Ukungenelwa Ngokuzeleyo KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
1 ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo besiluncedo ekusiqeqesheleni ukuba sibe “nobuchule bokufundisa” ukuze sidlulisele iinyaniso zeBhayibhile kwabanye ngokuphumelelayo. (2 Tim. 4:2, NW) Veki nganye sifumana ukuqonda okuxabisekileyo kwimibandela eyahlukeneyo yeBhayibhile. Sinokuqinisekisa njani ukuba singenelwa ngokuzeleyo kule mfundiso ibalulekileyo inikelwa sesi sikolo?
2 Nikela ingqalelo ngenyameko kumagqabaza okuvula omveleli wesikolo njengoko ebalaselisa ezinye zeengongoma ezithile ezibangel’ umdla onokuzifunda ebudeni bentlanganiso leyo. Cinga ngemibuzo asenokuyibuza nangendlela onokuzisebenzisa ngayo iimpendulo kubulungiseleli bakho.
3 Intetho efundisayo asikokuhlolisiswa nje kwakhona kombandela osencwadini. Ixubusha ngokusebenziseka kwenkcazelo nangendlela onokungenelwa ngayo kuyo ngokobuqu. Ukulungiselela kwangaphambili kunokukunceda unikele ingqalelo ngakumbi kwiingongoma eziziintloko uze uphendule impinda eyenziwa ekupheleni kwayo.
4 Ukuhambisana nofundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki kunokulwenza nzulu uxabiso lwakho ngeLizwi likaThixo. Uphando olongezelelekileyo lunokukutyhilela iqela leenkcukacha ezintsha zeBhayibhile ezibangel’ umdla eziya kwandisa ukuyiqonda kwakho inyaniso. Intetho yeembalasane zeBhayibhile asikokuphindaphindwa nje kwengxelo yeBhayibhile. Emva kokwenza ushwankathelo olufutshane, isithethi siya kubalaselisa iingongoma ezibalaseleyo ezikumbandela esiwabelweyo size sibonise indlela ezidibana ngayo nobomi nonqulo lwethu. Phulaphula ngenyameko ukuze ufunde indlela onokusisebenzisa ngokulunge ngakumbi ngayo isiluleko seBhayibhile.—INdu. 119:105.
5 Ukuba wabelwe intetho yomfundi, phawula ingongoma yesiluleko osebenzela kuyo. Funda amacebiso anikelwe kwiNcwadi Yesikhokelo Yesikolo axubusha ngophawu lwentetho leyo, uze uzame ukuwasebenzisa. Xa ukhetha umbandela wentetho yakho, zama ukugxininisa kwiingongoma eziya kusebenziseka entsimini.—sg-XO iphe. 96-9.
6 Ukuba ungudade wabelwe ukunikela iNtetho yesi-3 okanye iNtetho yesi-4, zama ukuyinikela ngendlela esebenzisekayo. Umninimzi usenokuyivuma okanye angayivumi yonke into oyithethayo; zabalazela ukubonisa indlela obuya kumnceda ngayo loo mntu aqiqe ngemigaqo yeBhayibhile esisiseko. (sg-XO iphe. 153-8) Oku kunceda abaphulaphuli babone indlela yokusingatha inkcaso efanayo abadibana nayo kwinkonzo yasentsimini. Lungiselela kakuhle kusengaphambili, uze ucebe ukuyiqhelisela kuselithuba nomninimzi wakho. Akuyomfuneko ukuba niyiqhelisele emva kokuba iintlanganiso ziqalisile.
7 Abafundi abanikela iintetho bakhuthazwa ukuba bahlale ngaphambili eholweni. Oku konga ixesha yaye kwenza umveleli wesikolo awanikele ngokungqalileyo amagqabaza akhe kumntu lowo. Bonke banokungenelwa kumacebiso obubele nangqalileyo awanikelayo asekelwe kwiNcwadi Yesikhokelo Yesikolo. Usenokungahambi ngolandelelwano lweengongoma zentetho ezinikelwe kwiphetshana leSiluleko Sentetho; uya kukhetha ingongoma omele ululekwe kuyo efanele intswelo onayo ngelo xesha ukuze wenze inkqubela entle.
8 Ezi zizizathu ezilungileyo zokuba sisilungiselele size sibekho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo zonke iiveki. Imfundiso esiyifumanayo inokusinceda sibe nobulumko size sibe nobuchule kubulungiseleli bethu.—IMize. 1:5.