Ngaba Ungaphinda Ungenele Izintlu Zoovulindlela?
1 Ebudeni beminyaka emihlanu edluleyo, amawaka oovulindlela abathe ngxi bakubone kuyimfuneko ukuyeka kwizintlu zoovulindlela. Ngaba ubungomnye wabo? Ukuba kunjalo, ngokungathandabuzekiyo ubunesizathu sokuliyeka eli lungelo. Mhlawumbi bekungenxa yento engalindelekanga nengaphaya kwamandla akho. Ngaba isekho nangoku? Ukuba into eyenza kwafuneka uyeke yayiyimpilo, iingxaki zemali, okanye iimbopheleleko zentsapho, ngaba iimeko zakho azikabi bhetele? Ngaba ungenza uhlengahlengiso olusengqiqweni oluya kukuvumela unandiphe iintsikelelo zobuvulindlela obuthe ngxi kwakhona? Ngaba ukhe wacinga ngokufaka isicelo sokubungenela kwakhona?
2 Njengokuba usazi, ukuze uphumelele njengovulindlela kufuneka ulungelelwaniso oluhle nokwenza ucwangciso ngenyameko. Nangona lidla ngokuba lincinane ixesha lokuzihlaziya, amathutyana okuzihlaziya kavulindlela adla ngokwanelisa aze avuze ngakumbi. (IMize. 19:17; IZe. 20:35) Ngokuxakeka enkonzweni, ukhuselekile kwimpembelelo yendlela yokuphila yokuzanelisa neyokungakhathali esukelwa lihlabathi. UYehova uthembise ukuba uya kukutyebisa ngokomoya ukuba uyazincama yaye ubeka izilangazelelo zoBukumkani tanci. Ngokuqinisekileyo uya kufumana uvuyo nolwaneliseko lokwenene ngokuzinikela ngentliziyo iphela enkonzweni kaYehova.—IMize. 10:22; Kol. 3:23, 24.
3 Ngaba ubulungiseleli bexesha elizeleyo bufanele bujongwe njengelungelo labambalwa abakhethekileyo kuphela? Akunjalo. Ngenxa yesifungo sethu sokuzahlulela, mKristu ngamnye ufanele acingisise nzulu ngenkonzo yexesha elizeleyo ngaphandle kokuba iimeko azimvumeli.—Mar. 12:30.
4 Ukuba impilo yakho neembopheleleko ezingokweZibhalo azikuvumeli kwaphela ube nguvulindlela okwangoku, unokuqiniseka ukuba uYehova uyakwazi yaye uyakuqonda oko. Uya kukuvuza ngokuthembeka kwakho koko iimeko zakho zikuvumela kuko. (1 Kor. 4:2; 2 Kor. 8:12) Noko ke, ukuba ngoku iimeko ziyakuvumela ube nguvulindlela kwakhona, kutheni ungayi kumveleli owongamelayo uze ucele ifomu?
5 Ngaba Intsapho Yakho Inganceda? Usenokuba wayeka kwizintlu zoovulindlela kuba kwakufuneka unyamekele iimbopheleleko zentsapho. Ngaba kunokwenzeka ukuba amanye amalungu entsapho akwimeko yokunceda nto leyo eya kukwenza ubuyele kumsebenzi wobuvulindlela? Abanye, ukuba bayancediswa kwiimbopheleleko ezithile, banokuphinda kwakhona babe ngoovulindlela.
6 Ukuba amanye amalungu entsapho anentsebenziswano yaye enza umgudu othe chatha ungakwazi. Anokunceda ngemali okanye ngento yokuhamba nangokwenza amalungiselelo athe rhoqo okusebenza nawe entsimini. Mhlawumbi zikho nezinye iindlela anokunceda ngazo. Ukuba iimeko zakho azikuvumeli ubuyele kweli lungelo lenkonzo, mhlawumbi kunokuncedwa elinye ilungu lentsapho elinako ukuba nguvulindlela.
7 Kutheni ningakuxubushi oku njengentsapho? Ukuba nimanyene koku kusenokubakho imiphumo emihle. Ukuba kunokongezwa omnye uvulindlela kwizintlu zoovulindlela, ngokufanelekileyo yonke intsapho inokuziva inesabelo. Umoya wokupha onjalo awuyi kwandisa nje ukunikelwa kobungqina boBukumkani entsimini kodwa uya kuyimanyanisa intsapho ngokomoya.—Luka 6:38; Fil. 2:2-4.