IVideo Ethi The Bible—Mankind’s Oldest Modern Book
1 IBhayibhile iyeyona ncwadi isasazwa kakhulu embalini yonke. Ayikho enye incwadi eguqulelwe ngeelwimi ezininzi kangaka. Ukongezelela, alikho iqela labantu eliye lanenzondelelo yokusasaza iBhayibhile nokuvakalisa ekuhleni ukuba iliLizwi likaThixo njengamaNgqina kaYehova.
2 Ekubeni iliLizwi likaThixo, sinokuba nentembelo yokuba inikela izicombululo ezisebenzisekayo kwiingxaki zanamhlanje. Ibe intlangano kaYehova inikela uncedo olusebenzisekayo ukusinceda sifumane ezo zicombululo kwiimpapasho nakwiivideo. Njengokuba kwazisiwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1994, uhlelo lwesiNgesi lwevideo ethi The Bible—Mankind’s Oldest Modern Book, eyesibini kwiivideo ezibonisa ukuba iBhayibhile iphefumlelwe, ngoku iyafumaneka ibe usenokuyiodola ebandleni lakho. Idlala kangangemizuzu engama-40.
3 Ngokufanayo nevideo yokuqala kolu ngcelele, nale yesibini yakha intembelo kwiBhayibhile njengesikhokelo esivela kuThixo. Isebenzisa izinto ezithatyathwe kumazwe ezazisenzeka kuwo iziganeko zeBhayibhile nakwiimyuziyam ezisehlabathini lonke ukuze isincede siqonde indlela uYehova uThixo ayilondoloze ngayo iBhayibhile ukutyhubela iinkulungwane ukuza kuthi ga kumhla wethu. Uya kubona indlela ukuchana kweBhayibhile ebekulondolozwe ngayo phezu kwako nje ukukhutshelwa nokuguqulelwa ngokuphindaphindiweyo. Uya kubona indlela le ncwadi kaThixo elondolozwe ngayo phezu kwako nje ukuchaswa ngokukrakra kokusasazwa kwayo. Kwakhona uya kubona ubungqina bokwenene bendlela iBhayibhile ebuguqule ngayo ubomi babantu baba bobulunge ngakumbi.
4 Le video iza kuba luncedo kwiingxubusho zeBhayibhile zentsapho nakwezinye iinjongo ezininzi ezisebenzisekayo—njengaleyo yokuqala. Siqinisekile ukuba uYehova uya kukusikelela ukusetyenziswa kwayo. Abo bangekayiodoli banokuyiodola ngokukhawuleza kwisebe loncwadi ebandleni. Ivideo ethi The Bible—Accurate History, Reliable Prophecy nethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name nazo ziyafumaneka.