxa yenkxalabo yakhe enothando ngoluntu, uYehova ulungiselele ukuba ezi ndaba zilungileyo zaziswe ebantwini kuzo zonke iindawo. NgoNyana wakhe, uYesu Kristu, unike bonke ithuba lokufumana ulonwabo nethemba lobomi obungunaphakade.—Yoh. 17:3.

2 Kangangamawaka eminyaka, Lowo wayeza kuhlawulela uluntu esonweni nasekufeni wayengaziwa. Oko ‘kwakuyimfihlelo engcwele,’ de kwafika uKristu Yesu waza “wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo.” (Roma 16:25, NW; 2 Tim. 1:10) Kwinkulungwane yokuqala ukuvakaliswa kwezi ndaba zilungileyo kwaqaliswa ngabafundi bakaYesu; ngoku thina baphilayo kumaxesha anamhlanje sinelungelo elibalaseleyo lokuvakalisa kwaezi ndaba zilungileyo. Xa sishumayela isigidimi soBukumkani, sisebenza noYehova uThixo, uYesu Kristu nabazalwana bakaKristu, abamema zonke iindidi zabantu besithi: ‘Yiza, uwathabathe amanzi obomi ngesisa.’—ISityhi. 22:17.

3 Kambe ke, asinguye wonk’ ubani oya kuziphulaphula ezi ndaba zilungileyo. Bambalwa kakhulu abanikela ingqalelo ngenyameko. Bambi ngobukrwada baya bachasa abakhonzi bakaThixo, ababamemela ukuba bafumane iingenelo kumanzi enyaniso anika ubomi. Nakuba kunjalo, ngamandla avela kuYehova, siyazingisa kulo msebenzi. Siyazi ukuba ukuvuma kwethu ukuthetha inyaniso nokunceda nabaphi na abaya kuphulaphula kuyamkholisa uYehova yaye kuzisa iintsikelelo zakhe.

4 Kubulungiseleli bethu ngoMatshi, siya kukhuthaza abo bafuna inyaniso ukuba bafunde incwadi Incopho YeSityhilelo baze bavuyiswe lithemba elinikelayo. Baya kuvuna iintsikelelo ezininzi ekwenzeni njalo. Ngapha koko, incwadi yeSityhilelo ithetha ngekamva—ikamva labo nelethu. Bambi ngoku abangabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo baqala ukuba nomdla enyanisweni emva kokufunda inkcazelo yencwadi yeSityhilelo kwenye yeempapasho zoMbutho. Ekubeni kutshanje siye sayifundisisa ngenyameko incwadi Incopho YeSityhilelo, sinokukuqonda ukubaluleka kwayo kwabo baneentliziyo ezinyanisekileyo abalambele inyaniso. Njengokuba sifumana abanjalo kubulungiseleli bethu, siya kwenza umgudu wokubalaselisa ingongoma enye okanye ezimbini kwincwadi Incopho YeSityhilelo ukubabonisa ukubaluleka kwayo. Phakathi kwezinye izinto, sinokwalatha kwinkcazelo yayo ecacileyo ngeziprofeto zeBhayibhile eziye zazaliseka kule nkulungwane yama-20, njengokuphalisa okuphawulekayo kwabakhweli bamahashe bokomfuziselo okuchazwe kwisahluko sesithandathu seSityhilelo.

5 Kufaneleke ngokwenene ukuba sithethe ngamalungiselelo othando kaYehova ngoluntu njengokuba silungiselela iSikhumbuzo sokufa kukaKristu ngo-Aprili 6. Enoba abantu bakhetha ukuphulaphula okanye abenzi njalo, siyazingisa kwisabelo esisinikwe nguThixo sokunikela esi simemo sivuyisayo kuye nabani na ofunayo: ‘Yiza, uwathabathe amanzi obomi ngesisa.’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share